Ngaba Isazela Sakho Siqeqeshwe Kakuhle?
NGABA wakha wathetha amazwi anjengala, “Ndiyazi ukuba le nto ayifanelekanga,” okanye “Andinakuyenza le nto uthi mandiyenze. Ikho into endixelela ukuba iphosakele”? Yayisisazela sakho eso, imvo yokuqonda okanye yokwazi okulungileyo nokuphosakeleyo, sazela eso simngxengxezelayo okanye simmangalele umntu. Ewe, isazela sizalwa sinaso.
Nakuba umntu wazahlukanisayo noThixo, usakwazi ukwahlula into elungileyo nephosakeleyo. Kungenxa yokuba wenziwa ngomfanekiso kaThixo ukuze ukusa kumlinganiselo othile, abonakalise iimpawu zobuthixo zobulumko nobulungisa. (Genesis 1:26, 27) Ngokuphathelele oku, umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale oku: “Xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho, aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, nesazela sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela okanye zibangxengxezele.”a—Roma 2:14, 15.
Esi sazela sasizuz’ ilifa kumntu wokuqala, uAdam, sisebenza ‘njengomthetho,’ okanye umgaqo wokuziphatha kubantu bazo zonke izizwe neentlanga. Yimvo yokukwazi ukuzigocagoca size sizigwebe. (Roma 9:1) Le mvo yasebenza kuAdam noEva emva nje kokuba baphule umthetho kaThixo—bazifihla. (Genesis 3:7, 8) Omye umzekelo obonisa indlela isazela esisebenza ngayo yindlela uKumkani uDavide awasabela ngayo emva kokuqonda ukuba wonile ngokubala abantu. IBhayibhile ithi: “Intliziyo kaDavide yambetha.”—2 Samuweli 24:1-10.
Ukuhlolisisa oko siye sakwenza kwixa elidluleyo size sizisole ngendlela esiye saziphatha ngayo kunokuba linyathelo elibalulekileyo elikhokelela enguqukweni. UDavide wabhala wathi: “Ndithi ndakuthi cwaka aphele amathambo am kukugcuma kwam imini yonke. Ekugqibeleni isono sam ndisivumile kuwe, nesiphoso sam andisigubungelanga. Ndithe: ‘Ndiya kukuvuma ukunxaxha kwam kuYehova.’ Waza wena wasixolela isiphoso sezono zam.” (INdumiso 32:3, 5) Ngaloo ndlela, isazela esiphilileyo sinokubuyisela umoni kuThixo, simncede akuqonde ukubaluleka kokuxolelwa nguThixo nokuphila ngeendlela zakhe.—INdumiso 51:1-4, 9, 13-15.
Isazela sinokusilumkisa okanye sisikhokele xa siza kwenza ukhetho okanye isigqibo. Kumele ukuba yile nkalo yesazela eyanceda uYosefu ukuba aqonde kusengaphambili ukuba ukukrexeza kuphosakele yaye kusisono kuThixo. Umthetho ongqalileyo onxamnye nokukrexeza waqukwa kamva kwiMiyalelo Elishumi eyanikwa amaSirayeli. (Genesis 39:1-9; Eksodus 20:14) Ngoko kucacile ukuba singenelwa ngakumbi xa izazela zethu ziqeqeshelwe ukusikhokela kunokuba nje zisimangalele. Ngaba isazela sakho sisebenza ngaloo ndlela?
Ukuqeqesha Isazela Sakho Ukuze Ukwazi Ukwenza Izigqibo Ezifanelekileyo
Okubuhlungu kukuba esi sazela sizalwa sinaso, sinesiphako. Nangona abantu babedalwe befezekile, “bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngenxa yokonakaliswa sisono nakukungafezeki, isazela sethu sinokugqwetheka size singasebenzi ngendlela esasidalelwe ukusebenza ngayo. (Roma 7:18-23) Ukongezelela, kukho nezinye izinto ezinokonakalisa izazela zethu. Sinokuphenjelelwa yindlela esikhuliswe ngayo okanye amasiko asekuhlaleni, iinkolelo neemeko esikhulele kuzo. Ngokuqinisekileyo imilinganiselo yehlabathi yokuziphatha ewohlokileyo ayinakusiphembelela ukuba sibe nesazela esihle.
Ngoko ke, umKristu umele afumane uncedo olungakumbi kwimilinganiselo yobulungisa engaguquguqukiyo efumaneka eLizwini likaThixo, iBhayibhile. Loo milinganiselo inokukhokela izazela zethu ukuba ziwuphonononge kakuhle umbandela zize ziwulungelelanise. (2 Timoti 3:16) Xa izazela zethu ziqeqeshwe ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo, zinokusikhusela, zisincede ‘sahlule okulungileyo nokubi.’ (Hebhere 5:14) Xa zingaqeqeshwanga ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo, izazela zethu zisenokungasilumkisi xa sithabatha ikhondo eliphosakeleyo. IBhayibhile ithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa ukuphela kwayo ziindlela zokufa.”—IMizekeliso 16:25; 17:20.
Kwezinye iinkalo zobomi, iLizwi likaThixo linikela ukhokelo nolwalathiso olungqalileyo yaye siyangenelwa xa silusebenzisa. Ukanti, kwiimeko ezininzi iBhayibhile ayinikeli miyalelo ingqalileyo. Ezi meko zisenokuquka ukhetho esilwenzayo ngokuphathelele umsebenzi wempangelo, unyango, ukuzonwabisa, isinxibo nokuzilungisa neminye imibandela. Akukho lula ukwazi into emasiyenze kwimeko nganye size senze isigqibo esifanelekileyo. Ngenxa yoko, sifanele sibe nesimo sengqondo esifana nesikaDavide, owathandaza wenjenje: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho. Ndihambise enyanisweni yakho undifundise, ngokuba unguThixo ongumsindisi wam.” (INdumiso 25:4, 5) Okukhona siziqonda ngakumbi iimbono neendlela zikaThixo, kokukhona siya kukwazi ukuhlolisisa iimeko zethu kakuhle size senze izigqibo ngezazela ezicocekileyo.
Ngenxa yoko, xa sijamelene nengxaki okanye sifuna ukwenza isigqibo, simele siqale sikhangele imigaqo yeBhayibhile esenokusebenza kuloo nkalo. Eminye yayo yile: ukuhlonela ubuntloko (Kolose 3:18, 20); ukunyaniseka kuzo zonke izinto (Hebhere 13:18); ukuthiya okubi (INdumiso 97:10); ukuba noxolo (Roma 14:19); ukuthobela amagunya amiselweyo (Mateyu 22:21; Roma 13:1-7); ukuzinikela ngokupheleleyo kuThixo (Mateyu 4:10); ukungabi yonxalenye yehlabathi (Yohane 17:14); ukuphepha unxulumano olubi (1 Korinte 15:33); ukunxiba nokuzilungisa ngokundilisekileyo (1 Timoti 2:9, 10); nokungakhubekisi abanye (Filipi 1:10). Ukuqonda umgaqo weBhayibhile osebenzayo kwimeko nganye kunokomeleza izazela zethu kuze kusincede senze izigqibo ezifanelekileyo.
Phulaphula Isazela Sakho
Ukuze izazela zethu zisincede, simele siziphulaphule. Siya kungenelwa kuphela ukuba sisabela ngokukhawuleza xa izazela zethu eziqeqeshwe ngeBhayibhile zisilumkisa. Isazela esiqeqeshiweyo sinokusifanisa nelitha elibomvu elikhanyisayo emotweni xa kukho into engahambi kakuhle. Masithi eli litha liyakhanyisa ukubonisa ukuba ioyile incinane emotweni. Bekuya kwenzeka ntoni ukuba siyaqhubeka nohambo lwethu singanikeli ngqalelo ngokukhawuleza? Loo nto ibiya kubangela umonakalo omkhulu kwinjini. Ngokufanayo, izazela zethu okanye ilizwi elingaphakathi, zinokusilumkisa xa sinxaxha. Njengelitha elibomvu elilumkisayo emotweni, izazela zethu zinokuthelekisa imilinganiselo nemigaqo yeZibhalo kunye nekhondo esilithabathayo okanye esicinga ukulithabatha zize zisilumkise. Ukuphulaphula eso silumkiso akuyi kusinceda nje ukuba siphephe imiphumo ebuhlungu kodwa kuya kwenza nezazela zethu ziqhubeke zisebenza kakuhle.
Kuya kwenzeka ntoni ukuba sikhetha ukusityeshela eso silumkiso? Ekuhambeni kwexesha, isazela sinokuba buthuntu. Umphumo wokuqhubeka utyeshela okanye ucinezela isazela unokufaniswa nokutshisa umntu ngentsimbi etshisayo yokuphawula. Imithambo-luvo yeso siva atshiswe kuso umntu iyafa, angabi seva nto. (1 Timoti 4:2) Isazela esinjalo asisammangaleli umntu xa esona yaye asimlumkisi ukuba angaphindi enze isono ebesenzile ngaphambili. Isazela esitshileyo asiloncedo kuba siyayityeshela imilinganiselo yeBhayibhile ephathelele okulungileyo nokuphosakeleyo. Eso sazela sonakele kuba umniniso ‘akasaziva konke konke’ yaye wahlukanisiwe noThixo. (Efese 4:17-19; Tito 1:15) Onjani ukuba lusizi umphumo!
‘Yiba Nesazela Esilungileyo’
Umntu kufuneka aqhubeke esilwa ngamandla ukuze abe nesazela esilungileyo. Umpostile uPawulos wathi: “Ndiyaziqhelisa ngokuqhubekayo ukuba ndikuphaphele ukungamoni uThixo nabantu.” (IZenzo 24:16) NjengomKristu, uPawulos wayeqhubeka ezigocagoca aze alungise ikhondo lakhe ukuze aqiniseke ukuba akamoni uThixo. UPawulos wayesazi ukuba nguThixo oya kugqiba enoba oko sikwenzayo kulungile okanye kuphosakele kusini na. (Roma 14:10-12; 1 Korinte 4:4) UPawulos wathi: “Zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.”—Hebhere 4:13.
UPawulos wathetha nangokungoni abantu. Omnye umzekelo ofanelekayo kule nkalo sisiluleko sakhe esiya kumaKristu aseKorinte ngokuphathelele “ukutyiwa kokutya okunikelwe kwizithixo.” Ingongoma awayeyibethelela yeyokuba kwanaxa kusenokwenzeka ukuba iLizwi likaThixo alilichasanga ikhondo elithile, kubalulekile ukucingela izazela zabanye. Ukusilela ukwenjenjalo ‘kunokonakalisa impilo yokomoya yabazalwana bethu abafelwa nguKristu.’ Sinokonakalisa nolwalamano lwethu noThixo.—1 Korinte 8:4, 11-13; 10:23, 24.
Ngoko, qhubeka uqeqesha isazela sakho ukuze sihlale sicocekile. Xa usenza izigqibo, funa ulwalathiso lukaThixo. (Yakobi 1:5) Fundisisa iLizwi likaThixo uze uvumele imigaqo yalo ixonxe ingqondo nentliziyo yakho. (IMizekeliso 2:3-5) Xa ujongene nemibandela enzulu, thetha namaKristu aqolileyo ukuze uqiniseke ukuba uyiqonda kakuhle imigaqo yeBhayibhile ephathelele loo ngxaki. (IMizekeliso 12:15; Roma 14:1; Galati 6:5) Cingisisa ngendlela isigqibo sakho esiya kusichaphazela ngayo isazela sakho, indlela esiya kubachaphazela ngayo abanye yaye ngaphezu koko indlela esiya kuluchaphazela ngayo ulwalamano lwakho noYehova.—1 Timoti 1:5, 18, 19.
Isazela sisipho esimangalisayo esivela kuBawo wethu wasezulwini onothando, uYehova uThixo. Xa sisisebenzisa ngokuvisisana nokuthanda koMdali wethu, siya kusondela ngakumbi kuye. Njengoko sizabalazela ‘ukuba nesazela esilungileyo’ kuko konke esikwenzayo, sibonisa ngokucacileyo ukuba senziwe ngomfanekiso kaThixo.—1 Petros 3:16; Kolose 3:10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama lesiGrike elithi isazela elisetyenziswe apha lithetha “imvo engaphakathi yokuhlalutya imilinganiselo yokuziphatha” (iThe Analytical Greek Lexicon Revised, ebhalwe nguHarold K. Moulton); “ukwahlula okuhle kokubi.”—iGreek-English Lexicon, ebhalwe nguJ. H. Thayer.
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Ngaba isazela sakho siqeqeshelwe ukuba sikukhokele kunokuba sikumangalele?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ukufunda nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kubangela umntu abe nesazela esiqeqeshwe kakuhle
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Musa ukusityeshela isazela sakho xa sikulumkisa