Zinokukunceda Njani Iingcwele Zokwenene?
KWIZIBHALO, igama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi “ingcwele” kwezinye iinguqulelo liguqulelwe ngokuthi “ongcwele.” Lalibhekisela kubani eli gama? IAn Expository Dictionary of New Testament Words ithi: “Xa eli gama likwisininzi, libhekisela kuwo onke amakholwa, yaye alibhekiseli kubantu abangcwele ngokukhethekileyo, okanye kwabo baye baziwa ngokwenza imisebenzi engcwele emva kokuba befile.”
Ngoko ke, umpostile uPawulos wawabiza onke amaKristu okuqala njengeengcwele zokwenene, okanye abangcwele. Ngokomzekelo, wathumela incwadi eyabhalwa kwinkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo ‘kwibandla likaThixo eliseKorinte, ndawonye nabo bonke abangcwele abakulo lonke elaseAkhaya [iphondo laseRoma].’ (2 Korinte 1:1) Kamva, uPawulos wabhala incwadi eya kubo “bonke abo baseRoma, abaziintanda kuThixo, nababizelwe ukuba ngabo bangcwele.” (Roma 1:7, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Kakade ke, aba bangcwele babengekafi, yaye bengakhethwanga ngenxa yokulunga kwabo okubalaseleyo, ngokungathi babalasele kunamanye amakholwa. Kwakutheni ukuze babizwe ngokuba ziingcwele?
Ukungcwaliswa NguThixo
ILizwi likaThixo libonisa ukuba umntu akamiselwa njengengcwele ngabantu okanye ngumbutho othile. IZibhalo zithi: “[UThixo] wasisindisa waza wasibiza ngobizo olungcwele, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga.” (2 Timoti 1:9) NguYehova onyula ubani aze amvakalise njengongcwele, ngenxa yobubele bukaThixo obungasifanelanga nangokuvisisana neenjongo Zakhe.
Abangcwele bebandla lamaKristu bayinxalenye ‘yomnqophiso omtsha.’ Igazi likaYesu Kristu elaphalalayo liqinisekisa lo mnqophiso yaye lingcwalisa abo bakuwo. (Hebhere 9:15; 10:29; 13:20, 24) Behlambulukile emehlweni kaThixo, ‘babububingeleli obungcwele yaye banikela imibingelelo yokomoya eyamkelekileyo kuThixo ngoYesu Kristu.’—1 Petros 2:5, 9.
Ukuthandazelwa Nokulamlelwa Ziingcwele
Ngenxa yenkolelo yokuba “iingcwele” zinokudlulisela kumakholwa amandla akhethekileyo, abantu abazizigidi bayazinqula ngokusebenzisa izinto zazo okanye ngokuzicela ukuba zibalamlele. Ngaba le yimfundiso yeBhayibhile? KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wafundisa abalandeli bakhe indlela yokuthetha noThixo, esithi: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.’” (Mateyu 6:9) Sifanele sithandaze kuYehova uThixo kuphela.
Kuba bezama ukungqina ukuba “iingcwele” zinokubalamlela, abanye abefundisi bezakwalizwi bacaphula amaRoma 15:30, apho sifunda oku: “Ndiyanibongoza, bazalwana, ngeNkosi yethu uYesu Kristu nangothando lomoya, ukuba nizibhokoxe kunye nam ekundithandazeleni kuThixo.” Ngaba uPawulos wayekhuthaza loo makholwa ukuba athandaze kuye okanye acele egameni lakhe xa ethandaza kuThixo? Akunjalo. Nangona iBhayibhile ikhuthaza ukuzithandazela iingcwele zokwenene, okanye abangcwele, ayikho indawo apho uThixo athi masithandaze kwabo bangcwele okanye egameni labo.—Filipi 1:1, 3, 4.
Noko ke, uThixo uye wanyula uMlamleli xa sithandaza. UYesu Kristu wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” Kwakhona uYesu wathi: “Nakuphi na oko nikucelayo egameni lam, ndiza kukwenza, ukuze uBawo azukiswe ngoNyana. Ukuba nicela nantoni na egameni lam, ndiza kuyenza.” (Yohane 14:6, 13, 14) Sinokuqiniseka ukuba uYehova ukulungele ukuphulaphula imithandazo eyenziwa egameni likaYesu. Ngokuphathelele uYesu, iBhayibhile ithi: “Uyakwazi kwanokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo ngaye, ngenxa yokuba usoloko ephila ukuze ababongozele.”—Hebhere 7:25.
Ukuba uYesu ukulungele ukusilamlela, kutheni abanquli beNgqobhoko bedla ngokucela “iingcwele” ukuba zibenzele oku xa bethandaza? Kwincwadi yakhe ethi The Age of Faith, umbhali-mbali uWill Durant uchaza imvelaphi yoku. Ngoxa esithi uThixo uSomandla wayesoyikwa yaye kulula ngakumbi ukuthetha noYesu, lo kaDurant uthi: “Kwakungelula ukuthetha naye [uYesu] ubuso ngobuso emva kokutyeshela iiMfundiso Zakhe. Kwakubonakala kububulumko ukuthandaza kwingcwele emiselwe ngokusemthethweni nesezulwini, nokucela yona ukuba ikulamlele kuKristu.” Ngaba kuyinto efanelekileyo ukuzixhalabisa ngalo mbandela?
IBhayibhile isifundisa ukuba ngegama likaYesu sinokuba ‘nenkululeko yokuthetha nokusondela ngentembelo’ kuThixo ngomthandazo. (Efese 3:11, 12) UThixo uSomandla akakude kangako ebantwini ukuba aphulaphule imithandazo yethu. Umdumisi uDavide wathandaza ngentembelo esithi: “Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.” (INdumiso 65:2) Kunokuba adlulisele amandla ngezinto “zeengcwele” ezifileyo, uYehova uthululela umoya wakhe oyingcwele kwabo bawucela benokholo. UYesu waqiqa ngelithi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!”—Luka 11:13.
Indima Yabangcwele
Abangcwele uPawulos awababhalela iincwadi bafa kwiinkulungwane ezadlulayo yaye, ekuhambeni kwexesha, babeza kufumana “isithsaba sobomi,” ukuvuselwa ezulwini. (ISityhilelo 2:10) Abanquli bakaYehova uThixo bayaqonda ukuba ukunqula ezi ngcwele zokwenene akuvumelani neZibhalo yaye akunakubakhusela kwizifo, kwiintlekele zemvelo, kukungazinzi kwezoqoqosho, ekwaluphaleni okanye ekufeni. Ngenxa yoko, usenokubuza, ‘Ngaba abangcwele bakaThixo basikhathalele ngokwenene? Ngaba sinokulindela ukuba basenzele okuthile?’
Abangcwele babenendima ebalulekileyo kwisiprofeto esibhalwe nguDaniyeli. Ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, wabona umbono ochukumisayo, onenzaliseko efikelela kumhla wethu. Kwaphuma amarhamncwa amane awoyikekayo elwandle afuzisela oorhulumente babantu, abangakwaziyo ukuzanelisa iimfuno zokwenene zabantu. Wandula ke uDaniyeli waprofeta esithi: “Kodwa abangcwele baLowo uPhakamileyo baya kubuthabatha ubukumkani, buze ubukumkani babo buhlale buhleli ixesha elingenammiselo.”—Daniyeli 7:17, 18.
UPawulos waliqinisekisa eli “lifa labo bangcwele,” lokuba ziindlalifa kunye noKristu emazulwini. (Efese 1:18-21) Igazi likaYesu lavulela abangcwele abali-144 000 ithuba lokuvuselwa kuzuko lwasezulwini. Umpostile uYohane wathi: “Unoyolo yaye ungcwele lowo unesabelo kuvuko lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo, kodwa baya kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 20:4, 6; 14:1, 3) Embonweni, uYohane weva inkitha yezidalwa zasezulwini zicula phambi koYesu ozukisiweyo zisithi: “Ngegazi lakho wathengela uThixo abantu bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga, waza wabenza baba bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu, yaye baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” (ISityhilelo 5:9, 10) Esi sisiqinisekiso sokwenene! UYehova uThixo uye wawakhetha ngocoselelo la madoda namabhinqa. Ngapha koko, aye amkhonza ngokuthembeka emhlabeni, ajamelana phantse nazo zonke iingxaki abantu abakhe bajamelana nazo. (1 Korinte 10:13) Ngoko ke, sinokuba nentembelo yokuba aba bangcwele bavusiweyo, okanye iingcwele, baya kuba ngabalawuli abanenceba nolwazelelelo, bebuqonda ubuthathaka neentsilelo zethu.
Iintsikelelo Phantsi Kolawulo LoBukumkani
Kungekudala urhulumente woBukumkani uza kuthabatha inyathelo lokuphelisa bonke ububi nokubandezeleka emhlabeni. Ngelo xesha, abantu baya kusondela kuThixo kunanini na ngaphambili. UYohane wabhala: “Ngako oko ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: ‘Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo.’” Oku kuya kuzisa iintsikelelo ezininzi ebantwini, kuba isiprofeto siqhubeka sisithi: “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.
Elo iya kuba lixesha elimnandi ngokwenene! Oko kuya kwenzeka kulawulo olufezekileyo lukaKristu Yesu nabangcwele abali-144 000 kuchazwa ngokubhekele phaya ngala mazwi abhalwe kuMika 4:3, 4 athi: “Ngokuqinisekileyo [uYehova] uya kunikela umgwebo phakathi kwezizwana ezininzi, alungelelanise imicimbi ngokuphathelele iintlanga ezinamandla ezikude. Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona. Kwaye okunene baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo; kuba wona kanye umlomo kaYehova wemikhosi ukuthethile oko.”
Abangcwele bayasimema ukuze sizuze kwezi ntsikelelo. Zifuziselwa ngumtshakazi, iingcwele zokwenene ziqhubeka zisithi: “Yiza!” Le ndinyana ihlabela mgama isithi: “Lowo uvayo makathi: ‘Yiza!’ Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhilelo 22:17) Yintoni equkiweyo ‘kumanzi obomi’? Phakathi kwezinye izinto, lulwazi oluchanileyo ngeenjongo zikaThixo. Ethandaza kuThixo, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Olu lwazi lufumaneka ngofundisiso oluthe rhoqo lweBhayibhile. Hayi indlela esimele sivuye ngayo kuba ngeLizwi likaThixo sinokubazi ukuba ngokwenene ngoobani abangcwele size sifunde indlela aya kubasebenzisa ngayo ukuze uluntu luzuze ngonaphakade!
[Umfanekiso okwiphepha 4]
UPawulos wabhala iincwadi ezazisiya kwiingcwele zokwenene
[Umfanekiso okwiphepha 4, 5]
Abapostile abathembekileyo bakaYesu baba ziingcwele zokwenene, okanye abangcwele
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Sinokuthandaza ngentembelo kuThixo egameni likaYesu Kristu
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Iingcwele okanye abangcwele abavusiweyo, baya kuba ngabalawuli basemhlabeni abanemfesane