Intlawulelo Ibonakalisa Ubulungisa BukaThixo
EMVA kokuvukela kuka-Adam noEva, uYehova wayichaza injongo yakhe yokuvelisa iMbewu eyayiya kutyunyuzwa isithende. (Genesis 3:15) Oku kwazaliseka xa iintshaba zikaThixo zabulala uYesu Kristu ngokumxhoma kumthi wentuthumbo. (Galati 3:13, 16) Ekubeni wakhawulwa ngamandla omoya oyingcwele kwisibeleko sentombi enyulu, uYesu wayengenasono. Ngoko, igazi lakhe lalinokusetyenziswa njengentlawulelo yokukhulula uluntu oluye lwazuza isono nokufa njengelifa kuAdam.—Roma 5:12, 19.
Akukho nto inokuthintela uYehova, uThixo usomandla ekuzalisekiseni iinjongo zakhe. Ngoko ke, emva kokuwela koluntu esonweni, akazange axakwe yindlela yokulukhulula, ibe wayeza kusebenzisana nabo banokholo lokuba uya kuzizalisekisa izithembiso zakhe. Oku kwanceda inzala ka-Adam enesono njengoEnoki, uNowa noAbraham, bahamba noThixo de baba ngabahlobo bakhe nakuba oko kungathethi ukuba uThixo waphulukana nobungcwele bakhe.—Genesis 5:24; 6:9; Yakobi 2:23.
Abanye abantu ababenokholo kuYehova baye benza izono ezinzulu. Omnye wabo nguKumkani uDavide. Usenokuba uyazibuza, ‘Kwenzeka njani ukuze uYehova aqhubeke emsikelela uKumkani uDavide ekubeni wakrexeza noBhatshebha waza emva koko wabulalisa indoda yakhe, u-Uriya?’ Oyena ndoqo yaba kukuguquka ngokunyanisekileyo kukaDavide nokholo lwakhe. (2 Samuweli 11:1-17; 12:1-14) Ngenxa yedini elaliza kunikelwa ngoYesu Kristu, uThixo wamxolela uDavide oguqukileyo ukanti yena wahlala enguThixo osesikweni nonobulungisa. (INdumiso 32:1, 2) Njengobungqina boku, iBhayibhile ichaza ukuba eyona nto imangalisayo yafezwa yintlawulelo kaYesu, ‘yayikukuba uThixo abonise ubulungisa ngenxa yokuba wayexolela izono ezenzeka kwixesha elidluleyo nakweli xesha langoku.’—Roma 3:25, 26.
Ewe, uluntu lufumana iinzuzo ezingathethekiyo ngenxa yegazi elixabisekileyo likaYesu. Ngenxa yentlawulelo, abantu abanesono abaguqukayo banokuba ngabahlobo abasenyongweni noThixo. Ukongezelela koko, ngenxa yentlawulelo, abantu abafileyo banokuvuselwa kwihlabathi elitsha likaThixo. Oku kuya kuquka abakhonzi bakaThixo abathembekileyo abafa ngaphambi kokuba uYesu anikele intlawulelo kwanabo bafa bengamazi yaye bengamnquli uThixo. IBhayibhile ithi: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Ngenxa yentlawulelo, ngelo xesha uYehova uya kubavuza ngobomi obungunaphakade bonke abantu abathobelayo. (Yohane 3:36) UYesu wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Zonke ezi ngenelo abantu baya kuzifumana ngenxa yelungiselelo likaThixo ledini lentlawulelo.
Noko ke, eyona nto ibalulekileyo ngentlawulelo ayizongenelo sizifumanayo, kodwa koko intlawulelo kaKristu ikwenzela igama likaYehova. Inikela ubungqina bokuba uYehova nguThixo osesikweni nogqibeleleyo okwaziyo ukusebenzisana nabantu abanesono kodwa ahlale enyulu yaye engcwele. Ukuba uThixo wayengenzanga ilungiselelo lentlawulelo, akukho namnye kwinzala ka-Adam, kuquka uEnoki, uNowa noAbraham, owayenokuhamba noYehova okanye abe ngumhlobo wakhe. Ekuqonda oku umdumisi wabhala wathi: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdumiso 130:3) Simele sibe nombulelo kuYehova ngokusithumelela uNyana wakhe amthandayo emhlabeni nakuYesu ngokunikela ngobomi bakhe ukuze asihlawulele.—Marko 10:45.