Yintoni Onokuyifunda Ebantwaneni?
“BUBUNTWANA eyona nto unayo!” Mhlawumbi besiya kukhubeka ngandlel’ ithile ukuba ebebhekiswa kuthi loo mazwi. Nakuba bona bethandeka, abantwana kusafuneka baqole, babe namava nobulumko, izinto ezidla ngokuba kubantu abadala.—Yobhi 12:12.
Noko ke, ngasihlandlo sithile uYesu wathi kubafundi bakhe: “Inene ndithi kuni, Ngaphandle kokuba niyajika nibe njengabantwana abaselula, anisayi kuze ningene ebukumkanini bamazulu.” (Mateyu 18:3) Wayetheth’ ukuthini? Ziziphi iimpawu abanazo abantwana ezimele zixeliswe ngabantu abadala?
Ukuzama Ukuthobeka Njengomntwana
Khawucinge ngento eyabangela uYesu athethe oku. Akufika eKapernahum emva kohambo olude, uYesu wabuza oku kubafundi bakhe: “Benixoxisana ngantoni endleleni?” Beneentloni bathi cwaka, kuba babephikisana ngoyena mkhulu phakathi kwabo. Ekugqibeleni, baba nesibindi babuza oku kuYesu: “Ngubani ngokwenene ongoyena mkhulu ebukumkanini bamazulu?”—Marko 9:33, 34; Mateyu 18:1.
Phantse ibe ngumnqa into yokuba nasemva kweminyaka emithathu behleli noYesu, abafundi babe basabangisana ngesikhundla. Kaloku babekhulele kunqulo lobuYuda, apho yayibaluleke gqitha imicimbi enjalo. Kuyacaca ukuba, yiloo mvelaphi, nokungafezeki okwakusenza bacinge ngolo hlobo.
UYesu wahlala phantsi, wabiza abafundi waza wathi: “Ukuba nabani na ufuna ukuba ngowokuqala, umele abe ngowokugqibela kubo bonke nomlungiseleli wabo bonke.” (Marko 9:35) Kungenzeka bathi khamnqa ngala mazwi. Indlela uYesu awachaza ngayo ubukhulu yayingqubana naleyo babusaziwa ngayo kubuYuda! Emva koko uYesu wabiza umntwana wammisa ecaleni kwakhe. Esanga loo mntwana ngobubele watsho kwasa esithi: “Inene ndithi kuni, Ngaphandle kokuba niyajika nibe njengabantwana abaselula, anisayi kuze ningene ebukumkanini bamazulu. Ngoko ke, nabani na othe wazithoba njengalo mntwana uselula nguye ongoyena mkhulu ebukumkanini bamazulu.”—Mateyu 18:3, 4.
Esinjani isifundo sokoqobo sokuthobeka! Cinga nje oku. Iqela lamadoda amadala nazimiseleyo lingqonge umntwana, amehlo alo ethe ntshoo kuye. Umele ukuba wayeneentloni yaye ebathembile. Wayengasukuzani namntu engathiyanga bani. Wayethobekile elulamile. Ewe, loo mntwana wayelufanekisela kakuhle uphawu lokuthobeka lukaThixo.
Ingongoma kaYesu izicacele. Sonke simele sihlakulele ukuthobeka njengomntwana ukuba sifuna ukuzuza ilifa uBukumkani bukaThixo. Kwilungiselelo lentsapho kaYehova, akukho nto ifuna usukuzwano okanye ikratshi. (Galati 5:26) Enyanisweni, zezi zinto kanye ezabangela ukuba uSathana uMtyholi avukele uThixo kwasekuqaleni. Yiloo nto uYehova ezithiyile!—IMizekeliso 8:13.
AmaKristu okwenene azama ukukhonza abanye, hayi ukubalawula. Nokuba unjani na umsebenzi esimele siwenze okanye akabalulekanga kangakanani lowo simele siwenzele yena, ukuthobeka kokwenene kuya kwenza sikhonze abanye. Le misebenzi yokuthobeka isizisela iintsikelelo. UYesu uthi: “Nabani na owamkela omnye wabantwana abaselula abanje egameni lam, wamkela mna; yaye nabani na owamkela mna, wamkela, kungekuphela mna, kodwa kwanalowo wandithumayo.” (Marko 9:37) Ukuba nesisa, nokuthobeka njengomntwana kusimanyanisa noyena Mntu uphakamileyo kwindalo iphela noNyana wakhe. (Yohane 17:20, 21; 1 Petros 5:5) Siya kuzuza novuyo lokuba siye sakwazi ukupha. (IZenzo 20:35) Siye saneliswe nakukuba negalelo kuxolo nomanyano olubonakala kubantu bakaThixo.—Efese 4:1-3.
Bafundiseka Lula Ibe Bayabathemba Abanye
UYesu ubalaselisa esinye isifundo esinokufundwa ngabantu abadala ebantwaneni: “Nabani na ongabamkeliyo ubukumkani bukaThixo njengomntwana oselula akasayi kuze angene kubo.” (Marko 10:15) Abantwana abathobekanga nje kuphela; bafundiseka lula. Omnye umama uthi, “Inkcazelo bayifunxa oku kweziponji.”
Ngoko, ukuze sibuzuze ilifa uBukumkani bukaThixo, simele sisamkele size sisithobele isigidimi soBukumkani. (1 Tesalonika 2:13) Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, simele ‘silangazelele ubisi olungangxengwanga lwelizwi, ukuze ngalo sikhulele elusindisweni.’ (1 Petros 2:2) Simele sithini ke, xa kubonakala kunzima ukuqonda imfundiso ethile yeBhayibhile? Omnye umgcini wabantwana uthi: “Abantwana bahlala bebuza ukuba ‘Kutheni kunjalo nje?’ de bafumane iimpendulo ezanelisayo.” Simele siwuxelise lo mzekelo wabo. Ngoko qhubeka ufunda. Thetha namaKristu anamava. Cela ubulumko kuYehova. (Yakobi 1:5) Ukuzingisa kwakho uthandaza kuya kuvuzwa nakanjani.—Mateyu 7:7-11.
Noko ke, abanye banokuzibuza oku, ‘Kanene abantu abafundiseka lula abanakukhohliswa lula?’ Akubi njalo xa befumana ukhokelo olunokuthenjwa. Ngokomzekelo, ngemvelo abantwana balufuna kubazali babo ukhokelo. Omnye utata uthi: “Abazali bazingqina bethembekile ekukhuseleni nasekulungiseleleni abantwana babo mihla le.” Zinjalo nezethu izizathu zokuthembela kuBawo wethu wasezulwini, uYehova. (Yakobi 1:17; 1 Yohane 4:9, 10) UYehova usinika ukhokelo olunokuthenjwa kwiLizwi lakhe elibhaliweyo. Sithuthuzelwa size sixhaswe ngumoya oyingcwele nentlangano yakhe. (Mateyu 24:45-47; Yohane 14:26) Ukuwasebenzisa la malungiselelo kuya kusigcina sikhuselekile ngokomoya.—INdumiso 91:1-16.
Ukuthembela kuThixo njengomntwana kusinika uxolo lwengqondo. Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Xa singabantwana sithabatha uhambo singenamali yalo, singazi nalapho luphelela khona, ukanti asikhe sithandabuze ukuba abazali bethu baya kubuya nathi sikhuselekile.” Ngaba simthembe ngolo hlobo uYehova kolu hambo lwethu lobomi?—Isaya 41:10.
Ukuthembela ngokupheleleyo kuThixo kusinceda siphephe isimo sengqondo nezenzo ezinokusenzakalisa ngokomoya. Siba nentembelo epheleleyo kumazwi kaYesu athi uBawo wethu wasezulwini uyazazi izenzo zethu yaye logama sifuna kuqala uBukumkani nobulungisa bukaThixo, uya kusinyamekela. Oku kuya kusinceda sixhathise isilingo sokunikel’ ingqalelo kumaxhala ezinto eziphathekayo ngoxa sityeshela iimbopheleleko zokomoya.—Mateyu 6:19-34.
“Iintsana Ebubini”
Nakuba bezalwa bengafezekanga, banentliziyo nengqondo ehlaziyayo. Ngenxa yoku, iBhayibhile iwabongoza oku amaKristu: “Yibani ziintsana ebubini.”—1 Korinte 14:20.
Cinga ngoMonique oneminyaka emihlanu, owathi ngenxa yemincili wamxelela oku unina: “Itshomi yam, uSarah, unenwele eziphotheneyo njengezam!” Zange atsho kwanto ngokwahluka kwebala nohlanga lukaSarah. Omnye umzali uthi: “Abantwana abancinane abacalucaluli ngokwebala. Abazi nto ngokwahluka kwebala okanye ikhethe.” Kule inkalo, ibonakala kakuhle gqitha ebantwaneni imbono kaThixo wethu ongakhethi buso, nothanda abantu bazo zonke iintlanga.—IZenzo 10:34, 35.
Abantwana baphinda bakwazi ukuxolela. Omnye umzali uthi: “Xa uJack noLevi besilwa, siye sibaxelele ukuba bacele uxolo omnye komnye, kodwa akubi kudala babe sebedlala kunye bonwabile. Abahlali bequmbile, bekhumbula into esele idlule, okanye babeke imiqathango ethile ngaphambi kokuba baxolele. Baphosa yonk’ into ngasemva baqhubeke nobomi.” Lo ngumzekelo omhle omele uxeliswe ngabantu abadala.—Kolose 3:13.
Enye into, abantwana abancinane bayivuma lula into yobukho bukaThixo. (Hebhere 11:6) Ukuthetha phandle kwabo kusoloko kubenza banikele ubungqina ngesibindi kwabanye. (2 Kumkani 5:2, 3) Imithandazo yabo elula nesuka entliziyweni inokuchukumisa lula nezona ntliziyo zililitye. Naxa belingwa, banokuba namandla okuxhathisa. Abantwana bazizipho ezixabiseke ngokwenene.—INdumiso 127:3, 4.
Ukubuyiselwa Kobuhle
Mhlawumbi uzibuza oku, ‘Inokwenzeka na into yokuba abantu abadala baphinde babe neempawu ezintle zobuntwana?’ Ewe inokwenzeka loo nto. Ngokuqinisekileyo umyalelo kaYesu wokuba ‘babe njengabantwana abaselula’ ungqina ukuba inokwenzeka.—Mateyu 18:3.
Ngokomzekelo: Iqela lamachule abazobi linokusebenza kunye ukulungisa umzobo oxabisekileyo. Njengoko lisebenza, lisusa konke ukungcola nawo wonke umsebenzi owenziwe ngabantu abangenabuchule kwinzame zokulungisa loo mfanekiso. Emva kwemigudu nomonde waloo machule, iya ivela imibala emihle yaloo mzobo nobuhle bawo. Nathi xa sisenza umgudu sizingise, umoya oyingcwele kaYehova nokuxhaswa ngothando libandla lobuKristu kunokusenza sibe nezo mpawu zintle sasinazo ngokwemvelo sisengabantwana.—Efese 5:1.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Abantwana bathobeke ngokwemvelo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Abantwana abaselula abanakhethe, ibe bayakhawuleza ukuxolela baze balibale