-
Iminyaka Elikhulu Phantsi Kolawulo LoBukumkani!IMboniselo—2015 | Novemba 15
-
-
2. Bangaphi abazivelayo umyalelo okuMateyu 28:19, 20, yaye kutheni sisitsho nje?
2 Kamsinya akuba evusiwe uYesu, wadibana neqela labantu abangaphezu kwe-500. (1 Korinte 15:6). Kusenokwenzeka ukuba kungeli lixa uYesu awakhupha umyalelo wokuba kushunyayelwe ‘kubantu beentlanga zonke.’ Lo msebenzi wawungazi kuba lula.a (Funda umbhalo osemazantsi.) Wabaxelela ukuba umsebenzi wokushumayela wawuya kuqhubeka ixesha elide, “de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” Xa ushumayela iindaba ezilungileyo, uncedisa ekuzalisekeni kweso siprofeto.—Mateyu 28:19, 20.
-
-
Iminyaka Elikhulu Phantsi Kolawulo LoBukumkani!IMboniselo—2015 | Novemba 15
-
-
a Kusenokwenzeka ukuba uninzi lwabo bantu lwabangamaKristu. Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba umpostile uPawulos ubhekisela kubo ngokuba ‘ngabazalwana abangamakhulu amahlanu.’ Ukwathi “inkoliso yabo esahleliyo nangoku, kodwa bambi balele ekufeni.” Ngako oko kubonakala ngathi uPawulos namanye amaKristu, babelwazi uninzi lwabo bawuvayo umyalelo kaYesu wokuba kushunyayelwe.
-