-
“Ndinethemba KuThixo”IMboniselo (Efundwayo)—2017 | Disemba
-
-
15. Kutheni kusithiwa uYesu ‘yintlahlela’?
15 UYesu waba ngowokuqala ukuvuswa ngale ndlela, kwaye uvuko lwakhe lolona lubalulekileyo. (IZe. 26:23) Kodwa ke ayinguye yedwa owathenjiswa ukuba uza kuvuselwa ezulwini enomzimba womoya. Wathembisa abapostile bakhe abathembekileyo ukuba wayeza kulawula nabo ezulwini. (Luka 22:28-30) Kodwa ukuze bafumane loo mvuzo, kwakuza kufuneka bafe kuqala. Emva koko, babeza kuvuswa benomzimba womoya njengoKristu. UPawulos wabhala wathi, “uKristu uvusiwe kwabafileyo, intlahlela kwabalele ekufeni.” Wachaza nokuba kukho nabanye ababeza kuvuselwa ezulwini, esithi: “Ngamnye kuluhlu lwakhe: UKristu intlahlela, emva koko abo bangabakaKristu ebudeni bobukho bakhe.”—1 Kor. 15:20, 23.
16. Sazi njani ukuba bavuswa nini abo baza kuya ezulwini?
16 La mazwi asenza sibone ukuba bavuswa nini abo baza kuya ezulwini. Bavuswa “ebudeni bobukho bakhe.” Kudala amaNgqina KaYehova asebenzisa iBhayibhile ukuze abonise ukuba ‘ubukho’ bukaYesu buqale ngo-1914. Busaqhubeka nangoku, kwaye isiphelo seli hlabathi sele sisondele kakhulu.
17, 18. Yintoni eza kwenzeka kubathanjiswa abasesemhlabeni ngexesha lobukho bukaKristu?
17 IBhayibhile inezinye izinto ezithethayo ngabo baza kuvuselwa ezulwini: “Asifuni ukuba ningazi nto ngabo balele ekufeni . . . Kuba ukuba niyakholwa ukuba uYesu wafa waza wavuka kwakhona, ngokunjalo, nabo balele ekufeni uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu . . . Thina baya kuba besaphila ebudeni bobukho beNkosi asiyi kubandulela konke konke abo balele ekufeni; ngenxa yokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla ivela ezulwini, idanduluke ngezwi . . . yaye abo bafe bemanyene noKristu baya kuvuka kuqala. Emva koko, thina baphilayo, basaseleyo, siya kuthatyathelwa emafini, ndawonye nabo, ukuze sihlangabeze iNkosi esibhakabhakeni; size ke sisoloko sikunye neNkosi.”—1 Tes. 4:13-17.
18 Uvuko lokuqala lwaluza kwenzeka emva kokuqalisa ‘kobukho’ bukaKristu. Abathanjiswa abasesemhlabeni ngexesha lembandezelo enkulu baya “kuthatyathelwa emafini.” (Mat. 24:31) Bona abayi ‘kulala ekufeni,’ ngamany’ amazwi abayi kulala ixesha elide ekufeni. Baya “kutshintshwa, ngesiquphe, ngokuqhwanyaza kweliso, ebudeni bexilongo lokugqibela.”—1 Kor. 15:51, 52.
-
-
“Ndinethemba KuThixo”IMboniselo (Efundwayo)—2017 | Disemba
-
-
20. Kutheni sinokulindela ukuba uvuko lwasemhlabeni luza kwenzeka ngocwangco?
20 IBhayibhile xa ithetha ngabo baza kuvuselwa ezulwini, ithi baza kuvuswa ngendlela enocwangco. (1 Kor. 15:23) Sinokulindela ukuba novuko lwasemhlabeni luza kwenzeka ngolo hlobo. Ibangel’ umdla le nto. Ngaba abo basweleke mva baza kuvuswa ekuqaleni koLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka ukuze bamkelwe zizihlobo ezibaziyo? Ngaba kuza kuqala kuvuswe amadoda akudala awafa ethembekile nakwaziyo ukukhokela ukuze ancedise ekwalathiseni abantu bakaThixo kwihlabathi elitsha? Kuza kwenzeka ntoni kubantu abangazange bamkhonze uYehova? Baza kuvuswa nini, bevuselwa phi? Mininzi imibuzo esinokuyibuza. Kodwa, xa sitheth’ inyani, ngaba kuyimfuneko ukuziqhekez’ intloko ngezi zinto? Kutheni singalindi nje? Siza kuvuya xa sibona indlela uYehova aza kuzenza ngayo izinto.
-