Isizathu Sokuba Uluntu Lufune Umncedi
‘NDANDINGUMTSHUTSHISI osileyo,’ yavuma ngelitshoyo enye indoda eyayisakuba nekratshi yaye inogonyamelo. Yayingumnyelisi oxhaphazayo nowayebadlakazelisa yaye ebahlasela ngolunya abalandeli bakaYesu Kristu aboyika uThixo. Inombulelo yathi: “Noko ke, ndenzelwa inceba.” Ingakholeleki injalo loo nto, lo mtshutshisi ubethw’ ephondweni waba ngumpostile uPawulos othembekileyo nongumKristu.—1 Timoti 1:12-16; IZenzo 9:1-19.
Izinto ezenziwa nguPawulos azenziwanga nguye wonk’ ubani. Ukanti, sonke siyasilela ukuhlangabezana nemilinganiselo kaThixo. Ngoba? Kaloku “bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngaphezu koko, kulula gqitha ukuwela kumhadi wokuphelelwa lithemba, mhlawumbi sizive singendawo gqitha ukuba sifumane inceba kaThixo. Xa wayecinga ngotyekelo lwakhe lwesono, uPawulos wadanduluka esithi: “Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?” Ephendula kwalo mbuzo wakhe, wabhala: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!”—Roma 7:24, 25.
Kunokwenzeka njani ukuba uMdali olilungisa aqhubane naboni? (INdumiso 5:4) Phawula ukuba uPawulos wathi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu.” Omnye owafumana inceba kaThixo wachaza: “Ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa. Yena ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu, kanti kungekhona ezethu kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela.”—1 Yohane 2:1, 2.
Kutheni uYesu Kristu ebizwa ngokuba ‘ngumncedi kuBawo’? Yaye kutheni uYesu ‘engumbingelelo wokucamagushela’ izono?
Isizathu Sokuba Kufuneke Umncedi
UYesu weza emhlabeni ‘ukuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Mateyu 20:28) Intlawulelo lixabiso elihlawulwa ukuze kuthengwe kwakhona, okanye kukhululwe umntu othile okanye into ethile. Isenzi segama lesiHebhere eliguqulelwe apha ngokuthi “intlawulelo” sidlulisela ingcamango yokugubungela okanye ukucamagushela izono. (INdumiso 78:38) Igama lesiGrike, elinjengelo lifumaneka kuMateyu 20:28, lasetyenziswa ngokukhethekileyo ukubhekisela kwixabiso elalihlawulwa ukuze kuhlawulelwe amabanjwa emfazwe okanye kukhululwe amakhoboka. Ukuze kufezekiswe okusesikweni, kuye kunikelwe ngento ethile ukuze kufumaneke enye enexabiso elilinganayo.
Uluntu lwangena ebukhobokeni ngenxa yokuba umntu wokuqala wavukela uThixo. Njengoko kuboniswe kwiGenesis isahluko 3, loo mntu ufezekileyo—uAdam—wakhetha ukuhamba ngekhondo lokungathobeli uYehova uThixo. Ngokwenjenjalo, wazithengisa yena kunye nenzala yakhe eyayingekazalwa baba ngamakhoboka esono nokufa. Ngaloo ndlela uAdam walahla isipho sakhe sobomi bomntu obufezekileyo nobayo yonke inzala yakhe.—Roma 5:12, 18, 19; 7:14.
KuSirayeli wamandulo, uThixo wenza ilungiselelo lamadini ezilwanyana ukuze kucanyagushelwe, okanye kugutyungelwe, izono zabantu. (Levitikus 1:4; 4:20, 35) Ngenxa yoko, ubomi besilwanyana ekwakusenziwa ngaso idini babunikelwa endaweni yobomi bomoni. (Levitikus 17:11) Ngenxa yeso sizathu, “usuku locamagushelo” lwalunokuchazwa ngokuthi “lusuku lwentlawulelo.”—Levitikus 23:26-28.
Noko ke, ekubeni izilwanyana zingaphantsi kunabantu, ‘kwakungenakwenzeka ukuba igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lisuse izono ngokupheleleyo.’ (Hebhere 10:1-4) Ukuze idini libe nexabiso elaneleyo lokucamagushela, okanye lokususa izono ngokupheleleyo, kwakuya kufuneka lilingane nexabiso loko kwalahlwa nguAdam. Okusesikweni kwakufuna ukuba umntu ofezekileyo (uYesu Kristu) eze nexabiso elilingana noko kwalahlwa ngomnye umntu ofezekileyo (uAdam). Bubomi bomntu ofezekileyo kuphela obabunokuhlawulela inzala ka-Adam ukuze ikhululeke kubukhoboka eyayithengiswe kubo nguyise wayo wokuqala. Ukuba nje kwakunokunikelwa ‘umphefumlo ngomphefumlo’ kwakuya kuba kufezekisiwe okusesikweni kokwenyaniso.—Eksodus 21:23-25.
Xa uAdam wonayo waza wanikwa isigwebo sokufa, imbewu yakhe yayisesemanqeni akhe ibe ngenxa yoko yafa kunye naye. Indoda efezekileyo uYesu, “uAdam wokugqibela,” akazange abe nantsapho ngokuzithandela. (1 Korinte 15:45) Wayenembewu emanqeni akhe xa wafa njengedini eligqibeleleyo lomntu. Ngoko, kusenokutshiwo ukuba loo mbewu eyayisenokuba luhlanga lwabantu eyayisemanqeni akhe yafa kunye naye. UYesu wathabatha intsapho enesono nefayo ka-Adam yaba yeyakhe. Walilahla ilungelo lakhe lokuba nentsapho eyeyakhe. Ngokunikela ngobomi bakhe obufezekileyo, uYesu waphinda waluthenga lonke uluntu oluzalwa nguAdam ukuze lube yintsapho Yakhe, nto leyo emenza “uBawo ongunaPhakade.”—Isaya 9:6, 7.
Idini lentlawulelo likaYesu lavula indlela yokuba uluntu oluthobelayo lufumane inceba kaThixo yaye luzuze ubomi obungunaphakade. Ngenxa yoko, umpostile uPawulos wabhala: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.” (Roma 6:23) Simele simdumise uYehova ngenxa yothando nemfesane aye wayibonakalisa ngokunxibelelene nentlawulelo, nto leyo eye yamfaka ezindlekweni yena kunye noNyana wakhe amthanda kunene. (Yohane 3:16) Kwakhona uYesu ngokuqinisekileyo wazingqina ‘engumncedi kuBawo’ xa wavuselwa kubomi basezulwini waza wasondeza ixabiso ledini lakhe lentlawulelo kuThixo emazulwini.a (Hebhere 9:11, 12, 24; 1 Petros 3:18) Kodwa ngoku uYesu Kristu uzingqina njani engumncedi wethu ezulwini?
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona isahluko 4 nesesi-7 zencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ubomi bukaYesu obufezekileyo baba lixabiso lokuhlawulela inzala ka-Adam