AmaKristu Afumana Uyolo Ekukhonzeni
“Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZENZO 20:35.
1. Sisiphi isimo sengqondo esiphosakeleyo esixhaphakileyo namhlanje, yaye kutheni siyingozi?
EBUDENI bamashumi okugqibela eminyaka ye-1900, ibinzana elithi “isimo sengqondo sikandim kuqala” liye lavakala ngokufuthi. “Ukuba nesimo sengqondo sikandim kuqala” eneneni kuthetha ukuthi “ndim phambili” yaye kubonisa ukuzingca nokubawa nokungabakhathaleli abanye. Sinokuqiniseka ukuba kunyaka wama-2000, asiphelanga isimo sengqondo sikandim kuqala. Zingaphi izihlandlo ova ngazo imibuzo ethi, “Ndiza kufumana ntoni mna?” okanye, “Ndiza kungenelwa njani mna?” Eso simo sengqondo sokuzingca asibangeli lonwabo. Sahluke ngokupheleleyo kumgaqo awathetha ngawo uYesu othi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
2. Kubonwa njani ukuba ukupha kubangela uyolo?
2 Ngaba liyinyaniso elokuba kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela? Ewe. Khawucinge ngoYehova uThixo. Ukuye “umthombo wobomi.” (INdumiso 36:9) Usinika yonke into esiyisweleyo ukuze sonwabe yaye sibe nemveliso. Eneneni, unguMthombo ‘waso sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.’ (Yakobi 1:17) UYehova, ‘uThixo onoyolo,’ uyapha ngalo lonke ixesha. (1 Timoti 1:11) Uyayithanda indalo yakhe engabantu, leyo ayipha intabalala yezinto. (Yohane 3:16) Kwakhona, cinga ngentsapho engabantu. Ukuba ungumzali, uyazi ukuba kufuneka uzincame kangakanani yaye uphe kangakanani xa ukhulisa umntwana. Yaye kangangeminyaka emininzi umntwana wakho akakuboni ukuzincama okwenzayo. Ukujonga njengento engenamsebenzi. Sekunjalo, uyavuya xa ubona umntwana wakho ephumelela ngenxa yokupha kwakho ngokungazingci. Ngoba? Ngenxa yokuba uyamthanda.
3. Kutheni kuluvuyo ukukhonza uYehova nabo sikholwa kunye nabo?
3 Ngokufanayo, unqulo oluyinyaniso lubonwa ngokupha okusekelwe eluthandweni. Ekubeni simthanda uYehova yaye sibathanda nabo sikholwa kunye nabo, siyakuvuyela ukubakhonza, ukuzinikela kubo. (Mateyu 22:37-39) Nabaphi na abakhonza ngenxa yeentshukumisa zokuzingca bagqibela ngokungabi naluvuyo lungako. Kodwa abo bakhonza ngokungazingci, bacinga kakhulu ngoko banokukunikela kunokuba baxhalabele oko banethemba lokukufumana, bafumana uyolo ngokwenene. Le nyaniso iqondwa ngokuqwalasela indlela asetyenziswa ngayo eZibhalweni amagama athile aseBhayibhileni anokuthanani nonqulo lwethu. Siza kuxubusha abe mathathu kula magama kweli nqaku nakwelilandelayo.
Inkonzo Kawonke-wonke Eyenziwa NguYesu
4. Injani “inkonzo kawonke-wonke” eyenziwa yiNgqobhoko?
4 KwisiGrike samandulo, elinye igama elibalulekileyo elinokuthanani nonqulo lwethu lelithi lei·tour·giʹa, eliguqulelwe kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngokuthi “inkonzo kawonke-wonke.” KwiNgqobhoko igama elithi lei·tour·giʹa liye langunozala wegama elithi “inkonzo.”a Noko ke, iinkonzo zenkwalambisa ezenziwa yiNgqobhoko aziyiyo inkonzo kawonke-wonke ngokwenene neyingenelo.
5, 6. (a) Yiyiphi inkonzo kawonke-wonke eyayisenziwa kwaSirayeli, ibe yayinaziphi iingenelo? (b) Yiyiphi inkonzo kawonke-wonke ezuke ngakumbi eyathabathel’ indawo leyo yayisenziwa kwaSirayeli, yaye ngoba?
5 Umpostile uPawulos wasebenzisa igama lesiGrike elinxulumene nelithi lei·tour·giʹa ebhekisela kubabingeleli bakwaSirayeli. Wathi: “Kanjalo, wonke umbingeleli usuka eme imihla ngemihla ukuze anikele inkonzo kawonke-wonke [uhlobo oluthile lwe-lei·tour·giʹa] nokuze anikele imibingelelo efanayo ngokufuthi.” (Hebhere 10:11) Ababingeleli abangabaLevi babenikela inkonzo kawonke-wonke exabisekileyo kwaSirayeli. Babefundisa uMthetho kaThixo baze banikele ngamadini awayegubungela izono zabantu. (2 Kronike 15:3; Malaki 2:7) Xa ababingeleli nabantu belandela uMthetho kaYehova, uhlanga lwalunezizathu zokuvuya.—Duteronomi 16:15.
6 Ukunikela inkonzo kawonke-wonke phantsi koMthetho kwakulilungelo kubabingeleli abangamaSirayeli, kodwa inkonzo yabo yaphelelwa lixabiso xa uSirayeli wagatywayo ngenxa yokungathembeki. (Mateyu 21:43) UYehova walungiselela into ezuke ngakumbi—inkonzo kawonke-wonke eyenziwa nguYesu, uMbingeleli Omkhulu ngakumbi. Ngokuphathelele yena, siyafunda: “Ngenxa yokuba eqhubeka ephila ngonaphakade uhlala kububingeleli bakhe engenawo nawaphi na amalandela. Ngenxa yoko uyakwazi kwanokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo ngaye, ngenxa yokuba usoloko ephila ukuze ababongozele.”—Hebhere 7:24, 25.
7. Kutheni inkonzo kawonke-wonke eyenziwa nguYesu isizisa iingenelo ezingenakuthelekiswa nanto?
7 UYesu uqhubeka engumbingeleli ngonaphakade yaye akanamalandela. Ngaloo ndlela, nguye kuphela onokusindisa abantu ngokupheleleyo. Wenza loo nkonzo kawonke-wonke ingenakuthelekiswa nanto, kungekhona kwitempile eyenziwe ngumntu, kodwa kwitempile yokomfuziselo, ilungiselelo likaYehova elikhulu lonqulo elaqalisa ukusebenza ngowama-29 C.E. Ngoku uYesu ukhonza kweYona Ngcwele yetempile, ezulwini. ‘Usisicaka sikawonke-wonke [lei·tour·gosʹ] sendawo engcwele nesentente yokwenyaniso, emiswe nguYehova, kungekhona umntu.’ (Hebhere 8:2; 9:11, 12) Siphakame sinjalo isigxina sikaYesu, ‘usesisicaka sikawonke-wonke.’ Usebenzisa igunya lakhe eliphakamileyo ukuze aphe, kungekhona ukuze athabathe. Yaye oko kupha kubangela ukuba abe novuyo. Yinxalenye “yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe” nolwamomelezayo ukuze anyamezele ngalo lonke ixesha awayesemhlabeni.—Hebhere 12:2.
8. UYesu wayenza njani inkonzo kawonke-wonke eyathabathel’ indawo umnqophiso woMthetho?
8 Kukho nenye inkalo yenkonzo kawonke-wonke eyenziwa nguYesu. UPawulos wabhala: “UYesu uzuze inkonzo kawonke-wonke ebalasele ngakumbi, ukuze ngokukwanjalo abe kwangumlamli womnqophiso olunge ngakumbi, omiselwe ngokusemthethweni kwizithembiso ezilunge ngakumbi.” (Hebhere 8:6) UMoses waba ngumlamli kumnqophiso owawusisiseko solwalamano olwaluphakathi kukaSirayeli noYehova. (Eksodus 19:4, 5) UYesu waba ngumlamli kumnqophiso omtsha, owabangela ukuba kuzalwe uhlanga olutsha, “uSirayeli kaThixo,” obunjwa ngamaKristu athanjiswe ngomoya aphuma kwiintlanga ezininzi. (Galati 6:16; Hebhere 8:8, 13; ISityhilelo 5:9, 10) Enjani ukubalasela inkonzo kawonke-wonke! Hayi indlela esivuya ngayo kukwazi uYesu, isicaka sikawonke-wonke esinokuthi, ngenxa yaso, simnqule ngendlela eyamkelekileyo uYehova!—Yohane 14:6.
NamaKristu Anikela Inkonzo Kawonke-wonke
9, 10. Ziziphi ezinye iintlobo zenkonzo kawonke-wonke ezenziwa ngamaKristu?
9 Akukho mntu unokwenza inkonzo kawonke-wonke ephakame njengaleyo kaYesu. Noko ke, xa amaKristu athanjisiweyo efumana umvuzo wawo wasezulwini, ahlala ngakuYesu ukuze abe nesabelo kwinkonzo kawonke-wonke ayenzayo njengookumkani nababingeleli basezulwini. (ISityhilelo 20:6; 22:1-5) Ukanti, namaKristu asemhlabeni ayayenza inkonzo kawonke-wonke, yaye akuvuyela kakhulu ukwenjenjalo. Ngokomzekelo, xa kwakunqongophele ukutya ePalestina, umpostile uPawulos wathabatha iminikelo kubazalwana baseYurophu ukuze anciphise ukubandezeleka kumaKristu angamaYuda kwelakwaYuda. Leyo yayiyinkonzo kawonke-wonke. (Roma 15:27; 2 Korinte 9:12) Namhlanje, amaKristu ayakuvuyela ukunikela inkonzo efanayo, anikela uncedo ngokukhawuleza xa abazalwana bawo bexhwalekile, bethwaxwa ziintlekele zemvelo okanye ezinye iintlekele.—IMizekeliso 14:21.
10 UPawulos wabhekisela kwenye inkonzo kawonke-wonke xa wabhala esithi: “Nokuba ndinokugalelwa njengomnikelo othululwayo esibingelelweni nakwinkonzo kawonke-wonke oluthe ukholo lwanikhokelela kuyo, ndichulumancile yaye ndivuyisana nani nonke.” (Filipi 2:17) Ukusebenza nzima kukaPawulos ngenxa yabaseFilipi kwakuyinkonzo kawonke-wonke eyayinikelwa ngothando nenkuthalo. Nanamhlanje kunikelwa inkonzo kawonke-wonke efanayo, ingakumbi amaKristu athanjisiweyo, akhonza ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ enikela ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo. (Mateyu 24:45-47) Ngaphezu koko, njengeqela, ‘abububingeleli obungcwele,’ anikwe uthumo ‘lokunikela imibingelelo yokomoya eyamkelekileyo kuThixo ngoYesu Kristu’ ‘nokuvakalisa ngokubanzi iimbalasane zalowo wawabizayo ukuba aphume ebumnyameni angene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.’ (1 Petros 2:5, 9) NjengoPawulos, ayawavuyela loo malungelo kwanaxa ‘ezigalela’ ekuphumezeni iimbopheleleko zawo. Yaye amaqabane awo ‘ezinye izimvu’ ayawathelela aze awaxhase kumsebenzi wokuxelela uluntu ngoYehova nangeenjongo zakhe.b (Yohane 10:16; Mateyu 24:14) Hayi indlela ezuke nevuyisa ngayo loo nkonzo kawonke-wonke!—INdumiso 107:21, 22.
Nikela Inkonzo Engcwele
11. Umprofetikazi uAna wamisela umzekelo omhle njani kuwo onke amaKristu?
11 Elinye igama lesiGrike elinokuthanani nonqulo lwethu lelithi la·treiʹa, elo iNguqulelo Yehlabathi Elitsha eliguqulele ngokuthi “inkonzo engcwele.” Inkonzo engcwele inokuthanani nezenzo zonqulo. Ngokomzekelo, umhlolokazi oneminyaka engama-84 ubudala nowayengumprofetikazi uAna uchazwa njengalowo ‘ungazange aphoswe kukuba setempileni, enikela inkonzo engcwele [igama lesiGrike elinxulumene nelithi la·treiʹa] ubusuku nemini ngokuzila ukutya nezikhungo.’ (Luka 2:36, 37) UAna wayenqula uYehova ngokuthe rhoqo. Ungumzekelo omhle kuthi sonke—abaselula nabadala, amadoda namabhinqa. Kwanjengokuba uAna wayethandaza kuYehova ngokunyanisekileyo yaye emnqula rhoqo etempileni, inkonzo yethu engcwele iquka umthandazo nokuya kwiintlanganiso.—Roma 12:12; Hebhere 10:24, 25.
12. Yiyiphi inkalo ephambili yenkonzo yethu engcwele, yaye ikwayinkonzo kawonke-wonke njani?
12 Umpostile uPawulos wakhankanya inkalo ephambili yenkonzo yethu engcwele xa wabhala esithi: “UThixo, endinikela kuye inkonzo engcwele ngomoya wam ngokunxibelelene neendaba ezilungileyo ezingoNyana wakhe, ulingqina lokuba andiyeki ukunikhankanya kwimithandazo yam.” (Roma 1:9) Ewe, ukushumayela iindaba ezilungileyo akwaneli nje kukuba yinkonzo kawonke-wonke kwabo baphulaphuleyo kodwa kukwasisenzo sokunqula uYehova uThixo. Enoba sifumana intsabelo entle okanye akunjalo, umsebenzi wokushumayela uyinkonzo engcwele enikelwa kuYehova. Ukuzama kwethu ukuxelela abanye ngeempawu ezintle neenjongo zikaBawo wethu onothando eziya kuzisa iingenelo, ngokuqinisekileyo kusizisela uvuyo olukhulu.—INdumiso 71:23.
Siyinikela Phi Inkonzo Engcwele?
13. Liliphi ithemba abanalo abo banikela inkonzo engcwele kwintendelezo engaphakathi yetempile kaYehova yokomoya, yaye ngoobani abavuyisana nabo?
13 UPawulos wabhalela amaKristu athanjisiweyo esithi: “Ekubeni siza kwamkela ubukumkani obungenakugungqiswa, masiqhubeke sinobubele obungasifanelanga, esinokuthi ngabo ngokwamkelekileyo sinikele inkonzo engcwele kuThixo sinoloyiko lobuthixo nentlonelo.” (Hebhere 12:28) Benentembelo yokubuzuz’ ilifa uBukumkani, abo bathanjisiweyo abagungqi elukholweni njengoko benqula Oyena Uphakamileyo. Kuphela banokunikela inkonzo engcwele kwigumbi eliNgcwele nakwintendelezo engaphakathi yetempile kaYehova yokomoya, yaye bakhangele phambili ngentumekelelo ekukhonzeni noYesu kweYona Ngcwele, izulu ngokwalo. Amaqabane abo, udidi lwezinye izimvu, avuyisana nabo ngethemba labo elimangalisayo.—Hebhere 6:19, 20; 10:19-22.
14. Isihlwele esikhulu singenelwa njani kwinkonzo kawonke-wonke eyenziwa nguYesu?
14 Noko ke, kuthekani ngabo bezinye izimvu? Njengoko umpostile uYohane wabona kusengaphambili, kuye kwabonakala isihlwele esikhulu sabo kule mihla yokugqibela, yaye baye “bayihlamba imiwunduzo yabo bayenza mhlophe egazini leMvana.” (ISityhilelo 7:14) Oku kuthetha ukuba, njengabathanjiswa abanqula kunye nabo, baqhelisela ukholo kwinkonzo kawonke-wonke eyenziwa nguYesu, yokunikela ngobomi bakhe njengomntu ofezekileyo ngenxa yoluntu. Ezinye izimvu nazo ziyangenelwa kwinkonzo kawonke-wonke eyenziwa nguYesu ngokuthi ‘zibambe umnqophiso kaYehova.’ (Isaya 56:6) Abayonxalenye yomnqophiso omtsha, kodwa bayawubamba ngokuthi bathobele imithetho enxulumene nawo baze babe nentsebenziswano kumalungiselelo enziwe ngawo. Banxulumana noSirayeli kaThixo, bezondla kwitafile yokomoya enye yaye besebenza namalungu akhe, bedumisa uThixo esidlangalaleni yaye benikela imibingelelo yokomoya emkholisayo.—Hebhere 13:15.
15. Isihlwele esikhulu siyinikela phi inkonzo engcwele, yaye isichaphazela njani le ntsikelelo?
15 Ngaloo ndlela, isihlwele esikhulu sibonwa “simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, sambethe imiwunduzo emhlophe.” Ngaphezu koko, ‘siphambi kwetrone kaThixo, sinikela inkonzo engcwele kuye imini nobusuku etempileni yakhe; yaye Lowo uhleli etroneni uya kutwabulula intente yakhe phezu kwaso.’ (ISityhilelo 7:9, 15) KwaSirayeli, amaguquka ayenqula kwintendelezo engaphandle kwitempile kaSolomon. Ngokufanayo, isihlwele esikhulu sinqula uYehova kwintendelezo engaphandle yetempile yakhe yokomoya. Ukukhonza kwaso apho kusenza sibe nemihlali. (INdumiso 122:1) Kwanasemva kokuba owokugqibela kwizinxulumani zaso ezithanjisiweyo efumene ilifa lakhe lasezulwini, siya kuqhubeka sinikela inkonzo engcwele kuYehova njengabantu bakhe.—ISityhilelo 21:3.
Inkonzo Engcwele Engamkelekanga
16. Ziziphi izilumkiso ezinikelwayo ngokuphathelele inkonzo engcwele?
16 Ngemihla kaSirayeli wamandulo, inkonzo engcwele yayimele inikelwe ngokuvisisana nemithetho kaYehova. (Eksodus 30:9; Levitikus 10:1, 2) Ngokufanayo namhlanje, kukho izinto ekufuneka ziqwalaselwe ukuze inkonzo yethu engcwele yamkeleke kuYehova. Yiyo loo nto uPawulos wabhalela abaseKolose esithi: ‘Asiyekanga ukunithandazela nokunicelela ukuba nizaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya, ukuze nihambe ngokumfaneleyo uYehova nize nimkholise ngokupheleleyo njengoko niqhubeka nivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo lusanda nolwazi lwenu oluchanileyo ngoThixo.’ (Kolose 1:9, 10) Akuxhomekekanga kuthi ukugqiba ngendlela efanelekileyo yokunqula uThixo. Ulwazi oluchanileyo lweZibhalo, ukuqiqa kokomoya nobulumko bukaThixo bubalulekile. Ngapha koko, umphumo unokuba yingozi.
17. (a) Yayigqwethwa njani inkonzo engcwele ngemihla kaMoses? (b) Inkonzo engcwele inokunikelwa ngendlela ephosakeleyo njani namhlanje?
17 Khumbula amaSirayeli ngemihla kaMoses. Siyafunda: “UThixo wajika waza wabayekela ukuba banikele inkonzo engcwele kumkhosi wezulu.” (IZenzo 7:42) Loo maSirayeli azibona izenzo zamandla zikaYehova awazenza ngenxa yawo. Ukanti, ayephethukela kwabanye oothixo xa ecinga ukuba oko kuya kuzisa iingenelo kuwo. Ayenganyanisekanga, yaye simele sinyaniseke ukuze inkonzo yethu engcwele imkholise uThixo. (INdumiso 18:25) Liyinyaniso elokuba, bambalwa namhlanje abantu abanokushiya uYehova baye kunqula iinkwenkwezi okanye amathole egolide, kodwa zikho ezinye iintlobo zonqulo-zithixo. UYesu walumkisa nxamnye nokukhonza ‘ubuTyebi,’ yaye uPawulos wabiza ukubawa ngokuthi lunqulo-zithixo. (Mateyu 6:24; Kolose 3:5) USathana uzenza uthixo. (2 Korinte 4:4) Iintlobo ezinjalo zonqulo-zithixo zixhaphakile yaye zingumgibe. Ngokomzekelo, cinga ngomntu ozibanga elandela uYesu kodwa usukelo lwakhe lokwenene ebomini ikukuba sisityebi okanye ekholose ngesiqu sakhe nangeengcamango zakhe. Ukhonza bani ngokwenene? Wahluke ngantoni kumaYuda omhla kaIsaya awayefunga ngegama likaYehova kodwa azukise izithixo ezingahlambulukanga ngezenzo zakhe zamandla?—Isaya 48:1, 5.
18. Inkonzo engcwele iye yenziwa phosakeleyo njani kwixa elidluleyo nanamhlanje?
18 Kanjalo uYesu walumkisa esithi: “Liyeza ilixa laxa wonk’ ubani onibulalayo eya kucinga ukuba unikele inkonzo engcwele kuThixo.” (Yohane 16:2) USawule, owaba ngumpostile uPawulos, ngokungathandabuzekiyo wayecinga ukuba ukhonza uThixo xa ‘wakholiswayo kukubulawa kukaStefano,’ waza ‘wabafuthela ngesisongelo nokubulala abafundi beNkosi.’ (IZenzo 8:1; 9:1) Namhlanje, bambi kwabo babulala abanye kwiimfazwe zobuzwe nobuhlanga bazibanga benqula uThixo. Baninzi abantu abazibanga benqula uThixo, kodwa ngokwenene unqulo lwabo lujoliswe koothixo bobuhlanga, bobuzwe, bobutyebi, bobuqu okanye esinye isithixo.
19. (a) Siyijonga njani inkonzo yethu engcwele? (b) Luhlobo luni lwenkonzo engcwele eya kusizisela uvuyo?
19 UYesu wathi: “NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.” (Mateyu 4:10) Wayethetha noSathana, kodwa hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sonke sinikele ingqalelo kula mazwi! Ukunikela inkonzo engcwele kwiNkosi enguMongami wendalo iphela lilungelo eliphakamileyo neloyikekayo. Yaye kunokuthiwani ngokunikela inkonzo kawonke-wonke enxibelelene nonqulo lwethu? Ukwenjenjalo ngenxa yabanye abantu ngumsebenzi ovuyisayo nobangela ulonwabo olukhulu. (INdumiso 41:1, 2; 59:16) Sekunjalo, loo nkonzo izisa ulonwabo lokwenene kuphela xa inikelwa ngentliziyo epheleleyo nangendlela efanelekileyo. Ngoobani ngokwenene abanqula uThixo ngendlela efanelekileyo? Yinkonzo engcwele eyenziwa ngoobani ayamkelayo uYehova? Sinokuyiphendula loo mibuzo xa siqwalasela igama lesithathu eliseBhayibhileni elinokuthanani nonqulo lwethu. Siya kuliqwalasela kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokuqhelekileyo iinkonzo zeNgqobhoko ziba ziinkonzo zonqulo okanye izithethe ezikhethekileyo njengeDini leMisa kwiCawa yamaRoma Katolika.
b KwiZenzo 13:2, kunikelwa ingxelo yokuba abaprofeti nabafundisi bakwa-Antiyokwe “babelungiselela esidlangalaleni” (kuguqulelwa igama lesiGrike elinxulumene nelithi lei·tour·giʹa) kuYehova. Mhlawumbi, oku kulungiselela esidlangalaleni kwakuquka ukushumayela ebantwini.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yiyiphi inkonzo kawonke-wonke ezukileyo eyanikelwa nguYesu?
• Yiyiphi inkonzo kawonke-wonke enikelwa ngamaKristu?
• Yintoni inkonzo engcwele yamaKristu, yaye inikelwa phi?
• Simele sizuze ntoni ukuze inkonzo yethu engcwele imkholise uThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Abazali bafumana uvuyo olukhulu xa besipha
[Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
AmaKristu anikela inkonzo kawonke-wonke xa enceda abanye naxa evakalisa iindaba ezilungileyo
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Kufuneka sibe nolwazi oluchanileyo nokuqonda ukuze siqiniseke ukuba inkonzo yethu engcwele yamkelekile kuThixo