-
UYehova Uzibalile “Kwaneenwele Ezi Zentloko Yenu”IMboniselo—2005 | Agasti 1
-
-
4. Yiyiphi ingxaki eyayithe mbende uPawulos kwaza kwafuneka ayinyamezele, ibe inokusichaphazela njani loo meko?
4 Cinga nje ngento eyenzeka kumpostile uPawulos. Wabhala wathi: “Ndanikwa iliva enyameni, ingelosi kaSathana, ukuba indimpakaze,” waza wongezelela esithi: “Ndayibongoza izihlandlo ezithathu iNkosi ukuba lisuke kum.” UYehova waziva izibongozo zakhe. Sekunjalo, wabonisa uPawulos ukuba akayi kwenza ummangaliso ukuze amncede kuloo ngxaki. Kunoko, kwafuneka uPawulos athembele kumandla kaThixo ukuze anyamezele “iliva enyameni.”b (2 Korinte 12:7-9) NjengoPawulos, kungenzeka ukuba kukho isilingo esikuthe mbende. Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ngaba into yokuba kubonakala ngathi uYehova akenzi nto ngengxaki yam ithetha ukuba akayiqondi imeko endikuyo okanye akandikhathalelanga?’ Akunjalo! Inkxalabo anayo uYehova ngomkhonzi wakhe othembekileyo ngamnye ityhilwa koko kwathethwa nguYesu kubafundi bakhe emva kokuba ebakhethile. Makhe sibone indlela anokusikhuthaza ngayo loo mazwi namhlanje.
-
-
UYehova Uzibalile “Kwaneenwele Ezi Zentloko Yenu”IMboniselo—2005 | Agasti 1
-
-
b IBhayibhile ayisichazeli ukuba laliyintoni kanye “iliva enyameni” awayenalo uPawulos. Kungenzeka ukuba laliyintlungu ethile emzimbeni, njengokungaboni kakuhle. Okanye igama elithi “iliva enyameni” lisenokubhekisela kubapostile bobuxoki nabanye ababesilwa noPawulos ngokuba ngumpostile nomlungiseleli kwakhe.—2 Korinte 11:6, 13-15; Galati 4:15; 6:11.
-