Hamba Ngokomoya Uze Uphile Ngokuvisisana Nozahlulelo Lwakho
“Ukuba niqhubeka nihamba ngokomoya anisayi kulawulwa yiminqweno yenyama konke konke.”—GAL. 5:16.
1. Ngoobani ababhaptizwa ngomhla wePentekoste?
ABALANDELI bakaYesu bathetha ngeelwimi ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. emva kokuba bebhaptizwe ngomoya oyingcwele. Baqalisa ukusisebenzisa esi sipho somoya singummangaliso. (1 Kor. 12:4-10) Waba yintoni umphumo wesi sipho nentetho eyanikelwa ngumpostile uPetros? Kwabaninzi “kwathi xhokro entliziyweni.” UPetros wababongoza, baguquka baza babhaptizwa. Ingxelo ithi: “Abo balamkela ngokusuk’ entliziyweni ilizwi lakhe babhaptizwa, yaye ngaloo mini kongezelelwa imiphefumlo emalunga namawaka amathathu.” (IZe. 2:22, 36-41) Njengoko uYesu wayetshilo ngaphambili, kumel’ ukuba babhaptizwa emanzini egameni loYise, loNyana nelomoya oyingcwele.—Mat. 28:19.
2, 3. (a) Chaza umahluko phakathi kokubhaptizwa ngomoya oyingcwele nokubhaptizwa egameni lomoya oyingcwele. (b) Kutheni kulindeleke ukuba onke amaKristu abhaptizwe emanzini namhlanje?
2 Noko ke, ngaba ukho umahluko phakathi kokubhaptizwa ngomoya oyingcwele nokubhaptizwa egameni lomoya oyingcwele? Ewe ukho. Abo babhaptizwa ngomoya oyingcwele bazalwa ngokutsha njengoonyana bakaThixo abazelwe ngomoya. (Yoh. 3:3) Bathanjiswe ukuze babe ngookumkani nababingeleli kuBukumkani bukaThixo basezulwini yaye bayinxalenye yomzimba kaKristu womoya. (1 Kor. 12:13; Gal. 3:27; ISityhi. 20:6) Ngoko olu bhaptizo—oko kukuthi, ubhaptizo lomoya oyingcwele—lwenziwa nguYehova ngomhla wePentekoste nasemva koko xa wayekhetha abantu ukuba babe ziindlalifa kunye noKristu. (Roma 8:15-17) Kodwa kuthekani ngokubhaptizwa egameni lomoya oyingcwele okwenziwa rhoqo kwiindibano zabantu bakaYehova namhlanje?
3 Ukubhaptizwa kwamaKristu okwenyaniso emanzini kubonisa ukuba azahlulele kuYehova uThixo ngokupheleleyo. Abo banobizo lwasezulwini benza kanye oku. Kodwa ukubhaptizwa emanzini kubalulekile nakwizigidi zamadoda nabafazi namhlanje ezinethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade. Enoba umntu unaliphi na ithemba, ukubhaptizwa emanzini egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele kubalulekile ukuze umntu amkeleke kuThixo. Ngoko ke onke amaKristu abhaptiziweyo kulindeleke ukuba ‘aqhubeke ehamba ngokomoya.’ (Funda amaGalati. 5:16.) Ngaba uhamba ngokomoya, nto leyo ithetha ukuba uphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho?
Oko Kuthethwa ‘Kukuhamba Ngokomoya’
4. Kuthetha ukuthini ‘ukuhamba ngokomoya’?
4 ‘Ukuhamba ngokomoya’ kuquka ukuvumela umoya oyingcwele usebenze kuwe, uwuvumele ukuba ukuphembelele. Mhlawumbi usenokuthi kuthetha ukukhokelwa ngumoya oyingcwele kwizinto ozenza imihla ngemihla. EyabaseGalati isahluko 5 ibonisa umahluko phakathi kokuphenjelelwa ngumoya oyingcwele nokuphenjelelwa yiminqweno yenyama.—Funda eyabaseGalati 5:17, 18.
5. Yiyiphi imisebenzi oyiphephayo xa uphenjelelwa ngumoya oyingcwele?
5 Xa uphenjelelwa ngumoya oyingcwele, uyayiphepha imisebenzi yenyama. Le misebenzi iquka “uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala, unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya, ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano, amahlelo, oomona, iindywala, iziyunguma.” (Gal. 5:19-21) Ngaloo ndlela, ‘ngawo umoya ubulala uqheliselo lomzimba olusa ekufeni.’ (Roma 8:5, 13) Uya kukunceda ukwazi ukunikela ingqalelo kwizinto zokomoya, uze uvume ukukhokelwa nguwo kunokukhokelwa yiminqweno yenyama.
6. Yenza umzekelo obonisa oko kufunekayo ukuze umntu akwazi ukuvelisa isiqhamo somoya.
6 Xa umoya oyingcwele usebenza kuwe ukwenza uvelise iimpawu zobuthixo, “isiqhamo somoya.” (Gal. 5:22, 23) Kodwa njengokuba usazi, oku kufuna wenze umgudu. Ngokomzekelo: Umlimi ulima umhlaba. Kakade ke akanakufumana sivuno xa kungekho langa namanzi. Umoya oyingcwele sinokuwufanisa nelanga. Umoya oyingcwele uyafuneka ukuze sikwazi ukuvelisa isiqhamo sawo. Sekunjalo ngaba inokubakho imveliso xa umlimi engakhange azibhokoxe? (IMize. 10:4) Uhlobo lwesiqhamo esiveliswa ngumoya oyingcwele kuwe sixhomekeke kwindlela owuhlakulela ngayo umhlaba wentliziyo yakho. Ngoko ke zibuze, ‘Ngaba ndiyawuvumela umoya oyingcwele ukuba uvelise isiqhamo sawo kum?’
7. Kutheni kubalulekile ukufunda nokucamngca xa ufuna ukuhlakulela isiqhamo somoya oyingcwele?
7 Ukuze bafumane isivuno esihle, abalimi kufuneka bazinkcenkceshele izityalo zabo. Ukuze ukwazi ukuhlakulela isiqhamo somoya, kufuneka amanzi enyaniso aseBhayibhileni nafumaneka ebandleni lamaKristu. (Isa. 55:1) Mhlawumbi uye waxelela abantu abaninzi ukuba iZibhalo Ezingcwele ziphefumlelwe ngomoya oyingcwele. (2 Tim. 3:16) Kwakhona udidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi luyasinceda ukuze sikwazi ukuqonda amanzi acwengileyo enyaniso yeBhayibhile. (Mat. 24:45-47) Kucacile oko simele sikwenze. Ukuze siphenjelelwe ngumoya oyingcwele, simele sifunde iLizwi likaThixo size sicamngce ngalo. Ukuba uyakwenza oko, uxelisa umzekelo omhle wabaprofeti ‘ababuzisa ngenkuthalo baza benza nophengululo lwenyameko.’ Kuyabonakala ukuba kwaneengelosi zinomdla kwinyaniso ephathelele iMbewu ethenjisiweyo nebandla lamaKristu athanjisiweyo.—Funda eyoku-1 kaPetros 1:10-12.
Ukuphenjelelwa Ngumoya—Njani?
8. Kutheni kubalulekile ukucela umoya kaYehova?
8 Ukufunda nje iZibhalo nokucamngca ngazo akwanelanga. Kufuneka uqhubeke ucela uncedo nokhokelo kuYehova. Unako “ukwenza ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo.” (Efe. 3:20; Luka 11:13) Kodwa ke ubunokumphendula njani umntu othi, “Kutheni kufuneka ndiqhubeke ndicela kuThixo ukuba uyazazi izinto ‘endizisweleyo ndingekamceli’?” (Mat. 6:8) Okokuqala nje, xa sithandazela umoya oyingcwele, sibonisa ukuba sithembele kuYehova. Ngokomzekelo, ukuba umntu ucela ukuba umncede, unokumenzela nantoni na ayicelayo kuba xa ekucela ubonisa ukuba unentembelo kuwe. (Thelekisa iMizekeliso 3:27.) Ngokufanayo, uYehova uyavuya xa ucela umoya wakhe oyingcwele kuye yaye uya kukunika.—IMize. 15:8.
9. Ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kunokukunceda njani uphenjelelwe ngumoya kaThixo?
9 Umel’ ukuba uyaqonda ukuba umoya oyingcwele kaThixo unokuwufumana nangokuya kwiintlanganiso nakwiindibano. Kubaluleke kakhulu ukwenza umzamo wokubakho kwiintlanganiso nokunikela ingqalelo. Ukwenjenjalo kuya kukunceda uqonde “kwanezinto ezinzulu zikaThixo.” (1 Kor. 2:10) Nokugqabaza rhoqo kuyanceda. Cinga ngeentlanganiso ubuye kuzo kwiiveki ezine ezidluleyo. Usiphakamise kangaphi isandla ukuze ukwazi ukuvakalisa ukholo lwakho? Ngaba kusafuneka uphucule kule nkalo? Ukuba kunjalo, zenzele usukelo loko uza kukwenza kwiiveki ezizayo. UYehova uya kukubona xa unomdla wokuba nenxaxheba kwiintlanganiso yaye uya kukupha umoya wakhe oyingcwele ukuze ukwazi ukungenelwa kuzo.
10. Ukuhamba ngokomoya kuquka ukuvakalisa esiphi isimemo?
10 Ukuhamba ngokomoya kuquka ukwamkela isimemo esikwiSityhilelo 22:17, esithi: “Umoya nomtshakazi bathi: ‘Yiza!’ Lowo uvayo makathi: ‘Yiza!’ Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” Lo moya usebenzisa udidi lomtshakazi othanjisiweyo ukuba lumeme abantu ukuba beze kuthabatha amanzi obomi. Ukuba sele usamkele isimemo esithi “yiza!” ngaba nawe uzimisele ukuthi kwabanye “Yiza!”? Lilungelo ngokwenene ukuba nesabelo kulo msebenzi wokusindis’ ubomi!
11, 12. Umoya oyingcwele ubandakanyeke njani kumsebenzi wokushumayela?
11 Lo msebenzi ubalulekileyo walathiswa ngumoya oyingcwele. Ingxelo ibonisa indlela umoya oyingcwele owawubandakanyeke ngayo ngenkulungwane yokuqala xa abathunywa bevangeli babeqalisa ukushumayela kwintsimi entsha. Umpostile uPawulos namaqabane akhe “balelwa ngumoya oyingcwele ukulithetha ilizwi kuso isithili saseAsiya”; balelwa nokuya eBhithiniya. Asazi ukuba umoya wabalela njani ukuya kwezo ndawo, kodwa kucacile ukuba umoya walathisa uPawulos ukuba aye kwintsimi enkulu yaseYurophu. Wabona umbono wendoda yaseMakedoni icela uncedo.—IZe. 16:6-10.
12 Nanamhlanje, umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke walathiswa ngumoya kaYehova. Abantu abasalathiswa ngemibono ngokungummangaliso; kunoko uYehova walathisa abathanjiswa ngomoya oyingcwele. Abazalwana noodade baxhaswa ngumoya ukuze benze konke okusemandleni kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa. Ngokuqinisekileyo nawe uyawenza lo msebenzi ubalulekileyo. Ngaba unokulwandisa uvuyo lwakho ngokwenza lo msebenzi ubangel’ imincili?
13. Unokuvuma njani ukwalathiswa ngumoya oyingcwele? Zekelisa.
13 Unokuvuma ukwalathiswa ngumoya oyingcwele ngokusebenzisa inkcazelo elungiselelwe abantu bakaThixo. Cinga ngoMihoko waseJapan. Njengovulindlela, wayemathidala ukwenza amabuyelo; wayevakalelwa kukuba akanakukwazi ukuhlakulela umdla kumninimzi. Malunga nelo xesha, kwanikelwa amacebiso okwenza amabuyelo kuBulungiseleli Bethu BobuKumkani. Emva koko kwakhutshwa incwadana enemifanekiso ethi A Satisfying Life—How to Attain It. Le ncwadana yaba luncedo kakhulu kwintsimi yaseJapan. UMihoko wasebenzisa amacebiso okuhambisa le ncwadana ingakumbi awendlela yokwenza amabuyelo. Kungekudala waqalisa izifundo zeBhayibhile nabantu ekusenokwenzeka ukuba babengayi kuvuma ukufunda ukuba wayengasebenzisanga la macebiso. Uthi, “Ndandinezifundo ezininzi gqitha—ngaxa lithile ndandiqhuba izifundo ezili-12—kangangokuba kwafuneka ezinye zilinde!” Eneneni, xa uhamba ngokomoya, usebenzisa ukhokelo uYehova alunika abakhonzi bakhe, uya kuvuna ngokuyintabalala.
Thembela Ngomoya KaThixo
14, 15. (a) Abantu abangafezekanga banokukwazi njani ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwabo? (b) Unokubafumana njani abahlobo abafanelekileyo?
14 Njengomlungiseleli omiselweyo, unomsebenzi ofanele uwenze. (Roma 10:14) Usenokuziva ungakufanelekelanga ukwenza lo msebenzi. Kodwa njengokuba kunjalo ngabathanjiswa, nguThixo okwenza ufaneleke. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 3:5.) Unokuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho xa usenza konke okusemandleni naxa uthembela ngomoya kaThixo.
15 Enyanisweni, njengabantu abangafezekanga akukho lula ngathi ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuThixo ofezekileyo, uYehova. Enye ingxaki kukuba, abanye babantu owawukade unxulumana nabo basenokubhideka yindlela ophila ngayo ngoku yaye ‘banokuhamba bekutshabhisa.’ (1 Pet. 4:4) Kodwa musa ukulibala ukuba ngoku unabahlobo abatsha, abona baxabiseke kunabo bonke abo bahlobo, nguYehova noYesu Kristu. (Funda uYakobi 2:21-23.) Kubalulekile nokuzama ukuqhela abazalwana noodade abasebandleni lakho, abayinxalenye ‘yomanyano lwabazalwana luphela’ olusehlabathini lonke. (1 Pet. 2:17; IMize. 17:17) UYehova uya kukunceda ngomoya wakhe ukuba ufumane abahlobo abaya kuqhubeka benempembelelo entle.
16. Kutheni nawe njengoPawulos ‘unokukholiswa bubuthathaka’?
16 Kwanaxa unabahlobo abanokukunceda ebandleni, usenokukufumanisa kunzima ukuhlangabezana neengxaki zemihla ngemihla. Maxa wambi iingxaki otyhubela kuzo zisenokukuthez’ amandla, ude uvakalelwe ngokungathi uvalelekile. Xa kunjalo, kubaluleke kakhulu ukuba uthandaze kuYehova ucele umoya wakhe oyingcwele. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.” (Funda eyesi-2 yabaseKorinte 4:7-10; 12:10.) UPawulos wayesazi ukuba umoya kaThixo unokusinceda kwiintsilelo esinazo njengabantu kungakhathaliseki ukuba zinjani. Ngenxa yoko, amandla kaThixo anokukuqinisa xa uziva ubuthathaka naxa ufuna uncedo. UPawulos wathi ‘uyakholiswa bubuthathaka.’ Xa ebuthathaka wayeluva uncedo lomoya oyingcwele. Nawe unokuvakalelwa ngendlela efanayo!—Roma 15:13.
17. Umoya oyingcwele unokukunceda njani uhambe ngendlela efanelekileyo?
17 Umoya kaThixo uyafuneka ukuze sikwazi ukuphila ubomi bokuzahlulela kuye. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ungumqhubi wephenyane. Injongo yakho kukukhonza uYehova ngonaphakade. Umoya oyingcwele ufana nomoya onokukunceda njengomqhubi wephenyane uye kufika kwindawo oya kuyo. Akufuni kulahlekiswa ngumoya wehlabathi likaSathana. (1 Kor. 2:12) Ngoko kufuneka uwazi owona moya ufanele ukuphembelele. Ufanele uphenjelelwe ngumoya oyingcwele. ILizwi likaThixo nentlangano yakhe eyalathiswa ngumoya oyingcwele inokukunceda uhambe ngendlela efanelekileyo.
18. Uzimisele ukwenza ntoni ngoku, yaye ngoba?
18 Ukuba ufunda namaNgqina kaYehova yaye uyaya kwiintlanganiso zawo, kodwa akukazahluleli uze ubhaptizwe, zibuze, ‘Yintoni endenza ndithandabuze?’ Ukuba uyayiqonda indima yomoya oyingcwele nendlela osebenza ngayo ukuze kuphunyezwe ukuthanda kukaYehova namhlanje, yenza oko ufanele ukwenze. UYehova uya kukusikelela. Uya kukupha umoya wakhe oyingcwele. Ukuba wabhaptizwa kumashumi eminyaka eyadlulayo, ngokuqinisekileyo uye wayibona indlela osebenza ngayo umoya oyingcwele. Uye wayibona indlela uThixo anokukunceda ngayo esebenzisa umoya wakhe. Oku kuya kuqhubeka kunjalo—ukusa kwixesha elingenammiselo. Ngoko zimisele ukuqhubeka uhamba ngomoya oyingcwele.
Ngaba Uyakhumbula?
• Kuthetha ntoni ‘ukuhamba ngokomoya’?
• Yintoni enokukunceda ‘uqhubeke uhamba ngokomoya’?
• Unokuphila njani ngokuvisisana nozahlulelo lwakho?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Xa uhlakulela umhlaba wentliziyo yakho kufuneka uzibhokoxe
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Ngaba umoya kaThixo uyakuphembelela?