Thembela KuYehova, “UThixo Wentuthuzelo Yonke”
“Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.”—2 KOR. 1:3.
1. Yintoni efunwa ngabantu enoba badala kangakanani na?
UKUSUSELA ekuzalweni kwethu ukusa phambili, siyakufuna ukuthuthuzelwa. Usana lusixelela ngokukhala ukuba lufuna ukuthuthuzelwa. Mhlawumbi lufuna ukufunqulwa okanye lufuna ukutya. Kwanaxa sele sikhulile, siyakufuna ukuthuthuzelwa. Sikufuna nangakumbi xa siphantsi kweemeko ezinzima.
2. Sisiphi isiqinisekiso uYehova asinika abo bakholose ngaye sokuba uya kubathuthuzela?
2 Amalungu entsapho nabahlobo banokusinika umlinganiselo othile wentuthuzelo. Noko ke, maxa wambi sinokuthwaxwa ziimeko ezingaphaya kwamandla omntu. NguThixo kuphela onokusithuthuzela enoba sixinezeleke kangakanani na. ILizwi lakhe lisiqinisekisa lisithi: “Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo, . . . nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva. (INdu. 145:18, 19) Ngokwenene, “amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.” (INdu. 34:15) Kodwa ukuze uThixo asixhase aze asithuthuzele, simele sithembele kuye. Umdumisi uDavide wakwenza kwacaca oku xa wacula wathi: “UYehova uya kuba yindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuye nabani na otyunyuziweyo, indawo ephakamileyo enqabisekileyo ngamaxesha okubandezeleka. Abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe, kuba ngokuqinisekileyo akuyi kubashiya abo bakukhangelayo, Yehova.”—INdu. 9:9, 10.
3. UYesu wayizekelisa njani indlela uYehova abathanda ngayo abantu bakhe?
3 UYehova ubaxabisile abanquli bakhe. UYesu wayiphuhlisa le nto xa wathi: “Oongqatyana abahlanu bathengiswa ngeengqekembe ezimbini ezixabiso lincinane, akunjalo? Kanti akukho namnye kubo olibalekayo phambi koThixo. Kodwa kwaneenwele zeentloko zenu zibaliwe zonke. Musani ukuba noloyiko; nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” (Luka 12:6, 7) Esebenzisa umprofeti uYeremiya, uYehova wathi kubantu bakhe bamandulo: “Ndikuthandile ukusa kwixesha elingenammiselo. Kungenxa yoko le nto ndikutsalile ngobubele bothando.”—Yer. 31:3.
4. Kutheni sinokukholosa ngezithembiso zikaYehova?
4 Ukuthembela kuYehova nasekuzalisekeni kwezithembiso zakhe kunokusithuthuzela ngamaxesha okuxinezeleka. Ngenxa yoko simele simthembe uThixo ngendlela awatsho ngayo uYoshuwa: “Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo.” (Yosh. 23:14) Ngaphezu koko, sinokuqiniseka ukuba enoba singacinezelwa ziimeko ezinzima, “uThixo uthembekile” yaye akanakuze abayekele abakhonzi bakhe abanyanisekileyo.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:13.
5. Sinokukwazi njani ukuthuthuzela abanye?
5 Umpostile uPawulos ubhekisela kuYehova ‘njengoThixo wentuthuzelo yonke.’ “Ukuthuthuzela” kuthetha ukuthomalalisa iimvakalelo zomntu oxinezelekileyo okanye oxhelekileyo. Oku kwenziwa ngokudambisa intlungu akuyo aze athuthuzelwe. Ngokuqinisekileyo uYehova uyakwenza oku. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4.) Akukho nto okanye umntu onokusikela umda uBawo wethu wasezulwini ibe ngenxa yoko unayo nantoni na efunekayo ukuze athuthuzele abo bamthandayo. Nathi siyakwazi ukuthuthuzela amanye amaKristu ‘akulo naluphi na uhlobo lwembandezelo.’ Singakwenza oko ‘ngayo intuthuzelo nathi ngokwethu esithuthuzelwa ngayo nguThixo.’ Oku kuwachaza kakuhle kakhulu amandla kaYehova angenakulinganiswa nanto okuthuthuzela abo baphelelwe lithemba!
Ukuhlangabezana Nezinto Ezibangela Uxinezeleko
6. Chaza imizekelo yezinto ezinokubangela uxinezeleko.
6 Siyakufuna ukuthuthuzelwa kwiinkalo ezininzi zobomi. Enye yezona zinto zibangela intlungu kukufelwa ngumntu esimthandayo, ingakumbi iqabane lomtshato elithandekayo okanye umntwana. Kanti omnye umntu usenokufuna ukuthuthuzelwa ngenxa yokuba elixhoba lokucalulwa okanye ikhethe. Ukuba nempilo enkenenkene, ukwaluphala, ubuhlwempu, iingxaki zomtshato okanye iimeko ezimbi zehlabathi zinokubangela ukuba abantu bafune ukuthuthuzelwa.
7. (a) Kwiimeko ezibuhlungu, luluphi uhlobo lwentuthuzelo olufunekayo? (b) Yintoni anokuyenza uYehova ukuze anyange intliziyo ‘eyaphukileyo netyumkileyo’?
7 Ngamaxesha oxinezeleko, sinokufuna intuthuzelo ehlaziya iintliziyo, iingqondo neemvakalelo zethu nempilo yethu emizimbeni neyokomoya. Ngokomzekelo, cinga nje ngentliziyo. ILizwi likaThixo liyatsho ukuba iintliziyo zethu ‘zinokwaphuka zize zityumke.’ (INdu. 51:17) Ngokuqinisekileyo uYehova uyakwazi ukuyilungisa le meko, kuba “uyabaphilisa abo baphuke intliziyo, uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.” (INdu. 147:3) Kwanakwiimeko eziqatha, uThixo unokuzisa isiqabu kwintliziyo eyaphukileyo ukuba siyathandaza kuye sinokholo ngokupheleleyo size sigcine imiyalelo yakhe.—Funda eyoku-1 kaYohane 3:19-22; 5:14, 15.
8. Xa sixinezelekile engqondweni, uYehova unokusinceda njani?
8 Iingqondo zethu zisoloko zifuna ukuthuthuzelwa kuba izilingo ezahlukahlukeneyo zinokubangela uxinezeleko olungathethekiyo engqondweni. Sisenokungakwazi ukuhlangabezana nezi mvavanyo zokholo ngawethu amandla. Noko ke, umdumisi wavuma wathi: “Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.” (INdu. 94:19) Ngaphezu koko, uPawulos wabhala wathi “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Fil. 4:6, 7) Ukufunda nokucamngca ngeZibhalo kunokuba luncedo kakhulu ekuhlangabezaneni nokuxinezeleka engqondweni.—2 Tim. 3:15-17.
9. Sinokuhlangabezana njani nokuxinezeleka ngokweemvakalelo?
9 Maxa wambi, sinokudimazeka kangangokude sibe sengozini yokuyekelela kutyekelo lokuba neemvakalelo ezingakhiyo. Mhlawumbi siziva singakwazi ukunyamekela imbopheleleko ethile eseZibhalweni okanye ilungelo elithile lenkonzo. Nalapho, uYehova unokusithuthuzela aze asincede. Ngokomzekelo: Xa uYoshuwa wathunywa ukuba akhokele amaSirayeli nxamnye nezizwe eziziintshaba zawo ezinamandla, uMoses wathi ebantwini: “Yibani nesibindi, nomelele. Musani ukoyika okanye nothuke phambi kwazo, ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe. Akayi kukulahla okanye akushiye ngokupheleleyo.” (Dut. 31:6) Exhaswa nguYehova, uYoshuwa wakwazi ukukhokela abantu bakaThixo ukuya kwiLizwe Lesithembiso baza bazoyisa zonke iintshaba zabo. Ngaphambilana kuLwandle Olubomvu, uMoses waxhaswa ngendlela efanayo nguThixo.—Eks. 14:13, 14, 29-31.
10. Ukuba siyabandezeleka ngokwasempilweni, sinokuncedwa njani?
10 Iziganeko ezibuhlungu zinokusiphazamisa empilweni. Kakade ke, ukutya kakuhle, ukuphumla ngokwaneleyo nokwenza umthambo nokuzigcina sicocekile kunokusinceda kakhulu. Ukucoceka ngokomoya okusekelwe eBhayibhileni kunokuba negalelo elifanelekileyo kwimizimba yethu. Ngenxa yoko, xa sisentlungwini kuya kusinceda ukukhumbula la mava namazwi akhuthazayo kaPawulos: “Siyabandezelwa ngandlela zonke, kodwa asixineki ngokokude singabi nakushukuma; siyathingaza, kodwa kungekhona ngokokude singabi nayo kwaphela indlela yokuphuma; siyatshutshiswa, kodwa asishiywa enyanyeni; siphoswa phantsi, kodwa asitshatyalaliswa.”—2 Kor. 4:8, 9.
11. Sinokulwa njani nokugula ngokomoya?
11 Ezinye iimvavanyo zinokuyichaphazela ngamandla impilo yethu yokomoya. Nalapho uYehova unokusihlangula. ILizwi lakhe lisiqinisekisa ngelithi: “UYehova uyabaxhasa bonke abawayo, yaye uyabaphakamisa bonke abaqubudileyo.” (INdu. 145:14) Ukuze sikwazi ukulwa nokugula kokomoya, sifanele sicele uncedo lwabadala abangamaKristu. (Yak. 5:14, 15) Yaye ukusoloko silikhumbula ithemba leZibhalo lobomi obungunaphakade kunokusomeleza xa ukholo lwethu luvavanywa.”—Yoh. 17:3.
Imizekelo Yabantu Abathuthuzelwa NguThixo
12. Chaza indlela uYehova awamthuthuzela ngayo uAbraham.
12 Umdumisi ophefumlelweyo wathi: “[Yehova] khumbula ilizwi kumkhonzi wakho, elo undenze ndalilindela. Yiyo le intuthuzelo yam kwinkxwaleko endikuyo, kuba ilizwi lakho lindigcine ndiphila.” (INdu. 119:49, 50) Namhlanje, sineLizwi likaYehova elibhaliweyo, elinemizekelo emininzi yabantu abathuthuzelwa nguThixo. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba uAbraham waxinezeleka kakhulu esakuva ukuba uYehova uza kuyitshabalalisa iSodom neGomora. Lo solusapho uthembekileyo wambuza oku uThixo: “Ngaba ngokwenene uya kulitshayela ilungisa kunye nongendawo kusini na?” UYehova wamthuthuzela uAbraham ngokumqinisekisa ukuba, ukuba kwakunokufumaneka abantu abangamalungisa abangama-50 kuphela, wayengenakuyitshabalalisa iSodom. Noko ke, izihlandlo ezihlanu ezingakumbi uAbraham wambuza oku uYehova: Kuthekani ukuba kufumaneka abantu abangamalungisa abangama-45 kuphela? Ukuba bangama-40? Bangama-30? Bangama-20? Abali-10 bona? Sihlandlo ngasinye, uYehova wayesithi ngomonde nangobubele aqinisekise uAbraham ukuba iSodom ayisayi kutshatyalaliswa. Nangona babengafikanga naseshumini abantu abangamalungisa kuloo mmandla, uYehova wamlondoloza uLote neentombi zakhe.—Gen. 18:22-32; 19:15, 16, 26.
13. UHana wabonisa njani ukuba uthembele kuYehova?
13 UHana, umfazi kaElikana wayekufuna ngamandla ukuba nomntwana. Kodwa wayeludlolo, yaye loo nto yayimshiya exinezelekile. Wawuthandazela kuYehova lo mba, yaye uMbingeleli Omkhulu uEli wathi kuye: “Ngamana uThixo kaSirayeli angenza ngokwesibongozo sakho.” Oku kwamthuthuzela uHana, “nobuso bakhe ababi saba bobuxhalabileyo.” (1 Sam. 1:8, 17, 18) UHana wathembela ngoYehova, ngokuqiniseka eyekela izinto kuye. Nangona wayengazi ukuba oku kuya kuphumela entwenini, uHana waba noxolo lwengqondo. Ekuhambeni kwexesha, uYehova wawuphendula umthandazo wakhe. Wakhulelwa waza wazala unyana, wambiza ngokuba nguSamuweli.—1 Sam. 1:20.
14. Kwakutheni ukuze uDavide afune intuthuzelo, yaye wabhenela kubani?
14 Omnye umntu ongumzekelo wokuthuthuzelwa nguThixo ngukumkani uDavide woSirayeli wamandulo. Kuba uYehova ‘ebona oko ikuko intliziyo,’ xa wayekhetha uDavide ukuba abe ngukumkani wakwaSirayeli wexesha elizayo, wayesazi ukuba uDavide unyanisekile yaye uzinikele kunqulo lokwenyaniso. (1 Sam. 16:7; 2 Sam. 5:10) Noko ke, kamva uDavide wakrexeza noBhatshebha waza wazama ukusifihla eso sono ngokubulalisa umyeni wakhe. Wathi uDavide akuqonda ubukhulu besono sakhe, wathandaza wathi kuYehova: “Ngokobuninzi beenceba zakho kususe ukunxaxha kwam. Ndihlambe ngokucokisekileyo kwisiphoso sam, undihlambulule nakwisono sam. Kuba ukunxaxha kwam ndiyakwazi, nesono sam siphambi kwam rhoqo.” (INdu. 51:1-3) UDavide wayeguquke ngokwenene, yaye uYehova wamxolela. Noko ke, uDavide kwafuneka ajamelane nemiphumo yesono sakhe. (2 Sam. 12:9-12) Noko ke, inceba kaYehova yaba ngumthombo wentuthuzelo kulo mkhonzi wakhe uthobekileyo.
15. UYehova wamnceda njani uYesu ngaphambi kokufa kwakhe?
15 Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wajamelana neemeko ezininzi ezilingayo. UThixo wazivumela ezi mvavanyo zokholo, yaye uYesu wayigcina ingqibelelo yakhe njengendoda efezekileyo eyayisoloko ithembele kuYehova yaza yathethelela ulongamo lwakhe. Xa wayesele eza kungcatshwa aze abulawe, uYesu wathandaza wathi kuYehova: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.” Emva koko, kwavela ingelosi yaza yamomeleza. (Luka 22:42, 43) Kanye ngelo xesha, uThixo wamthuthuzela, wamomeleza waza wamxhasa uYesu.
16. UThixo unokusinceda njani xa sixinezelekile ngenxa yokujamelana nokufa njengabagcini bengqibelelo?
16 Kwanokuba nathi sinokujamelana nokufa ngenxa yokuma ngokuqinileyo njengamaKristu, uYehova unako yaye uya kusinceda sigcine ingqibelelo yethu kuye. Ngaphezu koko, liyasomeleza ithemba esinalo lovuko. Yaye sikhangele phambili kumhla apho ‘kuya kutshitshiswa’ utshaba lokugqibela olukukufa! (1 Kor. 15:26) Abakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo nabanye abantu, abanakuze balityalwe nguYehova yaye uya kubavusa. (Yoh. 5:28, 29; IZe. 24:15) Ukukholosa ngethemba likaYehova lovuko kuyasithuthuzela yaye kuyasomeleza ngexesha lentshutshiso.
17. UYehova unokusithuthuzela njani xa sifelwa ngumntu esimthandayo?
17 Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba abantu esibathandayo abalele kumangcwaba oluntu aqhelekileyo banethemba lokuphinda baphile kwihlabathi elitsha elimangalisayo elingenazo izinto ezibangela uxinezeleko namhlanje! Yaye kuya kuba lilungelo lokwenene ‘kwisihlwele esikhulu’ sabakhonzi bakaYehova esiya kusinda kwisiphelo sale nkqubo ingendawo ukwamkela size sifundise abo baya kuvuselwa kubomi basemhlabeni!—ISityhi. 7:9, 10.
Ngaphantsi Ziingalo ZikaThixo Ezingunaphakade
18, 19. Abakhonzi bakaThixo baye bathuthuzelwa njani ngoxa betshutshiswa?
18 Ngamazwi engoma enamandla nekhuthazayo, uMoses wabaqinisekisa wathi abantu bakwaSirayeli: “Uyindawo yokuzimela uThixo wamandulo, ngaphantsi ziingalo zexesha elingenammiselo.” (Dut. 33:27) Kamva umprofeti uSamuweli wathi kumaSirayeli: “Musani ukutyeka ekumlandeleni uYehova, yaye nimele nimkhonze uYehova ngentliziyo yenu yonke. . . . UYehova akayi kubalahla abantu bakhe ngenxa yegama lakhe elikhulu.” (1 Sam. 12:20-22) Logama nje sinamathela kunqulo olunyulu lukaYehova, akasayi kuze asishiye. Uya kusixhasa ngalo lonke ixesha.
19 UThixo akaze asilele ekuxhaseni nasekuthuthuzeleni abantu bakhe kule mihla yokugqibela yamanqam. Ngaphezu kwenkulungwane, amawakawaka amaKristu ehlabathini lonke aye atshutshiswa aza avalelwa ezintolongweni ngenxa nje yokuba ekhonza uYehova. Amava abo angqina ukuba ngamaxesha okuvavanywa, ngokwenene uYehova uyabathuthuzela abakhonzi bakhe. Ngokomzekelo, omnye umzalwana wethu kwilizwe elalisakuba yiSoviet Union wagwetywa iminyaka engama-23 entolongweni ngenxa yokholo lwakhe. Sekunjalo, kwafunyanwa indlela yokumthubelezisela ukutya kokomoya ukuze omelele aze athuthuzeleke. Wathi: “Kuyo yonke loo minyaka, ndafunda ukuthembela ngoYehova yaye wandomeleza.”—Funda eyoku-1 kaPetros 5:6, 7.
20. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova akasayi kuze asishiye?
20 Enoba siseza kujamelana nantoni na, kuya kusinceda ukukhumbula la mazwi athuthuzelayo omdumisi: “UYehova akayi kubashiya abantu bakhe.” (INdu. 94:14) Nangona nathi sikufuna ukuthuthuzelwa, sinelungelo elingathethekiyo lokuthuthuzela abanye. Njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo, sinokuba negalelo ekuthuthuzeleni abazilileyo kweli hlabathi lizele ziinkathazo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ziziphi ezinye izinto ezinokubangela uxinezeleko?
• UYehova ubathuthuzela njani abakhonzi bakhe?
• Yintoni enokusithuthuzela, xa sijamelene nokufa?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 25]
INDLELA YOKUMELANA NEZINTO EZINOKUCHAPHAZELA . . .
▪ iintliziyo zethu INdu. 147:3; 1 Yoh. 3:19-22; 5:14, 15
▪ iingqondo zethu INdu. 94:19; Fil. 4:6, 7
▪ iimvakalelo zethu Eks. 14:13, 14; Dut. 31:6
▪ impilo yethu 2 Kor. 4:8, 9
▪ ubumoya bethu INdu. 145:14; Yak. 5:14, 15