-
‘UThixo Wentuthuzelo Yonke’IMboniselo—2008 | Septemba 1
-
-
IZINTO ezininzi ebomini—njengokubandezeleka, ukuphoxeka, ukuba lilolo—zisenokuzisa intlungu nobudwayi. Ngamaxesha anjalo usenokubuza, ‘Ndingalufumana phi uncedo?’ Amazwi ompostile uPawulos afumaneka kweyesi-2 Korinte 1:3, 4 alatha kumthombo ongasileliyo wentuthuzelo—uYehova uThixo.
Kwindinyana yesithathu uThixo ubizwa ngokuba ‘nguYise onenceba.’ Athetha ukuthini la mazwi? Igama lesiGrike elithi ‘inceba’ lisenokuthetha ukuvelana nabanye.a Enye imbekiselo yeBhayibhile iliguqulela eli binzana ngokuthi “ukuba nosizi” okanye “ukuba nenkathalo.” Inceba uThixo anayo imqhubela esenzweni. Ukwazi olu phawu lobuntu bukaThixo lusenza sifune ukusondela kuye, akunjalo?
Kwakhona uPawulos uthi uYehova ‘nguThixo wentuthuzelo yonke.’ Apha uPawulos usebenzisa igama eliquka “ingcamango yokuthuthuzela umntu okhathazekileyo okanye osentlungwini nokumnceda okanye ukumkhuthaza.” IThe Interpreter’s Bible ithi: “Umntu obandezelekileyo simthuthuzela xa simnceda anyamezele intlungu.”
Usenokubuza, ‘UThixo usithuthuzela aze asikhuthaze njani xa sisentlungwini?’ Usithuthuzela ngeLizwi lakhe iBhayibhile nangesipho somthandazo. UPawulos usixelela ukuba ngenxa yokuba uThixo esithanda uye wasinika iLizwi Lakhe ukuze “ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” Ukongezelela kwimithandazo esuka entliziyweni, singaxhamla “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.”—Roma 15:4; Filipi 4:7.
-
-
‘UThixo Wentuthuzelo Yonke’IMboniselo—2008 | Septemba 1
-
-
a UThixo ubizwa ngokuba “nguYise [okanye umthombo] wenceba” ngenxa yokuba ivela kuye mfesane yaye yinxalenye yobuntu bakhe.
-