AmaKristu Abonakalisa Uzuko LukaYehova
“Anoyolo amehlo enu ngenxa yokuba ayabona, neendlebe zenu ngenxa yokuba ziyeva.”—MATEYU 13:16.
1. Nguwuphi umbuzo othi qatha xa sicinga ngendlela awasabela ngayo amaSirayeli akubona uMoses kwiNtaba yeSinayi?
AMASIRAYELI awayehlanganisene kwiNtaba yeSinayi ayenesizathu esifanelekileyo sokusondela kuYehova. Kaloku, wayewahlangule kumaYiputa ngesandla esomeleleyo. Wanyamekela iintswelo zawo, ewanika ukutya namanzi entlango. Wandula ke, wawanceda oyisa umkhosi wama-Amaleki. (Eksodus 14:26-31; 16:2–17:13) Njengoko babemise iintente entlango ngaphambi kweNtaba yeSinayi, abantu babesoyikiswa ziindudumo nemibane kangangokuba babengcangcazela. Kamva, babona uMoses esihla eNtabeni yeSinayi, ubuso bakhe bubonakalisa uzuko lukaYehova. Noko ke, kunokuba bamangaliswe baze baqonde ukuba bubuqaqawuli bukaYehova obo, babuya umva. “Boyika ukusondela [kuMoses].” (Eksodus 19:10-19; 34:30) Kwakutheni ukuze boyike ukujonga ubuqaqawuli bukaYehova, owayebenzele izinto ezininzi kangaka?
2. Yintoni esenokuba yenza amaSirayeli oyika xa ebona ubuqaqawuli bukaThixo kuMoses?
2 Kusenokwenzeka ukuba, oyena nobangela wokuba amaSirayeli oyike ngesi sihlandlo koko kwakwenzeke ngaphambilana. Xa engazange amthobele uYehova ngabom ngokwenza ithole legolide, wawohlwaya. (Eksodus 32:4, 35) Ngaba afunda kweso sohlwayo sikaYehova aza abonakalisa uxabiso ngaso? Uninzi lwawo aluzange lwenjenjalo. Ngaphambi kokuba afe, uMoses wawakhumbuza isiganeko sethole legolide nezinye iziganeko zaxa amaSirayeli engazange athobele. Wathi ebantwini: “Nawuvukela umyalelo kaYehova uThixo wenu, anabonisa lukholo kuye, analiphulaphula ilizwi lakhe. Namvukela uYehova kususela kwimini endanazi ngayo.”—Duteronomi 9:15-24.
3. UMoses wayebugquma xa kutheni ubuso bakhe?
3 Cinga ngoko kwenziwa nguMoses akubona indlela awayesoyika ngayo amaSirayeli. Ingxelo ifundeka ngale ndlela: “Akugqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe. Kodwa xa uMoses engena [emnqubeni] phambi koYehova esiya kuthetha naye, wayesisusa isigqubuthelo kude kube sekuphumeni kwakhe. Ekuphumeni kwakhe wayekuthetha koonyana bakaSirayeli oko wayekuyalelwe. Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla; wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe wada wangena waya kuthetha [noYehova].” (Eksodus 34:33-35) Yintoni eyayibangela ukuba uMoses amane ebugquma ubuso bakhe? Yintoni esinokuyifunda koku? Iimpendulo zale mibuzo zinokusinceda sihlolisise ulwalamano lwethu noYehova.
Amalungelo Angazange Asetyenziswe
4. Yiyiphi intsingiselo eyatyhilwa nguPawulos ngokunxiba kukaMoses isigqubuthelo?
4 Umpostile uPawulos wathi ukunxiba kukaMoses isigqubuthelo kwakunxulumene nesimo sengqondo nesentliziyo samaSirayeli. UPawulos wabhala: “Oonyana bakaSirayeli babengenakubuqwalasela ubuso bukaMoses ngenxa yozuko lobuso bakhe . . . Amandla abo engqondo enziwa buthuntu.” (2 Korinte 3:7, 14) Le yayiyimeko embi gqitha! AmaSirayeli ayengabantu bakaYehova abakhethiweyo, yaye wayefuna ukuba basondele kuye. (Eksodus 19:4-6) Sekunjalo, ayemathidala ukujonga ngenyameko kwimbonakaliso yozuko lukaThixo. Kunokuba ngothando anikele iintliziyo neengqondo zawo kuYehova, amshiya.
5, 6. (a) Yiyiphi into efanayo eyenzeka kumaYuda enkulungwane yokuqala nakumaSirayeli omhla kaMoses? (b) Nguwuphi umahluko owawuphakathi kwabo baphulaphula uYesu kwanabo bangazange bamphulaphule?
5 Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo kwenzeka into efanayo. Ngexesha lokuguqukela kukaPawulos kubuKristu, uMthetho womnqophiso wawuthatyathelwe indawo ngumnqophiso omtsha, yaye umlamleli wawo yayinguYesu Kristu, uMoses Omkhulu. UYesu wabonakalisa uzuko lukaYehova ngamazwi nangezenzo. UPawulos wabhala wathi ngokuphathelele uYesu ovusiweyo: “Uyimbonakaliso yozuko [lukaThixo] nembonakaliso yoko kanye akuko.” (Hebhere 1:3) AmaYuda ayenelona lungelo libalaseleyo. Ayenokuphulaphula amazwi obomi obungunaphakade kuNyana kaThixo! Okubuhlungu kukuba, inkoliso yabo wayeshumayela kubo uYesu ayizange iphulaphule. Ngokuphathelele bona, uYesu wacaphula isiprofeto sikaYehova esaxelwa nguIsaya esithi: “Intliziyo yesi sizwana ilukhuni, sizivingcile iindlebe zaso, sawavala amehlo aso; ukuze singaze sibone ngamehlo aso, sive ngeendlebe zaso, siqonde ngeentliziyo zaso, sibuye, ndize ndisiphilise.”—Mateyu 13:15; Isaya 6:9, 10.
6 Kwakukho umahluko omkhulu phakathi kwamaYuda nabafundi bakaYesu, uYesu awathi ngabo: “Anoyolo amehlo enu ngenxa yokuba ayabona, neendlebe zenu ngenxa yokuba ziyeva.” (Mateyu 13:16) AmaKristu okwenyaniso alangazelela ukwazi nokukhonza uYehova. Ayakuvuyela ukwenza ukuthanda kwakhe, njengoko kuchazwe eBhayibhileni. Ngenxa yoko, amaKristu athanjisiweyo abonakalisa uzuko lukaYehova kubulungiseleli bawo bomnqophiso omtsha, yaye lawo ezinye izimvu enza okufanayo.—2 Korinte 3:6, 18.
Isizathu Sokuba Iindaba Ezilungileyo Zigqutyuthelwe
7. Kutheni ingamangalisi into yokuba abaninzi bezigatya iindaba ezilungileyo?
7 Njengoko siye sabona, ngomhla kaYesu nangomhla kaMoses, amaSirayeli amaninzi aligatya ilungelo elikhethekileyo elaliwavulekele. Kwenzeka okufanayo nanamhlanje. Abantu abaninzi bayazigatya iindaba ezilungileyo esizishumayelayo. Oku akusimangalisi. UPawulos wabhala: “Ukuba, ke, iindaba ezilungileyo esizivakalisayo zigqutyuthelwe, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo, phakathi kwabo uthixo wale nkqubo yezinto aye wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo.” (2 Korinte 4:3, 4) Ukongezelela kwimigudu kaSathana yokufihla iindaba ezilungileyo, abantu abaninzi baye bagquma ubuso babo kuba bengafuni ukubona.
8. Abaninzi bamfanyekiswe kukungazi ngayiphi indlela, yaye sinokukuphepha njani ukuba kwimeko efanayo?
8 Amehlo okomfuziselo abantu abaninzi amfanyekiswe kukungazi. IBhayibhile ithetha ngeentlanga ‘njengezisebumnyameni ngengqondo, yaye zahlukanisiwe nobomi bukaThixo, ngenxa yokungazi okukuzo.’ (Efese 4:18) Ngaphambi kokuba abe ngumKristu, uPawulos, indoda eyayiwazi uMthetho, wayemfanyekiswe kukungazi kangangokuba walitshutshisa ibandla likaThixo. (1 Korinte 15:9) Sekunjalo, uYehova wamtyhilela inyaniso. UPawulos uthi: “Isizathu sokuba ndenzelwe inceba sasikukuba njengoko imeko yam yayibalasele uKristu Yesu abonakalise ngam konke ukuzeka kade umsindo kwakhe, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye ukuze bazuze ubomi obungunaphakade.” (1 Timoti 1:16) NjengoPawulos, abaninzi ababekhe bachasa inyaniso kaThixo ngoku bayamkhonza. Ngenxa yoku sinesizathu esifanelekileyo sokuqhubeka sinikela ubungqina kwanakwabo basichasayo. Ngokufundisisa rhoqo iLizwi likaThixo nokukuqonda oko likuthethayo, oko kuyasikhusela ekwenzeni izinto ezingamkholisiyo uYehova ngenxa yokungazi.
9, 10. (a) AmaYuda enkulungwane yokuqala abonisa njani ukuba ayengenakufundiseka yaye engenakuguqulwa kwiimbono zawo? (b) Ngaba iNgqobhoko ikwimeko efanayo namhlanje? Cacisa.
9 Abaninzi abaziqondi izinto zokomoya kuba abafuni kufunda yaye babambelele ngokuqinileyo kwiimbono zabo. AmaYuda amaninzi amgatya uYesu neemfundiso zakhe kuba ayebambelele kuMthetho kaMoses. Kakade ke, ayekho awayesenza okwahlukileyo. Ngokomzekelo, emva kokuvuswa kukaYesu, “isihlwele esikhulu sababingeleli saluthobela ukholo.” (IZenzo 6:7) Noko ke, ngokuphathelele inkoliso yamaYuda, uPawulos wabhala: “Ukuza kutsho namhlanje xa sukuba kufundwa uMoses, isigqubuthelo sihlala ezintliziyweni zabo.” (2 Korinte 3:15) Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayekwazi oko uYesu wayekuthethe kwiinkokeli zonqulo zamaYuda esithi: “Niyaziphengulula iZibhalo, ngenxa yokuba nicinga ukuba ngazo niya kuba nobomi obungunaphakade; yaye zona zizo kanye ezinikela ubungqina ngam.” (Yohane 5:39) IZibhalo ezaziziphengulula ngenyameko zazimele zizincede ziqonde ukuba uYesu unguMesiya. Noko ke, amaYuda ayeziqonda ngendlela yawo izinto, kwanoNyana kaThixo owayesenza imimangaliso wayengenako ukuwaguqula.
10 Abaninzi abakwiNgqobhoko namhlanje nabo bakwimeko efanayo. Ngokufana namaYuda enkulungwane yokuqala, “banenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo.” (Roma 10:2) Nangona abanye befundisisa iBhayibhile, abafuni ukukholelwa koko ikutshoyo. Abafuni kuyamkela into yokuba uYehova ufundisa abantu bakhe esebenzisa ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lamaKristu athanjisiweyo. (Mateyu 24:45) Noko ke, thina siyaqonda ukuba uYehova ufundisa abantu bakhe, kwanokuba inyaniso yakhe ibisoloko icaca ngakumbi njengoko ixesha lihamba. (IMizekeliso 4:18) Xa sivumela uYehova ukuba asifundise, sitsho sazi ukuthanda kwakhe neenjongo zakhe.
11. Ukukholelwa koko ubani afuna ukukukholelwa kuyifihla njani inyaniso?
11 Bambi bamfamekile kuba bakholelwa koko bafuna ukukukholelwa. Kwaxelwa kwangaphambili ukuba abathile babeya kugculela abantu bakaThixo nesigidimi abasivakalisayo esingobukho bukaYesu. Umpostile uPetros wabhala: “Ngenxa yeminqweno yabo, abasiqondi isibakala sokuba,” uThixo wazisa unogumbe kwihlabathi lomhla kaNowa. (2 Petros 3:3-6) Ngokufanayo, abaninzi abathi bangamaKristu bayavuma ukuba uYehova unenceba, ububele yaye uyaxolela; sekunjalo basibetha ngoyaba isibakala sokuba akamenzi msulwa ofanelwe sisohlwayo. (Eksodus 34:6, 7) AmaKristu okwenyaniso enza umgudu ukuze akuqonde oko kufundiswa yiBhayibhile ngokwenene.
12. Abantu baye bamfanyekiswa njani zizithethe?
12 Abaninzi abahamba icawa bamfanyekiswe zizithethe. UYesu wathi kwiinkokeli zonqulo zomhla wakhe: “Nilitshitshisile ilizwi likaThixo ngenxa yesithethe senu.” (Mateyu 15:6) Emva kokukhululwa kubukhoboka baseBhabhiloni, amaYuda abuyisela unqulo olunyulu, sekunjalo ababingeleli baba nekratshi. Kwimisitho yonqulo kwakusenziwa nje inkwalambisa, uThixo engahlonelwa ngokunyanisekileyo. (Malaki 1:6-8) Ngomhla kaYesu, ababhali nabaFarisi bongezelela intaphane yezithethe kuMthetho kaMoses. UYesu wathi loo madoda angabahanahanisi kuba ayengasayiqondi imigaqo yobulungisa owawusekelwe kuyo uMthetho. (Mateyu 23:23, 24) AmaKristu okwenyaniso amele alumke angavumeli izithethe zonqulo ezimiselwe ngabantu ziwaphambukise kunqulo olunyulu.
‘Ukubona Lowo Ungabonakaliyo’
13. Ziziphi iindlela ezimbini uMoses awalubona ngazo uzuko lukaThixo?
13 UMoses wacela ukubona uzuko lukaThixo entabeni, yaye wabona ubuqaqawuli nje obungephi bozuko lukaYehova. Xa waya emnqubeni, akazange anxibe isigqubuthelo. UMoses wayenokholo olunzulu efuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. Nangona wanikwa ilungelo lokubona inxalenye yozuko lukaYehova embonweni, ngangqiqo ithile wayesele embonile uThixo ngamehlo okholo. IBhayibhile ithi uMoses “waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.” (Hebhere 11:27; Eksodus 34:5-7) Wabonakalisa uzuko lukaThixo kungekhona nje ngemitha eyayisebusweni bakhe kangangexesha elithile kodwa nangemigudu yakhe yokunceda amaSirayeli amazi uYehova aze amkhonze.
14. UYesu walubona njani uzuko lukaThixo, yaye yintoni awayekuvuyela ukuyenza?
14 Ezulwini, uYesu walubona ngokungqalileyo uzuko lukaThixo kangangeminyaka, kwanangaphambi kokudalwa kommandla wendalo. (IMizekeliso 8:22, 30) Ngalo lonke elo xesha, uYehova noYesu bakha ulwalamano lothando. UYehova uThixo wayelithanda ngokunzulu eli zibulo lendalo yonke. UYesu naye wabonakalisa uthando olunzulu kuThixo, uMniki-bomi. (Yohane 14:31; 17:24) Uthando lwabo lwalugqibelele njengoYise noNyana. Ngokufana noMoses, uYesu wayekuvuyela ukubonakalisa uzuko lukaYehova kwizinto awayezifundisa.
15. Yiyiphi indlela amaKristu abonisa ngayo ukuba afuna ukubona uzuko lukaThixo?
15 NjengoMoses noYesu, amaNgqina kaThixo ale mihla asemhlabeni alangazelela ukubona uzuko lukaYehova. Akakhange azigatye iindaba ezilungileyo ezizukileyo. Umpostile uPawulos wabhala: “Xa kukho ukuphethukela kuYehova [kwenziwe ukuthanda kwakhe], isigqubuthelo siyasuswa.” (2 Korinte 3:16) Sifundisisa iZibhalo kuba sifuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. Siyaluxabisa uzuko olusebusweni boNyana kaYehova onguKumkani othanjisiweyo, uYesu Kristu, yaye sixelisa umzekelo wakhe. NjengoMoses noYesu, sinikwe ubulungiseleli, ukufundisa abanye ngoThixo ozukileyo esimnqulayo.
16. Ziziphi iingenelo esinazo ngokwazi inyaniso?
16 UYesu wathandaza esithi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, . . . ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.” (Mateyu 11:25) UYehova ubenza baqonde iinjongo zakhe nobuntu bakhe abo baneentliziyo ezinyanisekileyo nezithobekileyo. (1 Korinte 1:26-28) Uyasikhusela yaye usifundisa oko kuyingenelo kuthi ukuze sizuze lukhulu kangangoko kunokwenzeka ebomini. Kwanga singasebenzisa naliphi na ithuba ukuze sisondele kuYehova, sibe noxabiso ngamalungiselelo akhe amaninzi awenzileyo ukuze simazi ngokusondele ngakumbi.
17. Simele senze ntoni ukuze sizazi ngokuphelele ngakumbi iimpawu zikaYehova?
17 UPawulos wabhalela amaKristu athanjisiweyo wathi: “Silubonakalisa njengezipili uzuko lukaYehova ngobuso obungagqutyuthelwanga [yaye] siyaguqulwa sifane naye sisuka eluzukweni sise eluzukweni.” (2 Korinte 3:18) Enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, okukhona sisazi uYehova—iimpawu nobuntu bakhe njengoko zityhilwe eBhayibhileni—kokukhona sifana naye. Ukuba ngoxabiso sicamngca ngobomi, ubulungiseleli nangeemfundiso zikaYesu Kristu, siya kuzibonakalisa ngokuphelele ngakumbi iimpawu zikaYehova. Kuvuyisa ngokwenene ukwazi ukuba ngokwenza njalo sidumisa uThixo wethu, esifuna ukubonakalisa uzuko lwakhe!
Ngaba Uyakhumbula?
• Kwakutheni ukuze amaSirayeli oyike ukujonga uzuko lukaThixo olwalubonakaliswa nguMoses?
• Ziziphi iindlela ‘ezazigqutyuthelwe’ ngayo iindaba ezilungileyo ngenkulungwane yokuqala? ngomhla wethu?
• Silubonakalisa njani uzuko lukaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 19]
AmaSirayeli akazange akwazi ukubujonga ubuso bukaMoses
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
NjengoPawulos, abaninzi ababekhe bachasa inyaniso kaThixo ngoku bayamkhonza
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Abakhonzi bakaYehova bayakuvuyela ukubonakalisa uzuko lukaThixo