Ngaba Uyazincomela Kwabanye?
‘Andinamsebenzi enoba abanye abantu bacinga ntoni!’ Mhlawumbi wakhe wathetha ngolu hlobo xa wawucaphukile okanye ukhathazekile. Kodwa xa umsindo sele wehlile, mhlawumbi usenokuxhalaba. Ngoba? Kuba ngokwenene inkoliso yethu iyakhathala ngoko abanye bakucingayo ngathi.
ENENENI, sifanele sikhathale ngoko abanye bakucingayo ngathi. Ingakumbi thina maKristu, abalungiseleli abamiselweyo bakaYehova uThixo, simele siyixhalabele ngokufanelekileyo indlela abanye abasijonga ngayo. Ngapha koko, ‘singumboniso wokubonelwa lihlabathi.’ (1 Korinte 4:9) Kweyesi-2 kwabaseKorinte 6:3, 4, sifumana isiluleko esihle sikampostile uPawulos esithi: “Siyakuphepha ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela, ukuze kungafunyanwa siphoso kubulungiseleli bethu; kodwa ngandlela zonke siyazincomela njengabalungiseleli bakaThixo.”
Noko ke, kuthetha ukuthini ukuzincomela kwabanye? Ngaba kuthetha ukuziphakamisa okanye ukucela injezu okanye ukuqhayisa ngobuchule bethu? Akunjalo. Kodwa kuthetha ukwenza oko kuthethwa ngamazwi akweyoku-1 kaPetros 2:12 athi: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze . . . zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle, zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.” AmaKristu ayazincomela ngehambo yawo! Ekugqibeleni, sidumisa uThixo, kungekhona iziqu zethu. Sekunjalo, sinokungenelwa xa sizincomela kwabanye. Makhe sihlolisise izinto ezintathu onokuzincomela kuzo.
Njengosenokuba Liqabane Lomtshato
Ngokomzekelo, cinga ngombandela womtshato. Usisipho esivela kuYehova uThixo, lowo “ebizwa ngaye yonke intsapho ezulwini nasemhlabeni.” (Efese 3:15) Mhlawumbi uyanqwenela ukuba ungatshata ngenye imini. Ukuba kunjalo, ngaba uzincomela ukusa kuwuphi umkhamo ukuba liqabane lomtshato? Ewe, liliphi igama ozenzele lona njengendoda okanye ibhinqa elingumKristu ongatshatanga?
Kwamanye amazwe iintsapho zikuxhalabele gqitha oku. Ngokomzekelo, eGhana, xa abantu ababini befuna ukutshata, kusisithethe ukuba abo baza kuba sisibini esitshatileyo baxelele abazali babo. Ngoko ke, aba baxelela amanye amalungu entsapho. Yandula ke intsapho yendoda iqalise ukuphanda ngendlela elaziwa ngayo eli bhinqa elumelwaneni. Xa abazali banelisekile ukuba eli bhinqa lifanelekile, baya kuxelela intsapho yelo bhinqa ngeminqweno yonyana wabo wokutshata intombi yayo. Ngoku intsapho yentombi ikhangela indlela eyaziwa ngayo le ndoda ngaphambi kokuba inike imvume yomtshato. Iqhalo laseGhana lithi, “Buza kwabo baziyo ngaphambi kokuba utshate.”
Kuthekani ngamazwe aseNtshona, apho ngokuqhelekileyo abantu bavumelekileyo ukuzikhethela amaqabane abo omtshato? Nkqu nalapho, indoda okanye ibhinqa elingumKristu oqolileyo liya kuba lenza ngobulumko ukufuna ukuba lowo uza kuba liqabane anconyelwe ngabo bamazi kakuhle, njengabazali okanye abahlobo abaqolileyo. Ngokutsho kwencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, ibhinqa eliselula lisenokuzibuza: “Lo mfo udume ngantoni? Ngoobani abahlobo bakhe? Ngaba ubonakalisa ukuzeyisa? Ubaphatha njani abantu abakhulileyo? Uphuma kwintsapho enjani? Uphilisana njani nayo? Sinjani isimo sakhe sengqondo ngakwimali? Ngaba ubusebenzisa kakubi utywala? Ngaba ucaphuka msinya, ade abe nalo nogonyamelo? Unaziphi iimbopheleleko ebandleni, ibe uzisingatha njani? Ngaba ndingakwazi ukumhlonela ngokunzulu?’—Levitikus 19:32; IMizekeliso 22:29; 31:23; Efese 5:3-5, 33; 1 Timoti 5:8; 6:10; Tito 2:6, 7.”a
Ngokufanayo indoda iya kufuna ukubuzisa nangaliphi na ibhinqa elingumKristu efuna ukulitshata. Ngokutsho kweBhayibhile, uBhowazi wayenomdla kuRute, ibhinqa awathi kamva watshata nalo. Xa uRute wabuza esithi: “Kwenzeka njani ukuba ndikholeke emehlweni akho kangangokuba ndiphawuleke, ekubeni ndingowasemzini?” UBhowazi wathi: ‘Kunikelwe ingxelo kum ngako konke oko ukwenzileyo.’ (Rute 2:10-12) Ewe, uBhowazi akazange nje azibonele ukuba uRute libhinqa elinyanisekileyo, elizinikelayo nelizibhokoxayo emsebenzini kodwa weva ukuba nabanye bathetha kakuhle ngaye.
Ngokufanayo, ihambo yakho iya kuba negalelo kwindlela abakujonga ngayo abanye enoba ungaliqabane elifanelekileyo kusini na. Eneneni uzincomela njani kwabanye kulo mbandela?
Njengomqeshwa
Indawo osebenza kuyo yenye indawo onokungenelwa kuyo xa uhlala unehambo entle. Lusenokuba luninzi ukhuphiswano lwemisebenzi. Abaqeshwa abaziwa ngokungathobeli, ngokuba nomkhwa wokufika emva kwexesha emsebenzini nokunganyaniseki ngokufuthi bayagxothwa. Neenkampani zisenokufuna ukuqesha abantu abanamava ukuze zinciphise iindleko. Xa abo bangaqeshwanga befuna imisebenzi emitsha, basenokufumanisa ukuba iinkampani ziya kuthetha nabaqeshi babo bangaphambili ukuze bazi ngemikhwa yabo yokusebenza, isimo sengqondo nangamava abanawo. AmaKristu amaninzi aye azincomela ngokuphumelelayo kubaqeshwa babo ngenxa yokuba enentlonelo, enxiba ngokundilisekileyo, ebonakalisa isimilo kwabanye yaye eneempawu ezibalaseleyo zobuKristu.
Ukunyaniseka luphawu—olona lujongwa kakhulu ngabaqeshi abaninzi. Njengompostile uPawulos, sifuna “ukuziphatha ngokunyanisekileyo kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) Kwenye inkampani yokumba umhlaba eGhana, kwabikwa ubusela. Umphathi oliNgqina, wahlala emsebenzini ngoxa abanye babegxothwa. Ngoba? Abaphetheyo bakubona ukunyaniseka kwakhe ebudeni beminyaka. Wayesaziwa ngokuzibhokoxa kwakhe emsebenzini nangokuhlonela abasemagunyeni. Ewe, ihambo yakhe entle yamenza wahlala emsebenzini wakhe!
Ziziphi ezinye izinto umKristu anokuzenza ukuze azincomele kwiindawo zengqesho? Funda ukuba nobuchule nakuwuphi na umsebenzi owunikiweyo. (IMizekeliso 22:29) Khuthala emsebenzini uze uthembeke. (IMizekeliso 10:4; 13:4) Mhlonele umqeshi nomphathi wakho. (Efese 6:5) Ukugcin’ ixesha, ukunyaniseka, ukuba nobuchule, nokuzibhokoxa emsebenzini ziimpawu abaqeshi abazixabisileyo, yaye ezo mpawu zinokukunceda ukuba ufumane umsebenzi nangona inqongophele.
Amalungelo Ebandla
Ngoku kunanini na ngaphambili, kufuneka amadoda aqolileyo ukuba akhokele ibandla lamaKristu. Ngoba? UIsaya waprofeta esithi: “Yenze ibe banzi ngakumbi indawo yentente yakho. Kwaye mabawolule amalaphu entente yomnquba wakho ozukileyo.” (Isaya 54:2) Ekuzalisekiseni esi siprofeto, ibandla likaYehova lehlabathi lonke liyakhula.
Ngoko ukuba uyindoda engumKristu, unokuzincomela njani ukuze umiselwe? Cinga ngomzekelo womfana uTimoti. ULuka uthi ngoTimoti “kwakunikelwa ingxelo entle ngaye ngabazalwana eListra naseIkoniyo.” Ewe, ngehambo yakhe entle, lo mfana wazincomela kwabanye kwizixeko ezibini ezahlukahlukeneyo. Ngoko ke uPawulos wacela uTimoti ukuba amthelele kubulungiseleli bokuhambahamba.—IZenzo 16:1-4.
Namhlanje indoda ‘inokusizabalazela njani isigxina sobuveleli’ ngendlela efanelekileyo neyobuthixo? Ngokuqinisekileyo ayinakucela ukumiselwa kodwa ngokuhlakulela iimpawu zokomoya ezifunekayo kwiimbopheleleko ezinjalo. (1 Timoti 3:1-10, 12, 13; Tito 1:5-9) Kwakhona, inokubonisa ukuba ‘inqwenela umsebenzi omhle’ ngokuba nenxaxheba ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Abo bazincomelayo njengamadoda angamaKristu anembopheleleko banomdla onyanisekileyo kwintlalo-ntle yabazalwana babo bokomoya. Balandela icebiso likampostile uPawulos elithi: “Yabelanani nabo bangcwele ngokweemfuno zabo. Landelani ikhondo lokubuk’ iindwendwe.” (Roma 12:13) Ngokwenza izinto ezinjalo, indoda engumKristu ngokunyanisekileyo ‘iyazincomela njengomlungiseleli kaThixo.’
Ngawo Onke Amaxesha
Ukuzincomela kwabanye akuthethi ukuba uhanahanise okanye ube ‘ngumkholisi wabantu.’ (Efese 6:6) Eneneni, kuthetha ukuzincomela kuMdali wethu, uYehova uThixo, silandele imithetho nemigaqo yakhe ngokuthembekileyo. Ukuba uyakhula ngokomoya uze uqinise ulwalamano lwakho noYehova uThixo, abanye baya kukuphawula ukuphucula kwakho ngendlela oqhubana ngayo namalungu entsapho, osebenza nabo namaKristu okholwa nawo. Kwakhona baya kubona ukuzinza nokulungelelana kwakho, ukwenza kwakho izigqibo ezifanelekileyo, amandla akho okusingatha iimbopheleleko nokuthobeka kwakho. Oku kuya kubenza bakuthande yaye bakuhlonele yaye, okubaluleke nangakumbi, uYehova uThixo uya kukholiswa nguwe ngenxa yokuba uzincomela kwabanye!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Abazali abaninzi ngobulumko babuza indlela umntu ofuna ukutshata nonyana okanye intombi yabo aziwa ngayo
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Umzalwana uzincomela ngamalungelo enkonzo ngokuthi abacingele abanye