Indlela Yokufumana Uthando Lokwenene
Yintoni onokuyenza ukuze ufumane uthando lokwenene nokuze uthandwe ngabanye kungekuphela nje kuthando lwesini esahlukileyo? Ngaba kukuba ube sisinhanha? Ngaba kukuphucula indlela okhangeleka ngayo?
AMADODA nabafazi balukuhlwa ziintengiso, bephenjelelwa nangamajelo eendaba, baye bajonga ezi zinto njengesicombululo. Kakade, kuyimvelo ukuba sibe nelunda ngendlela esikhangeleka ngayo, kodwa ubuhle—into yokwexeshana—abusiso isiqinisekiso solwalamano oluhlala luhleli. Kunjalo nangobutyebi. Okona kuluncedo kukubonisa uthando lokungazingci kwabanye. UYesu wafundisa esithi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.” (Luka 6:38) Ngamafutshane, ukuba ufuna ukuthandwa, bonisa uthando kwabanye.
Sinokukwenza njani oku? Ekhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo, umpostile uPawulos wawuphendula lo mbuzo. Wadiza ukuba uthando lusisenzo esingaqhutywa ziimvakalelo, kodwa ngokusisiseko koko sikwenzayo noko singakwenziyo kwabanye. UPawulos wabhala wathi: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. Uthando alunakhwele, alugwagwisi, alukhukhumali, aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo, alucaphuki. Alunanzondo. Alubi nemihlali ngentswela-bulungisa, kodwa luvuyisana nenyaniso. Luthwala izinto zonke, lukholelwa izinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.”—1 Korinte 13:4-7.
Uvakalelwa njani xa umntu ebonakalisa ububele kuwe okanye xa ekuthanda phezu kwazo nje izinto ezicaphukisayo ozithethayo nozenzayo. Ngaba akutsaleleki kumntu okukhathaleleyo, ongafane agqajukelwe ngumsindo, oxolelayo nothetha inyaniso naxa ukuxolela nokunyaniseka kuyeyona nto inzima?
Ngoko, yenza into efanayo nakwabanye. UYesu wathi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Akusoloko kulula ukubonakalisa uthando, kodwa oku kuwufanele umgudu wethu. Ngenxa yoko uya kuthandwa ngamalungu entsapho yakho, abahlobo, iqabane lomtshato okanye lowo usenokuba liqabane lomtshato. Kwakhona, uya kufumana uvuyo ekwenzeni okulungileyo nokuzinikela kwakho ekuncedeni abanye. Ewe “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
Ukufunda Ngothando Kwelona Gunya Liphakamileyo
UYehova nguThixo wothando, oyena ubalaseleyo ngolu phawu. (1 Yohane 4:8) Uthando lwakhe lwenze ukuba abantu abafunayo bakwazi ukufunda ngeempawu zakhe. Khawucinge nje ngale mizekelo imbalwa yemigaqo eseBhayibhileni enokusinceda sithande size sithandwe.
‘Khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha, ucothe ukuqumba.’ (Yakobi 1:19) Uhlolisiso lwabantu abatshatileyo abangama-20 000 lwabonisa ukuba abona bantu bonwabileyo ngabo banamaqabane aphulaphula kakuhle. Ukuncokola kungundoqo kulwalamano. Unjingalwazi wenzululwazi ngabantu wabhala wathi: “Ukuba ufuna ukuziva ulilolo kulwalamano, yiba kunye nomntu ongazi nowathwethwa ngeengxaki onazo. Okanye nangaphezu koko, yiba kunye nomntu oyazi kakuhle ingxaki okuyo, kodwa engasiqondi isizathu esenza intlungu yakho ibe yinto nantso.” Lo njingalwazi walek’ umsundulu ngokuthi nokuba abantu bahlukile ngeendlela ezininzi, “ukuba iqabane lakho linovelwano ngezinto ezikukhathazayo neengxaki onazo ebomini, indlela enahluke ngayo ayibalulekanga.”
“Nini abawubandezileyo umsa wenu. . . . phangalalani.” (2 Korinte 6:12, 13) Sizuza ngakumbi xa siphangalala kuthando lwethu nabanye. Impapasho ephuma kwiHarvard Medical School, ithi: “Luninzi uhlolisiso oluye lwenziwa oluye lwabonisa ukuba abantu abaxhaswa ngabanye—njengeentsapho, abahlobo, kunye nabantu ekuhlaleni—bonwaba ngakumbi, abanazo iingxaki zempilo kangako kwaye baphila ubomi obude.”
“Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.” (Hebhere 10:24, 25) Siphenjelelwa lula ngabantu esinxulumana nabo. Ngokuchitha ixesha nabantu abanothando lokwenene lobuKristu, uya kubona olu phawu ngokwakho yaye uya kufunda indlela yokulubonakalisa ebomini bakho. AmaNgqina kaYehova azabalazela ukubonakalisa olu thando phakathi kwawo, esazi ukuba luphawu olwahlula abafundi bokwenyaniso bakaYesu. (Yohane 13:35) Uya kwamkelwa ngobubele ukuba uya kwiintlanganiso zawo.
Ukuba uziva ungathandwa, ungadimazeki okanye ucinge ukuba akuthandeki. Khumbula ukuba uYehova uyayibona imeko okuyo. Uyamkhumbula uLeya okhankanywe kwinqaku lethu lokuqala? UYehova wayiphawula imeko awayekuyo, waza waba ngunina woonyana abathandathu kunye nentombi—intsikelelo xa abantwana babejongwa njengeyona nto ixabisekileyo! Ukongezelela, bonke oonyana bakaLeya baba ngookhokho bohlanga lwakwaSirayeli. (Genesis 29:30-35; 30:16-21) Hayi indlela ekumele ukuba inkathalo kaThixo yamthuthuzela ngayo uLeya!
Kwihlabathi elitsha elithenjiswe kwiZibhalo, akukho namnye oya kuziva engathandwa. Kunoko, uthando lokwenene luya kwesamela kwibutho labantu. (Isaya 11:9; 1 Yohane 4:7-12) Ngaloo ndlela, masibonakalise ngoku ukuba siyakufuna ukuba lapho ngokuhlakulela uthando olufundiswa yiBhayibhile noluye lwabonakaliswa nguMbhali wayo. Ewe, ulonwabo lokwenene alupheleli nje ekuthandweni kodwa nasekuthandeni abanye ngokungazingci.—Mateyu 5:46-48; 1 Petros 1:22.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
“Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela”—IZenzo 20:35
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Ukuba ufuna ukuthandwa, nawe bonisa uthando