Yoliswa Bubulungisa BukaYehova
“Osukela ubulungisa nobubele bothando uya kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.”—IMIZEKELISO 21:21.
1. Ziziphi izinto abantu abaye bazenza eziye zakhokelela kwiintlekele?
“KUKHO indlela ethe tye phambi komntu, kodwa ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” (IMizekeliso 16:25) Hayi indlela lo mzekeliso weBhayibhile oyichaza kakuhle ngayo indlela abantu abayiyo namhlanje! Ngokuqhelekileyo, abantu bafuna ukwenza into abayithandayo, bengenaxesha labanye abantu. (IMizekeliso 21:2) Bathi bayayithobela imithetho nemilinganiselo yelizwe kodwa bazama nangaziphi na iindlela ukuyiphepha. Ngenxa yoko, abantu baziintlaba-zahlukane yaye badidekile.—2 Timoti 3:1-5.
2. Yintoni efuneka ngamandla eya kuba luncedo ebantwini?
2 Ukuze sizuze uncedo—yaye abantu bonke babe seluxolweni baze banqabiseke—siwufuna ngamandla umthetho okanye umlinganiselo osesikweni nochanileyo, lowo abantu bonke baya kuwamkela ngovuyo baze bawuthobele. Ngokucacileyo, akukho mntu enoba ukrelekrele okanye unyaniseke kangakanani na, onokumisela umthetho okanye umlinganiselo onjalo. (Yeremiya 10:23; Roma 3:10, 23) Ukuba ukho umthetho onjalo, unokufunyanwa phi yaye unokuba unjani? Mhlawumbi owona mbuzo ubalulekileyo ngulo, Ukuba ukho umthetho onjalo, ngaba ubuya kuwuvuyela uze uwuthobele?
Ukufumana Umlinganiselo Olungileyo
3. Ngubani oyena ofanelekileyo ukumisela umlinganiselo owamkelekileyo nonenzuzo kubantu bonke, yaye ngoba?
3 Ukuze sifumane umlinganiselo owamkelekileyo noyinzuzo kubantu bonke, kuya kufuneka sibhenele kumntu ongenangxaki yobuhlanga, nongenanxaxheba kwezobupolitika nonembono ephangaleleyo yaye ongenabo nobuthathaka obuthile. Alithandabuzeki elokuba, ekuphela komntu onjalo nguMdali usomandla, uYehova uThixo, othi: “Njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ngokunjalo neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu, neengcamango zam kuneengcamango zenu.” (Isaya 55:9) Ukongezelela, iBhayibhile imchaza uYehova ‘njengoThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye yena.’ (Duteronomi 32:4) Ibinzana elithi, “uYehova ulilungisa,” lifumaneka kuyo yonke iBhayibhile. (Eksodus 9:27; 2 Kronike 12:6; INdumiso 11:7; 129:4; IZililo 1:18; ISityhilelo 19:2, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Ewe, nguYehova kuphela onokumisela umlinganiselo onjalo kuba uthembekile, usesikweni yaye ulungile.
4. Lithetha ukuthini igama elithi “ubulungisa”?
4 Kakade ke, igama elithi “ubulungisa” alithandwa kakhulu namhlanje. Enyanisweni, inkoliso yabantu ababuthandi yaye babujongela phantsi ubulungisa, bebufanisa nokuzenza ngcwele okanye ukuzigwagwisa nokuba nenzondelelo ebaxiweyo ngonqulo. Noko ke, ngokutsho kwesinye isichazi-magama, “ubulungisa” buthetha “okusesikweni, okuthe tye, ukulunga, ukungabi natyala, ukungabi nasono; ukuphila ngemithetho kaThixo okanye imilinganiselo eyamkelekileyo yokuziphatha; ukwenza ukulunga okanye okusesikweni.” Ngaba ubungayi kuyoliswa ngumthetho okanye umlinganiselo onjalo ukulunga?
5. Chaza uphawu lobulungisa njengoko luchazwe eBhayibhileni.
5 Ngokuphathelele ubulungisa, iEncyclopaedia Judaica ithi: “Ubulungisa asiyongcamango nje kodwa kukwenza okusesikweni nokulungileyo kulo lonke ulwalamano lwethu.” Ngokomzekelo, ubulungisa bukaThixo abuyonto ingaphakathi okanye uphawu analo, njengobungcwele nobunyulu. Kunoko, yinto ayibonakalisayo ngokuzenzekelayo ngeendlela ezibubulungisa nezisesikweni. Kusenokuthiwa ngenxa yokuba uYehova engcwele yaye enyulu, yonke into ayenzayo nayo yonke into evela kuye ibubulungisa. Njengoko iBhayibhile isitsho, “uYehova ulilungisa kuzo zonke iindlela zakhe yaye unyanisekile kuyo yonke imisebenzi yakhe.”—INdumiso 145:17.
6. Wathini uPawulos ngamaYuda athile angakholwayo omhla wakhe, yaye ngoba?
6 Umpostile uPawulos wayibethelela le ngongoma kwincwadi yakhe eya kumaKristu aseRoma. Ngokuphathelele amaYuda athile angakholwayo, wabhala: “Ngenxa yokungabazi ubulungisa bukaThixo kodwa befuna ukuzimisela obabo, abazange bazithobe kubulungisa bukaThixo.” (Roma 10:3) Kwakutheni ukuze uPawulos abhekisele kwaba ‘njengabangabaziyo ubulungisa bukaThixo’? Ngaba babengafundiswanga uMthetho, imilinganiselo yobulungisa kaThixo? Eneneni babeyifundisiwe. Noko ke, inkoliso yabo yayibujonga ubulungisa njengento exhomekeke kumntu ngamnye, nto leyo enokufikelelwa ngokuthobela ngokungqongqo imithetho yonqulo, kunokuba bujongwe njengemilinganiselo yokubakhokela kwindlela abasebenzisana ngayo nabanye. Njengeenkokeli zonqulo zomhla kaYesu, babengayiqondi intsingiselo yokusesikweni nobulungisa.—Mateyu 23:23-28.
7. Bubonakaliswa njani ubulungisa bukaYehova?
7 Ngokwahlukileyo koko, ubulungisa bukaYehova bubonakaliswa yaye bubonakala ngokucacileyo kwindlela abaphatha ngayo abantu. Nangona ubulungisa bakhe buthetha ukungazityesheli izono ezenziwa ngabom, loo nto ayimenzi abe nguThixo onolunya nongenalwazelelelo, isibhovubhovu esingafuni mntu usondelayo. Yena akanjalo, izenzo zakhe zobulungisa ziye zavula ithuba lokuba abantu bakwazi ukusondela kuye baze basindiswe kwimiphumo emibi yesono. Ngoko ke, kufanelekile ukumchaza uYehova ‘njengoThixo olilungisa noMsindisi.’—Isaya 45:21.
Ubulungisa Nosindiso
8, 9. UMthetho wawububonakalisa njani ubulungisa bukaThixo?
8 Ukuze siqonde ulwalamano olukhoyo phakathi kobulungisa bukaThixo nesenzo sakhe sothando sokusindisa, masicinge ngoMthetho awawudlulisela kuhlanga lwakwaSirayeli ngoMoses. Alithandabuzeki elokuba uMthetho wawububulungisa. Kumazwi akhe okugqibela, uMoses wakhumbuza amaSirayeli esithi: “Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo nezigwebo zobulungisa njengalo mthetho wonke ndiwubekayo phambi kwenu namhlanje?” (Duteronomi 4:8) Kwiinkulungwane kamva, uKumkani wakwaSirayeli uDavide wathi: “Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso; zingqineke zibubulungisa ngokupheleleyo.”—INdumiso 19:9.
9 NgoMthetho, uYehova wayenza yacaca imilinganiselo yakhe efezekileyo yokulungileyo nokubi. UMthetho wawuchaza ngokweenkcukacha indlela amaSirayeli ayefanele aziphathe ngayo kungekuphela nje kwimibandela yonqulo kodwa nakwindlela awayephathana ngayo kwezoshishino, emtshatweni, noko bafanele bangakutyi, kuquka nemithetho yococeko nendlela yokugweba. Kwakhona uMthetho wawubagweba ngokuqatha abawophulayo, de ubagwebele ukufa kwiimeko ezithile.a Kodwa ngaba imilinganiselo kaThixo yobulungisa, njengoko iboniswe eMthethweni, yayingqwabalala yaye iluxanduva ebantwini, ibabandeza inkululeko nolonwabo, njengoko besitsho abantu abaninzi namhlanje?
10. Abo babemthanda uYehova babevakalelwa njani ngemithetho yakhe?
10 Abo babemthanda uYehova babeyoliswa yimithetho nemimiselo yakhe yobulungisa. Ngokomzekelo, uKumkani uDavide, akazange ayamkele nje kuphela imithetho kaYehova njengeyinyaniso nebubulungisa, njengoko sesibonile, kodwa wayeyithanda ngokusuk’ entliziyweni yaye ebonakalisa uxabiso ngayo. Ngokuphathelele imithetho nezigwebo zikaYehova, wabhala esithi: ‘Unqweneleka ngakumbi kunegolide, ewe, kunegolide esulungekiswe kakhulu; yaye umnandi ngakumbi kunobusi nencindi yobusi bamanqatha. Kwanomkhonzi wakho umlumkisile; ekuwugcineni kukho umvuzo omkhulu.’—INdumiso 19:7, 10, 11.
11. UMthetho wazingqina njani ‘ungumkhapheli wethu osikhokelela kuKristu’?
11 Kwiinkulungwane kamva, uPawulos wabonisa ukuxabiseka ngakumbi koMthetho. Kwincwadi yakhe eya kwabaseGalati, wabhala: “UMthetho uye waba ngumkhapheli wethu osikhokelela kuKristu, ukuze sivakaliswe singamalungisa ngenxa yokholo.” (Galati 3:24) Ngemihla kaPawulos, umkhapheli yayingumkhonzi okanye ikhoboka kumzi omkhulu. Yayingumsebenzi wakhe ukujonga abantwana nokubakhapha xa besiya esikolweni. Ngokufanayo, uMthetho wawukhusela amaSirayeli kwimikhwa emibi yokuziphatha neyonqulo yeentlanga ezaziwangqongile. (Duteronomi 18:9-13; Galati 3:23) Ngaphezu koko, uMthetho wawukhumbuza amaSirayeli ngemeko yawo yokuba nesono nemfuneko yokuxolelwa nokusindiswa. (Galati 3:19) Imibingelelo yayibonisa imfuneko yedini lentlawulelo yaye yayibonisa ngokwesiprofeto indlela uMesiya wokwenyaniso awayeya kwaziwa ngayo. (Hebhere 10:1, 11, 12) Ngaloo ndlela, ngoxa uYehova wabonakalisa ubulungisa bakhe ngoMthetho, wayecinga ngentlalo-ntle yabantu nokusinda kwabo ngonaphakade.
Abo UThixo Abagqala Bengamalungisa
12. AmaSirayeli ayeya kugqalwa njani ukuba ayewugcine ngenyameko uMthetho?
12 Ekubeni uMthetho owamiselwa nguYehova wawububulungisa ngazo zonke iindlela, ngokuwuthobela amaSirayeli ayeya kugqalwa nguThixo engamalungisa. UMoses wawakhumbuza amaSirayeli njengoko ayesemgubasini wokungena kwiLizwe Lesithembiso esithi: “Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sakunyamekela ukuwenza wonke lo myalelo phambi koYehova uThixo wethu, kanye njengoko esiyalele.” (Duteronomi 6:25) Ukongezelela, uYehova wathembisa: “Nimele niyigcine imithetho yam nemimiselo yam, awothi umntu ozenzayo ezo zinto, aphile ngazo. NdinguYehova.”—Levitikus 18:5; Roma 10:5.
13. Ngaba uYehova wayengekho sikweni xa wafuna abantu bathobele uMthetho wobulungisa? Cacisa.
13 Okulusizi kukuba, njengohlanga, amaSirayeli akazange ‘awenze wonke lo myalelo phambi koYehova’ aze ngaloo ndlela aphulukana neentsikelelo ayezithenjisiwe. Akazange ayigcine yonke imiyalelo kaThixo kuba uMthetho kaThixo wawugqibelele kodwa wona ayengafezekanga. Ngaba oku kuthetha ukuba uThixo akakho sesikweni okanye akalolungisa? Akunjalo konke konke. UPawulos wabhala: “Sithini na, ke ngoko? Ngaba kukho okungekho sikweni kuThixo? Nakanye!” (Roma 9:14) Inyaniso ikukuba abantu abathile, ngaphambi nangasemva kokuba banikwe uMthetho, uThixo wabagqala bengamalungisa nangona babengafezekanga yaye benesono. Kuludwe lwabantu abanjalo kukho noNowa, uAbraham, uYobhi, uRahabhi noDaniyeli. (Genesis 7:1; 15:6; Yobhi 1:1; Hezekile 14:14; Yakobi 2:25) Ngoko ke, umbuzo ngulo: Aba bantu bagqalwa nguThixo bengamalungisa ngasiphi isizinzi?
14. Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi abantu “bangamalungisa”?
14 Xa iBhayibhile isithi abantu “ngamalungisa,” ayithethi ukuba abanasono okanye bafezekile. Kunoko, ithetha ukwenza oko kwamkelekileyo kuThixo nasebantwini. Ngokomzekelo, uNowa wabizwa ngokuba “yindoda elilungisa” yaye “engenasiphoso phakathi kwabantu bexesha lakhe” kuba “wenza ke . . . njengako konke oko uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.” (Genesis 6:9, 22; Malaki 3:18) UZekariya noElizabhete, abazali bakaYohane uMbhaptizi, “babengamalungisa phambi koThixo ngenxa yokuhamba ngokungenakusoleka ngokuvumelana nayo yonke imiyalelo neemfuneko ezisemthethweni zikaYehova.” (Luka 1:6) Yaye igosa lomkhosi elalingenguye nomSirayeli kodwa lingumTaliyane, uKorneli, wayechazwa ‘njengendoda elilungisa nemoyikayo uThixo.’—IZenzo 10:22.
15. Ubulungisa bunxulumene ngokusondeleyo nantoni?
15 Ukongezelela, ubulungisa ebantwini bunxulumene noko kusentliziyweni yaloo mntu—ukholo analo noxabiso nothando lwakhe ngoYehova nezithembiso zakhe—kungekhona ukwenza nje oko uThixo akufunayo. IZibhalo zithi uAbraham “wakholwa ke yena kuYehova; yaye wakubalela kuye oko njengobulungisa.” (Genesis 15:6) UAbraham wayengenalukholo nje kuphela ukuba uThixo ukho kodwa wayekwakholelwa nakwisithembiso sakhe ngokuphathelele “imbewu.” (Genesis 3:15; 12:2; 15:5; 22:18) Ngenxa yesiseko sokholo olunjalo nemisebenzi evisisana nokholo, uYehova wayenokuba nolwalamano noAbraham aze amsikelele kunye nabanye ababethembekile nangona babengafezekanga.—INdumiso 36:10; Roma 4:20-22.
16. Ukuba nokholo kwintlawulelo kuye kwaphumela entwenini?
16 Ekugqibeleni, abantu banokugqalwa bengamalungisa ngenxa yokholo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu. Ethetha ngamaKristu enkulungwane yokuqala, uPawulos wabhala: “Kunjengesipho sesisa ukuvakaliswa kwabo bengamalungisa ngobubele [bukaThixo] obungasifanelanga ngako ukukhululwa ngentlawulelo ngoKristu Yesu.” (Roma 3:24) Apho uPawulos wayethetha ngabo babenyulelwe ukuba ziindlalifa kunye noKristu kuBukumkani basemazulwini. Kodwa idini lentlawulelo likaYesu kwakhona lavulela abantu abaninzi ithuba lokuba ngamalungisa kuThixo. Umpostile uYohane embonweni wabona “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, . . . simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, sambethe imiwunduzo emhlophe.” Imiwunduzo emhlophe ifuzisela ukucoceka nokuba ngamalungisa kwabo kuThixo kuba “bayihlamba imiwunduzo yabo bayenza mhlophe egazini leMvana.”—ISityhilelo 7:9, 14.
Yoliswa Bubulungisa BukaYehova
17. Ngawaphi amanyathelo afanele athatyathwe ukuze siphile ngobulungisa?
17 Ngoxa uYehova ngothando eye wanikela ngoNyana wakhe, uYesu Kristu, ukuze abantu babe ngamalungisa, oko akuzenzekeli. Ubani umele abe nokholo kwintlawulelo, aphile ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo, azahlulele kuYehova aze akufuzisele oko ngokubhaptizwa emanzini. Emva koko, ubani umele aqhubeke ehlakulela ubulungisa, kwakunye nezinye iimpawu zokomoya. UTimoti, umKristu obhaptiziweyo owayeza kuphila ezulwini, wabongozwa nguPawulos: “Phuthuma ubulungisa, uzinikelo lobuthixo, ukholo, uthando, unyamezelo, umoya wobulali.” (1 Timoti 6:11; 2 Timoti 2:22) Kwakhona uYesu wagxininisa imfuneko yokuqhubeka sisenza umgudu xa wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe.” Sisenokuzibhokoxa sifuna iintsikelelo zoBukumkani bukaThixo, kodwa ngaba sizibhokoxa ngokufanayo sizama ukuphila ngeendlela zikaYehova zobulungisa?—Mateyu 6:33.
18. (a) Kutheni kungelula ukuphila ngobulungisa? (b) Sinokufunda ntoni kumzekelo kaLote?
18 Kakade ke, akulula ukuphila ngobulungisa. Oku kungenxa yokuba sonke asifezekanga yaye sityekele ekwenzeni okungalunganga. (Isaya 64:6) Ngapha koko, singqongwe ngabantu abangazikhathalelanga iindlela zikaYehova zobulungisa. Imeko yethu iyafana naleyo kaLote, owayephila kwisixeko esasingendawo saseSodom. Umpostile uPetros wacacisa isizathu sokuba uYehova wabona kufanelekile ukumhlangula uLote kwintshabalalo eyayiza kuza. UPetros wathi: “Lathi elo lungisa, ngokuva nokubona izenzo zabo zokuchas’ umthetho imihla ngemihla, lawuthuthumbisa umphefumlo walo olungisayo.” (2 Petros 2:7, 8) Ngaloo ndlela, ngamnye kuthi ufanele azibuze, ‘Ngaba ngaphakathi ndiyayamkela imikhwa yokuziphatha okubi esiyibonayo? Ngaba ndiziva nje ndingazithandi iindlela zokuzonwabisa okanye imidlalo edumileyo kodwa enobundlobongela? Okanye ndiyathuthunjiswa njengoLote zizenzo ezinjalo ezingebobulungisa?’
19. Ziziphi iintsikelelo esinokuzifumana ukuba siyoliswa bubulungisa bukaThixo?
19 Kule mihla yamanqam neyokungaqiniseki, ukuyoliswa bubulungisa bukaYehova kulunqabiseko nenkuselo. Kumbuzo othi: “Owu Yehova, ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho? Ngubani na oya kuhlala entabeni yakho engcwele?” UKumkani uDavide waphendula: “Ngulowo uhamba ngokungenasiphoso eqhelisela ubulungisa.” (INdumiso 15:1, 2) Ngokuphila ngobulungisa bukaThixo size siyoliswe bubo, sinokuba nolwalamano oluhle naye size siqhubeke simkholisa aze yena asisikelele. Ngaloo ndlela, siya kuphila ubomi bokwaneliseka, bokuzixabisa, sibe noxolo lwengqondo. ILizwi likaThixo lithi: “Osukela ubulungisa nobubele bothando uya kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.” (IMizekeliso 21:21) Ngaphezu koko, ukwenza konke okusemandleni ukuze senze okusesikweni nobulungisa kuzo zonke izinto kuya kubangela ukuba sibe nolwalamano oluhle nabanye nobomi obonwabisayo—ngokuziphatha nangokomoya. Umdumisi wathi: “Banoyolo abo bagcina okusesikweni, abenza ubulungisa lonke ixesha.”—INdumiso 106:3.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumana inkcazelo engakumbi ngoMthetho kaMoses, bona inqaku elithi “Some Features of the Law Covenant [Iinkalo Ezithile Zomnqophiso WoMthetho],” kwiphepha 214-20 kumqulu 2 weInsight on the Scriptures, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Unokucacisa?
• Buyintoni ubulungisa?
• Usindiso lunxulumene njani nobulungisa bukaThixo?
• Abantu bagqalwa bengamalungisa nguThixo ngasiphi isizinzi?
• Sinokuyoliswa njani bubulungisa bukaYehova?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UKumkani uDavide wachaza indlela ayithanda ngayo imithetho kaThixo
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
UThixo wamgqala uNowa, uAbraham, uZekariya noElizabhete noKorneli bengamalungisa. Ngaba uyasazi isizathu?