Lisebenzise Ngobuchule ‘Ikrele Lomoya’
‘Yamkelani ikrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo.’—EFE. 6:17.
1, 2. Yintoni esifanele siyenze njengoko kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi?
AKUBONA indlela izihlwele ezazilambe ngayo ngokomoya, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” UYesu akazange anele nje ngokuthetha la mazwi. Emva kokuba ethethe loo mazwi, “wabiza abafundi bakhe abalishumi elinesibini” waza wabathumela ukuba baye kushumayela okanye baye ‘esivunweni.’ (Mat. 9:35-38; 10:1, 5) Emva koko, uYesu ‘watyumba abanye abangamashumi asixhenxe waza wabathumela ngababini’ ukuba benze lo msebenzi.—Luka 10:1, 2.
2 Nanamhlanje kufuneka abavakalisi boBukumkani abaninzi. Abantu ababeze eSikhumbuzweni ehlabathini lonke kunyaka wenkonzo wowama-2009 bali-18 168 323. Eli nani lingaphezulu kwenani lamaNgqina kaYehova xa ewonke ngezigidi ezili-10. Ngokwenene amasimi amhlophe alungele ukuvunwa. (Yoh. 4:34, 35) Ngoko ke, sifanele sithandaze sicele abasebenzi abangakumbi. Yintoni esinokuyenza ngokuvisisana nesi sicelo? Sifanele sikhuthale kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.—Mat. 28:19, 20; Marko 13:10.
3. Umoya kaThixo usinceda njani ukuba sibe ngabalungiseleli abanobuchule?
3 Kwinqaku elingaphambili kuye kwaxutyushwa indlela umoya kaThixo osinceda ngayo ukuba ‘silithethe ngenkalipho ilizwi likaThixo.’ (IZe. 4:31) Lo moya unokusinceda sibe ngabalungiseleli abanobuchule. Enye indlela esinokubuphucula ngayo ubuchule bethu bokufundisa entsimini, kukusebenzisa kakuhle isixhobo esisinikwe nguYehova uThixo—iLizwi lakhe, iBhayibhile. Iyimveliso yomoya oyingcwele. (2 Tim. 3:16) Esi sigidimi siphefumlelwe nguThixo. Ngoko ukusebenzisa iZibhalo ngobuchule xa sicacisa inyaniso kuthetha ukuba sikhokelwa ngumoya oyingcwele. Ngaphambi kokuba sibone indlela esinokukwenza ngayo oku, masihlolisise indlela elinamandla ngayo elo Lizwi.
‘ILizwi LikaThixo Linamandla’
4. Isigidimi sikaThixo esiseBhayibhileni sinokumtshintsha njani umntu?
4 Linamandla ngokwenene iLizwi okanye isigidimi sikaThixo! (Heb. 4:12) Ngendlela efuziselayo, isigidimi seBhayibhile sibukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elenziwe ngumntu, sahlula amathambo nomongo wawo. Inyaniso yeZibhalo ifikelela nakwezona ndawo zifihlakeleyo emntwini, kwiingcinga nakwiimvakalelo zakhe yaye iveza oko akuko ngaphakathi. Le nyaniso inamandla okuguqula ubomi bomntu. (Funda eyabaseKolose 3:10.) ILizwi likaThixo liyabutshintsha ubomi babantu!
5. Inokusikhokela njani iBhayibhile yaye inokuba yintoni imiphumo yoko?
5 Ngapha koko, ubulumko obufumaneka eBhayibhileni abunakuthelekiswa nanto. Inkcazelo efumaneka kuyo inokubonisa abantu indlela yokujamelana neengxaki zobomi. ILizwi likaThixo alikhanyisi phambi kwethu kuphela, kodwa likhanyisa indlela yonke. (INdu. 119:105) Lisinceda kakhulu xa sineengxaki okanye xa kufuneka sikhethe abahlobo, indlela yokuzonwabisa, umsebenzi, indlela yokunxiba, njalo njalo. (INdu. 37:25; IMize. 13:20; Yoh. 15:14; 1 Tim. 2:9) Xa siphila ngokwemigaqo ekwiLizwi likaThixo, siya kukwazi ukuba nolwalamano oluhle nabanye abantu. (Mat. 7:12; Fil. 2:3, 4) Xa sivumela ilizwi likaThixo likhanyise indlela esihamba kuyo, sitsho sibone imiphumo enokubangelwa zizigqibo esizenzayo. (1 Tim. 6:9) IZibhalo zisichazela injongo kaThixo ngekamva, zize zisincede siphile ngokuvumelana naloo njongo. (Mat. 6:33; 1 Yoh. 2:17, 18) Umntu ovumela ukulawulwa yimigaqo kaThixo uphila ubomi obunenjongo.
6. Inamandla kangakanani iBhayibhile kumlo wethu wokomoya?
6 Kwakhona cinga ngendlela iBhayibhile esisixhobo esinamandla ngayo kumlo wethu wokomoya. UPawulos ubiza ilizwi likaThixo ngokuba ‘likrele lomoya.’ (Funda eyabase-Efese 6:12, 17.) Xa sidluliselwe kakuhle, isigidimi seBhayibhile sinokubakhulula abantu ekukhotyokisweni nguSathana. Kunokuba litshabalalise, eli krele lisindisa ubomi. Ngaba asifanele sizame ukulisebenzisa ngobuchule?
Liphathe Ngokufanelekileyo
7. Kutheni kubalulekile ukufunda indlela yokulisebenzisa kakuhle ‘ikrele lomoya’?
7 Ijoni linokuzisebenzisa kakuhle izixhobo zalo xa liye lafunda indlela yokuzisebenzisa. Kuyafana nangokusebenzisa ‘ikrele lomoya’ kumlo wokomoya. Umpostile uPawulos wathi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.”—2 Tim. 2:15.
8, 9. Yintoni eya kusinceda sikuqonde kakuhle oko kuthethwa yiBhayibhile? Zekelisa.
8 Yintoni enokusinceda ‘siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’ xa sisentsimini? Ukuze sikwazi ukudlulisela kakuhle isigidimi seBhayibhile kwabanye, simele sisazi kakuhle. Oku kuthetha ukuba sifanele sazi umongo wendinyana esiyifundayo. Esinye isichazi-magama sithi, “umongo uwufumana ngokujonga amagama, izivakalisi okanye amabinzana aphambi nasemva kwaloo ndinyana.”
9 Ukuze siqonde iSibhalo ngokuchanileyo, kufuneka sijonge nezinye iindinyana. Umzekelo woku siwufumana kumazwi kaPawulos akumaGalati 5:13. Wathi: “Kambe ke, nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kuphela nje musani ukuyisebenzisa le nkululeko ukuvulela inyama ithuba, kodwa khonzanani ngokuqhutywa luthando.” Yiyiphi le nkululeko awayethetha ngayo uPawulos apha? Ngaba wayethetha ngokukhululeka esonweni nasekufeni, kwiinkolelo zobuxoki okanye wayebhekisela kwenye into? Umongo ubonisa ukuba uPawulos wayethetha ngenkululeko esiba nayo xa ‘sikhululwe kwisiqalekiso soMthetho.’ (Gal. 3:13, 19-24; 4:1-5) Wayethetha ngenkululeko yamaKristu. Abo babeyiqonda le nkululeko babekhonzana beqhutywa luthando. Abo babengenaluthando babegrenyana yaye bexambulisana.—Gal. 5:15.
10. Ukuze siziqonde kakuhle iZibhalo, yiyiphi inkcazelo esifanele siyihlole yaye sinokuyifumana njani?
10 Igama elithi “umongo” linenye intsingiselo. Lidla ngokubhekisela “nakwinkcazelo ebhekele phaya ngombandela othile.” Ukuze siqonde intsingiselo yesibhalo kakuhle sifanele sijonge izinto ezifana nombhali wencwadi yeBhayibhile, ixesha eyabhalwa ngalo neemeko eyabhalelwa phantsi kwazo. Kuluncedo nokwazi injongo yokubhalwa kwaloo ncwadi, izithethe zelo xesha, indlela ababephila ngayo abantu belo xesha nendlela ababenqula ngayo.a
11. Yintoni esifanele siyilumkele xa sicacisa izibhalo?
11 ‘Ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’ akupheleli ekucaciseni nje iZibhalo ngokuchanileyo. Sifanele sikulumkele ukusebenzisa iBhayibhile ukuze soyikise abantu. Nangona sinokusebenzisa iZibhalo ukuze sithethelele inyaniso, njengoko uYesu wenzayo xa elingwa nguMtyholi, asifanele sisebenzise ulwazi lwethu lweBhayibhile ngenjongo yokuhlekisa ngabanye. (Dut. 6:16; 8:3; 10:20; Mat. 4:4, 7, 10) Sifanele sithobele isiluleko sikampostile uPetros, esithi: “Ngcwalisani uKristu njengeNkosi ezintliziyweni zenu, nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.”—1 Pet. 3:15.
12, 13. Ziziphi “izinto ezinqatyisiweyo” ezinokubhukuqwa yinyaniso ekwiLizwi likaThixo? Yenza umzekelo.
12 Xa iLizwi likaThixo liphethwe ngokufanelekileyo, yintoni elinokuyenza? (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 10:4, 5.) Inyaniso yeZibhalo inokubhukuqa “izinto ezinqatyisiweyo,” oko kukuthi, inokubhenca iimfundiso zobuxoki, imikhwa emibi neentanda-bulumko ezisekelwe kubulumko babantu abangafezekanga. Sinokusebenzisa iBhayibhile ukuze sisuse iingcamango ‘eziphakanyiswa nxamnye nolwazi lukaThixo.’ Iimfundiso zeBhayibhile zinokunceda abanye bavisisanise iingcinga zabo nenyaniso.
13 Ngokomzekelo, cinga ngebhinqa laseIndiya elineminyaka engama-93 ubudala. Lafundiswa inkolelo yokuvela ngokutsha liselincinane. Ukuqalisa kwalo ukufunda iBhayibhile ngembalelwano nonyana walo owayehlala phesheya, lazikholelwa izinto elalizifunda ngoYehova nezithembiso zakhe. Noko ke, le mfundiso yokuvela ngokutsha yayisele yendele kangangokuba lachasa xa unyana walo elixelela ngemeko yabafi. Lathi: “Andiyiva le nto ithethwa ziZibhalo. Zonke iinkonzo zifundisa ukuba kukho into ekuthi ngaphakathi engafiyo. Bendisoloko ndikholelwa ukuba umzimba uyafa ize inxalenye yawo engabonakaliyo iye kuvela ngokutsha kweminye imizimba ngokuphindaphindiweyo izihlandlo ezizizigidi ezi-8 400 000. Uthetha ukuba yonke le nto asiyonyaniso? Ngaba iinkonzo ezininzi zikholelwa into engekhoyo?” Ngaba ‘ikrele lomoya’ linokukwazi ukubhukuqa inkolelo eyendele ngolu hlobo? Baxubusha ngalo mbandela ngokusuka eZibhalweni yaye emva kweeveki ezithile eli bhinqa labhala lathi: “Ngoku ndiyayiqonda inyaniso ngokufa. Kundivuyisa kakhulu ukwazi ukuba eluvukweni siya kuphinda sizibone izalamane nabahlobo bethu abafileyo esibathandayo. Akwaba uBukumkani bukaThixo bebuya kukhawuleza bufike.”
Lisebenzise Ngenjongo Yokweyisela Abanye
14. Kuthetha ukuthini ukweyisela abo basiphulaphuleyo?
14 Ukucaphula nje izibhalo entsimini akuthethi kuthi uyisebenzisa ngokuphumelelayo iBhayibhile. UPawulos wathetha ngendlela ‘eyeyiselayo,’ nathi sifanele senjenjalo. (Funda iZenzo 19:8, 9; 28:23.) ‘Ukweyisela’ umntu kuthetha ‘ukumenza avumelane nawe kuloo nto uyithethayo.’ Umntu oweyiselwa entweni “uqiniseka ngayo kangangokude abe nentembelo kuyo.” Xa siseyisela umntu ekubeni akholelwe imfundiso ethile yeBhayibhile, simenza abe nentembelo kuloo mfundiso. Ukuze sikwazi ukwenza oku, kufuneka simenze aqiniseke ukuba loo nto siyithethayo yinyaniso. Oku sinokukwenza ngezi ndlela zilandelayo.
15. Yintoni onokuyenza ukuze uncede abantu bakuhlonele oko kuthethwa eBhayibhileni?
15 Sebenzisa iLizwi likaThixo ngendlela eya kubangela ukuba abantu balihlonele. Xa uchaza isibhalo, zama ukubonisa indlela ekubaluleke ngayo ukwazi imbono kaThixo ngaloo mbandela. Emva kokuba ubuze umninimzi umbuzo waza wakuphendula, usenokuthi, ‘Masibone ukuba uThixo yena uthini ngalo mba.’ Okanye usenokubuza, ‘Iyintoni imbono kaThixo ngalo mbandela?’ Xa sichaza isibhalo ngale ndlela sibethelela ukuba iBhayibhile ivela kuThixo yaye loo nto inokunceda umntu esithetha naye ayixabise. Oku kubalulekile ingakumbi xa sithetha nomntu okholelwa kuThixo kodwa ongayazi kakuhle iBhayibhile.—INdu. 19:7-10.
16. Yintoni enokukunceda uzicacise kakuhle izibhalo?
16 Zicacise izibhalo, ungazifundi nje. UPawulos wayesoloko ‘ezicacisa yaye ezingqina ngeembekiselo’ izinto awayezifundisa. (IZe. 17:3) ISibhalo esinye sinokuba neengongoma ezininzi, ngoko kusenokufuneka ukhethe iingongoma eziyintloko neziza kukunceda kuloo nto uthetha ngayo. Unokukwenza oku ngokuphinda ufunde amazwi abethelela iingongoma eziyintloko okanye ngokubuza imibuzo eza kunceda umninimzi aziqonde. Emva koko, chaza intsingiselo yeso sibhalo. Wakuba uyenzile loo nto, mncede abone indlela anokusisebenzisa ngayo eso sibhalo ebomini bakhe.
17. Unokuqiqa njani ngeZibhalo ngendlela eqinisekisayo?
17 Qiqa ngeZibhalo ngendlela eqinisekisayo. Ebongoza ngokusuka entliziyweni yaye esebenzisa ingqiqo, uPawulos ‘waqiqa nabanye ngeZibhalo.’ (IZe. 17:2, 4) Nawe zama ukufikelela intliziyo yomntu othetha naye. ‘Kutsale kunyuke’ oko kusentliziyweni yakhe ngokusebenzisa imibuzo ebonisa ukuba unomdla kuye. (IMize. 20:5) Kuphephe ukuthetha ngendlela ehlabayo. Mqiqise uze uphendule imibuzo yakhe ngendlela ecacileyo. Zixhase ngobungqina obuvakalayo iimpendulo zakho. Izinto ozithethayo zifanele zisekelwe kwiLizwi likaThixo. Kunokuba ufunde izibhalo ezibini okanye ezithathu ngokukhawuleza, kubhetele usebenzise isibhalo esinye uze usicacise kakuhle. Ukusebenzisa ubungqina obuvakalayo kunokukunceda ‘wongeze ubuciko kwimilebe yakho.’ (IMize. 16:23) Maxa wambi, kusenokufuneka wenze uphando uze ube nenkcazelo eyongezelelekileyo. Ibhinqa elineminyaka engama-93 ubudala ekuthethwe ngalo ngaphambilana lalifuna ukwazi isizathu sokuba ixhaphake kangaka imfundiso yokungafi komphefumlo (okanye umoya). Ukuze leyiseke lize lamkele oko kufundiswa yiBhayibhile kwafuneka eli bhinqa liqale liqonde imvelaphi yale mfundiso nendlela eyafikelela ngayo kwiinkonzo ezininzi ezisehlabathini.b
Qhubeka Ulisebenzisa Ngobuchule
18, 19. Kutheni sifanele siqhubeke silisebenzisa ngobuchule ‘ikrele lomoya’?
18 IBhayibhile ithi, “Imeko yeli hlabathi iyatshintsha.” Abangendawo bahambela phambili ebubini. (1 Kor. 7:31; 2 Tim. 3:13) Ngoko kubalulekile ukuba siqhubeke sibhukuqa “izinto ezinqatyisiweyo” ngokusebenzisa ‘ikrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo.’
19 Sivuya ngokwenene kuba sineLizwi likaThixo iBhayibhile, esinokulisebenzisa ukuze sitshitshise iimfundiso zobuxoki size sifikelele kwabo bantliziyo zinyanisekileyo! Esi sigidimi sinokusiphula neengcambu nezona mfundiso zendeleyo. Ngoko ke, masizimisele ukulisebenzisa ngobuchule ‘ikrele lomoya’ kumsebenzi esiwunikwe nguThixo wokuvakalisa uBukumkani.
[Imibhalo esemazantsi]
a Indlela esinokufumana ngayo inkcazelo eyongezelelekileyo ngeencwadi zeBhayibhile, kukufunda incwadi enjengethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” i-Insight on the Scriptures, namanqaku akwiMboniselo athi “ILizwi LikaThixo Liphilile.”
b Funda incwadana enemifanekiso ethi Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa? kwiphepha 5-16.
Ufunde Ntoni?
• Linamandla kangakanani iLizwi likaThixo?
• Yintoni esinokuyenza ukuze ‘siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’?
• Yintoni enokwenziwa sisigidimi seBhayibhile ‘kwizinto ezinqatyisiweyo’?
• Unokwenza ntoni ukuze ufundise ngokweyiselayo entsimini?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]
Indlela Yokusebenzisa ILizwi LikaThixo Ngokweyiselayo
▪ Zama ukwenza abanye bayihlonele iBhayibhile
▪ Cacisa iZibhalo
▪ Qiqa ngendlela eza kufikelela iintliziyo zabanye
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Funda ukulisebenzisa kakuhle ‘ikrele lomoya’