Sinokuyisebenzisa Njani Imihla Yethu Ngendlela Eyamkelekileyo KuYehova?
“Izolo, kulahleke iiyure ezimbini ezinjengegolide, phakathi kokuphuma nokutshona kwelanga, nganye iyilwe yimizuzu engamashumi amathandathu anjengedayimani. Akukho sipho sithenjiswayo, kuba azisayi kuphinda zifumaneke!”—Lydia H. Sigourney, umbhali waseMerika (1791-1865).
IMIHLA yobomi bethu ibonakala imbalwa kwaye idlula ngokukhawuleza. Umdumisi uDavide wacinga ngobufutshane bobomi waza wathandaza wathi: “Owu Yehova, ndibangele ndisazi isiphelo sam, nomlinganiselo weentsuku zam—uyintoni na, ukuze ndazi ukuba bufutshane kangakanani na ubomi bam. Khangela! Iintsuku zam uzenze zambalwa; nobude bobomi bam abunto phambi kwakho.” Into eyayibalulekile kuDavide kukuphila ngendlela emkholisayo uThixo, ngamazwi nangezenzo. Echaza indlela awayexhomekeke ngayo kuThixo, wathi: “Ndilindele kuwe.” (INdumiso 39:4, 5, 7) UYehova wamphulaphula. Ngokwenene wayiqwalasela imisebenzi kaDavide waza wamvuza ngokufanelekileyo.
Kulula ukuhlala sixakekile imini yonke nokuphila ubomi obumaxhaphetshu. Oku kusenokuxhalabisa kakhulu, ngokukodwa xa kukho izinto ezininzi kangaka esimele sizenze ngethutyana nje elingephi. Ngaba nathi sinenkxalabo efana nekaDavide—sixhalabele ukukholisa uThixo? Alithandabuzeki elokuba uYehova uyasibona kwaye uhlolisisa ngamnye kuthi. UYobhi, indoda eyayisoyika uThixo, yavuma kwiminyaka engama-3 600 eyadlulayo ukuba uYehova wayezibona iindlela zayo yaye ebala onke amanyathelo akhe. UYobhi wabuza lo mbuzo-buciko: “Ndiya kumphendula ndithini na, xa efuna ingxelo?” (Yobhi 31:4-6, 14) Sinako ukwenza imihla yethu imkholise uThixo ngokubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala, ngokuthobela imiyalelo yakhe nangokulisebenzisa ngobulumko ixesha lethu. Makhe siqwalasele le mibandela.
Izinto Zokomoya Mazize Kuqala
IZibhalo eziphefumlelweyo zisibongoza ukuba sibeke izinto zokomoya kwindawo yokuqala xa zisithi: “Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.” Ziziphi ezo zinto zibalulekileyo? Impendulo ibandakanya “ulwazi oluchanileyo nokuqonda okupheleleyo.” (Filipi 1:9, 10) Ukuze sizuze ulwazi ngeenjongo zikaYehova sifanele silisebenzise kakuhle ixesha lethu. Noko ke, ukubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala kuya kusiqinisekisa ngobomi obunomvuzo nobanelisayo.
Umpostile uPawulos usikhumbuza ukuba ‘siqhubeke siqinisekisa ngoko kwamkelekileyo eNkosini.’ Ukuze siqiniseke sifanele sihlolisise iintshukumisa neminqweno yentliziyo yethu. Lo mpostile uhlabela mgama esithi: “Qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.” (Efese 5:10, 17) Ngoko ke, yintoni eyamkelekileyo kuYehova? Umzekeliso weBhayibhile uyaphendula: “Ubulumko yinto eyintloko. Zuza ubulumko; kunye nako konke oko ukuzuzayo, zuza ukuqonda. Buhloniphe kakhulu, kwaye buya kukuphakamisa.” (IMizekeliso 4:7, 8) UYehova uyavuya xa umntu efumana aze asebenzise ubulumko bobuthixo. (IMizekeliso 23:15) Iinzuzo zobulumko obunjalo kukuba akukho mntu unokubuhlutha okanye abutshabalalise. Eneneni, buyasilondoloza buze busikhusele ‘endleleni embi nasemntwini othetha izinto ezigwenxa.’—IMizekeliso 2:10-15.
Ngoko ke, hayi indlela ekububulumko ngayo ukuxhathisa naluphi na utyekelo lokuyekelela kwizinto zokomoya! Kufuneka sihlakulele isimo sengqondo sokuba noxabiso ngoko kuthethwa nguYehova size simoyike. (IMizekeliso 23:17, 18) Ngoxa utyekelo lwengqondo olunjalo lunokufunyanwa nangaliphi na ixesha ebomini, kuhle ukuqala siselula ukulandela eli khondo lilungileyo nokubethelela imigaqo yeBhayibhile kubuntu bethu. UKumkani uSolomon owayesisilumko uthi: “Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.”—INtshumayeli 12:1.
Eyona ndlela isondeleyo yokuhlakulela uxabiso ngoYehova kukuthandaza kuye yonke imihla. UDavide wakuqonda ukubaluleka kokuzityand’ igila kuYehova, kuba wambongoza esithi: “Wuve umthandazo wam, Yehova, uze ukubekele indlebe ukukhalela kwam uncedo. Kwiinyembezi zam musa ukuthi cwaka.” (INdumiso 39:12) Ngaba maxa wambi ukusondela kuThixo kuchukumisa iimvakalelo zethu kangangokuba zide zihle iinyembezi? Enyanisweni, okukhona sithetha noYehova ngezinto zethu ezinzulu yaye sicamngca ngeLizwi lakhe, kokukhona esondela kuthi.—Yakobi 4:8.
Funda Ukuthobela
Enye indoda yokholo eyayiqonda ukuba ixhomekeke kuThixo yayinguMoses. NjengoDavide, uMoses wayebona ukuba ubomi buzaliswe ngamahlandinyuka. Ngoko ke, wabongoza uThixo ukuba ambonise ‘indlela yokubala imihla yakhe ngendlela yokuba azuze intliziyo yobulumko.’ (INdumiso 90:10-12) Ubani wayenokuba nentliziyo enobulumko kuphela xa efunda yaye ephila ngokuvisisana nemithetho nemigaqo kaYehova. UMoses wayekwazi oku ibe wazabalazela ukuyibethelela loo nyaniso ibalulekileyo kuhlanga lwakwaSirayeli ngokuphinda alufundele imithetho nemigaqo kaThixo ngaphambi kokuba lungene kwiLizwe Lesithembiso. Nawuphi na ukumkani ongumntu oza kunyulwa nguYehova ukuba alawule uSirayeli wayemele azibhalele uMthetho aze awufunde yonke imihla yobomi bakhe. Ngoba? Ukuze afunde ukumoyika uThixo. Olo yayiza kuba luvavanyo lokuthobela kwaloo kumkani. Kwakuza kumenza angaziphakamisi kubazalwana bakhe kuze kwandise imihla yokulawula kwakhe. (Duteronomi 17:18-20) Esi sithembiso saphindwa xa uYehova wathi kunyana kaDavide uSolomon: “Ukuba uya kuhamba ezindleleni zam ngokugcina imimiselo yam nemiyalelo yam, kanye njengoko uDavide uyihlo wahambayo, ndiya kuyolula nemihla yakho.”—1 Kumkani 3:10-14.
Ukuthobela kungumbandela onzulu kuThixo. Ukuba besinokuzibetha ngoyaba ezinye zezinto ezifunwa nguYehova size siyigqale imiyalelo yakhe njengengabalulekanga, ngokuqinisekileyo ebeya kusibona eso simo sengqondo. (IMizekeliso 15:3) Ukwazi oku kufanele kusenze silujonge njengolubalulekileyo lonke ulwalathiso lukaYehova, nangona ukwenjenjalo kungayi kusoloko kulula. USathana wenza konke okusemandleni ukuze ‘axabe endleleni yethu’ njengoko sizabalazela ukuthobela imithetho nemiyalelo kaThixo.—1 Tesalonika 2:18.
Kubaluleke gqitha ukuthobela isiluleko seZibhalo sokuhlanganisana ukuze sinqule yaye sibe nobudlelane. (Duteronomi 31:12, 13; Hebhere 10:24, 25) Ngoko ke, sifanele sizibuze: ‘Ngaba ndizimisele yaye ndinomonde wokwenza oko kuyimfuneko?’ Ukutyeshela ukunxulumana nokufundiswa kwiintlanganiso zamaKristu ngenxa yokuzama ukuzifunela imali engakumbi kunokulwenza buthathaka ulwalamano lwethu noYehova. Umpostile uPawulos wabhala: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo. Kuba [uYehova] uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’” (Hebhere 13:5) Ukuyithobela ngokulula imithetho kaYehova kubonisa intembelo esinayo yokuba uya kukwazi ukusinyamekela.
UYesu wafunda ukuthobela yaye oko kwamnceda. Nathi sinokwenjenjalo. (Hebhere 5:8) Okukhona sihlakulela ukuthobela, kokukhona kuya kuba lula ukuthobela nezona zinto zincinane. Liyinyaniso elokuba, ngenxa yengqibelelo yethu, kusenokufuneka sijamelane nokuphathwa kwakubi ngabanye. Oku kusenokuba njalo ingakumbi emsebenzini, esikolweni okanye kwikhaya elahluleleneyo ngonqulo. Sekunjalo, ayintuthuzelo amazwi abhekiselwa kumaSirayeli, xa kwathiwa, ukuba ‘ayemthanda uYehova ngokuliphulaphula ilizwi lakhe nokunamathela kuye, uya kuba bubomi bawo nokolulwa kwemihla yawo.’ (Duteronomi 30:20) Nathi sithenjiswa okufanayo.
Lisebenzise Ngobulumko Ixesha
Ukulisebenzisa ngobulumko ixesha lethu kuya kusinceda sikwazi ukusebenzisa imihla yethu ngendlela eyamkelekileyo kuYehova. Ngokungafaniyo nemali enokulondolozwa, ixesha lifanele lisetyenziswe kungenjalo liya kulahleka. Mzuzu ngamnye odlulayo awusoze uphinde ubuye. Ekubeni sisoloko sinezinto ezininzi esifanele sizenze, ngaba ixesha lethu silichitha kwizinto eziya kusinceda ebomini? Olona sukelo luyintloko lwawo onke amaKristu kufanele ibe kukuba nenxaxheba rhoqo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.—Mateyu 24:14; 28:19, 20.
Ixesha silisebenzisa ngobulumko, kuphela emva kokuba sisazi ukubaluleka kwalo. Ngesizathu esifanelekileyo, eyabase-Efese 5:16 isibongoza ukuba ‘sizongele ixesha,’ yaye oku kuthetha “ukulithenga,” kwizinto ezingabalulekanga kangako. Oku kuthetha ukunciphisa izinto ezity’ ixesha. Ukuchitha ixesha elide siphambi komabonwakude okanye kwe-Internet, sifunda iincwadi zehlabathi ezingeyonzuzo, okanye ukuzihlaziya nokuzonwabisa ngokugqithiseleyo kunokusishiya sidiniwe. Ukongezelela, ukuziqwebela izinto eziphathekayo ngokugqithiseleyo kunokutya ixesha elifunekayo ukuze sizifunele intliziyo enobulumko.
Abantu abakhuthaza ukusetyenziswa kakuhle kwexesha bathi: “Akunakwenzeka ukuba ulisebenzise kakuhle ixesha lakho ngaphandle kokuzibekela usukelo oluthile.” Bacebisa ukuba ubani asebenzise le migaqo mihlanu xa ezibekela usukelo: lufanele lucace, lube nomlinganiselo, lufikeleleke, lube sengqiqweni luze lubekelwe ixesha lokulufikelela.
Usukelo lokuqala olubalulekileyo kukuphucula ufundo lwethu lweBhayibhile. Inyathelo lokuqala kukuzibekela usukelo olucacileyo—ukufunda iBhayibhile yonke. Inyathelo elilandelayo kukwenza usukelo lwethu lube nomlinganiselo. Ngokwenjenjalo, sinokuyibona inkqubela esiyenzayo. Usukelo lufanele lusenze sizibhokoxe luze lube yinzuzo. Lufanele lukwazi ukufikeleleka luze lube sengqiqweni. Sifanele sinikele ingqalelo kumandla, ubuchule nakwixesha esinalo. Kwabathile, kusenokufuneka ixesha elingakumbi ukuze bafikelele usukelo lwabo. Ekugqibeleni, usukelo lwethu lufanele luhambisane nexesha esizibekele lona. Ukuzibekela ixesha lokwenza okuthile kunokusikhuthaza ngakumbi ukuba siyigqibe loo nto.
Onke amalungu entsapho yaseBheteli asebenza kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova okanye kwelinye lamasebe ehlabathini lonke, anosukelo olucacileyo lokufunda yonke iBhayibhile ebudeni bonyaka wawo wokuqala eBheteli. Ayaqonda ukuba ukufunda iBhayibhile ngendlela ezuzisayo kuwenza akhule ngokomoya aze abe nolwalamano olusondeleyo noYehova, owafundisa oko kuyinzuzo kuwo. (Isaya 48:17) Ngaba nathi sinokuzibekela usukelo lokufunda iBhayibhile rhoqo?
Iinzuzo Zokusebenzisa Imihla Yethu Ngendlela Eyamkelekileyo
Ukunikela ingqalelo eyintloko kwizinto zokomoya kuya kusizisela iintsikelelo ezininzi. Enye yazo, lulwaneliseko lokuziva ufeze lukhulu nokuba nenjongo ebomini. Ukuthetha noYehova rhoqo ngomthandazo onyanisekileyo kusenza sisondele kuye. Ukuthandaza kubonisa ukuba sinentembelo kuye. Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezilungiselelwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi” kubonisa ukuba siyafuna ukumphulaphula uThixo njengoko ethetha nathi. (Mateyu 24:45-47) Oku kusinceda sifumane intliziyo enobulumko ukuze sikwazi ukwenza izigqibo nokhetho olufanelekileyo ebomini.—INdumiso 1:1-3.
Kuyasivuyisa ukuthobela imiyalelo kaYehova, kuba ukwenjenjalo akuloxanduva. (1 Yohane 5:3) Njengoko sisebenzisa suku ngalunye ngendlela eyamkelekileyo kuYehova, someleza ulwalamano lwethu naye. Yaye sibaxhasa ngokomoya abazalwana bethu abangamaKristu. Izenzo ezinjalo zimenza uYehova uThixo abe nemihlali. (IMizekeliso 27:11) Yaye uYehova uya kukholiswa sithi ngoku nangonaphakade, nto leyo engumvuzo omkhulu!
[Umfanekiso okwiphepha 21]
AmaKristu azixabisa gqitha izinto zokomoya
[Imifanekiso ekwiphepha 22]
Ngaba ulisebenzisa ngobulumko ixesha lakho?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Someleza ulwalamano lwethu noYehova njengoko sisebenzisa imihla yethu ngendlela eyamkelekileyo kuye