“Isiqhamo Somoya” Siyamzukisa UThixo
“UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi.”—YOH. 15:8.
1, 2. (a) Ngawaphi amathuba asivelelayo okukhuthaza abanye abantu? (b) Sisiphi isipho esivela kuYehova esisenza siphucule indlela esimkhonza ngayo?
KHAWUCINGE ngale mizekelo mibini: Udade uphawula ukuba omnye udade oselula ubonakala enento emphazamisayo engqondweni. Ulungiselela ukusebenza naye entsimini. Njengoko bencokola besuka kwenye indlu besiya kwenye, lo dade uselula umchazela into emkhathazayo. Kamva xa lo dade uselula ethandaza, ubulela uYehova ngomdla oqhutywa luthando aye wanawo lo dade ukhulileyo; yiloo nto kanye abeyifuna. Kwelinye icala, isibini sisandul’ ukufika sivela kushumayela kwilizwe lasemzini. Ethekweni, njengoko sibalisa amava ngemincili, kukho umzalwana oselula ophulaphule ngomdla. Kwiminyaka ethile kamva, njengoko elungiselela ukuya kwesakhe isabelo esikwelinye ilizwe, ucinga ngesi sibini nangencoko eyamenza wafuna ukuba ngumthunywa wevangeli.
2 Mhlawumbi le mizekelo ikukhumbuza ngomntu obe nefuthe kubomi bakho okanye ngomntu oye wena walulutho kubomi bakhe. Kakade ke, kunqabile ukuba incoko enye nje itshintshe ubomi bomntu, kodwa suku ngalunye, siba namathuba okukhuthaza nokomeleza abanye abantu. Masithi bekukho into ebiya kuphucula ubuchule kunye neempawu onazo, ikwenze ube luncedo ngakumbi kubazalwana bakho kwaye ube lulutho nakuThixo. Ibiya kuba ntle loo nto, akunjalo? Eneneni, uYehova uyasinika isipho esinjalo—umoya oyingcwele wakhe. (Luka 11:13) Njengoko umoya kaThixo usebenza kubomi bethu, usenza sibe neempawu ezintle eziphucula zonke iinkalo zenkonzo esiyinikela kuThixo. Ngokwenene esi sisipho esingenakuthelekiswa nanto!—Funda eyabaseGalati 5:22, 23.
3. (a) Ukuhlakulela kwethu “isiqhamo somoya” kumzukisa njani uThixo? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?
3 Iimpawu eziveliswa ngumoya oyingcwele zibonisa ubuntu bukaYehova uThixo, onguMthombo walo moya. (Kol. 3:9, 10) UYesu wabonisa isizathu esiyintloko sokuba amaKristu emele azabalazele ukuxelisa uThixo xa wathi kubapostile bakhe: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi.”a (Yoh. 15:8) Njengoko sihlakulela “isiqhamo somoya,” imiphumo ibonakala ngokucacileyo kwindlela esithetha nesenza ngayo izinto; yaye loo nto izukisa uThixo. (Mat. 5:16) Ziziphi iindlela isiqhamo somoya esahluke ngazo kwimikhwa yeli hlabathi likaSathana? Sinokusihlakulela njani isiqhamo somoya? Kutheni kulucelomngeni nje ukwenjenjalo? Le mibuzo siza kuyiphendula xa sixubusha ngeenkalo ezintathu zesiqhamo somoya—uthando, uvuyo noxolo.
Uthando Olusekelwe Kumgaqo Ophakamileyo
4. UYesu wabafundisa ukuba babe nothando olunjani abalandeli bakhe?
4 Uthando oluveliswa ngumoya oyingcwele lwahluke ngendlela ephawulekayo kuthando oluqhelekileyo kweli hlabathi. Njani? Lusekelwe kumgaqo ophakamileyo. UYesu wawubalaselisa lo mahluko kwiNtshumayelo yaseNtabeni. (Funda uMateyu 5:43-48.) Wathi kwanaboni baphila ngomgaqo othi ikhotha eyikhothayo, engayikhothiyo iyayixathula. “Uthando” olunjalo alubandakanyi ukuzincama kokwenene kodwa lukukwenzelana izinwe nje kuphela. Ukuba sifuna ‘ukuzingqina singoonyana bakaBawo osemazulwini,’ simele sahluke. Kunokuba siphathe abantu ngendlela abasiphatha ngayo, simele sibajonge size sibaphathe ngendlela uYehova abajonga nabaphatha ngayo. Kodwa ke, inokwenzeka njani into yokuba sithande iintshaba zethu ngendlela uYesu awasiyalela ngayo?
5. Sinokubathanda njani abo basitshutshisayo?
5 Khawucinge ngalo mzekelo useBhayibhileni. Xa uPawulos noSilas babeshumayela eFilipi, babanjwa, babethwa kanobom, baphoswa entolongweni baza babotshwa iinyawo esitokisini. Kusenokwenzeka nokuba kuyo yonke loo nto, babeye badlakazeliswa nangumgcini-ntolongo. Xa bakhululeka bengalindelanga ngenxa yenyikima, ngaba baye bavuyela ithuba lokubuyis’ izitya kuloo ndoda? Akunjalo. Ukuxhalabela kwabo impilo-ntle yayo—uthando lwabo olwalukhatshwa kukuzincama—kwabenza bakhawuleza ukuyinceda, nto leyo eyaphumela ekubeni yona nendlu yayo yonke babe ngamakholwa. (IZe. 16:19-34) Abazalwana bethu abaninzi kula maxesha baye benza into efanayo ‘ngokubasikelela abo batshutshisayo.’—Roma 12:14.
6. Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo uthando olukhatshwa kukuzincama kubazalwana bethu? (Bona ibhokisi ekwiphepha 21.)
6 Ukuthanda kwethu amanye amakholwa akupheleli apho. “Simele sinikele imiphefumlo yethu ngenxa yabazalwana bethu.” (Funda eyoku-1 kaYohane 3:16-18.) Noko ke, zidla ngokubakho iindlela ezingephi esinokubonisa ngazo uthando. Ngokomzekelo, ukuba sithetha okanye senza into ecaphukisa umzalwana, sinokubonisa uthando ngokuba ngabokuqala ukuthatha inyathelo lokudala uxolo. (Mat. 5:23, 24) Kuthekani ukuba sithi abacatshukiswayo? Ngaba ‘sikulungele ukuxolela,’ okanye ngaba maxa wambi siye sibe nenqala? (INdu. 86:5) Uthando olunamandla oluveliswa ngumoya oyingcwele lunokusinceda sigubungele iimpazamo ezingephi, sibaxolele ngesisa abanye abantu ‘kanye njengoko uYehova wasixolela ngesisa’ nathi.—Kol. 3:13, 14; 1 Pet. 4:8.
7, 8. (a) Ukuthanda abantu kudibene njani nokuthanda uThixo? (b) Sinokwenza njani ukuze simthande ngakumbi uYehova? (Jonga umfanekiso ongezantsi.)
7 Sinokwenza njani ukuze sibathande abazalwana bethu yaye sikulungele ukuzincama ngenxa yabo? Ngokumthanda nangakumbi uThixo. (Efe. 5:1, 2; 1 Yoh. 4:9-11, 20, 21) Ukuchitha ixesha noYehova sifunda iBhayibhile, sicamngca yaye sithandaza kondla iintliziyo zethu yaye kusenza simthande nangakumbi uBawo wethu osezulwini. Noko ke, kufuneka sizongele ixesha ukuze sisondele kuThixo.
8 Ngokomzekelo: Masithi besikwazi ukufunda iLizwi likaThixo, sicamngce ngalo, size sithandaze kuYehova ebudeni beyure ethile kuphela suku ngalunye. Ngaba ubungayi kuqiniseka ukuba akukho nto iphazamisa elo xesha lokuba kunye noYehova? Kakade ke, akakho umntu onokusibekela imiqathango ngokuthandaza kuThixo, kwaye inkoliso yethu inokufunda iBhayibhile nanini na ifuna. Kodwa ke, kunokufuneka sithathe amanyathelo ukuze izinto zemihla ngemihla zingaphazamisi ixesha lokuba kunye noThixo. Ngaba suku ngalunye uzongela ixesha elininzi kangangoko kunokwenzeka ukuze usondele kuYehova?
‘Uvuyo Lomoya Oyingcwele’
9. Lubalasele ngantoni uvuyo oluveliswa ngumoya oyingcwele?
9 Enye yezinto esibalasele ngazo isiqhamo somoya kukukwazi ukuhlala sikho naphantsi kwaziphi na iimeko. Uvuyo, oluyinkalo yesibini esiza kuthetha ngayo, luyibonisa kakuhle le nto. Uvuyo lunjengesityalo esomeleleyo esikwaziyo ukuchuma naphantsi kwemeko-bume engentle. Emhlabeni jikelele, abakhonzi bakaThixo abaninzi baye ‘bamkela ilizwi phantsi kwembandezelo enkulu ngovuyo lomoya oyingcwele.’ (1 Tes. 1:6) Abanye bahlangabezana nobunzima nokulahlekelwa zizinto. Sekunjalo, uYehova ubanika amandla ngomoya wakhe ‘ukuze banyamezele ngokupheleleyo baze bazeke kade umsindo benovuyo.’ (Kol. 1:11) Luvela phi olu vuyo?
10. Luvela phi uvuyo lwethu?
10 Ngokwahlukileyo “kubutyebi obungaqinisekanga” behlabathi likaSathana, ubuncwane bokomoya esibufumene kuYehova buhlala buhleli. (1 Tim. 6:17; Mat. 6:19, 20) Ubeke phambi kwethu ithemba elivuyisayo lobomi obungunaphakade. Sivuyiswa kukuba yinxalenye yobuzalwana bamaKristu obusehlabathini jikelele. Ukongezelela koko, uvuyo lwethu lusekelwe kulwalamano esinalo noThixo. Sivakalelwa ngendlela awayevakalelwa ngayo uDavide, owathi nangona wayephila ubomi bentshontsho, wadumisa uYehova ngokucula le ngoma: “Ngenxa yokuba ububele bakho bothando bulunge ngakumbi kunobomi, imilebe yam iya kukuncoma. Ngaloo ndlela ndiya kukubonga ebudeni bexesha lokudla kwam ubomi.” (INdu. 63:3, 4) Kwanaxa sifikelwa bubunzima, iintliziyo zethu ziye zifune ukudumisa uThixo ngovuyo.
11. Kutheni kubalulekile ukuba sikhonze uYehova sivuya?
11 Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu esithi: “Hlalani ninemihlali eNkosini. Ndiyaphinda ndithi, Yibani nemihlali!” (Fil. 4:4) Kutheni kubalulekile ukuba amaKristu akhonze uYehova evuya? Kungenxa yembambano eyaphakanyiswa nguSathana ngolongamo lukaYehova. USathana uthi akakho umntu omkhonza ngentliziyo evumayo uThixo. (Yobhi 1:9-11) Ukuba besinokukhonza uYehova kuba siziva sibophelelekile kodwa singavuyi, umbingelelo wethu wendumiso ubungayi kwanela. Ngoko sizama ukuthobela isibongozo somdumisi esithi: “Mkhonzeni uYehova ninemihlali. Ngenani phambi kwakhe ngentswahla yovuyo.” (INdu. 100:2) Inkonzo evela kwintliziyo evuyayo nevumayo iyamzukisa uThixo.
12, 13. Yintoni esinokuyenza ukuze silwe neemvakalelo ezingakhiyo?
12 Noko ke, sinokuyilindela into yokuba kwanabakhonzi bakaYehova abazinikeleyo maxa wambi badimazeke kuze kube nzima kubo ukuba nembono entle ngezinto. (Fil. 2:25-30) Yintoni enokusinceda ngamaxesha anjalo? Eyabase-Efese 5:18, 19 ithi: “Hlalani nizaliswa ngumoya, nithetha omnye komnye ngeendumiso nemibongo kuThixo nangeengoma zokomoya, nivumela yaye nidlalela uYehova umculo ezintliziyweni zenu.” Sinokulisebenzisa njani eli cebiso?
13 Xa sisonganyelwa ziimvakalelo ezingakhiyo, sinokwenza izibongozo kuYehova ngomthandazo size sizame ukucamngca ngezinto ezincomekayo. (Funda eyabaseFilipi 4:6-9.) Abanye bafumanisa ukuba ukucula kunye neengoma zoBukumkani ezirekhodiweyo kuyabahlaziya baze bakwazi nokucinga izinto ezakhayo. Umzalwana okhe wahlelwa yinto ebuhlungu emenze wasala ekhubekile yaye edimazekile ukhumbula oku: “Ukongezelela ekuphalazeni intliziyo yam xa ndithandaza, ndiye ndazama ukuba ndazi iingoma zoBukumkani ezimbalwa ngentloko. Ukuculela uYehova ezi ndumiso zimnandi ngokuvakalayo okanye entliziyweni kundenze ndanoxolo lwangaphakathi. Enye into, nencwadi ethi Sondela KuYehova yakhululwa malunga nelo xesha. Ndayifunda kabini kunyaka owalandelayo. Ndandingathi ndiqabe iyeza elidambisa iintlungu entliziyweni yam. Ndiyazi ukuba uYehova wayisikelela imigudu yam.”
“Umxokelelwane Omanyanisayo Woxolo”
14. Yintoni ephawulekayo ngoxolo oluveliswa ngumoya oyingcwele?
14 Abazalwana abaneemvelaphi ezahlukeneyo abaya kwiindibano zethu zezizwe ngezizwe baye bayive indlela obufudumele ngayo ubudlelane bethu njengamaKristu. Ezi ndibano zibonisa enye inkalo yoxolo olufunyanwa ngabantu bakaThixo namhlanje—umanyano olusehlabathini jikelele. Ababukeleyo badla ngokumangaliswa kukubona abantu ekulindeleke ukuba babe yinyoka nesele ‘bekuzabalazela ngokunyamekileyo ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.’ (Efe. 4:3) Olu manyano luyinto ephawulekayo xa ucinga ngezinto ekuye kwafuneka abaninzi bazilwe.
15, 16. (a) UPetros wayenayiphi imvelaphi, ibe yaba yingxaki njani kuye? (b) UYehova wamnceda njani uPetros ukuba atshintshe isimo sengqondo awayenaso?
15 Kunzima ukumanyanisa abantu abaneemvelaphi ezingafaniyo. Ukuze siqonde izinto esimele sizilwe ngaphambi kokuba simanyane, makhe sixubushe ngomzekelo wenkulungwane yokuqala, umpostile uPetros. Isimo sengqondo awayenaso ngabantu beeNtlanga ababengolukanga sivakala kumazwi awawathethayo esithi: “Niyazi kakuhle indlela ekungekho mthethweni ngayo ngomYuda ukuba azibandakanye okanye asondele kumntu wesinye isizwe; ukanti mna uThixo undibonise ukuba ndifanele ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi okanye akahlambulukanga.” (IZe. 10:24-29; 11:1-3) Ngenxa yembono yoninzi lwabantu ngelo xesha, kuyabonakala ukuba uPetros wakhula ekholelwa ukuba uMthetho wawumnyanzela ukuba athande amaYuda akowabo kuphela. Kusenokwenzeka ukuba kuye kwakungekho nto ityhulu ngokujonga abeeNtlanga njengeentshaba ezazifanelwe zithiywe.b
16 Khawuthelekelele nje indlela amele ukuba wayengakhululekanga ngayo uPetros njengoko wayengena kwikhaya likaKorneli. Ngaba kwakunokwenzeka ukuba indoda eyayikade ingabaginyi ncam abeeNtlanga ikwazi ‘ukumanyaniswa nabo ndawonye ngemvisiswano’ “kumxokelelwane omanyanisayo woxolo”? (Efe. 4:3, 16) Ewe, kuba kwiintsuku ezimbalwa ngaphambili, umoya kaThixo wawuye wayivula intliziyo kaPetros, wamenza waqalisa ukutshintsha isimo sengqondo awayenaso waza waloyisa ikhethe. Embonweni, uYehova wayenza yacaca kuye into yokuba uThixo akajongi bala okanye uhlanga xa ejonga abantu. (IZe. 10:10-15) Ngenxa yoko, uPetros wathi kuKorneli: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZe. 10:34, 35) UPetros watshintsha, waza wayiyo ngokwenene inxalenye ‘yomanyano lwabazalwana luphela.’—1 Pet. 2:17.
17. Umanyano lwabantu bakaThixo lubalasele ngayiphi indlela?
17 Okwenzeka kuPetros kusenza siluqonde size siluxabise utshintsho olwenzeka kubantu bakaThixo namhlanje. (Funda uIsaya 2:3, 4.) Izigidi zabantu ‘eziphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi’ ziye zatshintsha indlela ezicinga ngayo ukuze zihambisane ‘nokulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (ISityhi. 7:9; Roma 12:2) Uninzi lwabo lwalukhe lwaphenjelelwa yintiyo, ubutshaba neeyantlukwano zehlabathi likaSathana. Kodwa ngenxa yokufunda iLizwi likaThixo nokuncedwa ngumoya oyingcwele, luye lwafunda ‘ukusukela izinto ezisingisa eluxolweni.’ (Roma 14:19) Umanyano olubangelwa yiloo nto luyamzukisa uThixo.
18, 19. (a) Yintoni enokwenziwa nguye ngamnye wethu ukuze abe negalelo kuxolo nomanyano ebandleni? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo?
18 Yintoni enokwenziwa nguye ngamnye wethu ukuze abe negalelo kuxolo nomanyano olufumaneka kubantu bakaThixo? Amabandla amaninzi anabantu abavela kwamanye amazwe. Abanye kusenokwenzeka ukuba banezithethe ezahlukileyo okanye abaluthethi kakuhle ulwimi lwethu. Ngaba uye uzame ukubazi? ILizwi likaThixo likhuthaza ukuba wenjenjalo. Xa uPawulos wayebhalela ibandla laseRoma, elalinamakholwa angamaYuda naweeNtlanga, wathi: “Yamkelanani, kanye njengokuba noKristu wasamkelayo nathi, ngokubhekisele kuzuko lukaThixo.” (Roma 15:7) Ngaba ukho umntu onokuzama ukumazi kwibandla okulo?
19 Yintoni enye esinokuyenza ukuze umoya oyingcwele usebenze kubomi bethu? Inqaku elilandelayo liza kuwuphendula lo mbuzo kuba liza kuxubusha iinkalo eziseleyo zesiqhamo somoya.
[Imibhalo esemazantsi]
a Isiqhamo awayethetha ngaso uYesu siquka “isiqhamo somoya” kunye ‘nesiqhamo semilebe’ esinikelwa ngamaKristu kuThixo ngomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.—Heb. 13:15.
b ILevitikus 19:18 ithi: “Uze ungaphindezeli okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu; yaye uze ulithande idlelane lakho njengawe siqu.” Iinkokeli zonqulo zamaYuda zazisithi ibinzana elithi “oonyana babantu bakowenu” nelithi “idlelane lakho” ayebhekisela kumaYuda kuphela. UMthetho wawufuna ukuba amaSirayeli azikhwebule kwezinye iintlanga. Noko ke, wawungayixhasi imbono yeenkokeli zonqulo zenkulungwane yokuqala eyayisithi, wonke umntu ongengomYuda wayelutshaba kwaye wayemele athiywe.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Sinokulubonisa njani uthando olukhatshwa kukuzincama kubazalwana bethu?
• Kutheni kubalulekile ukuba simkhonze sivuya uThixo?
• Sinokuba nalo njani igalelo kuxolo nomanyano ebandleni?
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
“NgamaKristu Enene Ke La”
Incwadi ethi Between Resistance and Martyrdom—Jehovah’s Witnesses in the Third Reich ibalisa ngento eyathethwa libanjwa eliselula elingumYuda xa lalichaza ukuqala kwalo ukudibana namaNgqina kaYehova emva kokuba lifike kwinkampu yoxinaniso yaseNeuengamme:
“Sathi nje ukuba thina maYuda avela eDachau sithi cakatha kule nkampu, amanye amaYuda aqalisa ukufihla yonke into anayo ukuze kungafuneki abelane nathi. . . . Xa sasingaphandle [kwenkampu yoxinaniso], sasincedana. Kodwa apha, ekubeni imeko yethu yayiyeyokufa nokuphila, wonk’ umntu wayecinga ngokusindisa isiqu sakhe kuqala, elibele ngabanye abantu. Kodwa cinga nje ngento eyayisenziwa ngaBafundi BeBhayibhile. Ngelo xesha, kwakufuneka basebenze nzima, belungisa imibhobho yamanzi. Ingqele yayiqhaqhazelis’ amazinyo kwaye babesima imini yonke kumanzi abanda ceke. Sasixakwa sonke ukuba benza njani ukuze banyamezele loo nto. Babesithi uYehova uyabomeleza. Nabo babesifuna ngamehlw’ abomvu isonka kuba babelambile njengathi. Kodwa yintoni abayenzayo? Baqokelela sonke isonka abasifumanayo, bathatha isiqingatha abaza kusitya, baza esinye isiqingatha basinika amanye amakholwa awayefika evela eDachau. Kwaye bawamkela baza bawaphuza. Ngaphambi kokuba batye, bathandaza. Emva koko bonke babanelisekile kwaye bonwabile. Bathi babengasalambanga. Kulapho ke mna ndaye ndagqiba ngelithi: NgamaKristu enene ke la.”
[Imifanekiso ekwiphepha 19]
Ngaba suku ngalunye uye uzongele ixesha kwezinye izinto ukuze usondele kuYehova?