Madoda—Xelisani Ubuntloko BukaKristu
“Intloko yayo yonke indoda nguKristu.”—1 KORINTE 11:3.
1, 2. (a) Ibonwa njani indoda ephumelelayo? (b) Kutheni kubalulekile ukuqonda ukuba umtshato wasungulwa nguThixo?
UYIBONA njani indoda ephumelelayo? Ngobukrelekrele okanye amandla enawo? Ngobuchule bayo bokungenisa imali? Okanye ngaba luthando elubonisayo kumfazi wayo nokubaphatha ngobubele abantwana bayo? Amadoda amaninzi akabaphathi ngothando nangobubele abafazi nabantwana bawo, kuba angenwe ngumoya wehlabathi olawula abantu. Konakele phi? Ubukhulu becala kungenxa yokuba akamxelisi yaye akalulandeli ulwalathiso loMsunguli womtshato—Lowo “wakha . . . ubambo abeluthabathe endodeni lwaba ngumfazi waza wamzisa endodeni.”—Genesis 2:21-24.
2 UYesu Kristu wayingqina le ngxelo yeBhayibhile esithi, nguThixo owasungula umtshato. Exelela abo babemgxeka, wathi: “Anizange nifunde na ukuba lowo wabadalayo ukususela ekuqaleni wabenza baba yindoda nebhinqa waza wathi, ‘Ngenxa yesi sizathu indoda iya kumshiya uyise nonina ize inamathele emfazini wayo, baze abo babini babe nyama-nye’? Ngako oko abasebabini, kodwa banyama-nye. Ngoko ke, oko uThixo akubophelele ngedyokhwe [yomtshato] ndawonye makungahlukaniswa mntu.” (Mateyu 19:4-6) Undoqo emtshatweni kukwazi ukuba umtshato wasungulwa nguThixo yaye impumelelo yawo ixhomekeke ekusebenziseni imiyalelo efumaneka kwiLizwi lakhe iBhayibhile.
Undoqo Wokuphumelela Njengomyeni
3, 4. (a) Yintoni emenza uYesu abe nolwazi ngomtshato? (b) Ngubani umfazi kaYesu wokomfuziselo, yaye amadoda afanele abaphathe njani abafazi bawo?
3 Into eya kukunceda ukuze uphumelele njengomyeni kukufunda oko kwathethwa nguYesu nokuxelisa oko wakwenzayo. UYesu unolwazi olunzulu ngomtshato, kuba wayekho xa kwakudalwa abantu ababini bokuqala nasemtshatweni wabo. UYehova uThixo wathi kuye: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu, ngokufana nathi.” (Genesis 1:26) Apha uThixo wayethetha naLowo wamdala ngaphambi kokudala umntu nayo yonke enye into nowaba “njengomsebénzi [wakhe] onobuchule.” (IMizekeliso 8:22-30) Lo waba ‘lizibulo kwindalo yonke.’ “Isiqalo sendalo kaThixo,” owabakho kungekadalwa nendalo iphela.—Kolose 1:15; ISityhilelo 3:14.
4 UYesu ubizwa ngokuba ‘yiMvana kaThixo,’ yaye ngokufuziselayo ugqalwa njengomyeni. Eny’ ingelosi yakha yathi: “Yiza apha, ndiza kukubonisa umtshakazi, umfazi weMvana.” (Yohane 1:29; ISityhilelo 21:9) Ngubani ke umtshakazi okanye umfazi wakhe? “Umfazi weMvana” uyilwa ngabalandeli bakaKristu abathembekileyo nabathanjisiweyo, abaza kulawula naye ezulwini. (ISityhilelo 14:1, 3) Ngoko ke, indlela uYesu awabaphatha ngayo abafundi bakhe xa wayenabo emhlabeni ngumzekelo wendlela amadoda afanele abaphathe ngayo abafazi bawo.
5. UYesu ungumzekelo woobani?
5 Liyinyaniso elokuba iBhayibhile ithi uYesu ngumzekelo wabo bonke abalandeli bakhe, njengokuba sifunda: ‘UKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Noko ke, ungumzekelo okhethekileyo emadodeni. IBhayibhile ithi: “Intloko yayo yonke indoda nguKristu; intloko yomfazi yindoda; intloko kaKristu nguThixo.” (1 Korinte 11:3) Ekubeni intloko yendoda inguKristu, amadoda afanele axelise umzekelo wakhe. Ngenxa yoko, kufanele kusetyenziswe umgaqo wobuntloko ukuze izinto zihambe kakuhle ize intsapho yonwabe. Ayikho ke enye indlela ngaphandle kokuba amadoda abaphathe ngothando abafazi ngendlela uYesu awamphatha ngayo umfazi wakhe wokomfuziselo, abafundi bakhe abathanjisiweyo.
Indlela Yokusingatha Iingxaki Zomtshato
6. Amadoda afanele ahlale njani nabafazi bawo?
6 Kwihlabathi lanamhlanje eliyingxuba-kaxaka, ngokukhethekileyo amadoda afanele axelise umzekelo kaYesu wokuba nomonde, uthando, yaye abambelele ngokuqinileyo kwimilinganiselo yobulungisa. (2 Timoti 3:1-5) Ngokuphathelele umzekelo uYesu asishiyela wona, iBhayibhile ithi: “Nina madoda, qhubekani nihlala nabo [abafazi benu] ngokokwazi.” (1 Petros 3:7) Ewe, amadoda afanele azisingathe ngokuqonda iingxaki zomtshato, kanye njengokuba naye uYesu wajamelana neengxaki. Wabandezeleka ngaphezu kwakhe nabani na, kodwa wayesazi ukuba ezo zilingo zazivela kuSathana needemon zakhe, neli hlabathi lingendawo. (Yohane 14:30; Efese 6:12) UYesu akazange othuswe zizilingo, ngoko ke, nabantu abatshatileyo abafanele bothuke xa bejamelana “nembandezelo enyameni.” IBhayibhile ilumkisa abo batshatayo ukuba bafanele bayilindele imbandezelo enjalo.—1 Korinte 7:28.
7, 8. (a) Yintoni ebandakanyekileyo ekuhlaleni nabafazi ngokokwazi? (b) Kutheni abafazi befanele baphathwe ngentlonelo?
7 IBhayibhile ithi amadoda afanele ahlale nabafazi bawo ‘ngokokwazi, ebanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi.’ (1 Petros 3:7) Kunokuba abe ngoonkom’ iyahlaba, njengokuba iBhayibhile yaprofeta ukuba amadoda aya kuba njalo, umyeni ohlonela umfazi wakhe ukholisa uThixo. (Genesis 3:16) Umphatha njengesipho esixabisekileyo, angaziv’ amandla kuye. Kunoko, uya kumcingela, ngamaxesha onke amphathe ngentlonelo nangesidima.
8 Kutheni abayeni befanele babahlonele abafazi babo? IBhayibhile iyaphendula: “Ekubeni nikwaziindlalifa kunye nabo zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.” (1 Petros 3:7) Indoda engumkhonzi kaYehova ifanele iqonde ukuba uYehova akayijongi njengeyongamileyo kunomfazi, naye ongumkhonzi kaThixo. Abafazi uThixo akholiswa ngabo baya kuba ziindlalifa zobomi obungunaphakade namadoda—yaye abaninzi basenokude baphile ezulwini, apho ‘kungekho ndoda nabhinqa.’ (Galati 3:28) Ngoko ke amadoda afanele aqonde ukuba ngumntu othembekileyo oxabisekileyo kuThixo. Oko akunanto yakwenza nokuba yindoda kwakhe okanye ibhinqa, umyeni okanye umfazi, nkqu nokuba ngumntwana.—1 Korinte 4:2.
9. (a) Ngokutsho kukaPetros, kutheni amadoda efanele abaphathe ngentlonelo abafazi bawo? (b) UYesu wayibonakalisa njani intlonelo kumabhinqa?
9 Kumazwi akhe okuqukumbela le ndinyana, umpostile uPetros ugxininisa isizathu sokuba amadoda efanele abaphathe ngentlonelo abafazi ngokuthi: “Ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.” Kaloku yinto embi gqitha ukuthinteleka kwemithandazo. Oku kusenokuyenza ingamkelwa imithandazo yendoda, njengokuba kwenzeka mandulo kubakhonzi bakaThixo ababengakhathali. (IZililo 3:43, 44) Ngobulumko, amadoda angamaKristu—atshatileyo nacinga ngomtshato—afanele afunde kwindlela uYesu awawaphatha ngembeko ngayo amabhinqa. Ngoxa wayeshumayela wayehamba neqela lawo, yaye wayewaphatha ngobubele nangentlonelo. Ngesinye isihlandlo, waqala waxelela amabhinqa iindaba ezibangel’ imincili, waza wawayalela ukuba aye kuzixelela amadoda ezo ndaba!—Mateyu 28:1, 8-10; Luka 8:1-3.
Umzekelo Ingakumbi Kubayeni
10, 11. (a) Kutheni ingakumbi amadoda efanele aqwalasele umzekelo kaYesu? (b) Amadoda afanele alubonakalise njani uthando kubafazi bawo?
10 Njengokuba kuphawuliwe ngaphambilana, iBhayibhile inxulumanisa ulwalamano lomyeni nomfazi wakhe nolo uKristu awayenalo ‘nomtshakazi,’ ibandla labalandeli bakhe abathanjisiweyo. IBhayibhile ithi: “Indoda iyintloko yomfazi wayo njengokuba noKristu eyintloko yebandla.” (Efese 5:23) La mazwi afanele akhuthaze amadoda aqwalasele uhlobo lwentloko okanye inkokeli uYesu awayeyiyo kubalandeli bakhe. Lolu hlolisiso kuphela oluya kuwanceda amadoda akwazi ukulandela umzekelo kaYesu aze anikele ukhokelo yaye awaphathe abafazi bawo ngothando, abanyamekele njengokuba uYesu wenza kwibandla lakhe.
11 IBhayibhile ibongoza amaKristu:“Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo.” (Efese 5:25) Kwisahluko esingaphambilana kwabase-Efese, “ibandla” libizwa ngokuba “ngumzimba kaKristu.” Lo mzimba wokomfuziselo unamalungu amaninzi angamadoda namabhinqa yaye ewonke la malungu ayasebenzisana. Phofu ke, uYesu “uyintloko yomzimba, olibandla.”—Efese 4:12; Kolose 1:18; 1 Korinte 12:12, 13, 27.
12. UYesu walubonakalisa njani uthando ngomzimba wakhe wokomfuziselo?
12 UYesu waliphatha ngothando “ibandla,” umzimba wakhe wokomfuziselo, waliphatha ngenyameko awayenayo ngabo babeza kuba ngamalungu awo. Ngokomzekelo, xa abafundi bakhe babediniwe, wathi: “Yizani . . . kwindawo engasese, niphumle kancinane.” (Marko 6:31) Echaza oko kwenziwa nguYesu ngaphambi kokubulawa kwakhe, omnye wabapostile bakhe wathi: “UYesu, ebathandile abakhe [amalungu omzimba wakhe wokomfuziselo] . . . , wabathanda de kwasekupheleni.” (Yohane 13:1) UYesu wamisela umzekelo omhle wendlela amadoda afanele abaphathe ngayo abafazi bawo.
13. Amadoda ayalwa njani ukuba abathande abafazi bawo?
13 Esebenzisa umzekelo uYesu awawubekela amadoda, umpostile uPawulos wawayala esithi: “Amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo. Lowo umthandayo umfazi wakhe uyazithanda, kuba akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo, njengoko noKristu esenjenjalo kulo ibandla.” UPawulos wongezelela esithi: “Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda.”—Efese 5:28, 29, 33.
14. Indoda iwuphatha njani umzimba wayo ongafezekanga, yaye oku kuyibonisa njani indlela efanele imphathe ngayo umfazi wayo?
14 Khawucinge ngamazwi kaPawulos. Ngaba indoda ephile kakuhle engqondweni ingazenzakalisa ngabom? Xa indoda ikhubeka ngocikicane, ngaba iyambetha kuba ikhubekile? Akunjalo! Ngaba indoda iyazihlaza kubahlobo bayo okanye ihlebe ngeempazamo zayo? Unotshe! Kutheni ke ithetha rhabaxa nomfazi wayo okanye ide imfak’ inqindi ukuba wenze impazamo? Amadoda akafanele acingele nje kuphela wona kodwa nabafazi bawo.—1 Korinte 10:24; 13:5.
15. (a) UYesu wenza ntoni xa abafundi bakhe babonakalisa ubuthathaka? (b) Yintoni enokufundwa kumzekelo wakhe?
15 Cinga ngendlela uYesu awabonisa ngayo inkxalabo ngabafundi bakhe ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe, xa babonisa ubuthathaka obuthile. Nakuba wayebakhuthaze kaninzi ukuba bathandaze, balala izihlandlo ezithathu kwisitiya saseGetsemane. Ngequbuliso, barhanqwa zizikrelemnqa. UYesu wawabuza la madoda: “Nifuna bani na?” Xa aphendula athi: “UYesu umNazarete,” yena wathi: “Ndinguye.” Esazi ukuba ‘lifikile ixesha’ lokubulawa kwakhe, wathi: “Ukuba, ke ngoko, ndim lo nimfunayo, bayekeni aba bahambe.” UYesu akazange alibale ngempilo-ntle yabafundi bakhe—inxalenye yomtshakazi wakhe—yaye wenz’ indlela ukuba basinde. Ngokuqwalasela indlela uYesu abaphatha ngayo abafundi bakhe, amadoda anokufumana imigaqo emininzi anokuyisebenzisa yendlela afanele abaphathe ngayo abafazi bawo.—Yohane 18:1-9; Marko 14:34-37, 41.
Uthando LukaYesu Lwalungeyontabatheko
16. UYesu wayemjonga njani uMarta, kodwa wamlungisa njani?
16 IBhayibhile ithi: “UYesu wayemthanda uMarta nodade wabo noLazaro,” ababesoloko bemamkela xa wayebatyelele ekhayeni labo. (Yohane 11:5) Sekunjalo, uYesu wamluleka uMarta ngokuxakeka gqitha elungiselela isidlo, nto leyo eyamenza akabi nathuba laneleyo lemfundiso yokomoya. Wathi: “Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi. Zizinto ezimbalwa, ezifunekayo, okanye inye kuphela.” (Luka 10:41, 42) Ekubeni uMarta wayesazi ukuba uYesu uyamthanda, oko kwenza kwalula ukwamkela isiluleko sakhe. Ngokufanayo, amadoda afanele abaphathe ngobubele nangothando abafazi bawo, angafane nje athethe. Kodwa, xa kukho into efun’ ukulungiswa, afanele enjenjalo kanye njengokuba noYesu wenza.
17, 18. (a) UPetros wamkhalimela njani uYesu, yaye kwakutheni ukuze kufuneke uPetros alungiswe? (b) Yiyiphi imbopheleleko indoda enayo?
17 Ngesinye isihlandlo, uYesu wabachazela abapostile bakhe ukuba wayemele aye eYerusalem, apho wayeza kutshutshiswa, ‘ngamadoda amakhulu nangababingeleli abaziintloko nababhali, abulawe, aze avuswe ngomhla wesithathu.’ UPetros wambizel’ ecaleni uYesu waza waqalisa ukumkhalimela, esithi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.” Ngokucacileyo, uPetros wayephazanyiswe ziimvakalelo. Wayefanele alungiswe. Ngoko ke, uYesu wathi kuye: “Suka uye emva kwam, Sathana! Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.”—Mateyu 16:21-23.
18 UYesu wayesandul’ ukuxelela abafundi bakhe ngezinto uThixo awayelindele zenzeke—ukuba uYesu wayeza kuva ubunzima aze abulawe. (INdumiso 16:10; Isaya 53:12) Ngoko ke, uPetros wayengafanele amkhalimele uYesu. Ewe, uPetros wayefanelwe sisiluleko esiqatha, kanye njengokuba kunjalo nangathi ngamany’ amaxesha. Njengentloko-ntsapho, indoda inegunya nembopheleleko yokuwalungisa amalungu entsapho, kuquka umfazi wayo. Nangona kusenokufuneka indoda inikele isiluleko esiqatha, oku kufanele kwenziwe ngobubele nangothando. Ngoko ke, kanye njengokuba uYesu wayilungisa indlela uPetros awayecinga ngayo, maxa wambi amadoda afanele enze into efanayo kubafazi bawo. Ngokomzekelo, kusenokufuneka indoda iyilungise ngothando indlela umfazi wayo anxiba ngayo okanye azisebenzisa ngayo izihombo zegolide okanye indlela azithambisa ngayo ukuba ibonakala ngathi iyatenxa kwindlela yobungcathu enconyelwa ziZibhalo.—1 Petros 3:3-5.
Amadoda Afanele Abe Nomonde
19, 20. (a) Abapostile bakaYesu baba nayiphi ingxaki, yaye uYesu wayilungisa njani? (b) Waphumelela kangakanani uYesu ekulungiseni le ngxaki?
19 Ukuba kukho into efanele ilungiswe, amadoda akafanele acinge ukuba izinto ziza kulunga ngoko nangoko. UYesu wazingisa elungisa indlela ababecinga ngayo abapostile bakhe. Ngokomzekelo, ngasekupheleni kwenkonzo kaYesu, abapostile baphinda baxambulisana. Babephikisana befun’ ukwazi omkhulu phakathi kwabo. (Marko 9:33-37; 10:35-45) Kungekudala emva kokuxambulisana okwesibini, uYesu walungiselela ukuba adle nabo iPasika yakhe yokugqibela. Ngeso sihlandlo, akukho namnye kubo owafuna ukwenza umsebenzi ophantsi owawulisiko lalapho lokuhlamb’ iinyawo ezazinothuli zabanye. UYesu wabahlamba. Wandula ke wathi: “Ndinibekela umzekelo.”—Yohane 13:2-15.
20 Kusenokwenzeka ukuba amadoda athobekileyo njengoYesu aya kuphulaphulwa aze axhaswe ngabafazi bawo. Kodwa kufuneka umonde. Kamva, kanye ngobo busuku bePasika, abapostile baphinda baphikisana befuna ukwazi omkhulu phakathi kwabo. (Luka 22:24) Ngamaxesha amaninzi akulula ukuba abantu baguqule indlela abacinga ngayo, oku kuthabath’ ixesha yaye kwenzeka ngokuthe ngcembe. Ukanti, hayi indlela ekuvuyisa ngayo xa abantu benesimo sengqondo esihle, njengokuba kwaba njalo ngabapostile!
21. Ngenxa yeengxaki zanamhlanje, yintoni amadoda abongozwa ukuba ayikhumbule aze ayenze?
21 Namhlanje, imitshato ijamelene neengxaki ezinkulu kunanini na ngaphambili. Abaninzi abasazijongi njengezibalulekileyo izifungo zomtshato abazenzayo. Ngenxa yoko, madoda, cingisisani nzulu ngokusungulwa komtshato. Khumbulani ukuba umtshato wasungulwa waza wamiselwa nguThixo wethu onothando, uYehova. Wanikela ngoNyana wakhe, uYesu, kungekuphela nje njengoMhlawuleli wethu—uMsindisi wethu—kodwa kwakhona njengomzekelo amadoda afanele awuxelise.—Mateyu 20:28; Yohane 3:29; 1 Petros 2:21.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni kubalulekile ukuba sikhumbule umsunguli womtshato?
• Amadoda akhuthazwa njani ukuba abathande abafazi bawo?
• Indlela uYesu abaphatha ngayo abafundi bakhe ingumzekelo onjani wendlela amadoda afanele abuxelise ngayo ubuntloko obunjengobukaKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Kutheni amadoda efanele aqwalasele indlela uYesu awawaphatha ngayo amabhinqa?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Xa abafundi bakhe babediniwe, uYesu waba nolwazelelelo
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Amadoda afanele abaluleke ngobubele abafazi bawo, angafane nje athethe