“Qhubekani Nizuza Amandla ENkosini”
“Qhubekani nizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo.”—EFESE 6:10.
1. (a) Liliphi idabi elikhethekileyo elaliwayo malunga nama-3 000 eminyaka eyadlulayo? (b) Kwakutheni ukuze uDavide oyise?
MALUNGA nama-3 000 eminyaka eyadlulayo, kwaqubisana abaphumi-mkhosi ababini edabini. Omncinane wayeyinkwenkwana engumalusi egama linguDavide. Wayejamelene nesigantsontso sengxilimbela yomfo onguGoliyati. Izambatho zakhe zentsimbi zazinobunzima obumalunga neekhilogram ezingama-57, ibe wayephethe umkhonto nekrele elikhulu. UDavide yena wayenganxibanga nasinye isambatho somkhosi, yaye ekuphela kwesixhobo awayenaso yayisisilingi. Le ngxilimbela yomFilisti, uGoliyati yayigqala njengesigculelo into yokuba amaSirayeli ayithumelele inkwenkwana nje. (1 Samuweli 17:42-44) Kwabo babebukele macala omabini, imele ukuba yayibonakala izicacele into yokuba yile ngxilimbela eza koyisa. Kodwa ayisoloko ingabanamandla abaphumelelayo edabini. (INtshumayeli 9:11) UDavide woyisa kuba wayesilwa ngamandla awanikwe nguYehova. Wathi: “LelikaYehova idabi.” IBhayibhile ithi “uDavide, ngesilingi nelitye, wangqineka omelele kunomFilisti.”—1 Samuweli 17:47, 50.
2. Luhlobo olunjani lwemfazwe abandakanyeke kuyo amaKristu?
2 AmaKristu akalwi zimfazwe zokoqobo. Nangona enoxolo nabantu bonke, alwa idabi lokomoya nxamnye nezona ntshaba zinamandla. (Roma 12:18) Kwisahluko sokugqibela sencwadi awayibhalela abase-Efese, uPawulos uchaza imfazwe abandakanyeke kuyo mKristu ngamnye. Wabhala wathi: “Sizamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa noorhulumente, namagunya, nabalawuli behlabathi bobu bumnyama, kwezasezulwini iindawo.”—Efese 6:12.
3. Ngokutsho kweyabase-Efese 6:10, simele senze ntoni ukuze siphumelele?
3 Loo “mikhosi yoomoya abangendawo” nguSathana needemon, abafuna ukuphelisa ulwalamano lwethu noYehova uThixo. Ekubeni benamandla ngakumbi kunathi, imeko yethu inokufaniswa naleyo kaDavide, yaye asinakuphumelela ngaphandle kokuba sixhomekeka emandleni kaThixo. Enyanisweni, uPawulos uyasibongoza ukuba ‘siqhubeke sizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo.’ (Efese 6:10) Emva kokunikela eso siluleko, lo mpostile uchaza amalungiselelo okomoya neempawu zobuKristu ezinokusinceda siphumelele.—Efese 6:11-17.
4. Ziziphi iingongoma ezimbini eziphambili esiza kuzihlolisisa kweli nqaku?
4 Ngoku makhe sihlolisise oko kuthethwa ziZibhalo ngamandla namaqhinga otshaba lwethu. Emva koko siza kuhlolisisa iindlela esinokuzikhusela ngazo. Ukuba sithobela imiyalelo kaYehova, sinokuqiniseka ukuba asisayi kuze soyiswe ziintshaba zethu.
Ukuzamazamana Nemikhosi Yoomoya Abangendawo
5. Ukusetyenziswa kwegama elithi ‘ukuzamazamana’ kweyabase-Efese 6:12 kusinceda njani siqonde iqhinga likaSathana?
5 UPawulos uthi “sizamazamana . . . nemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.” Kakade ke, umoya ongendawo oyintloko nguSathana uMtyholi, “umlawuli weedemon.” (Mateyu 12:24-26) IBhayibhile iwufanisa umlo esikuwo kunye ‘nokuzamazamana,’ okanye ukubambana ngezandla. Kwimilo yamandulo yamaGrike, ngamnye wayezama ngamandla ukumenza agxadazele lowo azamazamana naye ukuze kube lula ukumwisa. Ngokufanayo, uMtyholi ufuna ukusenza sigxadazele ngokomoya. Ukwenza njani oko?
6. Bonisa ngokusuka eZibhalweni amaqhinga awahlukahlukeneyo anokuwasebenzisa uMtyholi ukuze asenze buthathaka elukholweni.
6 UMtyholi usenokuza njengenyoka, ingonyama egqumayo, okanye ingelosi yokukhanya. (2 Korinte 11:3, 14; 1 Petros 5:8) Usenokuphembelela abantu ukuba basitshutshise okanye basidimaze. (ISityhilelo 2:10) Ekubeni uSathana enegunya ehlabathini lonke, usenokusebenzisa iminqweno neziyolo zalo ukuze asirhintyele. (2 Timoti 2:26; 1 Yohane 2:16; 5:19) Usenokusikhohlisa ngeengcamango zehlabathi okanye zowexuko, kanye njengokuba wenzayo kuEva.—1 Timoti 2:14.
7. Zisikelwe umda ngayiphi indlela iidemon, yaye luluphi uncedo thina esilufumanayo?
7 Nangona izixhobo namandla kaSathana needemon zakhe zisenokubonakala zisoyikeka, kodwa zisikelwe umda. Aba moya bangendawo abanakusinyanzela ukuba senze izinto ezimbi ezingamkholisiyo uBawo wethu wasezulwini. Sinenkululeko yokuzikhethela, yaye siyakwazi ukulawula iingcamango nezenzo zethu. Ngaphezu koko, asilwi sodwa. Kanye njengakwixesha likaElisha, aseyinyaniso nanamhlanje amazwi athi: “Baninzi ngakumbi abo bakunye nathi ngaphezu kwabo bakunye nabo.” (2 Kumkani 6:16) IBhayibhile isiqinisekisa ngokuthi ukuba siyazithoba kuThixo size simchase uMtyholi, wosibaleka.—Yakobi 4:7.
Siyawazi Amaqhinga KaSathana
8, 9. Ziziphi izilingo uSathana awazizisela uYobhi ngenjongo yokwaphula ingqibelelo yakhe, yaye ziziphi iingozi zokomoya esijamelene nazo namhlanje?
8 Siyawazi amaqhinga kaSathana kuba achaziwe eZibhalweni. (2 Korinte 2:11) Xa wayelinga indoda elilungisa uYobhi, uMtyholi wasebenzisa iingxaki zezoqoqosho, ukufelwa ngabo abathandayo, inkcaso entsatsheni, ukugula, nokugxekwa ngobuxoki ngabo babezenza abahlobo bakhe. UYobhi wadandatheka waza wavakalelwa kukuba wayelahliwe nguThixo. (Yobhi 10:1, 2) Nangona uSathana esenokungazibangeli ngokungqalileyo iingxaki ezinjalo namhlanje, kodwa ziyawachaphazela amaKristu amaninzi, yaye uMtyholi usenokubusebenzisela ukufeza iinjongo zakhe.
9 Ziye zanda kakhulu iingozi zokomoya kule mihla yesiphelo. Kwihlabathi esiphila kulo abantu baxabise kakhulu izinto eziphathekayo kunezokomoya. Amajelo osasazo athe gqolo ebonisa ukuziphatha okubi ngokwesini njengento ezisa ulonwabo kunentlungu. Yaye abantu abaninzi ‘bathanda iziyolo kunokuba bathande uThixo.’ (2 Timoti 3:1-5) Le ngcamango inokusiphazamisa ngokomoya ngaphandle kokuba ‘silulwela nzima ukholo.’—Yude 3.
10-12. (a) Sisiphi esinye isilumkiso awasinikelayo uYesu kumzekeliso womhlwayeli? (b) Zekelisa indlela ezinokukhameka ngayo izinto zokomoya.
10 Elinye lawona maqhinga aphambili kaSathana kukusenza sixakeke yimicimbi yeli hlabathi nezinto zalo eziphathekayo. Kumzekeliso wakhe womhlwayeli, uYesu walumkisa ngelithi maxa wambi “ixhala lale nkqubo yezinto namandla akhohlisayo obutyebi ayaliminxa ilizwi [loBukumkani].” (Mateyu 13:18, 22) Igama lesiGrike eliguqulelwe apha ngokuthi ‘ukuminxa’ lithetha “ukuyikhama ngokupheleleyo” into.
11 Phakathi kwamahlathi ashinyeneyo kudla ngokubakho umkhiwane okhama eminye imithi. Njengoko ukhula uzibhijela kumthi okufuphi nawo. Ngokuthe ngcembe, lo mkhiwane uwubhijela wonke lo mthi zize neengcambu zawo zomelele ngakumbi. Ekuhambeni kwexesha iingcambu zalo mkhiwane zifunxa phantse zonke izondlo ezisemhlabeni ukuze lo mthi ungafumani nto, ngoxa sona isiqu sawo siwubhijela wonke umthi lowo ukuze ungafumani langa. Ekugqibeleni, umthi uyakhameka uze ufe.
12 Ngokufanayo, amaxhala ale nkqubo yezinto nokufuna ubutyebi kwanobomi obutofotofo kunokulikhama ngokuthe ngcembe ixesha namandla ethu. Oku kwenzeka ngokuthi ingqalelo yethu ityekele kwizinto zeli hlabathi, size sityeshele ufundisiso lweBhayibhile lobuqu yaye singayi rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu, ngaloo ndlela singazifumani izondlo zokomoya. Usukelo lokomoya luthatyathelw’ indawo lusukelo lwezinto eziphathekayo, size ekugqibeleni sibe ngamaxhoba kaSathana.
Sifanele Sime Siqinile
13, 14. Sifanele senze ntoni xa sichaswa nguSathana?
13 UPawulos wabongoza abo babekhonza naye ukuba ‘beme beqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’ (Efese 6:11) Kakade ke, asinakukwazi ukumbhangisa uMtyholi needemon zakhe. UThixo uwunikele ezandleni zikaYesu Kristu loo msebenzi. (ISityhilelo 20:1, 2) Noko ke, logama uSathana engekashenxiswa, sifanele ‘sime siqinile’ ukuze angasoyisi xa ehlasela.
14 Umpostile uPetros naye wayigxininisa imfuneko yokuma siqinile nxamnye noSathana. Wabhala wathi: “Hlalani nithe qwa, nilindile. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo. Yimani ngokunxamnye nalo, niqinile elukholweni, nisazi ukuba behlelwa kwaziimbandezelo ezifanayo nabazalwana benu bonke ehlabathini.” (1 Petros 5:8, 9) Enyanisweni, inkxaso yabazalwana noodadewethu bokomoya iya kusinceda ukuba sime siqinile xa uMtyholi ehlasela njengengonyama egqumayo.
15, 16. Nika umzekelo ongokweZibhalo wendlela inkxaso yabo sikhonza nabo enokusinceda ngayo ukuba sime siqinile.
15 Uthi wakuvakala umgqumo wengonyama kumathafa aseAfrika, zenze amatshe iinyamakazi zibalekela ukusindisa ubomi bazo. Noko ke, zona iindlovu zisimisela umzekelo omhle wokuxhasana. Incwadi ethi Elephants—Gentle Giants of Africa and Asia ithi: “Umhlambi weendlovu udla ngokuzikhusela ngokuthi wakhe isangqa, iindlovu ezinkulu zijonge macala onke ngoxa amathole wona ekhuselekile ngaphakathi kwesangqa.” Zithi zisakubona olo manyano luluqilima iingonyama zirhoxe.
16 Ngokufanayo, nathi xa sihlaselwa nguSathana needemon zakhe, sifanele simanyane, sibe yimbumba enye nabazalwana bethu abaqinileyo elukholweni. UPawulos uchaza ukuba naye ‘womelezwa’ ngamaKristu awayekhonza nawo ngoxa wayevalelwe entolongweni eRoma. (Kolose 4:10, 11) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukomeleza’ livela kanye kuphela kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. IExpository Dictionary of New Testament Words kaVine ithi “eli gama libhekisela kumayeza okuthomalalisa iintlungu.” Njengesithambiso sokuthomalalisa iintlungu, inkxaso yabakhonzi abaqolileyo bakaYehova inokuyidambisa intlungu ebangelwa kukubandezeleka ngokweemvakalelo okanye emzimbeni.
17. Yintoni enokusinceda sihlale sithembekile kuThixo?
17 Ukhuthazo lwamaKristu namhlanje lunokusenza sizimisele ngakumbi ukukhonza uThixo ngokuthembekileyo. Abadala abangamaKristu bakulungele ngakumbi ukunceda abanye ngokomoya. (Yakobi 5:13-15) Enye into enokusinceda sihlale sithembekile kukufundisisa rhoqo iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso neendibano zamaKristu. Ukuba nolwalamano oluqinileyo noThixo kuyasinceda sihlale sithembekile kuye. Eneneni, enoba siyatya, siyasela, okanye senza nantoni na enye, sifanele sizenzele uzuko lukaThixo zonke izinto. (1 Korinte 10:31) Ngokucacileyo, kubaluleke gqitha ukuthembela kuYehova ngomthandazo ukuba sifuna ukuqhubeka simkholisa.—INdumiso 37:5.
18. Kutheni singafanele sinikezele kwanokuba iimeko ezibandezelayo zisigqiba amandla?
18 Maxa wambi uSathana usihlasela xa sibuthathaka ngokomoya. Nengonyama itsibela isilwanyana esibuthathaka. Iingxaki zentsapho, iingxaki zezoqoqosho, okanye ukugula kunokusenza buthathaka ngokomoya. Kodwa masingayeki ukwenza oko kumkholisayo uThixo, kuba uPawulos wathi: “Xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.” (2 Korinte 12:10; Galati 6:9; 2 Tesalonika 3:13) Wayethetha ukuthini? Wayethetha ukuba amandla kaThixo anokusomeleza xa sibuthathaka, ukuba nje sithembela kuYehova simcele ukuba asomeleze. Ukoyisa kukaDavide uGoliyati kubonisa ukuba uThixo uyabomeleza abantu bakhe. AmaNgqina kaYehova ale mihla angayingqina into yokuba ngamaxesha obunzima obuqatha, aye omelezwa sisandla sikaThixo.—Daniyeli 10:19.
19. Chaza umzekelo wendlela uYehova anokubomeleza ngayo abakhonzi bakhe.
19 Xa sasichaza indlela uThixo aye wasixhasa ngayo, esinye isibini esitshatileyo sabhala sathi: “Sineminyaka emininzi sikhonza uYehova njengendoda nomfazi, yaye siye sanandipha iintsikelelo ezininzi, sazi nabantu abaninzi abaneempawu ezintle. Kwakhona siye saqeqeshwa saza somelezwa nguYehova ukuba sikwazi ukunyamezela ubunzima. NjengoYobhi, maxa wambi sasingasiqondi isizathu sokubandezeleka kwethu, kodwa sasisazi ukuba uYehova usoloko ekulungele ukusinceda.”
20. Bubuphi ubungqina obungokweZibhalo bokuba uYehova usoloko ebaxhasa abantu bakhe?
20 Isandla sikaYehova asisifutshane ukuba singakwazi ukubaxhasa nokubomeleza abantu bakhe abathembekileyo. (Isaya 59:1) Umdumisi uDavide wacula wathi: “UYehova uyabaxhasa bonke abawayo, yaye uyabaphakamisa bonke abaqubudileyo.” (INdumiso 145:14) Enyanisweni, uBawo wethu wasezulwini ‘usithwalela umthwalo mihla le’ aze asinike oko sikuswele ngokwenene.—INdumiso 68:19.
Sifanele Sinxibe “Sonke Isikrweqe SikaThixo”
21. UPawulos wakugxininisa njani ukubaluleka kwesikrweqe sokomoya?
21 Siye sahlolisisa amanye amaqhinga kaSathana kwanesizathu sokuba sifanele sime siqinile xa esihlasela. Ngoku makhe sihlolisise elinye ilungiselelo elibalulekileyo lokukhusela ukholo lwethu. Kangangezihlandlo ezibini kwileta yakhe eya kwabase-Efese, umpostile uPawulos wakhankanya inkalo ebalulekileyo enokusinceda sime ngokuqinileyo nxamnye namaqhinga kaSathana yaye sikwazi nokuxhathisa imikhosi yoomoya abangendawo. UPawulos wabhala wathi: “Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi . . . Thabathani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nikwazi ukuxhathisa ngemini embi nize, nakuba nenze zonke izinto ngokucokisekileyo, nime niqinile.”—Efese 6:11, 13.
22, 23. (a) Siquka ntoni isikrweqe sethu sokomoya? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwinqaku elilandelayo?
22 Ewe, sifanele sisinxibe “sonke isikrweqe sikaThixo.” Xa uPawulos wayebhala ileta eya kwabase-Efese, wayegadwe lijoni elingumRoma, ekusenokwenzeka ukuba lalidla ngokunxiba sonke isikrweqe. Noko ke, nguThixo owaphefumlela lo mpostile ukuba abhale ngesikrweqe sokomoya esibaluleke kakhulu kumkhonzi ngamnye kaYehova.
23 Esi sikrweqe sikaThixo siquka iimpawu amele abe nazo umKristu kwanamalungiselelo okomoya enziwe nguYehova. Kwinqaku elilandelayo, siza kuhlolisisa nxalenye nganye yesi sikrweqe sokomoya. Oku kuya kusinceda sibone ukuba thina siyixhobele ngomkhamo ongakanani na imfazwe yokomoya esikuyo. Kwangaxeshanye, siza kubona indlela umzekelo obalaseleyo kaYesu Kristu osinceda ngayo ukuba sixhathise uSathana uMtyholi.
Ubunokuphendula Uthini?
• Nguwuphi umlo abandakanyeke kuwo onke amaKristu?
• Chaza amanye amaqhinga kaSathana.
• Inkxaso yabo sikholwa nabo inokusomeleza njani?
• Simele sithembele emandleni kabani, yaye ngoba?
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
AmaKristu ‘azamazamana nemikhosi yoomoya abangendawo’
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Amaxhala ale nkqubo anokuliminxa ilizwi loBukumkani
[Umfanekiso okwiphepha 13]
AmaKristu okhonza nawo ‘anokukomeleza’
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ngaba uyamcela uThixo ngomthandazo ukuba akomeleze?