Iingxaki Zabantu Kungekudala Ziza Kuphela!
“AMALINGE okunikela uncedo akaphumeleli kangako ukuba akaxhaswa ngabo banobuchule bokuphatha imicimbi nabezobupolitika abanenjongo yokufumana oyena nobangela wezi ngxaki. Iingxelo ziye zabonisa ukuba ngamaxesha amaninzi ukunikela uncedo kukodwa akunakuzicombulula iingxaki ezibangelwa zezobupolitika.”—The State of the World’s Refugees 2000.
Phezu kwako nje ukunikela uncedo, iingxaki zabantu ziyanda kakhulu. Liliphi ithemba elikhoyo lesicombululo esihlala sihleli kwezobupolitika? Enyanisweni, phantse alikho. Kodwa yiyiphi enye indawo esinokufumaneka kuyo? Kwingxelo ebangel’ umdla ekuqaleni kwencwadi yakhe eya kumaKristu ase-Efese, umpostile uPawulos wachaza indlela uThixo aya kuziphelisa ngayo zonke iingxaki zabantu. Ude achaze oko uThixo aya kukusebenzisa ukwenza oku—yaye oko kuya kushenxisa unobangela wazo zonke iingxaki ezisithwaxayo namhlanje. Kutheni singakhe siphulaphule oko kuthethwa nguPawulos? Le ngxelo ifumaneka kwabase-Efese 1:3-10.
“Kuhlanganiselwe Zonke Izinto Kwakhona KuKristu”
Lo mpostile uthi injongo kaThixo ‘kukulungiselela [okanye ukuphatha imicimbi] ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo.’ Kuthetha ntoni oku? Kuthetha ukuba uThixo unexesha alimisileyo xa eya ‘kuhlanganisela zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’ (Efese 1:10) Ewe, uThixo sele eqalisile ukwenza amalungiselelo okubuyisela zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni ngokuvisisana nolawulo lwakhe. Okubangela umdla kukuba, ngokuphathelele ibinzana elithi ‘ukuhlanganisela kwakhona,’ umphengululi weBhayibhile uJ. H. Thayer uthi: “Ukuzihlanganisela kwakhe kwakhona . . . zonke izinto nabantu (abaye bahlukaniswa sisono ukuza kuthi ga ngoku) kwimeko enye yokuba ngamadlelane noKristu.”
Oku kwalatha kwisizathu sokuba uThixo efanele akwenze oku xa sicinga ngendlela iingxaki ezaqala ngayo. Ekuqaleni kwembali yoluntu, abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, balandela uSathana uMtyholi ekuvukeleni uThixo. Babefuna inkululeko yokuzigqibela ngoko kulungileyo nokubi. (Genesis 3:1-5) Kuba enguThixo osesikweni, uThixo wabagxotha kwintsapho yakhe baza baphulukana nolwalamano lwakhe. Babangela abantu ukuba bangafezeki yaye yiloo nto kukho iingxaki ezingaka namhlanje.—Roma 5:12.
Ukuvunyelwa Kobungendawo Okwexeshana
Abanye basenokubuza: “Kwakutheni ukuze uThixo abavumele benze oko? Kwakutheni ukuze nje angasebenzisi igunya lakhe elikhulu aze abanyanzele ukuba benze ukuthanda kwakhe, ngaloo ndlela ethintela yonke intlungu nokubandezeleka esikufumanayo?” Usenokufuna ukucinga ngaloo ndlela. Kodwa ukusebenzisa igunya elinjalo kwakuza kubonisa ntoni? Ngaba ubuya kumthanda uze ukholiswe ngumntu onokuthi zisuka nje atshabalalise yonke into engavumelani naye kuba enegunya lokwenjenjalo? Ngokuqinisekileyo ubungayi kumthanda.
Abo bavukeli abazange nje bacel’ umngeni igunya likaThixo. Ngokuyintloko bacel’ umngeni ilungelo nokulunga kwendlela alawula ngayo. Ukuzinzisa ngokupheleleyo ezi mbambano zibalulekileyo zavelayo, uYehova uye wavumela izidalwa zakhe ziqhube ngendlela eziyibonayo ngaphandle kolwalathiso lwakhe olungqalileyo okwexeshana. (INtshumayeli 3:1; Luka 21:24) Xa elo xesha lifikelela esiphelweni, uya kungenelela aze alawule umhlaba wonke ngokupheleleyo. Ngelo xesha kuya kube kucace okwekati emhlophe ehlungwini ukuba indlela yakhe yokulawula yeyona ndlela izisa uxolo, ulonwabo nempumelelo ehlala ihleli kubantu emhlabeni. Kuya kwandula ke kushenxiswe ngonaphakade bonke abo bacinezela abanye.—INdumiso 72:12-14; Daniyeli 2:44.
“Ngaphambi Kokusekwa Kwehlabathi”
Kudala uYehova enenjongo yokwenza konke oku. UPawulos uthi “ngaphambi kokusekwa kwehlabathi.” (Efese 1:4) Oku kwakungekho ngaphambi kokuba adale umhlaba okanye uAdam noEva. Elo hlabathi ‘lalilunge gqitha,’ yaye kwakungekabikho mvukelo. (Genesis 1:31) Ngoko ke, liliphi ‘ihlabathi’ awayethetha ngalo umpostile uPawulos? Ihlabathi labantwana baka-Adam noEva—ihlabathi labantu abanesono nabangafezekanga abanethemba lentlawulelo. Ngaphambi kokuba kubekho abantwana, uYehova wayesele esazi indlela aya kuzisingatha ngayo izinto ukuze ancede inzala ka-Adam enokuhlawulelwa.—Roma 8:20.
Kakade ke, oku akuthethi ukuba uMongami wendalo iphela uza kuzisingatha njengabantu izinto. Beqonda ukuba kusenokuvela ingxaki, abantu baye bacinga ngeendlela ezahlukeneyo zokusingatha izinto. Akunjalo ngoThixo usomandla, umisela nje injongo yakhe aze ayizalisekise. Sekunjalo, uPawulos uyacacisa indlela uYehova aya kuzenza ngayo izinto ukuze anikele uncedo oluhlala luhleli abantwini. Wayeza kukwenza njani oku?
Ngubani Oya Kunikela Uncedo?
UPawulos uyacacisa ukuba abafundi bakaKristu abathanjiswe ngomoya banendima ebalulekileyo ekupheliseni umonakalo owabangelwa sisono sika-Adam. UPawulos uthi uYehova “wasinyula [kuKristu],” ukuze silawule noYesu kuBukumkani bakhe basemazulwini. Ecacisa oku ngokubhekele phaya, uPawulos uthi uYehova “wasimisela kwangaphambili ukuba senziwe oonyana kuye ngoYesu Kristu.” (Efese 1:4, 5) Kakade ke, uYehova akazange abakhethe, okanye amisele umntu ngamnye kwangaphambili. Noko ke, wamisela kusengaphambili iqela labantu abathembekileyo nabazinikeleyo eliya kuba nesabelo kunye noKristu ekupheliseni umonakalo uSathana uMtyholi, kunye noAdam noEva, abawuzisela intsapho yoluntu.—Luka 12:32; Hebhere 2:14-18.
Le yinto emangalisa ngokwenene! Xa uSathana wacel’ umngeni ulongamo lukaThixo ntlandlolo, ngokungathi kunjalo, wayesithi indalo kaThixo yabantu yayinesiphako—yaye xa abantu bexinezelekile yaye behendwa, bonke baya kuluvukela ulawulo lukaThixo. (Yobhi 1:7-12; 2:2-5) Xa wabonakalisa ngokuphawulekayo ‘ububele bakhe obungasifanelanga,’ ekuhambeni kwexesha uYehova uThixo wabonisa intembelo yakhe kwizidalwa zakhe ezisemhlabeni ngokukhetha abanye bentsapho ka-Adam enesono ukuba ibe ngabantwana bakhe bokomoya. Abo bakweli qela lincinane baya kuthatyathwa ukuze baye kukhonza emazulwini. Ngayiphi injongo?—Efese 1:3-6; Yohane 14:2, 3; 1 Tesalonika 4:15-17; 1 Petros 1:3, 4.
Umpostile uPawulos uthi, aba nyana bakaThixo bakhethiweyo, baba ‘ziindlalifa ezimanyene noKristu’ kuBukumkani bakhe basemazulwini. (Roma 8:14-17) Njengookumkani nababingeleli, baya kuba nenxalenye ekukhululeni intsapho yabantu kwiintlungu nakwiimbandezelo ejamelana nazo ngoku. (ISityhilelo 5:10) Enyanisweni, “yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.” Kodwa kungekudala, aba nyana bakaThixo banyulwe ngokukhethekileyo baya kusebenza ndawonye noYesu Kristu, yaye bonke abantu abathobekileyo baya ‘kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala baze babe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo’ kwakhona.—Roma 8:18-22.
“Sakhululwa Ngentlawulelo”
Konke oku kuye kwenzeka ngenxa yokuba uThixo ebonakalise ngendlela ephawulekayo nebalaseleyo ububele obungabafanelanga abantu abanokuhlawulelwa—idini lentlawulelo likaYesu Kristu. UPawulos uyabhala: “Ngaye [uYesu Kristu] siye sakhululwa ngentlawulelo ngalo igazi lakhe, saxolelwa izigqitho zethu, ngokobutyebi bobubele bakhe obungasifanelanga.”—Efese 1:7.
UYesu Kristu ungoyena ndoqo ekuzalisekiseni injongo kaThixo. (Hebhere 2:10) Idini lakhe eliyintlawulelo linikela isiseko esiyintloko sokukhetha kukaYehova abanye kwinzala ka-Adam ukuba babe yintsapho yakhe yasezulwini baze bakhulule abantu kwimiphumo yesono sika-Adam, ngaphandle kokuyityeshela imithetho nemigaqo Yakhe. (Mateyu 20:28; 1 Timoti 2:6) UYehova uye wenza izinto ngendlela ebonisa ubulungisa bakhe esenza nokusesikweni ngendlela egqibeleleyo.—Roma 3:22-26.
“Imfihlelo Engcwele” KaThixo
Kangangamawaka eminyaka, uThixo akazange atyhile ngokucacileyo indlela aya kuphumeza ngayo injongo yakhe ngomhlaba. Kwinkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo, ‘wayazisa [kumaKristu] imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe.’ (Efese 1:9) UPawulos namaqabane akhe angamaKristu athanjisiweyo bayiqonda ngokucacileyo indima ebalaseleyo eyayabelwe uYesu Kristu ekuzalisekiseni injongo kaThixo. Kwakhona baqalisa ukuqonda indima yabo ekhethekileyo njengeendlalifa kunye noKristu kuBukumkani bakhe basemazulwini. (Efese 3:5, 6, 8-11) Ewe, uThixo uya kusebenzisa urhulumente woBukumkani bukaYesu Kristu namaqabane akhe alawulayo ukuzisa uxolo oluhlala luhleli kungekhona emazulwini nje kuphela kodwa nasemhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) Ngabo, uYehova uya kubuyisela umhlaba kwimeko eyayiyinjongo yakhe kwasekuqaleni.—Isaya 45:18; 65:21-23; IZenzo 3:21.
Ixesha lakhe alimiseleyo lokuphelisa ingcinezelo nokungekho sikweni emhlabeni liza kufika kungekudala. Kodwa eneneni uYehova waqalisa lo msebenzi wokubuyisela ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E. Njani? Ngelo xesha waqalisa ukuhlanganisela “izinto ezisemazulwini,” abo baya kulawula noKristu emazulwini. Aba babequka amaKristu ase-Efese. (Efese 2:4-7) Kutshanje, kwixesha lethu, uYehova ebehlanganisela ‘izinto ezisemhlabeni.’ (Efese 1:10) Ngomsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke, wenza ukuba iindaba ezilungileyo zorhulumente woBukumkani bakhe obuphantsi kukaYesu Kristu zaziswe kuzo zonke iintlanga. Abo basabelayo bahlanganiselwa kwindawo enqabisekileyo nephilisayo ngokomoya. (Yohane 10:16) Kungekudala kumhlaba ocociweyo oyiparadesi, baya kukhululeka ngokupheleleyo kokungekho sikweni nasekubandezelekeni.—2 Petros 3:13; ISityhilelo 11:18.
Kuye kwathatyathwa “amanyathelo amakhulu” ekuncedeni abantu abacinezelweyo. (The State of the World’s Children 2000) Sekunjalo, elona nyathelo lihle nakakhulu iya kuba kukungenelela kukaKristu Yesu namaqabane akhe angabalawuli kurhulumente woBukumkani basemazulwini. Baya kucombulula ngokucokisekileyo wonke unobangela wongquzulwano nabo bonke obunye ububi obusikhathazayo. Baya kuphelisa zonke iingxaki zabantu.—ISityhilelo 21:1-4.
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Amalinge okunikela uncedo akazange azicombulule iingxaki zabantu
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Idini lentlawulelo likaKristu liye lakhulula abantu kwisono sika-Adam
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Namhlanje ubani unokunqabiseka yaye aphiliswe ngokomoya
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Kungekudala, ngoBukumkani bukaMesiya zonke iingxaki ziya kuphela