Imibuzo Evela Kubafundi
Kukuphi oku kutywinwa kuthethwa ngako kwiSityhilelo 7:3?
ISityhilelo 7:1-3 sithi: “Ndabona iingelosi ezine zimi kwiimbombo zone zomhlaba, zibambe ngokuqinileyo imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungabikho moya uvuthuza emhlabeni okanye elwandle okanye nakuwuphi na umthi. Ndabona enye ingelosi inyuka ivela empumalanga, inetywina loThixo ophilayo; yaza yadanduluka ngelizwi elikhulu kwiingelosi ezine ezazinikwe ukuba ziwonakalise umhlaba nolwandle, isithi: ‘Musani ukuwonakalisa umhlaba nolwandle nemithi, de kube semva kokuba siwatywinile amakhoboka oThixo wethu emabunzini awo.’”
Xa “imimoya emine” ikhululwa, kuya kubakho ‘imbandezelo enkulu,’ ukutshatyalaliswa konqulo lobuxoki nalo lonke eli hlabathi lingendawo. (ISityhilelo 7:14) “Amakhoboka oThixo wethu” ngabazalwana bakaKristu abathanjisiweyo abalapha emhlabeni. (1 Petros 2:9, 16) Ngoko ke, esi siprofeto sibonisa ukuba ukutywinwa kwabazalwana bakaKristu kuya kuba sele kugqityiwe xa kuqalisa imbandezelo enkulu. Kodwa ke, kukho ezinye iindinyana zeBhayibhile ezibonisa ukuba sikho nesinye isihlandlo esingaphambi kweso sokutywinwa kwabathanjiswa. Ngenxa yoko, maxa wambi siye sithethe ngokutywinwa kokuqala nokutywinwa kokugqibela. Yintoni umahluko?
Makhe siqwalasele intsingiselo yegama elithi “ukutywinwa.” Mandulo, itywina lalisetyenziselwa ukugximfiza uxwebhu. Eli gama likwabhekisela nakuloo nto isala ephepheni xa kugximfiziwe. Ngaloo mihla, kwakuyinto eqhelekileyo ukutywina uxwebhu okanye ezinye izinto ukuze kubonakale ukuba zisemthethweni okanye zicace ukuba zezikabani.—1 Kumkani 21:8; Yobhi 14:17.
UPawulos wafanisa umoya oyingcwele netywina xa wathi: “Lowo usiqinisekisayo ukuba thina nani singabakaKristu nalowo usithambisileyo nguThixo. Ukwabeke netywina lakhe kuthi yaye ubeke umqondiso woko kuzayo, oko kukuthi, umoya, ezintliziyweni zethu.” (2 Korinte 1:21, 22) Ngenxa yoko, uYehova uthambisa la maKristu ngomoya wakhe oyingcwele ukuze abonise ukuba angabantu bakhe.
Noko ke, mabini amanqanaba okutywinwa kwabathanjiswa. Ukutywinwa kokuqala kwahlukile ekutywinweni kokugqibela (1) ngenjongo (2) nangexesha. Injongo yokutywinwa kokuqala kukukhetha ilungu elitsha eliza kongezwa kumaKristu athanjisiweyo. Injongo yokutywinwa kokugqibela kukuqinisekisa ukuba lowo ukhethiweyo waza watywinwa ubonise ngokupheleleyo ukuba unyanisekile. Kusemva kokuba etywinwe okokugqibela kuphela apho umthanjiswa eya kubekwa itywina ‘ebunzini’ lakhe, nto leyo eya kubonisa ukuba ngokwenene ‘ulikhoboka likaThixo’ elivavanyiweyo nelithembekileyo. Ukutywinwa ekuthethwa ngako kwiSityhilelo isahluko 7 koku kokugqibela.—ISityhilelo 7:3.
Xa wayethetha ngexesha ekwakuza kwenziwa ngalo ukutywinwa kokuqala, umpostile uPawulos wathi kumaKristu athanjisiweyo: “Nani nathembela kuye nakuba nilivile ilizwi lenyaniso, iindaba ezilungileyo ezingosindiso lwenu. Kwangaye, nakuba nikholiwe, natywinwa ngomoya oyingcwele owathenjiswayo.” (Efese 1:13, 14) Kwiingxelo ezininzi, iBhayibhile ibonisa ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala ayetywinwa kamsinya nje emva kokuba eve iindaba ezilungileyo aza akholelwa kuKristu. (IZenzo 8:15-17; 10:44) Oko kutywinwa kwakubonisa ukuba uThixo uyakholiswa ngawo. Noko ke, kwakungathethi ukuba uThixo uya kukholiswa ngonaphakade ngawo. Ngoba?
UPawulos wathi amaKristu athanjisiweyo ‘ayatywina ukwenzela imini yokukhululwa.’ (Efese 4:30) Loo nto ibonisa ukuba kufuneka kudlule ixesha, ngokuqhelekileyo iminyaka eliqela, emva kokuba eye atywinwa okokuqala. Abathanjiswa kufuneka bahlale bethembekile ukususela mhla batywinwa ngomoya oyingcwele de kube ‘yimini yokukhululwa’ kwabo kwimizimba yabo yenyama—ngamany’ amazwi de kuse ekufeni. (Roma 8:23; Filipi 1:23; 2 Petros 1:10) Ngenxa yoko, uPawulos wayengenakukwazi ukuthetha la mazwi de kube sekupheleni kobomi bakhe: “Ugqatso ndilubaleke kwada kwasa ekugqibeleni, ukholo ndilugcinile. Ngoko ke ndibekelwe isithsaba sobulungisa.” (2 Timoti 4:6-8) Ukanti uYesu wathi kwibandla lamaKristu athanjisiweyo: “Zingqine uthembekile kude kuse ekufeni, mna ke ndokunika isithsaba sobomi.”—ISityhilelo 2:10; 17:14.
Igama elithi “isithsaba” libonisa nangakumbi ukuba kubakho ixesha phakathi kokutywinwa kokuqala nokokugqibela. Njani? Mandulo kwakuyinto eqhelekileyo ukuba imbaleki ephumelele ugqatso inikwe isithsaba. Ukuze isifumane, kwakufuneka yenze okungaphaya kokungenela ugqatso. Kwakufuneka ibaleke de iye kufika entanjeni. Ngendlel’ efanayo ke, kuphela kuxa amaKristu athanjisiweyo enyamezela de aye kuligqiba ikhondo lawo—ukusuka ekutywinweni kokuqala ukuya kokokugqibela—apho aya kunikwa isithsaba esibubomi bokungafi ezulwini.—Mateyu 10:22; Yakobi 1:12.
Iya kutywinwa nini ke okokugqibela intsalela yamaKristu athanjisiweyo? Onke asesemhlabeni aya kutywinwa ‘emabunzini awo’ ngaphambi kokuqhambuka kwembandezelo enkulu. Xa imimoya emine yembandezelo ikhululwa, wonke uSirayeli wokomoya uya kube etywinwe okokugqibela, nangona iya kube isekho imbinana esaphilayo nesekwimizimba yenyama eya kube ingekaligqibi ikhondo lasemhlabeni.