‘Umoya Uphengulula Izinto Ezinzulu ZikaThixo’
“Umoya uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.”—1 KOR. 2:10.
1. Yiyiphi indima yomoya oyingcwele echazwa nguPawulos kweyoku-1 yabaseKorinte 2:10, yaye yiyiphi imibuzo ephakamayo?
SINOMBULELO ngokwenene ngendlela osebenza ngayo umoya oyingcwele kaYehova! IZibhalo zithi umoya ungumncedi, usisipho, ulingqina yaye uyasibongozela. (Yoh. 14:16; IZe. 2:38; Roma 8:16, 26, 27) Umpostile uPawulos wabalaselisa enye indima ebalulekileyo yomoya oyingcwele, wathi: “Umoya uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.” (1 Kor. 2:10) Eneneni, uYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze atyhile iinyaniso zokomoya ezinzulu. Ukuba besingancedwa ngulo moya, ngaba besiya kuziqonda iinjongo zikaYehova? (Funda eyoku-1 yabaseKorinte 2:9-12.) Noko ke, kuphakama imibuzo eliqela: ‘Umoya uziphengulula njani izinto ezinzulu zikaThixo’? Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, uYehova wazityhila koobani ezi zinto? Umoya uziphengulula njani izinto ezinzulu kweli xesha lethu yaye usebenzisa bani?
2. Ziziphi iindlela ezimbini owawuza kusebenza ngazo umoya?
2 UYesu wachaza iindlela ezimbini umoya owawuya kusebenza ngazo. Ngaphambi kokuba afe, wathi kubapostile bakhe: “Umncedi, umoya oyingcwele, lowo uBawo aya kumthumela egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto aze anikhumbuze zonke izinto endinixelele zona.” (Yoh. 14:26) Ngoko umoya oyingcwele wawuza kubafundisa uze ubakhumbuze nezinto ababezifundile. Njengomfundisi, wawuza kunceda amaKristu aqonde izinto awayengaziqondi ngaphambili. Wawuza kubakhumbuza izinto ababezifundisiwe uze ubancede balusebenzise ngokuchanileyo olo lwazi.
Ngenkulungwane Yokuqala
3. Ngawaphi amazwi kaYesu abonisa ukuba ‘izinto ezinzulu zikaThixo’ zaziya kutyhilwa ngokuthe ngcembe?
3 UYesu wafundisa abafundi bakhe iinyaniso ezininzi ezazintsha kubo. Noko ke, kwakusafuneka befunde okuninzi. UYesu wathi kubapostile bakhe: “Ziseninzi izinto endinokuzithetha kuni, kodwa aninakukwazi ukuzithwala okwangoku. Noko ke, xa efika yena, umoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.” (Yoh. 16:12, 13) UYesu wayebonisa ukuba umoya oyingcwele wawuza kubatyhilela ngokuthe ngcembe izinto ezinzulu zokomoya.
4. Ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., umoya oyingcwele wamfundisa ntoni uPetros yaye wamkhumbuza ntoni?
4 NgePentekoste yowama-33 C.E., kwathululwa “umoya wenyaniso” kumaKristu ali-120 awayehlanganisene eYerusalem. Ubungqina bokuthululwa kwalo moya babonakala yaye kwavakala nengxolo. (IZe. 1:4, 5, 15; 2:1-4) Abafundi bathetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo “izinto zobungangamela zikaThixo.” (IZe. 2:5-11) Ngoku kwakufike ixesha lokuba kutyhilwe into entsha. Umprofeti uYoweli waxela kwangaphambili ngoku kuthululwa komoya oyingcwele. (Yow. 2:28-32) Abantu ababelapho babona ukuzaliseka kweso siprofeto ngendlela ababengayilindelanga, yaye umpostile uPetros wacacisa oko kwakusenzeka. (Funda iZenzo 2:14-18.) Umoya oyingcwele wafundisa uPetros ukuba oko kwakusenzeka kubafundi yayikukuzaliseka kweso siprofeto samandulo. Kwakhona umoya wamnceda wakhumbula, kuba uPetros wacaphula kungekuphela nje uYoweli kodwa neendumiso ezimbini zikaDavide. (INdu. 16:8-11; 110:1; IZe. 2:25-28, 34, 35) Abo babehlanganisene apho, babona baza beva izinto ezinzulu zikaThixo.
5, 6. (a) Emva kwePentekoste yowama-33 C.E., yiyiphi imibuzo ebalulekileyo ephathelele umnqophiso omtsha ekwakufuneka iphendulwe? (b) Ngoobani abaqwalasela le mibuzo yaye kwafikelelwa njani esigqibeni?
5 Zininzi izinto ekwakusafuneka ezifundile amaKristu enkulungwane yokuqala. Ngokomzekelo, ayesenemibuzo ngomnqophiso omtsha owaqala ukusebenza ngomhla wePentekoste. Ngaba lo mnqophiso mtsha wawusebenza kumaYuda nabo babeguqukele ebuYudeni kuphela? Ngaba wawuza kusebenza nakubantu beeNtlanga baze bathanjiswe ngomoya oyingcwele? (IZe. 10:45) Ngaba iiNtlanga ezingamadoda kwakuza kufuneka ziqale zoluswe zize zibe phantsi koMthetho kaMoses? (IZe. 15:1, 5) Le mibuzo yayibaluleke kakhulu. Kwakufuneka umoya kaYehova ukuze kuphengululwe ezi zinto zinzulu. Noko ke, wawuza kusebenza koobani?
6 Abazalwana abaneembopheleleko baqwalasela nkalo nganye. UPetros, uPawulos noBharnabhas babekuloo ntlanganiso yequmrhu elilawulayo yaye babalisa indlela uYehova awazamkela ngayo iiNtlanga ezingalukanga. (IZe. 15:7-12) Emva kokuqwalasela obu bungqina noko kwakuthethwa ziZibhalo zesiHebhere nokuncedwa ngumoya oyingcwele, iqumrhu elilawulayo lenza isigqibo. Emva koko labhalela amabandla liwachazela ngeso sigqibo.—Funda iZenzo 15:25-30; 16:4, 5; Efe. 3:5, 6.
7. Zazityhilwa njani iinyaniso ezinzulu?
7 Eminye imibandela emininzi yacaciswa kwiincwadi eziphefumlelweyo zikaYohane, zikaPetros, ekaYakobi nezikaPawulos. Kodwa emva kokuba iZibhalo zamaKristu zigqityiwe ukubhalwa, zaphela iziphiwo zokuprofeta nokutyhilwa kolwazi ngokungummangaliso. (1 Kor. 13:8) Ngaba umoya wawuza kuqhubeka ubafundisa yaye ubakhumbuza izinto ababezifundile? Ngaba wawuza kuqhubeka unceda amaKristu aphengulule izinto ezinzulu zikaThixo? Iziprofeto zabonisa ukuba wawuza kuqhubeka usenjenjalo.
Ebudeni Bexesha Lesiphelo
8, 9. Ngoobani ababeza ‘kuqaqamba’ ngenxa yolwazi lokomoya ebudeni bexesha lesiphelo?
8 Ibhekisela kwixesha lesiphelo, ingelosi yathi: “Abo ke banengqiqo baya kukhanya njengokuqaqamba kwesibhakabhaka; baze abo bakhokelele abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade. . . . Yaye ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.” (Dan. 12:3, 4) Ngoobani ababeza kuba nengqiqo yaye ngoobani ababeza kuqaqamba? Impendulo ifumaneka kumzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula. Ethetha ‘ngokupheliswa kwenkqubo yezinto,’ wathi: “Aya kuthi ke amalungisa aqaqambe njengelanga ebukumkanini bukaYise.” (Mat. 13:39, 43) Kwingcaciso yakhe, uYesu wathi ‘amalungisa’ “ngoonyana bobukumkani,” amaKristu athanjisiweyo.—Mat. 13:38.
9 Ngaba onke amaKristu athanjisiweyo ayeza ‘kuqaqamba’? Singatsho, kuba onke amaKristu ayeya kuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela, wokwenza abafundi nokwakhana kwiintlanganiso. Abathanjiswa babeza kumisela umzekelo. (Zek. 8:23) Noko ke, kwakuza kutyhilwa nezinto ezinzulu ebudeni bexesha lesiphelo. Isiprofeto sikaDaniyeli ‘satywinwa’ de kwafika elo xesha. (Dan. 12:9) Umoya uya kuziphengulula njani izinto ezinzulu yaye uya kusebenzisa oobani?
10. (a) Ebudeni bale mihla yokugqibela, umoya uzityhila koobani iinyaniso ezinzulu? (b) Chaza indlela eyatyhilwa ngayo inyaniso ephathelele itempile kaYehova enkulu yokomoya.
10 Namhlanje, umoya oyingcwele unceda ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elikwikomkhulu lehlabathi ukuze liqonde imibandela yokomoya ebifudula ingaqondakali kakuhle. (Mat. 24:45; 1 Kor. 2:13) IQumrhu Elilawulayo liye lihlolisise inkcazelo ehlaziyiweyo yombandela othile. (IZe. 15:6) Nantoni na eliye layifunda, liyayipapasha ukuze kungenelwe wonke umntu. (Mat. 10:27) Njengoko ixesha lihamba, kuye kufuneke ingcaciso engakumbi ngaloo mbandela yaye liwucacisa ngokunyanisekileyo.—Funda ibhokisi ethi, “Indlela Umoya Owayityhila Ngayo Intsingiselo Yetempile Yokomoya.”
Ukungenelwa Kwindima Ephunyezwa Ngumoya Namhlanje
11. Angenelwa njani amaKristu namhlanje kwindima ephunyezwa ngumoya oyingcwele ekutyhileni izinto ezinzulu zikaThixo?
11 Onke amaKristu athembekileyo ayangenelwa kwindlela umoya oyingcwele ozityhila ngayo izinto ezinzulu zikaThixo. NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, umoya oyingcwele uyasinceda nathi namhlanje ukuba siqonde izinto esizifundayo, sizikhumbule size sizisebenzise. (Luka 12:11, 12) Akuyomfuneko ukuba sifumane imfundo ephakamileyo ukuze siqonde iimfundiso ezinzulu zenyaniso epapashiweyo. (IZe. 4:13) Sinokuphucula njani kwindlela esiziqonda ngayo izinto ezinzulu zikaThixo? Masihlolisise la macebiso alandelayo.
12. Sifanele siwuthandazele nini umoya oyingcwele?
12 Thandazela umoya oyingcwele. Xa siza kufunda inkcazelo yeZibhalo, sifanele siqale sithandazele umoya oyingcwele ukuba usikhokele. Simele sikwenze oku enoba sisodwa okanye siza kufunda ixesha nje elifutshane. Imithandazo enjalo yokuthobeka iyamvuyisa uBawo wethu wasezulwini. Njengoko uYesu wabonisayo, uYehova uya kusinika umoya wakhe oyingcwele xa siwucela ngokunyanisekileyo.—Luka 11:13.
13, 14. Ukulungiselela iintlanganiso kunokusinceda njani ukuze siqonde izinto ezinzulu zikaThixo?
13 Lungiselela iintlanganiso. Udidi lwekhoboka lusilungiselela ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo.’ ‘Ikhoboka’ liphumeza imbopheleleko yalo ngokusilungiselela inkcazelo yeZibhalo, ucwangciso lokuhlolisisa loo nkcazelo neentlanganiso eza kuxutyushwa kuzo. Kukho izizathu ezibalulekileyo zokuyalela ‘umanyano lwabazalwana luphela’ ukuba luhlolisise inkcazelo ethile. (1 Pet. 2:17; Kol. 4:16; Yude 3) Xa sisenza konke okusemandleni ukuze silandele ulwalathiso esilunikiweyo, sibonisa ukuba siyasebenzisana nomoya oyingcwele.—ISityhi. 2:29.
14 Xa silungiselela iintlanganiso zamaKristu, sifanele sizifunde iZibhalo ezicatshuliweyo size sizame ukuqonda indlela ezidibana ngayo nombandela ofundwayo. Oku kuya kusinceda siyiqonde ngakumbi iBhayibhile. (IZe. 17:11, 12) Xa sizifunda ezi zibhalo, ziyabetheleleka engqondweni yaye umoya oyingcwele unokusinceda sizikhumbule. Ngaphezulu, ukuba sifunda umbhalo eBhayibhileni, iya kuhlala ithe thaa ezingqondweni zethu indawo okuyo loo mbhalo kuze kube lula nokuwufumana xa siwufuna kwakhona.
15. Kutheni sifanele sizifunde zonke iimpapasho yaye ukwenza njani oku?
15 Funda zonke iimpapasho. Asiyiyo yonke inkcazelo epapashiweyo efundwa kwiintlanganiso kodwa yonke inkcazelo epapashwayo ilungiselelwe thina. Kwanamaphephancwadi ahanjiswa ebantwini alungiselelwe thina. Kweli hlabathi linabantu abaxakekileyo, kudla ngokufuneka silinde umntu okanye nto ithile. Ukuba siphatha impapasho esingakhange siyifunde okanye esiye sayifunda saza sayiyeka phakathi, sisenokusebenzisa elo thuba ukuze siyifunde. Abanye bayifumana yonke inkcazelo ekwiimpapasho ngokuphulaphula iimpapasho zethu ezirekhodiweyo xa besendleleni. Le nkcazelo ilungiselelwa ngocoselelo ize ibhalwe ngendlela enokuqondakala lula kubo bonke abafundi yaye inokusenza sizixabise ngakumbi izinto zokomoya.—Hab. 2:2.
16. Kunokusinceda njani ukubhala nokwenza uphando ngemibuzo esinayo?
16 Camngca. Xa ufunda iBhayibhile okanye iimpapasho, cingisisa ngento oyifundayo. Njengoko uzikis’ ukucinga ngento oyifundayo, usenokuba nemibuzo. Usenokuyibhala phantsi le mibuzo uze wenze uphando kamva. Xa umbandela esiphanda ngawo ubangel’ umdla, siye siwuphande ngokunzulu. Emva kokuba siye sawuqonda, ungena kuvimba wethu yaye unokusinceda nangelinye ixesha.—Mat. 13:52.
17. Yintoni eniyifundayo kunqulo lwenu njengentsapho okanye kufundisiso lobuqu?
17 Yiba nexesha lonqulo lwentsapho. IQumrhu Elilawulayo liye lasikhuthaza sonke ukuba sibekele bucala ingokuhlwa ethile okanye elinye ixesha veki nganye ukuze senze ufundisiso lobuqu okanye sifunde njengentsapho. Utshintsho oluye lwenziwa kwiintlanganiso lusinika ithuba lokuba senze oko. Nifunda ntoni ngeengokuhlwa zoNqulo Lwentsapho? Abanye bafunda iBhayibhile, benze uphando ngeendinyana ezithile abanemibuzo ngazo baze babhale amagqabaza amafutshane kwiiBhayibhile zabo. Iintsapho ezininzi zizinika ixesha lokubona indlela ezinokukusebenzisa ngayo oko zikufundayo njengentsapho. Ezinye iintloko-ntsapho zikhetha umbandela ezicinga ukuba zimele ziwuhlolisise njengentsapho okanye umbuzo obubuzwe yintsapho. Ekuhambeni kwexesha usenokucinga nangeminye imibandela eninokuyixubusha.a
18. Kutheni sifanele sifunde neenyaniso ezinzulu zeLizwi likaThixo?
18 UYesu wathi umoya wawuya kuba mncedi. Ngoko simele sizifunde neenyaniso ezinzulu zeLizwi likaThixo. Ezi nyaniso zixabisekileyo ziyinxalenye ‘yokwazi uThixo’ yaye siyakhuthazwa ukuba siziphengulule. (Funda iMizekeliso 2:1-5.) Zityhila “izinto uThixo azilungisele abo bamthandayo.” Njengoko sisenza umgudu wokufunda ngakumbi ngeLizwi likaYehova, umoya oyingcwele uya kusinceda, kuba “umoya uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.”—1 Kor. 2:9, 10.
[Umbhalo osemazantsi]
Unokuphendula Uthini?
• Ziziphi iindlela ezimbini osinceda ngazo umoya ukuze siphengulule ‘izinto ezinzulu zikaThixo’?
• Umoya oyingcwele wazityhila koobani iinyaniso ezinzulu ngenkulungwane yokuqala?
• Umoya oyingcwele uzityhila njani namhlanje izinto?
• Yintoni ofanele uyenze ukuze ungenelwe kwindlela osebenza ngayo umoya?
[Ibhokisi ekwiphepha 22]
Indlela Umoya Owayityhila Ngayo Intsingiselo Yetempile Yokomoya
Phakathi ‘kwezinto ezinzulu zikaThixo’ ezatyhilwa ngenkulungwane yokuqala yayikukuba umnquba okanye iitempile zazifanekisela into ebaluleke ngakumbi. UPawulos wayibiza ngokuba ‘yintente yokwenyaniso, emiswe nguYehova, kungekhona umntu.’ (Heb. 8:2) Le yayiyitempile enkulu yokomoya, ilungiselelo awasenzela lona uThixo ngedini nobubingeleli bukaYesu Kristu, ukuze sisondele kuye.
‘Intente yokwenyaniso’ yabakho ngowama-29 C.E, xa uYesu wayebhaptizwa waza uYehova wamamkela njengedini eligqibeleleyo. (Heb. 10:5-10) Emva kokufa nokuvuswa kwakhe, uYesu wangena kweYona Ngcwele yetempile yokomoya waza wanikela ngexabiso ledini lakhe “phambi kukaThixo ngenkqu.”—Heb. 9:11, 12, 24.
Kwenye indinyana, umpostile uPawulos uchaza amaKristu athanjisiweyo ‘njengakhulela ekubeni yitempile engcwele kaYehova.’ (Efe. 2:20-22) Ngaba le tempile iyafana ‘netempile yokwenyaniso’ awathetha ngayo kamva kwileta yakhe eya kumaHebhere? Kangangamashumi eminyaka, abakhonzi bakaYehova babecinga ukuba iyafana. Kwakubonakala ngathi ngoxa esesemhlabeni, amaKristu athanjisiweyo ayelungiselelwa ukuba abe ‘ngamatye’ kwitempile kaYehova yasezulwini.—1 Pet. 2:5.
Noko ke, malunga nonyaka we-1971, amalungu odidi lwekhoboka aqonda ukuba itempile athetha ngayo uPawulos kweyabase-Efese ayinakuba yitempile kaYehova enkulu yokomoya. Ukuba ‘itempile yokwenyaniso’ yayibunjwa ngamaKristu athanjisiweyo avusiweyo, yayiza kubakho emva kokuqalisa kokuvuswa kwawo ebudeni “bobukho beNkosi.” (1 Tes. 4:15-17) Kodwa xa wayethetha ngomnquba, uPawulos wathi: “Yona kanye le ntente ingumzekeliso wexesha elimisiweyo elilapha ngoku.”—Heb. 9:9.
Xa ayethelekisa ezi zibhalo nezinye, aqonda ukuba itempile yokomoya yayingakhiwa ngamaKristu athanjisiweyo yaye ayengazukusetyenziswa ‘njengamatye’ xa isakhiwa. Kunoko, amaKristu athanjisiweyo akhonza yonke imihla kwintendelezo nakwiNgcwele yetempile yokomoya, enikela kuThixo “umbingelelo wendumiso.”—Heb. 13:15.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Yintoni esinokuyenza ukuze siziqonde ngakumbi ‘izinto ezinzulu zikaThixo’?