Ukuhlanganiswa Kwezinto Ezisemazulwini Nezisemhlabeni
‘Kukuthanda kwakhe ukuba kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’—EFESE 1:9, 10.
1. Kuyintoni ‘ukuthanda’ kukaYehova ngezulu nomhlaba?
UXOLO kwindalo iphela! Leyo yinjongo ezukileyo kaYehova, “uThixo woxolo.” (Hebhere 13:20) Waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhale athi ‘ukuthanda kwakhe’ kukuba “kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.” (Efese 1:9, 10) Sithetha ntoni ngokwenene isenzi esikule ndinyana esiguqulelwe ngokuthi ‘kuhlanganiselwe kwakhona’? Umphengululi weBhayibhile uJ. B. Lightfoot uthi: “Eli binzana libhekisela ekuthini kuya kubakho ukuvisisana kwindalo yonke, akuyi kubakho zidalwa zibangela ukungavisisani kodwa zonke izidalwa ziya kuhlanganiselwa kuKristu zize zimanyaniswe naye. Isono nokufa, intlungu, ukusilela nokubandezeleka kuya kuphela.”
“Izinto Ezisemazulwini”
2. Ngoobani “izinto ezisemazulwini” ekufuneka zihlanganisiwe?
2 Umpostile uPetros washwankathela ithemba elimangalisayo lamaKristu okwenyaniso xa wabhala wathi: “Silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) “Amazulu amatsha” esithenjiswe ngawo apha abhekisela kurhulumente omtsha, uBukumkani obungoMesiya. “Izinto ezisemazulwini” athetha ngazo uPawulos kwincwadi yakhe eya kwabase-Efese ziza kuhlanganiselwa “kuKristu.” Ezi ‘zinto zisemazulwini’ ngabantu abambalwa abaye banyulwa ukuze balawule noKristu emazulwini. (1 Petros 1:3, 4) La maKristu athanjisiweyo ali-144 000 ‘athengwa emhlabeni,’ ‘athengwa phakathi koluntu,’ ukuze abe ziindlalifa kunye noKristu kubuKumkani bakhe basezulwini.—ISityhilelo 5:9, 10; 14:3, 4; 2 Korinte 1:21; Efese 1:11; 3:6.
3. Kutshiwo njani ukuba abo bathanjisiweyo ‘bahlaliswe kwezasezulwini iindawo’ nangona besesemhlabeni?
3 AmaKristu athanjisiweyo azalwa ngokutsha ngomoya oyingcwele ukuze abe ngoonyana bakaYehova bokomoya. (Yohane 1:12, 13; 3:5-7) Ekubeni ‘engoonyana’ bakaYehova, aba ngabazalwana bakaYesu. (Roma 8:15; Efese 1:5) Ngenxa yoko, nangona esesemhlabeni, kuthiwa aye ‘avuswa aza ahlaliswa ndawonye kwezasezulwini iindawo ngokumanyene noKristu Yesu.’ (Efese 1:3; 2:6) Akwesi sigxina siphakamileyo sokomoya ngenxa yokuba aye ‘atywinwa ngomoya oyingcwele owathenjiswayo, ongumqondiso wangaphambili welifa lawo’ elibekelwe wona emazulwini. (Efese 1:13, 14; Kolose 1:5) La maKristu ‘zizinto ezisemazulwini,’ ekwakufuneka zihlanganisiwe yaye xa ewonke amiselwa nguYehova kwangaphambili.
Ukuqalisa Kokuhlanganiswa
4. Kwaqalisa nini ukuhlanganiswa ‘kwezinto ezisemazulwini’?
4 Ngokuvisisana ‘nelungiselelo’ likaYehova, ukuhlanganiswa ‘kwezinto ezisemazulwini’ kwakuza kuqalisa ‘ekuzalisekeni kwamaxesha amisiweyo.’ (Efese 1:10) Elo xesha lafika ngePentekoste yowama-33 C.E. Ngaloo mini, kwathululwa umoya oyingcwele phezu kwabapostile neqela labafundi, amadoda nabafazi. (IZenzo 1:13-15; 2:1-4) Obu yaba bubungqina bokuqalisa kokusebenza komnqophiso omtsha, ukusekwa kwebandla lamaKristu nohlanga olutsha olubunjwa nguSirayeli wokomoya, “uSirayeli kaThixo.”—Galati 6:16; Hebhere 9:15; 12:23, 24.
5. Kwakutheni ukuze uYehova avelise “uhlanga” olutsha ukuze luthabathe indawo kaSirayeli wemvelo?
5 Umnqophiso woMthetho owenziwa noSirayeli wemvelo awuzange uvelise ‘ubukumkani bababingeleli nohlanga olungcwele’ olwaluya kukhonza ezulwini ngonaphakade. (Eksodus 19:5, 6) UYesu wathi kwiinkokeli zonqulo ezingamaYuda: “Ubukumkani bukaThixo buya kuthatyathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.” (Mateyu 21:43) Olo hlanga, uSirayeli wokomoya, lubunjwa ngamaKristu athanjisiweyo akumnqophiso omtsha. Umpostile uPetros wawabhalela wathi: “Nina ‘nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, ukuze nivakalise ngokubanzi iimbalasane’ zalowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso. Kuba nanikhe anabi sisizwana, kodwa ngoku nisisizwana sikaThixo.” (1 Petros 2:9, 10) Umnqophiso uYehova awayewenze noSirayeli wemvelo wawungasasebenzi. (Hebhere 8:7-13) Njengoko uYesu wayexele kwangaphambili, ilungelo lokuba yinxalenye yoBukumkani obungoMesiya lalithatyathiwe kuye laza lanikwa uSirayeli wokomoya onamalungu ali-144 000.—ISityhilelo 7:4-8.
Ukungeniswa Kumnqophiso WoBukumkani
6, 7. Nguwuphi umnqophiso okhethekileyo owenziwa nguYesu nabazalwana bakhe abazelwe ngomoya yaye uthetha ntoni kubo?
6 Ngobusuku uYesu awasungula ngabo iSikhumbuzo sokufa kwakhe, wathi kubapostile bakhe abathembekileyo: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani, ukuze nidle, nisele etafileni yam ebukumkanini bam, nize nihlale ezitroneni ukuze nigwebe izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.” (Luka 22:28-30) UYesu apha wayebhekisela kumnqophiso okhethekileyo awayewenze nabazalwana bakhe abali-144 000 abazelwe ngomoya, ababeza kuhlala ‘bethembekile de kuse ekufeni’ baze bazingqine ‘bengaboyisi.’—ISityhilelo 2:10; 3:21.
7 Aba bantu bambalwa bancama onke amathemba okuphila ngonaphakade emhlabeni njengabantu abanemizimba yenyama. Baya kulawula noKristu ezulwini, bahlale ezitroneni ukuze bagwebe uluntu. (ISityhilelo 20:4, 6) Ngoku makhe sihlolisise ezinye izibhalo ezibhekisela kwaba bathanjisiweyo kuphela ezibonisa isizathu sokuba ‘ezinye izimvu’ zingathabathi kwimifuziselo yeSikhumbuzo.—Yohane 10:16.
8. Babonisa ntoni abathanjiswa ngokutya isonka? (Funda ibhokisi ekwiphepha 23.)
8 Abathanjiswa babandezeleka njengoKristu yaye bakulungele ukufa ngendlela awafa ngayo. Njengomnye welo qela, uPawulos wathi wayekulungele ukuzincama ukuze ‘azuze uKristu khon’ ukuze amazi yena namandla ovuko lwakhe nokuze abelane naye kwiimbandezelo zakhe.’ Ewe, uPawulos wayekulungele ukuzithoba “ekufeni okunjengokwakhe.” (Filipi 3:8, 10) AmaKristu amaninzi athanjisiweyo aye anyamezela “impatho ebulalayo eyanikelwa kuYesu.”—2 Korinte 4:10.
9. Nguwuphi umzimba ofanekiselwa sisonka seSikhumbuzo?
9 Xa wayesungula iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, uYesu wathi: “Oku kuthetha umzimba wam.” (Marko 14:22) Wayebhekisela kumzimba wakhe wokoqobo owawuza kubethwa wophe. Isonka esingenagwele sasiwufanekisela kakuhle umzimba wakhe. Ngoba? Kuba eBhayibhileni igwele linokubhekisela kwisono okanye ubungendawo. (Mateyu 16:4, 11, 12; 1 Korinte 5:6-8) UYesu wayefezekile yaye umzimba wakhe wawungenasono. Wayeza kunikela ngaloo mzimba ufezekileyo njengombingelelo wokucamagushela. (Hebhere 7:26; 1 Yohane 2:2) Ngaloo ndlela, kwakuza kungenelwa onke amaKristu athembekileyo, enoba anethemba lokuphila ezulwini okanye lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi.—Yohane 6:51.
10. Abo basela iwayini yeSikhumbuzo ‘banesabelo njani egazini likaKristu’?
10 Ngokuphathelele iwayini eselwa ngamaKristu athanjisiweyo eSikhumbuzweni, uPawulos wabhala wathi: “Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asikokwabelana na egazini likaKristu?” (1 Korinte 10:16) Abo basela iwayini yeSikhumbuzo baba ‘nesabelo njani egazini likaKristu’? Ngokuqinisekileyo abanasabelo kwidini lentlawulelo, ekubeni nabo ngokwabo befuna ukuhlawulelwa. Ngokubonisa ukholo kwigazi likaKristu elinamandla entlawulelo, izono zabo ziyaxolelwa baze bavakaliswe bengamalungisa ukuze bakwazi ukuphila ezulwini. (Roma 5:8, 9; Tito 3:4-7) Abali-144 000 abaza kuba ziindlalifa kunye noKristu ‘bangcwaliswa’ ngegazi likaKristu elaphalalayo, banyulwe, bahlanjwe esonweni ukuze babe ‘ngabangcwele.’ (Hebhere 10:29; Daniyeli 7:18, 27; Efese 2:19) Ewe, ngegazi lakhe elaphalalayo uKristu “wathengela uThixo abantu bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga, waza wabenza baba bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu, yaye baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba.”—ISityhilelo 5:9, 10.
11. Abathanjiswa babonisa ntoni ngokusela kwabo iwayini yeSikhumbuzo?
11 Xa uYesu wayesungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe, wanika abapostile abathembekileyo indebe yewayini waza wathi: “Selani kuyo, nonke; kuba oku kuthetha ‘igazi lam lomnqophiso,’ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.” (Mateyu 26:27, 28) Kanye njengokuba igazi leenkomo neebhokhwe laba sisiqinisekiso sokusebenza komnqophiso woMthetho owawuphakathi kukaThixo nohlanga lwakwaSirayeli, igazi likaYesu laba sisiqinisekiso sokusebenza komnqophiso omtsha owawuza kwenziwa nguYehova noSirayeli wokomoya, ekuqaleni kwePentekoste yowama-33 C.E. (Eksodus 24:5-8; Luka 22:20; Hebhere 9:14, 15) Ngokusela iwayini efuzisela “igazi lomnqophiso,” abathanjiswa babonisa ukuba bangene kumnqophiso omtsha yaye bafumana iingenelo zawo.
12. Abathanjiswa babhaptizelwa njani ekufeni kukaKristu?
12 Abathanjiswa bakhunjuzwa nangenye into. UYesu wathi kubafundi bakhe abathembekileyo: “Indebe endiyiselayo niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo niya kubhaptizwa ngalo.” (Marko 10:38, 39) Kamva umpostile uPawulos wathi amaKristu ‘abhaptizelwa ekufeni kukaKristu.’ (Roma 6:3) Abathanjiswa baphila ubomi bokuzincama. Bafa ukufa okulidini kuba bancama naliphi na ithemba lokufumana ubomi obungunaphakade emhlabeni. Ukubhaptizelwa kwala maKristu athanjisiweyo ekufeni kukaKristu kwenziwa kuphelele emva kokufa kwawo ethembekile aze avuswe njengezidalwa zokomoya ukuze ‘alawule njengookumkani’ noKristu ezulwini.—2 Timoti 2:10-12; Roma 6:5; 1 Korinte 15:42-44, 50.
Ukuthabatha Kwimifuziselo
13. Kutheni abo banethemba lokuphila emhlabeni bengathabathi kwimifuziselo noko ke kutheni besiya eSikhumbuzweni?
13 Ekubeni ukutya isonka nokusela iwayini eSikhumbuzweni kubandakanya konke oku, ngokuqinisekileyo bekungayi kufaneleka ukuba abo banethemba lokuphila emhlabeni batye le mifuziselo. Abo banethemba lokuphila emhlabeni bayaqonda ukuba abangomalungu athanjisiweyo omzimba kaKristu yaye abakho kumnqophiso omtsha uYehova awawenza nabo baza kulawula noYesu Kristu. Ekubeni “indebe” ifanekisela umnqophiso omtsha, ngabo bakumnqophiso omtsha kuphela abathabathayo kwimifuziselo. Abo bakhangele phambili ekuphileni ubomi obungunaphakade emhlabeni njengabantu abafezekileyo phantsi koBukumkani, ababhaptizelwa ekufeni kukaYesu yaye ababizelwanga ukuya kulawula naye ezulwini. Ukuthabatha kwabo kwimifuziselo, bekungayi kuba nantsingiselo. Ngaloo ndlela, abathabathi kwimifuziselo nangona besiya eSikhumbuzweni ukuze babukele ngentlonelo oko kuqhubekayo. Banombulelo ngoko uYehova abenzele kona ngoNyana wakhe, kuquka ilungiselelo lokuxolelwa kwezono ngenxa yegazi likaKristu elaphalalayo.
14. Ukutya isonka newayini kubomeleza njani ngokomoya abathanjiswa?
14 Ukutywinwa kwamaKristu ambalwa asaseleyo aza kulawula noKristu ezulwini sele kuza kufikelela esiphelweni. De kube sekupheleni kobomi bawo bokuzincama emhlabeni, ukutya kwawo imifuziselo yeSikhumbuzo kuyawomeleza ngokomoya. Kukho iqhina lomanyano phakathi kwabazalwana noodade abathanjisiweyo njengamalungu omzimba kaKristu. Ukutya kwabo isonka newayini engumfuziselo kubakhumbuza ngembopheleleko abanayo yokuhlala bethembekile de bafe.—2 Petros 1:10, 11.
Ukuhlanganiswa ‘Kwezinto Ezisemhlabeni’
15. Ngoobani abaye bahlanganiswa namaKristu athanjisiweyo?
15 Ukususela phakathi kwiminyaka yee-1930, ‘ezinye izimvu’ ezingeyonxalenye ‘yomhlambi omncinane’ ezinethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade ziye zazihlanganisa nabathanjiswa. (Yohane 10:16; Luka 12:32; Zekariya 8:23) Ziye zaba ngamaqabane anyanisekileyo abazalwana bakaKristu, zibancedisa ekushumayeleni “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” ukuze kube bubungqina kuzo zonke iintlanga. (Mateyu 24:14; 25:40) Ngaloo ndlela, zinethemba lokuba uKristu uya kuzigqala ‘njengezimvu,’ aze azibeke “ngasekunene kwakhe” xa eze kugweba iintlanga. (Mateyu 25:33-36, 46) Ngokuba nokholo kwigazi likaKristu, ziya kubumba “isihlwele esikhulu” esiya kusinda ‘kwimbandezelo enkulu.’—ISityhilelo 7:9-14.
16. Ngoobani abaqukiweyo ‘kwizinto ezisemhlabeni’ yaye baya kulifumana njani ithuba lokuba ‘ngabantwana bakaThixo’?
16 Emva kokutywinwa kokugqibela kwabali-144 000, kuya kukhululwa “imimoya” yentshabalalo eya kutshabalalisa inkqubo engendawo kaSathana esemhlabeni. (ISityhilelo 7:1-4) Ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu nookumkani abangababingeleli aza kulawula kunye nabo, ukongezelela kwisihlwele esikhulu, kuya kubakho nenginginya yabantu abavusiweyo. (ISityhilelo 20:12, 13) Nabo aba bavusiweyo, baya kufumana ithuba lokuba ngabalawulwa abasisigxina abasemhlabeni, phantsi koKumkani onguMesiya, uKristu Yesu. Ekupheleni koLawulo Lwewaka Leminyaka, zonke ezi ‘zinto zisemhlabeni’ ziya kuvavanywa okokugqibela. Abo baye bazingqina bethembekile baya kuba ‘ngabantwana bakaThixo’ abasemhlabeni.—Efese 1:10; Roma 8:21; ISityhilelo 20:7, 8.
17. Iya kuzaliseka njani injongo kaYehova?
17 Ngaloo ndlela, ‘ngelungiselelo’ lakhe lobulumko obumangalisayo, uYehova uya kuyizalisekisa injongo yakhe ‘yokuhlanganisela zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’ Zonke izidalwa ezikrelekrele ezisemazulwini nasemhlabeni ziya kube zihlanganiselwe eluxolweni lwendalo yonke, zizithoba ngovuyo kulongamo lobulungisa loMyili Omkhulu, uYehova.
18. Baya kungenelwa njani abathanjiswa namaqabane abo ngokuya eSikhumbuzweni?
18 Hayi indlela oluya komelezwa ngayo ukholo lwabathanjiswa abambalwa nolwezigidi zezinye izimvu xa behlanganisene ngoAprili 12, 2006! Baya kubhiyozela iSikhumbuzo sokufa kukaKristu, njengoko uYesu wayalelayo: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Bonke abo baya kube bekho bafanele bakhumbule oko uYehova abenzele kona ngoNyana wakhe amthandayo, uKristu Yesu.
Impinda
• Iyintoni injongo kaYehova ngezinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni?
• Ngoobani “izinto ezisemazulwini,” yaye bahlanganiswa njani?
• Ngoobani ‘izinto ezisemhlabeni,’ yaye liliphi ithemba abanalo?
[Ibhokisi ekwiphepha 23]
‘Umzimba KaKristu’
Exubusha nabazalwana bakaKristu abathanjiswe ngomoya ngentsingiselo yesonka, uPawulos wakhankanya enye inkalo ngokuphathelele ‘umzimba,’ kweyoku-1 yabaseKorinte 10:16, 17. Wathi: “Isonka esisiqhekezayo, asikokwabelana na emzimbeni kaKristu? Ngenxa yokuba kukho isonka esinye, thina, nangona sibaninzi, simzimba mnye, kuba sonke sinenxaxheba kweso sonka sinye.” Xa amaKristu athanjisiweyo esitya isonka seSikhumbuzo, abonisa ukumanyana kwawo njengebandla labathanjisiweyo, elifana nomzimba, ontloko yawo inguKristu.—Mateyu 23:10; 1 Korinte 12:12, 13, 18.
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Kutheni ingabathanjiswa kuphela abatya isonka newayini?
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ngelungiselelo likaYehova, zonke izidalwa ezisemazulwini nezisemhlabeni ziya kumanyaniswa