Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Umthandazo Unokundinceda Njani?
“Ndancedwa ngumthandazo ukuze ndikwazi ukulungelelanisa ubomi bam kwakhona.”—Brad.a
ABANTU abaselula abaninzi bayathandaza—mhlawumbi nangaphezu kokuba wena ucinga. UHlolisiso Olwenziwe yiGallup Kubantu Abaselula abaneminyaka eli-13 ukusa kweli-17 ubudala eUnited States ludize ukuba abangama-56 ekhulwini baqale bathandaze ngaphambi kokuba batye isidlo sangokuhlwa. Uhlolisiso olwenziwe kubantu abaselula abakhulileyo lubonise ukuba olungama-62 ekhulwini luthandaza yonke imihla.
Sekunjalo, kuninzi lolutsha umthandazo sisithethe nje esingenantsingiselo okanye yinto nje esisiqhelo. Bambalwa abanoko iBhayibhile ikubiza ngokuthi ‘lulwazi oluchanileyo ngoThixo.’ (Kolose 1:9, 10) Ngenxa yoko, uThixo akanandima ibalulekileyo ebomini babo. Kolunye uhlolisiso kubuzwe ulutsha ukuba ngaba lukhe luphethukele kuThixo na ukuze lufumane uncedo xa lusenza isigqibo esibalulekileyo. Enye intombazana yaphendula yenjenje: “Ndisoloko ndiphethukela kuThixo ngomthandazo ukuze andikhokele ndikhethe iindlela ezilungileyo ebomini.” Sekunjalo, yavuma yathi: “Akukho sigqibo ndinokucinga ngaso ngoku.” Ngoko, akumangalisi ukuba ulutsha oluninzi lungenantembelo yokuba umthandazo unamandla okanye unokulunceda!
Noko ke, njengoBrad ocatshulwe ekuqaleni, amawaka olutsha aye azibonela ngokwawo amandla omthandazo. Nawe unokuzibonela! Inqaku elandulelayo libonise isizathu sokuba nethemba lokuba uThixo uyayiva imithandazo yethu.b Ngoku umbuzo ngulo, Unokukunceda njani umthandazo? Okokuqala masihlolisise indlela uThixo ayiphendula ngayo imithandazo yethu.
Indlela UThixo Ayiphendula Ngayo Imithandazo
Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile amadoda athile anokholo afumana iimpendulo ezingqalileyo—kwanemimangaliso—njengempendulo kwimithandazo yawo. Ngokomzekelo, xa uKumkani uHezekiya wafumanisa ukuba unesifo esibulalayo, wabongoza uThixo ukuba amsindise. UThixo waphendula ngelithi: “Ndiwuvile umthandazo wakho. Ndizibonile iinyembezi zakho. Yabona ndiyakuphilisa.” (2 Kumkani 20:1-6) Namanye amadoda namabhinqa amoyikayo uThixo akubona ukungenelela kukaThixo.—1 Samuweli 1:1-20; Daniyeli 10: 2-12; IZenzo 4:24-31; 10:1-7.
Noko ke, nangamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukungenelela kukaThixo kwakungeyonto iqhelekileyo. Ngokuqhelekileyo, uThixo wayeyiphendula imithandazo yabakhonzi bakhe, kungekhona ngokungenelela ngokwenza ummangaliso, kodwa ngokubanceda ‘bazaliswe lulwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya.’ (Kolose 1:9, 10) Ewe, uThixo wayebanceda abantu bakhe ngokubomeleza ngokomoya nangokuziphatha—ebanika ubulumko nolwazi ukuze bakwazi ukwenza izigqibo zobulumko. Xa amaKristu ayesebunzimeni, uThixo wayengasoloko elususa uvavanyo. Kunoko, wayewanika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze akwazi ukulunyamezela!—2 Korinte 4:7; 2 Timoti 4:17.
Ngokufanayo nanamhlanje, impendulo yomthandazo wakho kusenokwenzeka ukuba ayiyi kuquka into ethile engummangaliso. Kodwa njengoko wayesenza ngaphambili, uThixo unokukunika umoya wakhe oyingcwele uze ukomeleze ukwazi ukusingatha naziphi na iimeko ojamelana nazo. (Galati 5:22, 23) Ukuzekelisa, makhe sihlolisise iindlela ezine umthandazo onokukunceda ngazo.
Uncedo Xa Usenza Izigqibo
UKaren wayesenza amadinga nomfana oselula owayebonakala enosukelo oluhle lokomoya. Uthi: “Wayesoloko endixelela ukuba ufuna ukuba ngumdala ebandleni.” Oku kwakuvakala kukuhle. Kodwa “wayethetha kakhulu nangeshishini awayeliqalisa nangazo zonke izinto awayeza kukwazi ukundithengela zona. Ndaqalisa ukukuthandabuza ukunyaniseka kwakhe.” UKaren wathandaza ngale nto. “Ndambongoza uYehova ukuba andivule amehlo aze andibonise oko ndandifanele ndikwazi ngaye.”
Maxa wambi, ukuthandaza nje kukodwa kuyingenelo, kuba kukunika ithuba lokuba ucingisise kakuhle ngezinto ngokwembono kaYehova. Kodwa uKaren wayefuna necebiso awayenokulisebenzisa. Ngaba wayeza kufumana impendulo ngokungummangaliso? Noko ke, khawuhlolisise ingxelo yeBhayibhile ngokuphathelele uKumkani uDavide. Xa wafumanisa ukuba umhlobo wakhe amthembileyo uAhitofele wayecebisa unyana wakhe owayengumngcatshi uAbhisalom, uDavide wathandaza wenjenje: “Liguqulele ekubeni bubudenge, ndiyacela, Yehova, icebo lika-Ahitofele!” (2 Samuweli 15:31) Kodwa naye uDavide wenza ngokuvisisana nomthandazo wakhe. Wanika umhlobo wakhe uHushayi le mbopheleleko, wathi kuye: “Uze ke unditshitshisele icebo lika-Ahitofele.” (2 Samuweli 15:34) Ngokufanayo, uKaren wenza ngokuvisisana nomthandazo wakhe ngokuthetha nomdala ongumKristu oqolileyo owayemazi umfana awayesenza amadinga naye. Lo mdala waluqinisekisa uloyiko lwakhe: Umfana awayesenza amadinga naye wayenze inkqubela encinane gqitha ngokomoya.
UKaren uthi: “Le meko yandibonisa kakuhle amandla omthandazo.” Okubuhlungu kukuba, umfana awayesenza amadinga naye wazifunela ubutyebi waza wayeka ukukhonza uThixo. UKaren uthi: “Ukuba ndanditshate naye, ngendisiza ndedwa kwiintlanganiso zamaKristu.” Umthandazo wamnceda uKaren wenza isigqibo esifanelekileyo.
Uncedo Ekulawuleni Iimvakalelo Zakho
KwiMizekeliso 29:11, iBhayibhile ithi: “Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile kude kuse ekupheleni.” Ingxaki kukuba abantu abaninzi namhlanje baphila phantsi koxinezeleko olukhulu yaye baye bangakwazi ukulawula iimvakalelo zabo—maxa wambi oku kuba nemiphumo emibi kakhulu. UBrian oselula ukhumbula oku: “Ndandinengxaki nomnye umntu endisebenza naye. Ngenye imini wandikhuphela imela.” Wawuza kwenza ntoni? UBrian wathandaza. Uthi: “UYehova wandinceda ndahlala ndizolile, ndaza ndathetha nalo mntu ndisebenza naye wayiyeka loo nto wayeyenza. Wavala imela yakhe waza wahamba.” Ukulawula iimvakalelo zakhe kwamnceda uBrian akabi nomsindo, yaye oku kwasindisa ubomi bakhe.
Usenokungagrogriswa ngemela. Kodwa zisenokuba ninzi iimeko ebomini bakho apho kuza kufuneka ulawule iimvakalelo zakho. Umthandazo unokukunceda uhlale uzolile.
Uncedo Xa Ukhathazekile
UBarbara ukhumbula ukuba kwiminyaka eliqela edluleyo ukhe “wajamelana nexesha lobunzima.” Uthi: “Emsebenzini, entsatsheni nakubahlobo—kwakungekho nto ilungayo. Ndandingayazi into emandiyenze.” Ngokuzenzekelayo uBarbara wathandazela uncedo. Kodwa kwakukho ingxaki. Uthi: “Ndandingazi ukuba ndimele ndicele ntoni kuYehova. Ekugqibeleni ndacela uxolo lwengqondo. Ndandimcela busuku ngabunye ukuba andincede ndingazikhathazi ngento le yonke.”
Wamnceda njani loo mthandazo? Uthi: “Emva kweentsuku ezimbalwa, ndaphawula ukuba nangona iingxaki zam zazingathanga shwaka, ndandingazikhathazi okanye ndizixhalabise ngazo.” IBhayibhile ithembisa oku: “Zaziseni izibongozo zenu kuThixo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.
Uncedo Ukuze Usondele KuThixo
Khawucinge ngamava kaPaul oselula. Uthi: “Ndandisandul’ ukufika kwizalamane zam. Ngobunye ubusuku ndandidandatheke kakhulu. Ndandisandul’ ukuphumelela kwisikolo samabanga aphakamileyo, yaye ndandikhumbula abahlobo bam bonke. Zathi waxa iinyembezi emehlweni am njengoko ndandikhumbula amathuba esasiwanandipha kunye.” Wayeza kwenza ntoni uPaul? Okokuqala ngqa, wathandaza ngokusuk’ entliziyweni. Uthi: “Ndayivula intliziyo yam ndaza ndacela uYehova ukuba andiphe amandla noxolo lwengqondo.”
Waba yintoni umphumo? UPaul ukhumbula oku: “Ngentseni elandelayo, ndavuka ndiziva ndikhululeke kakhulu kunanini na ngaphambili ebomini bam. Yaphela intlungu enzulu endandinayo ndaza ‘ndanoxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.’” Ngoku njengoko intliziyo yakhe yayizolile, uPaul wayenokuzijonga izinto ngendlela elungelelene ngakumbi. Ngokukhawuleza wabona ukuba ‘iimini zamandulo ezimnandi’ zazingemnandi kangako. (INtshumayeli 7:10) Eneneni, “abahlobo” awayebakhumbula kakhulu babengazange baba nempembelelo entle kuye.
Ngaphezu kwako konke, uPaul wazibonela ngokwakhe inkathalo kaYehova. Wakubona ukunyaniseka kwamazwi kaYakobi 4:8 athi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” Oku kwabangela utshintsho olukhulu kuPaul. Washukunyiselwa ukuba abeke uYehova kwindawo yokuqala kuzo zonke izinto ebomini bakhe aze ahlulele ubomi bakhe kuye.
Thetha NoThixo!
La mava akhayo anikela isiqinisekiso sokuba umthandazo unokukunceda. Kambe ke, oku kunokuba njalo ukuba ukufuna ngokwenene ukumazi uThixo, uhlakulela ubuhlobo kunye naye. Okubuhlungu kukuba, ulutsha oluninzi lukubekela amangomso oku. UCarissa wakhulela kwintsapho yamaKristu. Kodwa uyavuma athi: “Ndicinga ukuba kukule minyaka imbalwa idluleyo kuphela apho ndiye ndakuqonda kakuhle ukubaluleka kolwalamano olukhethekileyo esinalo noYehova.” UBrad okhankanywe ekuqaleni, wakhuliswa njengomKristu kodwa walushiya ngokupheleleyo unqulo lokwenyaniso kangangeminyaka eliqela. Uthi: “Ndabuyela kuYehova kuphela xa ndaqonda oko ndiye ndaphulukana nako. Ngoku ndiyayazi indlela ubomi obunokuba yindinisa buze bungabi nanjongo ngayo xa ungenabo ubuhlobo obunjalo.”
Noko ke, ungalindi kude kwenzeke intlekele ukuze usondele kuThixo. Qala ngoku ukuthetha naye—rhoqo! (Luka 11:9-13) ‘Phalaza intliziyo yakho phambi kwakhe.’ (INdumiso 62:8) Kungekudala uya kufumanisa ukuba ngokwenene umthandazo unokukunceda!
[Imibhalo esemazantsi]
a Wambi amagama aguquliwe.
b Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba UThixo Uyayiva Imithandazo Yam?” kwinkupho kaVukani!, kaJulayi 8, 2001.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 25]
Umthandazo Unokukunceda
● Wenze izigqibo ezibhetele
● Uhlale uzolile ngamaxesha oxinezeleko
● Ungazikhathazi ngezinto
● Usondele kuThixo