Imibuzo Evela Kubafundi
EyabaseKolose 1:16 ithi xa ithetha ngoNyana kaThixo “zonke ezinye izinto zidalwe ngaye yaye zidalelwe yena.” Izinto zonke “zidalelwe” uNyana kaThixo, uYesu, ngayiphi ingqiqo?
UYehova wasebenzisa uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo njengomsebenzi onobuchule ekudaleni zonke ezinye izinto, oko kukuthi, zonke izinto ngaphandle kukaYesu ngokwakhe. (IMizekeliso 8:27-30; Yohane 1:3) Ngokufanelekileyo, uNyana ufumana uyolo kule misebenzi, yaye ngale ngqiqo “zidalelwe” yena.
Siyazi ukuba abazali abangabantu balindele, yaye ngokufuthi bafumana uyolo ngoko bakuvelisileyo—noko kuveliswa ngoonyana neentombi zabo. Ngaloo ndlela, umzekeliso weBhayibhile uthetha ‘ngoyise okholiswayo ngunyana.’ (IMizekeliso 3:12; 29:17) Ngokufanayo, uYehova uThixo wayevuyiswa nguSirayeli xa abantu bakhe babethembekile. (INdumiso 44:3; 119:108; 147:11) Kwakhona uyavuyiswa kukuthembeka kwabantu bakhe abanyanisekileyo ukuza kuthi ga kwixesha lethu.—IMizekeliso 12:22; Hebhere 10:38.
Ngaloo ndlela, kwakufanelekile ukuba lowo usebenza noThixo, uYesu, abe noyolo ngoko akuphumezileyo. Enyanisweni, IMizekeliso 8:31 ithi uNyana ‘wachulumanca kwilizwe elinemveliso lomhlaba wakhe, nezinto awazithandayo zazikoonyana babantu.’ Kungale ngqiqo eyabaseKolose 1:16 isithi: “Zonke ezinye izinto zidalwe ngaye yaye zidalelwe yena.”