Zilumle ‘Kwizinto Ezingenaxabiso’
“Osukela izinto ezingenaxabiso uswele intliziyo.”—IMIZE. 12:11.
1. Ziziphi ezinye zezinto zexabiso esinazo, ibe yiyiphi eyona ndlela ibhetele esinokuzisebenzisa ngayo?
NJENGAMAKRISTU, sonke sinazo izinto ezithile zexabiso. Sisenokuba yimiqabaqaba yaye sibe namandla, sibe nobuchule bemvelo, okanye sime kakuhle epokothweni. Ekubeni sithanda uYehova, siyavuyiswa kukusebenzisa ezi zinto enkonzweni yakhe, ngaloo ndlela sithobela isibongozo esiphefumlelweyo esithi: “Beka uYehova ngezinto zakho zexabiso.”—IMize. 3:9.
2. Sisiphi isilumkiso seBhayibhile ngezinto ezingenaxabiso, ibe sisebenza njani ngokoqobo?
2 Kwelinye icala, iBhayibhile ithetha ngezinto ezingenaxabiso ize isilumkise ngokuchitha ixesha namandla ethu sisukelana nazo. Malunga noku, cinga amazwi eMizekeliso 12:11 athi: “Owulimayo umhlaba wakhe uya kwanela sisonka, kodwa osukela izinto ezingenaxabiso uswele intliziyo.” Kulula ukuyibona indlela osebenza ngokoqobo ngayo lo mzekeliso. Ukuba umntu uchitha ixesha namandla ukuze ondle intsapho yakhe, isenokunqabiseka ngezinto eziphathekayo. (1 Tim. 5:8) Kodwa, ukuba uyasafaza esukela izinto ezingenaxabiso, oko kuya kubonisa ukuba “uswele intliziyo,” akalungelelananga yaye ufuna uncedo. Usenokuzibona seyimpula kaLujaca.
3. Sisebenza njani isilumkiso seBhayibhile ngezinto ezingenaxabiso kunqulo lwethu?
3 Kuthekani xa sisebenzisa lo mgaqo nakunqulo lwethu? Sitsho sibone ukuba umKristu okhonza uYehova ngokunyaniseka ezibhokoxa ufumana unqabiseko lokwenene. Uyaqiniseka ukuba uya kusikelelwa nguThixo khona ngoku ngoxa enethemba ngekamva. (Mat. 6:33; 1 Tim. 4:10) Kodwa yena umKristu ophazanyiswa zizinto ezingenaxabiso ulubeka esichengeni ulwalamano lwakhe noYehova kuquka ithemba lokuzuza ubomi obungunaphakade. Yintoni esinokuyenza ukuze siphephe oko? Simele siziqonde izinto “ezingenaxabiso” kubomi bethu size sizabalazele ukuzilumla kuzo.—Funda uTito 2:11, 12.
4. Ngokuqhelekileyo, ziziphi izinto ezingenaxabiso?
4 Ziziphi kanye ezi zinto zingenaxabiso? Ngokuqhelekileyo, zinokuba yiyo nantoni na esiphazamisa ekukhonzeni uYehova ngomphefumlo uphela. Ngokomzekelo, isenokuba ziindlela ezahlukeneyo zokuzihlaziya. Kakade kuyafuneka ukuba khe sibethwe ngumoya. Kodwa xa sichitha ixesha elininzi ‘ekuzihlaziyeni’ sityeshela izinto zonqulo, oko kuzihlaziya kuba yinto engenaxabiso, eyonakalisa ubuhlobo bethu noThixo. (INtshu. 2:24; 4:6) Ukuze aphephe oko, umKristu umele azabalazele ukuhlala elungelelene, ayilumkele indlela alichitha ngayo ixesha lakhe elixabisekileyo. (Funda eyabaseKolose 4:5.) Noko ke, zikho ezinye izinto ezingenaxabiso eziyingozi ngakumbi kunokuzihlaziya. Phakathi kwazo ngoothixo bobuxoki.
Zilumle Koothixo Abangenaxabiso
5. IBhayibhile idla ngokubhekisela entwenini xa isebenzisa igama elithi “abangenaxabiso”?
5 Ibangel’ umdla into yokuba apho livela khona igama elithi “abangenaxabiso” kwinkoliso yeendinyana zeBhayibhile, libhekisela koothixo bobuxoki. Ngokomzekelo, uYehova wathi kuSirayeli: “Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso, yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo okanye intsika engcwele, yaye ningabeki litye njengomboniso ezweni lenu ukuze niqubude kulo.” (Lev. 26:1) UKumkani uDavide wathi: “Mkhulu uYehova yaye ngowokudunyiswa kakhulu, yaye uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo. Kuba bonke oothixo bezizwana ngoothixo abangenaxabiso. Yena uYehova, wenze amazulu.”—1 Kron. 16:25, 26.
6. Kutheni bengenaxabiso nje oothixo bobuxoki?
6 Njengokuba uDavide wabonisayo, singqongwe bubungqina obububonisa kakuhle ubukhulu bukaYehova. (INdu. 139:14; 148:1-10) Kwakulilungelo elingathethekiyo ukuba amaSirayeli abe kumnqophiso wokuba nolwalamano noYehova. Enza ubudenge ngokumshiya aye kuqubuda kwimifanekiso eqingqiweyo neentsika ezingcwele. Kumaxesha obunzima, abo thixo bobuxoki bangqineka bengenaxabiso, bengenamandla okuzihlangula, kungasathethwa ke ngokuhlangula abanquli babo.—ABagwe. 10:14, 15; Isa. 46:5-7.
7, 8. “UbuTyebi” bunokuba nguye njani uthixo?
7 Kumazwe amaninzi namhlanje, abantu basaqubuda kwimifanekiso eyenziwe ngabantu, ibe abo thixo akukabikho yabo njengokuba babenjalo ngaphambili. (1 Yoh. 5:21) Noko ke, zikho nezinye izinto iBhayibhile ethi zingoothixo ngaphandle kwemifanekiso eqingqiweyo. Ngokomzekelo, khawucinge ngala mazwi kaYesu: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini; kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye anamathele kwenye aze ayidele enye. Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.”—Mat. 6:24.
8 Inokwenzeka njani into yokuba ‘ubuTyebi’ bube nguthixo? Umzekelo woko unokuwenza ngelitye odibana nalo nje esithubeni kwaSirayeli mandulo. Elo litye lalinokucholwa kwakhiwe ngalo indlu okanye udonga. Kodwa xa limisiwe laba “yintsika engcwele” okanye “umboniso,” elo litye lalijika libe sisikhubekiso kubantu bakaYehova. (Lev. 26:1) Ibaluleke ngolo hlobo ke nemali xa isetyenziswa ngendlela efanelekileyo. Sifuna nje ukuthenga izinto zokuphila ngayo, size siyisebenzise nasekukhonzeni uYehova. (INtshu. 7:12; Luka 16:9) Kodwa xa eyona nto iphambili ikukusukelana nayo ngaphezu kokukhonza uThixo, imali ijika ibe nguthixo wethu. (Funda eyoku-1 kuTimoti 6:9, 10.) Kweli hlabathi, apho abantu bathe mbende emva kwemali, kufuneka siqinisekise ukuba sihlala silungelelene kulo mba.—1 Tim. 6:17-19.
9, 10. (a) UmKristu uyijonga njani imfundo? (b) Yiyiphi ingozi yemfundo enomsila?
9 Enye into eluncedo enokujika ibe yinto engenaxabiso yimfundo yehlabathi. Siyafuna ukuba abantwana bethu bafunde ukuze bakwazi ukuphila. Eyona nto ibaluleke ngakumbi ngemfundo kukuba, umKristu ofundileyo ukwazi kakuhle ukufunda iBhayibhile aze ayiqonde, aqiqe ngeengxaki aze afikelele kwizigqibo ezivakalayo, aphinde afundise inyaniso yeBhayibhile ngendlela ecacileyo neyeyisayo. Kuthabatha ixesha ngaphambi kokuba umntu azuze imfundo efanelekileyo, kodwa kukho umvuzo ekugqibeleni.
10 Kodwa, kuthekani ngemfundo enomsila, efunyanwa ekholejini okanye eyunivesithi? Ehlabathini lonke, le mfundo ijongwa njengesitshixo sempumelelo. Ukanti, abaninzi abanayo baphetha sele bezuza ubulumko behlabathi obuyingozi. Loo mfundo ichithela abaselula iminyaka yabo exabisekileyo yobutsha abebenokuyisebenzisa kakuhle bekhonza uYehova. (INtshu. 12:1) Mhlawumbi ayimangalisi into yokuba kumazwe anabantu abaninzi abanale mfundo bembalwa abakholelwa kuThixo. Kunokuba athembele kwiinkqubo zemfundo ephambili yeli hlabathi, umKristu umele akholose ngoYehova.—IMize. 3:5.
Ungavumeli Iminqweno Yenyama Ibe Nguthixo
11, 12. Kwakutheni ukuze uPawulos athi ngabathile: “Uthixo wabo sisisu sabo”?
11 Kwincwadi awayibhalela abaseFilipi, umpostile uPawulos uveza enye into enokuba nguthixo. Ethetha ngabathile ababesakuba ngabazalwana bakhe uthi: “Baninzi, endandidla ngokubakhankanya ngokufuthi kodwa ngoku ndibakhankanya ndilila, abaziintshaba zesibonda sentuthumbo sikaKristu, yaye isiphelo sabo yintshabalalo, uthixo wabo sisisu sabo, . . . neengqondo zabo zikwizinto zasemhlabeni.” (Fil. 3:18, 19) Inokwenzeka njani into yokuba isisu somntu sibe nguthixo?
12 Kubonakala ukuba kwabo babesakuba ngabazalwana bakaPawulos, umnqweno wokuzifica kwiminqweno yenyama waba yeyona nto iphambili kunokukhonza uYehova kunye noPawulos. Bambi basenokuba babezifica ngokoqobo ekudleni okanye ekuseleni de kwasa kwinqanaba lokuba ngamadla-kudla okanye amanxila. (IMize. 23:20, 21; thelekisa iDuteronomi 21:18-21.) Abanye basenokuba bakhetha ukusebenzisa amathuba awayefumaneka kwihlabathi lenkulungwane yokuqala de abaphazamisa ekukhonzeni uYehova. Kwanga singangaze sivumele umnqweno woko kuthiwa bubomi obufanelekileyo usitheze amandla ekukhonzeni uYehova ngomphefumlo uphela.—Kol. 3:23, 24.
13. (a) Kuyintoni ukubawa, ibe wakuchaza njani uPawulos? (b) Sinokukuphepha njani ukubawa?
13 Ethetha ngomnye umbandela, uPawulos uphinda akhankanye olunye uhlobo lonqulo lobuxoki. Wathi: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.” (Kol. 3:5) Ukubawa kukunqwenela ngamandla into ethile esingenayo. Isenokuba zizinto eziphathekayo. Isenokuba kukunqwenela ukuziphatha kakubi ngokwesini. (Eks. 20:17) Ngaba ayikothusi into yokuba iminqweno enjalo ifaniswa nonqulo-zithixo, ukunqula uthixo wobuxoki? UYesu wenza umfanekiso ocacileyo ukuze abonise ukubaluleka kokulwa nayo nakanjani na iminqweno enjalo ephosakeleyo.—Funda uMarko 9:47; 1 Yoh. 2:16.
Walumkele Amazwi Angenaxabiso
14, 15. (a) Yiyiphi “into engenaxabiso” eyakhubekisa abaninzi ngomhla kaYeremiya? (b) Yintoni eyayisenza amazwi kaMoses abe nexabiso?
14 Nawo amazwi anokuba zizinto ezingenaxabiso. Ngokomzekelo, uYehova wathi kuYeremiya: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam. Andibathumanga, ndingabayalelanga okanye ndathetha kubo. Baniprofetela umbono wobuxoki nokuvumisa nento engenaxabiso nenkohliso yentliziyo yabo.” (Yer. 14:14) Abo baprofeti bobuxoki babesithi bathetha egameni likaYehova, ngoxa babekhuthaza iingcamango zabo, ubulumko babo. Ngenxa yoko, amazwi abo ‘ayeyinto engenaxabiso.’ Ayelilize yaye eyingozi yokwenene kubantu bakaThixo. Ngowama-607 B.C.E., abaninzi ababephulaphula loo mazwi batshatyalaliswa ngamajoni aseBhabhiloni.
15 Kwelinye icala, uMoses wathi kumaSirayeli: “Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endinilumkisa ngawo namhlanje . . . Ngokuba asilizwi lingenaxabiso kuni eli, kodwa lithetha ubomi benu, yaye ngeli lizwi nisenokuyandisa imihla yenu kuwo umhlaba eniwela iYordan nisiya kuwudla ilifa.” (Dut. 32:46, 47) Ewe, amazwi kaMoses ayephefumlelwe nguThixo. Ngoko ayenexabiso, ebaluleke ngokwenene, ukuze izinto ziluhambele kakuhle olo hlanga. Abawathobelayo baye bonwaba baza baphila ubomi obude. Kwanga singahlala sizilumla kumazwi angenaxabiso size sibambelele kumazwi anexabiso ayinyaniso.
16. Sikujonga njani oko kuthethwa zizazinzulu xa kuphikisana neLizwi likaThixo?
16 Ngaba zikho izinto ezingenaxabiso esiziva zithethwa namhlanje? Ewe zikho. Ngokomzekelo, ezinye izazinzulu zithi ingcamango yokuzivelela kwendalo nezinye izinto ezifunyaniswe yinzululwazi zibonisa ukuba akusekho mfuneko yakukholelwa kuThixo, yonke into inokuchazwa ngokusuka endalweni. Ngaba simele sizikhathaze ngaloo mazwi okuzingca? Asikho isizathu soko. Ubulumko babantu bahluke gqitha kubulumko bukaThixo. (1 Kor. 2:6, 7) Siyazi ukuba xa iimfundiso zabantu ziphikisana noko kuthethwa nguThixo, isoloko isiba zizo eziphum’ ecaleni. (Funda eyabaseRoma 3:4.) Ingakhathaliseki inkqubela eyenziwa yinzululwazi kwiinkalo ezithile, iBhayibhile ihlala inyanisile koko ikutshoyo ngobulumko babantu: “Ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo.” Xa zithelekiswa nobulumko obungenakulinganiswa bukaThixo, iingcamango zabantu zililize.—1 Kor. 3:18-20.
17. Simele siwajonge njani amazwi eenkokeli zeNgqobhoko nalawo abawexuki?
17 Omnye umzekelo wamazwi angenaxabiso ufumaneka kwiinkokeli zonqulo zeNgqobhoko. Zithi zithetha egameni likaThixo, ngoxa inkoliso yamazwi azo ingasekelwanga kwiZibhalo, noko zikutshoyo kulilize. Nabawexuki bathetha amazwi angenaxabiso, besithi balumke gqitha ‘kunekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elimiselweyo. (Mat. 24:45-47) Abawexuki bathetha obabo ubulumko, ibe amazwi abo akanaxabiso, asisikhubekiso kuye nabani na owaphulaphulayo. (Luka 17:1, 2) Singakuphepha njani ukulahlekiswa ngawo?
Iindlela Yokuzilumla Kumazwi Angenaxabiso
18. Yiyiphi indlela esinokusisebenzisa ngayo isiluleko esikweyoku-1 kaYohane 4:1?
18 Ingwevu yompostile uYohane yanikela isiluleko esihle kule nkalo. (Funda eyoku-1 kaYohane 4:1.) Ngokuvisisana nesi siluleko sikaYohane, sihlala sikhuthaza abo sidibana nabo entsimini ukuba bathelekise oko bebekade bekufundiswa noko kuthethwa yiBhayibhile. Nathi simele senjenjalo. Ukuba siva nantoni na ephikisana nenyaniso okanye intlebendwano ngebandla, abadala, okanye nabaphi na abazalwana, asinakusuka nje siyamkele singakhange siyihlole. Simele sizibuze oku: “Ngaba lowo usasaza eli bali wenza ngokuvisisana noko kuthethwa yiBhayibhile? Ngaba la mabali akhe okanye izityholo ziphumeza injongo kaYehova? Ngaba akhuthaza uxolo ebandleni?” Nantoni na esiyivayo echitha abazalwana endaweni yokubakha, ayinaxabiso.—2 Kor. 13:10, 11.
19. Abadala baqinisekisa njani ukuba amazwi abawathethayo anexabiso?
19 Xa kufikelelwa kumazwi angenaxabiso, nabo abadala bafunda isifundo. Nanini na beluleka umntu, bamele bakhumbule ukuba basikelwe umda, baze bangaluleki ngokuphuma koko bakucingayo. Bamele bahlale besekela isiluleko sabo koko kutshiwo yiBhayibhile. Umgaqo osengqiqweni obakhokelayo ufumaneka kumazwi ompostile uPawulos athi: “Ningegqithi kwizinto ezibhaliweyo.” (1 Kor. 4:6) Abadala abagqithi kwizinto ezibhalwe eBhayibhileni. Xa sikuchaza kakuhle oku, abagqithi koko kubhalwe kwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.
20. Yiyiphi indlela esincedwa ngayo sizilumle kwizinto ezingenaxabiso?
20 Izinto ezingenaxabiso—enoba “zingoothixo,” amazwi, okanye nantoni na enye—ziyingozi gqitha. Ngenxa yoko, sihlala sithandaza kuYehova ukuze asincede siziqonde kanye oko zikuko, yaye sifuna ulwalathiso lwakhe ngendlela esinokuzilumla ngayo kuzo. Enyanisweni, xa sisenjenjalo sivumelana nomdumisi owathi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto; ndigcine ndiphila ngokwendlela yakho.” (INdu. 119:37) Kwinqaku elilandelayo, siza kuxubusha ngakumbi ngokubaluleka kokukhokelwa nguYehova.
Ungachaza Na?
• Ngokuqhelekileyo, ziziphi “izinto ezingenaxabiso” esimele sizilumle kuzo?
• Singakuphepha njani ukwenza imali ibe nguthixo?
• Kunokwenzeka njani ukuba iminqweno yenyama ibe lunqulo-zithixo?
• Sinokuzilumla njani kumazwi angenaxabiso?
[Umfanekiso okwiphepha 3]
AmaSirayeli akhuthazwa ukuba ‘alime umhlaba wawo,’ ayeke ukusukelana nezinto ezingenaxabiso
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ungaze uvumele umnqweno wezinto eziphathekayo ukutheze amandla ekukhonzeni uYehova
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Amazwi abadala anokuba nexabiso gqitha