-
Amanyala—Ngaba Yindlela Nje Yokuzonwabisa Engeyongozi?Vukani!—2002 | Julayi 8
-
-
Ukusoloko sicinga ngesini kunokuphazamisana nokunqula kwethu uThixo. Ngeso sizathu uPawulos wathi: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba . . . uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.”—Kolose 3:5.
Apha uPawulos unxulumanisa inkanuko yesini nokubawa, umnqweno ovuthayo wokufuna into ongenayo.a Ukubawa luhlobo oluthile lonqulo-zithixo. Kutheni sisitsho nje? Kaloku kungenxa yokuba akukho nto yimbi icingwa ngumntu obawayo ngaphandle kwaloo nto ayikhanukayo, akacingi nangoThixo. Amanyala akhuthaza ukuba umntu akhanuke into angenayo. Omnye umbhali ngezakwalizwi uthi: “Umntu uye afune ukuba neentlobano zesini ngendlela aqhele ukubona abanye abantu besenza ngayo. . . . Ayikho enye into ayicingayo ngaphandle kokunqwenela loo nto ayifunayo. . . . Siyazinqula izinto esizikhanukayo.”
-
-
Amanyala—Ngaba Yindlela Nje Yokuzonwabisa Engeyongozi?Vukani!—2002 | Julayi 8
-
-
a Apha uPawulos wayengathethi ngenkanuko yesini eqhelekileyo—umnqweno wemvelo wokuba neentlobano zesini neqabane lakho lomtshato.
-