Indlela Yokufumana Ulonwabo Lokwenene
UKUZE ukutya kube mnandi, akufuneki nje kuphela iresiphi, kodwa kufuneka nomntu okwaziyo ukupheka kakuhle! Oku kuyafana nakulonwabo. Alubangelwa nje yinto enye, kodwa zininzi izinto ezisenza sonwabe. Ezi ziquka umsebenzi, ukudlala, ukuchitha ixesha nentsapho nabahlobo bethu, nezinto zokomoya. Kodwa kwakhona kukho nezinye izinto ezifihlakeleyo, njengesimo sengqondo, izinto esizinqwenelayo, nosukelo lwethu ebomini.
Okuvuyisayo kukuba, akuyomfuneko ukuba siziphandele ngokwethu indlela yokufumana ulonwabo lokwenene. Ngoba? Ngenxa yokuba uMdali wethu usinike iBhayibhile, incwadi enemiyalelo nebalasele kunayo nayiphi na enye incwadi ehlabathini, ngoku efumaneka iphelele okanye iyinxalenye ngeelwimi ezingaphezu kwezingama-2 377.
Oku kubonisa ukuba uThixo ufuna sonwabe yaye uxhalabele imeko yokomoya yabantu bonke. (IZenzo 10:34, 35; 17:26, 27) UThixo uthi: “Mna . . . Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe.” Ukuba sithobela imiyalelo yakhe, usithembisa uxolo, ‘olunjengomlambo.’—Isaya 48:17, 18.
Esi sithembiso sisikhumbuza amazwi kaYesu acatshulwe kwinqaku elandulelayo athi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Ukuqonda ukubaluleka kwezinto zokomoya okuthethwa ngako apha akuyonkwalambisa nje. Kunoko, kuphembelela ubomi bethu bonke. Kubonisa ukukulungela kwethu ukuphulaphula nokufundiswa nguThixo, siqonda ukuba usazi ngaphezu kokuba sizazi. UErrol, ongumfundi weBhayibhile kangangeminyaka engaphezu kwengama-50 uthi: “Into endenza ndiqiniseke ukuba iBhayibhile ivela kuThixo kukuba xa usebenzisa iimfundiso zayo, ziyasebenza!” Ngokomzekelo, cinga nje ngesiluleko esihle ngezinto ezinjengokusukela ubutyebi nokuthanda iziyolo.
Icebiso Lobulumko Ngokuphathelele Imali
UYesu wathi: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Ewe, indlela uThixo asijonga ngayo ayixhomekekanga kwimali esinayo. Enyanisweni, ukusukela ubutyebi kongeza amaxhala, nto leyo ephelisa uvuyo ebomini bethu yaye kusivalela ithuba lokusukela ezona zinto zibalulekileyo.—Marko 10:25; 1 Timoti 6:10.
URichard Ryan, unjingalwazi wenzululwazi eUnited States uthi, okukhona abantu befuna ulwaneliseko ngokuba nezinto eziphathekayo, kukhona bengalufumani. Umbhali weBhayibhile uSolomon ukubeka ngale ndlela oku: “Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise; kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.” (INtshumayeli 5:10 IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Le meko sinokuyifanisa naxa ulunywe yingcongconi, njengokuba uzikrwempa kokukhona itshotshozela de ibe buhlungu.
IBhayibhile isikhuthaza ukuba sisebenze nzima size sidle iziqhamo zomsebenzi wethu. (INtshumayeli 3:12, 13) Ngokwenjenjalo, siyazihlonela—enye yezinto ezifunekayo ukuze sonwabe. Kwakhona sinokonwatyiswa zezinye izinto ezakhayo ebomini. Noko ke, kukho umahluko phakathi kokonwatyiswa zizinto esinokuzifumana ngemali nokubeka ubutyebi njengeyona nto iphambili.
Iziyolo Zifanele Zibekwe Kwindawo Yazo
Ukuqonda ukubaluleka kwezinto zokomoya ebomini bethu kusinceda ukuba sikunandiphe ukuzihlaziya, ukuzonwabisa nezinye iziyolo. UYesu wayezivuyela izihlandlo zolonwabo ezaziquka ukutya nokusela. (Luka 5:29; Yohane 2:1-10) Kodwa ezi zinto ngokuqinisekileyo zazingenguye owona mthombo wolonwabo ebomini bakhe. Kunoko, olona vuyo wayelufumana kwizinto zokomoya, ezaziquka ukunceda abanye abantu ukuba bafunde ngoThixo nangeenjongo zakhe ngoluntu.—Yohane 4:34.
UKumkani uSolomon wakha walinga ukuba nezinto eziphathekayo ukuze abone enoba zazinayo kusini na imfihlelo yolonwabo. Wathi: “Makhe ndilinge iziyolo, ndizonwabise.” Lo kumkani usisinhanha akazange azizilize ekusukeleni iziyolo. Kodwa waziphosa nozwane! Waziva njani emva koko? Wathi: “Naloo nto ngamampunge.”—INtshumayeli 2:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
Abantu abathanda iziyolo baye bazive kungekho nto bayifezileyo. Enyanisweni, xa abaphandi bethelekisa ukuthanda iziyolo nokwenza umsebenzi onenjongo, izinto zokomoya, nokuchitha ixesha kunye nentsapho, baye bafumanisa ukuba ukuthanda iziyolo akunagalelo lingako kulonwabo lwabo.
Yiba Nesisa Uze Ube Nombulelo
Kunokuba bazingce, abantu abonwabileyo badla ngokuba ngabantu abaphayo nabanomdla kwabanye abantu. UYesu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Ngaphandle nje kokuba nesisa ngezinto eziphathekayo, sinokunikela ngexesha namandla ethu, ngokukodwa kwiintsapho zethu kuba leyo yeyona nto ibalulekileyo. Amadoda nabafazi kufuneka bachithe ixesha kunye ukuze bomeleze umtshato wabo nokuze bonwabe, yaye abazali bamele bachithe ixesha nabantwana babo, bancokole nabo, babonise uthando kubo, baze babafundise. Xa amalungu entsapho esipha ngezo ndlela, ikhaya liba yindawo yolonwabo.
Kwelinye icala, xa abanye abantu bekunceda besebenzisa ixesha labo,amandla abo okanye ezinye iindlela—ngaba ‘uhlala unombulelo’? (Kolose 3:15) Ukuba silandela nje loo mazwi oko kunokwenza umahluko kulwalamano lwethu nabanye yaye kunokongeza uvuyo lwethu. Xa umntu othile ebulela ngokusuka entliziyweni, ngaba oko akukwenzi uzive uvuya?
Kwakhona ukubonisa umbulelo kusikhumbuza ngezinto ezintle eziye zenzeka kuthi. Umntu owayesenza uhlolisiso kwiYunivesithi yaseKhalifoniya eRiverside, eUnited Stated wathi abantu mabazibhale phantsi izinto abaye banombulelo ngenxa yazo. Akothusi ukufumanisa ukuba ngaphezu nje kweeveki ezintandathu, baziva benelisekile bubomi.
Sinokufunda ntoni koku? Kungakhathaliseki ukuba zinjani na iimeko zakho, kodwa zikhumbule izinto ezintle ozenzelwe ngabantu. Kangangokuba iBhayibhile ikubongoza isithi: “Hlalani ninemihlali. . . . Ezintweni zonke bulelani.” (1 Tesalonika 5:16, 18) Kakade ke, ukuze senze oko, kufuneka senze umgudu wokukhumbula izinto ezintle esikhe sazenzelwa. Kutheni oko ungakwenzi usukelo lwakho?
Uthando Nethemba—Zibalulekile Ukuze Sonwabe
Kunyanisiwe xa kusithiwa ukususela ekuzalweni kuse ekufeni, abantu balangazelela ukuthandwa. Ukuba alukho, abantu bayadakumba. Kodwa kanye kanye luyintoni uthando? Nangona eli gama lisetyenziswa nangayiphi na indlela kwixesha esiphila kulo, iBhayibhile ilichaza kakuhle isithi: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. Uthando alunakhwele, alugwagwisi, alukhukhumali, aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo, alucaphuki. Alunanzondo. Alubi nemihlali ngentswela-bulungisa, kodwa luvuyisana nenyaniso. Luthwala izinto zonke, lukholelwa izinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.”—1 Korinte 13:4-8.
Umntu onothando lokwenene akazingci. Ngenxa yokuba ‘lungafuni ezalo izilangazelelo’ lubeka izilangazelelo zabanye kwindawo yokuqala. Okulusizi kukuba, uthando olunjalo lunqabile. Kaloku, kwisiprofeto sakhe esibalulekileyo sokupheliswa kwenkqubo yezinto, uYesu wathi, “luya kuphola uthando lwabaninzi.”—Mateyu 24:3, 12; 2 Timoti 3:1-5.
Noko ke, oku akusayi kuhlala kunje ngonaphakade, kuba kuzisa ugculelo kuMdali—oluthando! (1 Yohane 4:8) Kungekudala uThixo uza kushenxisa emhlabeni bonke abantu abanentiyo okanye ababawayo. Uya kubagcina bephila abo babonakalisa uthando oluchazwe ngasentla nabenza konke okusemandleni abo ukuhlakulela olo uthando. Ngaloo ndlela, ehlabathini lonke abantu baza kube beseluxolweni yaye bonwabile. Esi sithembiso seBhayibhile siqinisekile ukuba siza kuzaliseka: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:10, 11.
Khawufan’ ucinge nje suku ngalunye ‘siziyolisa ngokugqibeleleyo’! Akumangalisi xa iBhayibhile isithi: “Yibani nemihlali ngalo ithemba.” (Roma 12:12) Ngaba ungathanda ukwazi okungakumbi ngeli themba limangalisayo uThixo aligcinele abantu abathobelayo? Ngoko nceda ufunde inqaku elilandelayo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
“Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 5]
Amabali Abantu Abaye Baphumelela—Ngaba Ayinyaniso?
Maxa wambi sikhe sibaliselwe ngabantu abakhulele kumakhaya aye atsala nzima kodwa ekugqibeleni aba zizinhanha. Xa ithetha ngolonwabo iSan Francisco Chronicle ithi: “Amabali anjalo maxa wambi adla ngokukhankanywa njengobungqina bokuba abantu baye benza umgudu nakuba kunzima baye baphumelela phezu kwayo nje imeko abakhulele kuyo. Ngokutsho kwabaphandi le nkcazelo isenokuba ayithethi kuthi aba bantu baye bonwaba. Kuphela nje, baye baba zizityebi.”
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
Ukonwaba Kwenza Ube Sempilweni
Xa unesimo sengqondo esihle uba sempilweni. Iphephancwadi iTime lithi: Ukonwaba, ukuba nethemba nokwaneliseka, ezo zinto zinokunciphisa amathuba okuba nesifo sentliziyo, isifo semiphunga, isifo seswekile, uxinezeleko lwegazi, umkhuhlane neengxaki zamarhanana.” Ukongezelela, uhlolisiso olwenziwa eHolani kubantu abagulayo nabalupheleyo, lwatyhila ukuba kwiminyaka esithoba, kumntu owonwabileyo nonesimo sengqondo esihle, anokuncipha amathuba okufa kuye kangangama-50 ekhulwini.
Indlela ingqondo ewuchaphazela ngayo umzimba womntu kunzima ukuyichaza. Noko ke, abaphengululi baye babonisa ukuba kubantu abanesimo sengqondo esakhayo nabanethemba, incindi yedlala loxinezeleko ebizwa ngokuba yi-cortisol iba kumlinganiselo ophantsi, nto leyo eyaziwa ngokuyenza ingasebenzi kakuhle inkqubo yomzimba yokuzikhusela.
[Umfanekiso okwiphepha 4, 5]
Kanye njengokuba ukuze ukutya kube mnandi kufuneka usebenzise iresiphi, ngoko ke ukulandela ulwalathiso lobuthixo kunokusenza sonwabe