“Uvuko Lokuqala”—Luyaqhubeka Sithethanje!
“Abo bafe bemanyene noKristu baya kuvuka kuqala.”—1 TESALONIKA 4:16.
1, 2. (a) Liliphi ithemba elikhoyo ngabo bafileyo? (b) Kutheni ukholelwa kuvuko lwabafileyo nje? (Bona umbhalo osemazantsi.)
“ABAPHILAYO bayazi ukuba baya kufa.” Le nto ibinjalo ukususela oko uAdam wonayo. Kuyo yonke imbali yabantu, wonk’ umntu obezalwa ebesazi ukuba ekugqibeleni naye uza kuphelela kwantsonga-nyawana, ibe abaninzi bebede bazibuze ukuba: ‘Yintoni eza kulandela emva kokufa? Bakweyiphi imeko abafileyo?’ IBhayibhile iyaphendula: “Kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.”—INtshumayeli 9:5.
2 Ngoko ngaba likho ithemba ngabo bafileyo? Ewe likho. Limele libekho kaloku ukuba injongo kaThixo yantlandlolo ngoluntu iza kuphumelela. Ukutyhubela iinkulungwane zeminyaka, abakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo bebenokholo kwisithembiso esenziwa nguye esiphathelele iMbewu eyayiza kutshabalalisa uSathana ize isuse umonakalo awenzileyo. (Genesis 3:15) Inkoliso yabo isutywe kukufa. Ukuze bayibone inzaliseko yesi sithembiso nezinye ezenziwa nguYehova, kuya kufuneka bavuswe ekufeni. (Hebhere 11:13) Ngaba inokwenzeka phofu into enjalo? Ewe inako. Umpostile uPawulos wathi: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) UPawulos wakha wavusa umfana ogama linguYutiko, owaya kuntlaleka phantsi esuka kumgangatho wesithathu, waza “wacholwa efile.” Eso yayisesokugqibela kwizihlandlo ezisithoba zokuvuswa kwabantu ekufeni ekuthethwa ngazo eBhayibhileni.—IZenzo 20:7-12.a
3. Akuthuthuzela njani wena amazwi kaYesu abhalwe kuYohane 5:28, 29, yaye ngoba?
3 Zezi zihlandlo zisithoba zokuvuswa kwabantu ekufeni ezisenza sibe nokholo kumazwi awathethwa nguPawulos. Zisenza siqiniseke nangakumbi ngesithembiso esenziwa nguYesu, esithi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uYesu] baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Avuyisa ngokwenene la mazwi! Kwaye ayazithuthuzela izigidi zabantu eziye zalahlekana nezihlobo nezalamane zazo ngenxa yokufa!
4, 5. Luluphi uvuko olwahlukileyo ekuthethwa ngalo eBhayibhileni, ibe yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku?
4 Uninzi lwabo baye bavuswa ekufeni luya kubuyela kumhlaba onoxolo nophantsi koBukumkani bukaThixo. (INdumiso 37:10, 11, 29; Isaya 11:6-9; 35:5, 6; 65:21-23) Noko ke, lukho nolunye uhlobo lovuko lwabafileyo olwalufanele lwenzeke ngaphambi kolo. Okokuqala, kwakuza kuvuswa uYesu Kristu ukuze asondeze ixabiso ledini lakhe kuThixo, ehlawulela thina. UYesu wafa waza wavuswa ngowama-33 C.E.
5 Emva koko, abathanjiswa ‘boSirayeli kaThixo’ bamele bathelele iNkosi uYesu Kristu kuzuko lwasezulwini, apho baza ‘kusoloko bekunye neNkosi.’ (Galati 6:16; 1 Tesalonika 4:17) Eso siganeko sibizwa ngokuthi ‘luvuko lokuqala.’ (Filipi 3:10, 11; ISityhilelo 20:6) Xa olo vuko lugqityiwe, kuya kuba lixesha lokuvuswa kwezigidi zabantu, babuyele emhlabeni benethemba lokufumana ubomi obungunaphakade eParadesi. Ngenxa yoko, enoba sinethemba lasezulwini okanye lasemhlabeni, sinomdla okhethekileyo ‘kuvuko lokuqala.’ Luvuko olunjani olu? Lwenzeka nini?
“Beza Benamzimba Unjani Na?”
6, 7. (a) Yintoni emele yenzeke ngaphambi kokuba amaKristu athanjisiweyo aye ezulwini? (b) Aza kuvuswa enemizimba enjani?
6 Kwincwadi yakhe yokuqala eyayisiya kwabaseKorinte, uPawulos wabuza ngolu vuko lokuqala, esithi: “Bavuswa njani na abafileyo? Beza benamzimba unjani na?” Wawuphendula lo mbuzo esithi: “Oko ukuhlwayelayo akwenziwa kuphile ngaphandle kokuba kuyafa kuqala . . . kodwa uThixo unika mbewu nganye isiqu sayo kanye njengoko ethanda . . . Lulodwa uzuko lwemizimba yasezulwini, lulodwa uzuko lwemizimba yasemhlabeni.”—1 Korinte 15:35-40.
7 Amazwi kaPawulos abonisa ukuba amaKristu athanjiswe ngomoya oyingcwele amele afe ngaphambi kokuba afumane umvuzo wawo wasezulwini. Aye athi akufa, imizimba yawo ibuyele eluthulini. (Genesis 3:19) Ngexesha elimiselwe nguThixo, ayavuswa enomzimba ofanele ubomi basezulwini. (1 Yohane 3:2) Kanti uThixo uwanika nokungafi. Le asinto ayifumana ekuzalweni kwawo, ngokungathi anomphefumlo ongafiyo. UPawulos uthi: “Oku kufayo kumele kwambathe ukungafi.” Ukungafi sisipho esivela kuThixo yaye ‘kwambathwa’ ngabo banesabelo kuvuko lokuqala.—1 Korinte 15:50, 53; Genesis 2:7; 2 Korinte 5:1, 2, 8.
8. Sazi njani ukuba uThixo akachongi abali-144 000 kumalungu eemvaba ngeemvaba?
8 Ngabali-144 000 kuphela abafumana uvuko lokuqala. UYehova waqalisa ukubakhetha ngePentekoste yowama-33 C.E., kamsinya emva kokuba evuse uYesu. Onke ‘abhalwe igama likaYesu negama loYise emabunzini awo.’ (ISityhilelo 14:1, 3) Ngenxa yoko, akachongwa kwiimvaba ezahlukahlukeneyo. Onke angamaKristu, kwaye alithwele ngebhongo igama loYise—uYehova. Xa evuswa ekufeni, afumana isabelo somsebenzi ezulwini. Ithemba lokuya kukhonza uThixo ngokungqale ngolo hlobo liwenza achulumance ngokwenene.
Ngaba Lwenzeka Ngoku?
9. ISityhilelo 12:7 nesahluko 17:14 zisinceda njani ukuba siqikelele ixesha oluqalisa ngalo uvuko lokuqala?
9 Lubakho nini uvuko lokuqala? Buninzi ubungqina obubonisa ukuba luyenzeka ngoku sithethayo. Ngokomzekelo, masithelekise izahluko ezibini zeSityhilelo. Okokuqala, jonga isahluko se-12. Kuso sifunda ukuba uYesu Kristu osandul’ ukubekwa etroneni, kunye neengelosi zakhe ezingcwele, balwa noSathana needemon zakhe. (ISityhilelo 12:7-9) Njengokuba eli phephancwadi lidla ngokubonisa, loo mfazwe yaqalisa ngowe-1914.b Kodwa ke phawula ukuba, akukho namnye kubalandeli bakaKristu abathanjisiweyo ekuthiwa wayencedisa kuloo mfazwe yasezulwini. Ngoku ke khangela kwisahluko se-17 seSityhilelo. Sifunda ukuba emva kokutshatyalaliswa ‘kweBhabhiloni Enkulu,’ iMvana iya koyisa iintlanga. Emva koko, songeza ngokuthi: “Ngokunjalo, nabo babiziweyo nabanyuliweyo nabathembekileyo abakunye nayo baya koyisa nabo.” (ISityhilelo 17:5, 14) “Abo babiziweyo nabanyuliweyo” bamele ukuba sele bevusiwe ukuba bakunye noYesu xa ihlabathi likaSathana lisoyiswa okokugqibela. Kusengqiqweni ke ngoko ukuba abathanjiswa abafa ngaphambi kweArmagedon babe bavuswe ngaxa lithile phakathi kowe-1914 neArmagedon.
10, 11. (a) Ngoobani abadala abangama-24, kwaye yintoni etyhilwa ngomnye wabo kuYohane? (b) Sisiphi isigqibo esinokufikelela kuso ngenxa yoku?
10 Ngaba sinako ukulichaza ngokungqale nangakumbi ixesha oluqalisa ngalo uvuko lokuqala? Kukho isolotya elibangel’ umdla eliyithi thsuphe impendulo yalo mbuzo elikwiSityhilelo 7:9-15, apho umpostile uYohane achaza “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala.” Eso sihlwele sichazwa kakuhle kuYohane ngomnye wabadala abangama-24, ibe aba badala bamela iindlalifa kunye noKristu ezili-144 000 xa zikuzuko lwasezulwini.c (Luka 22:28-30; ISityhilelo 4:4) KwanoYohane lowo wayenethemba lokuphila ezulwini; kodwa ekubeni wayesengumntu ophila emhlabeni xa lo mdala wayethetha naye, kulo mbono umele ukuba ufuzisela abathanjiswa abasemhlabeni abangekawufumani umvuzo wabo wasezulwini.
11 Sisiphi isigqibo esinokufikelela kuso ke kulo mba wokuba omnye wabadala abangama-24 echaza isihlwele esikhulu kuYohane? Kubonakala ngathi abo sele bevusiwe kwiqela labadala abangama-24 babandakanyekile ekudluliseleni inyaniso kaThixo kule mihla. Kutheni kubalulekile nje oko? Kungenxa yokuba indlela echanileyo yokuchaza isihlwele esikhulu yatyhilelwa abakhonzi bakaThixo abathanjisiweyo abasemhlabeni ngowe-1935. Ukuba omnye wabadala abangama-24 wasetyenziswa ukuba achaze le nyaniso ibalulekileyo, umele ukuba wayesele evuselwe ezulwini ubuncinane ngowe-1935. Loo nto yayiya kubonisa ukuba uvuko lokuqala lwaqalisa ngaxa lithile phakathi kowe-1914 nowe-1935. Ngaba ikho indlela yokuba sazi ukuba lwenzeke ngawuphi kanye kanye umhla kule minyaka?
12. Chaza isizathu sokuba sisenokucinga ukuba intwasahlobo yowe-1918 yayilelona xesha lwaqalisa ngalo uvuko lokuqala.
12 Kulo mba, mhlawumbi kuya kusinceda ukuqwalasela ingxelo yeBhayibhile enokugqalwa njengehambisana nale. UYesu Kristu wathanjiswa njengoKumkani woBukumkani bukaThixo wexesha elizayo ngokwindla lowama-29 C.E. Kwiminyaka emithathu enesiqingatha kamva, ngentwasahlobo yowama-33 C.E., wavuswa waza waba sisidalwa somoya esinamandla. Akungebi sengqiqweni ke ngoko ukucinga ukuba ekubeni uYesu wabekwa etroneni ngokwindla (loMntla WeIkhweyitha) lowe-1914, uvuko lwabalandeli bakhe abathanjisiweyo lwaqalisa kwiminyaka emithathu enesiqingatha kamva, ngentwasahlobo yowe-1918? Kubonakala ngathi kunjalo. Nangona le nto ingenakungqinwa ngokuthe ngqo eBhayibhileni, ayiphikisani nezinye iindinyana ezibonisa ukuba uvuko lokuqala lwenzeka kamsinya emva kokuba buqalisile ubukho bukaKristu.
13. Eyoku-1 kwabaseTesalonika 4:15-17 ibonisa njani ukuba kusenokwenzeka ukuba uvuko lokuqala lube luqalise ekuqaleni kobukho bukaKristu?
13 Ngokomzekelo, uPawulos wabhala: “Thina baya kuba besaphila ebudeni bobukho beNkosi [hayi isiphelo sobukho bayo] asiyi kubandulela konke konke abo balele ekufeni; ngenxa yokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla ivela ezulwini, idanduluke ngezwi lesiphatha-zingelosi nangexilongo likaThixo, yaye abo bafe bemanyene noKristu baya kuvuka kuqala. Emva koko thina baphilayo, basaseleyo, siya kuthatyathelwa emafini, ndawonye nabo, ukuze sihlangabeze iNkosi esibhakabhakeni; size ke sisoloko sikunye neNkosi.” (1 Tesalonika 4:15-17) Ngoko ke, amaKristu athanjisiweyo afe ngaphambi kobukho bukaKristu avuselwe ezulwini ngaphambi kwalawo ayesaphila ebudeni bobukho bukaKristu. Oku kuthetha ukuba uvuko lokuqala lumele lube lwaqalisa ekuqaleni kobukho bukaKristu, kwaye luyaqhubeka “ebudeni bobukho bakhe.” (1 Korinte 15:23) Kunokuba lwenzeke ngaxeshanye, uvuko lokuqala lwenzeka ngokuthe ngcembe ebudeni bexesha elithile.
“Ngamnye Wabo Wanikwa Umwunduzo Omhlophe”
14. (a) Izalisekiswa nini imibono ebhalwe kwiSityhilelo isahluko sesi-6? (b) Yintoni le kubhekiselwa kuyo kwiSityhilelo 6:9?
14 Kwakhona, kukho ubungqina obufumaneka kwiSityhilelo isahluko sesi-6. Kwesi Sibhalo uYesu ubonwa ekhwele ihashe njengoKumkani owoyisileyo. (ISityhilelo 6:2) Iintlanga zibambene ngezixhanti ngendlela engaqhelekanga. (ISityhilelo 6:4) Indlala iyazenzela ebantwini. (ISityhilelo 6:5, 6) Izifo nazo ziqengq’ ugodo eluntwini. (ISityhilelo 6:8) Zonke ezi ziganeko kuprofetwe ngazo zingena gingci kwiimeko ebezikho kweli hlabathi ukususela ngowe-1914. Kodwa ke akuphelelanga apho. Ingqalelo yethu itsalelwa kwisibingelelo esithile. Phantsi kwesi sibingelelo kukho “imiphefumlo yabo babulawa ngogonyamelo ngenxa yelizwi likaThixo nangenxa yomsebenzi wokungqina ababefudula benawo.” (ISityhilelo 6:9) Ekubeni “umphefumlo [okanye ubomi] wenyama usegazini,” le nto kuthiwa iphantsi kwesibingelelo ifuzisela igazi labakhonzi abathembekileyo bakaYesu ababulewe ngenxa yokushumayela kwabo ngenkalipho nangenzondelelo.—Levitikus 17:11.
15, 16. Chaza isizathu sokuba amazwi akwiSityhilelo 6:10, 11 ebhekisela kuvuko lokuqala.
15 Njengegazi lika-Abheli owayelilungisa, igazi lala maKristu awafel’ ukholo likhalela ukuba kwenziwe okusesikweni. (Genesis 4:10) “Badanduluka ngelizwi elikhulu, besithi: ‘Koda kube nini na, Nkosi enguMongami ongcwele noyinyaniso, uyekile ukugweba nokuphindezelela igazi lethu kwabo bahleli emhlabeni?’” Kwenzeka ntoni emva koko? “Ngamnye wabo wanikwa umwunduzo omhlophe; baza baxelelwa ukuba basaya kuphumla ithuba elincinane, lide liphelele inani labazalwana babo abangamakhoboka angamadlelane abo, ababesele beza kubulawa nabo njengabo.”—ISityhilelo 6:10, 11.
16 Ngaba le miwunduzo yanikwa izantyalantyala zegazi elalichitheke ezantsi kwesibingelelo? Soze kaloku! Iingubo zazinikwa abo kwakuphalazwe igazi labo esibingelelweni ngelifuziselayo. Banikela ngobomi babo egameni likaYesu ibe ngoku bavuswa njengabantu abanemizimba yomoya. Siyazi njani loo nto? Ngaphambilana kwincwadi yeSityhilelo, sifunda la mazwi: “Uya kuthi lowo woyisayo avathiswe izambatho zangaphezulu ezimhlophe; yaye andisayi kuze ndilicime igama lakhe kwincwadi yobomi.” Ukhumbule ke ukuba, nabadala abangama-24 ‘babambethe izambatho zangaphezulu ezimhlophe, ibe ezintlokweni zabo kwakukho izithsaba zegolide.’ (ISityhilelo 3:5; 4:4) Ngoko emva kokuba iimfazwe, iindlala, neendyikitya zokufa zaqalisa ukugqugqisa emhlabeni, abo bali-144 000 ababefile, ababefuziselwa ligazi elisezantsi kwesibingelelo, bavuselwa ezulwini baza bambeswa izambatho ezimhlophe.
17. Bamele ‘baphumle’ ngayiphi ingqiqo abo bafumana imiwunduzo emhlophe?
17 Abo basandul’ ukuvuswa bamele ‘baphumle.’ Bamele bayilinde ngomonde imini yempindezelo kaYehova. “Amakhoboka angamadlelane abo,” amaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni, awakazingqini ethembekile phantsi kwezilingo. Kuya kuthi kwakufika umgwebo kaThixo, kuphele ‘ukuphumla.’ (ISityhilelo 7:3) Ngelo xesha, abo bavusiweyo baya kuthelela iNkosi uYesu Kristu ekutshabalaliseni abangendawo, kuquka nabo baye baphalaza igazi lamaKristu angenatyala.—2 Tesalonika 1:7-10.
Intsingiselo Yale Nto Kuthi
18, 19. (a) Ziziphi izizathu ezikwenza ugqibe kwelokuba uvuko lokuqala lwenzeka ngoku sithethayo? (b) Uziva njani njengokuba uluqonda nje uvuko lokuqala?
18 ILizwi likaThixo alisichazeli owona mhla luqalisa ngawo uvuko lokuqala, kodwa liyasichazela ukuba lwenzeka ebudeni bobukho bukaKristu. Kuza kuqalwa ngamaKristu athanjisiweyo afe ngaphambi kokuqalisa kobukho bukaKristu. Njengoko buqhubeka ubukho bukaKristu, amaKristu athanjisiweyo athembeka kude kube sekupheleni kwekhondo lawo lasemhlabeni ayatshintshwa “ngokuqhwanyaza kweliso” abe zizidalwa zomoya ezinamandla. (1 Korinte 15:52) Ngaba bonke abathanjiswa baza kufumana umvuzo wabo wasezulwini ngaphambi kwemfazwe yeArmagedon? Asazi. Intw’ esiyaziyo kukuba ngexesha elifanelekileyo kuThixo, bonke abali-144 000 baya kufunyanwa bemi kwiNtaba yeZiyon esezulwini.
19 Siyazi kananjalo ukuba inkoliso yabali-144 000 sele imanyene noKristu. Yimbinana nje eselapha emhlabeni. Le nto iyenza icace into yokuba sele kumbovu ukuba uThixo aphumeze umgwebo wakhe. Kungekudala, yonke inkqubo yehlabathi likaSathana iza kutshatyalaliswa ithi tu. USathana ngenkqu uza kufakwa enzonzobileni. Emva koko, kuya kuqalisa uvuko oluqhelekileyo, kwaye, ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu, abantu abathembekileyo banokuvuselwa emfezekweni efana neka-Adam. Isiprofeto sikaYehova esibhalwe kwiGenesis 3:15 sizalisekiswa ngendlela emangalisayo. Ngokwenene kulilungelo elingathethekiyo ukuphila kula maxesha!
[Imibhalo esemazantsi]
a Xa ufuna ukwazi ngezinye izihlandlo ezisibhozo, funda eyoku-1 yooKumkani 17:21-23; eyesi-2 yooKumkani 4:32-37; 13:21; uMarko 5:35, 41-43; uLuka 7:11-17; 24:34; uYohane 11:43-45; IZenzo 9:36-42.
b Ukuze ufumane ubungqina obuvela kwiZibhalo obubonisa ukuba ubukho bukaKristu baqalisa ngowe-1914, bona incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? iphepha 215-18, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
c Ukuze ufumane inkcazelo ngokuphathelele indlela esazi ngayo ukuba abadala abangama-24 bamela amaKristu athanjisiweyo kwizikhundla zawo zasezulwini, funda incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! iphepha 77, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Ungachaza?
Ezi ndinyana zilandelayo zisinceda njani ukuba siqonde ixesha ‘lovuko lokuqala’?
• 1 Korinte 15:23; 1 Tesalonika 4:15-17
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Luluphi uvuko lwabafileyo olubakho ngaphambi kokuba kuvuswe uluntu ngokubanzi?
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Abo babelele ekufeni bawunikwa ngayiphi indlela umwunduzo omhlophe?