-
Sinokuhlala njani ‘sinesimo sengqondo sokulinda’?IMboniselo—2013 | Novemba 15
-
-
9-11. Ngaba sele ezalisekile amazwi akweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:3? Cacisa.
9 Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:1-3. Iintlanga sele ziza kubhengeza zisithi “Luxolo nonqabiseko!” Kufuneka ‘sihlale siphaphile, sithe qwa’ ukuze singabanjiswa sesi sibhengezo. (1 Tes. 5:6) Ukuze sikwazi ukuhlala siphaphile, makhe siqwalasele ngokufutshane iziganeko ezihlahl’ indlela yesi sibhengezo.
10 Emva kwemfazwe nganye kwiimfazwe zehlabathi ezimbini, izizwe ziye zavakalisa uxolo. Emva kwemfazwe yehlabathi yokuqala, kwasekwa uManyano Lwezizwe ngethemba lokuzisa uxolo. Kwandula ke, emva kwemfazwe yehlabathi yesibini kwasekwa iZizwe Ezimanyeneyo ngenjongo efanayo yokuzisa uxolo kulo mhlaba. Iinkokeli zoorhulumente nezonqulo zaye zathembela kule mibutho ukuzisa uxolo. Ngokomzekelo, iZizwe Ezimanyeneyo zabhengeza u-1986 njengoNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe. Kuloo nyaka, iinkokeli zamazwe ngamazwe nezonqulo zaya kudibana nentloko yamaKatolika eAssisi, eItali kuthandazelwa uxolo.
11 Noko ke, eso sibhengezo soxolo nonqabiseko nezinye ezifana naso azikasizalisekisi isiprofeto esikweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:3. Kutheni sisitsho nje? Kaloku ayikafiki “intshabalalo yequbuliso.”
12. Yintoni esiyaziyo ngesibhengezo ‘Soxolo nonqabiseko’?
12 Ngubani oza kwenza esi sibhengezo ‘Soxolo nonqabiseko’? Yiyiphi indima eza kudlalwa ziinkokeli zeNgqobhoko nezezinye iicawa? Zona iinkokeli zoorhulumente ziza kubandakanyeka njani kuso? IZibhalo azisixeleli. Ekuphela kwento esiyaziyo kukuba, kungakhathaliseki ukuba senziwa njani na okanye abantu basikholelwa kangakanani na, siya kuba lilize. Le nkqubo yezinto iya kube isalawulwa nguSathana. Ibole bhutyu yonke akukho kwandawo ikhethekayo. Ibiya kuba lusizi olungathethekiyo ukuba kubekho nabani na okholelwa obo buvuvu bukaSathana aze azibandakanye kwimicimbi yehlabathi!
-
-
Sinokuhlala njani ‘sinesimo sengqondo sokulinda’?IMboniselo—2013 | Novemba 15
-
-
14. Ziziphi iimpawu ezibonisa ukuba sikufuphi isiphelo seBhabhiloni Enkulu?
14 IBhabhiloni Enkulu, ubukumkani behlabathi bonqulo lobuxoki, iya kufumana umgwebo oyifaneleyo. “Izizwana nezihlwele neentlanga” aziyi kukwazi ukulixhasa. Kwangoku sekukho iimpawu ezibonisa ukuba isiphelo sayo sikufuphi. (ISityhi. 16:12; 17:15-18; 18:7, 8, 21) Enyanisweni, into yokuba ayisenabalandeli ibonakala kumajelo eendaba, apho unqulo neenkokeli zalo ziya zihlaselwa ngamandla. Kuyo yonke loo nto, iinkokeli zeBhabhiloni Enkulu aziyiboni ingozi ezikuyo. Kanti ke, zizibhudile izingqi! Emva kwesi sibhengezo ‘Soxolo nonqabiseko!’ iinkokeli zopolitiko zale nkqubo kaSathana ziya kuthi zingabhungisanga zilujikele unqulo lobuxoki zize zilutshabalalise. Ayinakuze iphinde ibonwe nangetshengele iBhabhiloni Enkulu! Siya kuvuya gqitha ngenxa yokuba siye sazilindela ngomonde iziganeko ezinjalo.—ISityhi. 18:8, 10.
-