‘Masithande Ngezenzo Nangenyaniso’
“Masingathandi ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.”—1 YOH. 3:18.
1. Loluphi olona hlobo lothando lugqwesileyo, ibe ngoba? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)
UTHANDO olusekelwe kwimigaqo echanileyo (okanye u-a·gaʹpe) luvela kuYehova. UnguMthombo walo. (1 Yoh. 4:7) Olu hlobo lothando lolona lugqwesileyo. Nangona umntu onolu thando esiba nomsa nobubele, ubukhulu becala wenzela abanye izinto kunokuba azicingele yedwa. Ngokutsho kwenye incwadi, uthando olungua·gaʹpe “lubonwa ngezenzo kuphela.” Xa sithanda abantu singajonganga nto, okanye besithanda bengancwasanga nto, ubomi bethu buyaphucuka, sonwabe, sitsho sibe nento esiyiphilelayo.
2, 3. UYehova ubonise njani ukuba uyabathanda abantu?
2 UYehova wabathanda abantu kwanangaphambi kokuba adale uAdam noEva. Wawudala umhlaba ukuze ube likhaya labo likanaphakade, indawo ababengayi kuphila nje kuyo, kodwa ababeza konwaba kuyo. Yonke le nto uYehova wayeyenzela thina, yena wayengazukufumana nto. Waphinda wabonisa ukuba uyamthanda uAdam noEva ngokubasikelela ngethemba lokuphila ngonaphakade kwiParadesi awayebalungiselele yona.
3 Nasemva kokuba uAdam noEva bonile, uYehova waphinda wabonisa indlela anothando ngayo. Walungiselela ukuhlawulela inzala eyayiza kuvela kwabo bavukeli babini, eqinisekile ukuba bakho kuyo ababeza kuluxabisa uthando lwakhe. (Gen. 3:15; 1 Yoh. 4:10) Kwanangala mzuzu uYehova wayebathembisa ukuba uza kubathumelela uMsindisi, kuye kwakufana nokuba sele yenzekile loo nto. Emva kweminyaka emalunga ne-4 000, uYehova wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo esenzela abantu. (Yoh. 3:16) Siyambulela nyhani uYehova ngolu thando lwakhe!
4. Yintoni ebonisa ukuba nabantu abangafezekanga banako ukuba nothando nyhani?
4 Sinako ukubathanda nyhani abantu kuba sidalwe ngokomfanekiso kaThixo. Isono esisifumene kuAdam noEva senza kube nzima ukubathanda abantu, kodwa loo nto ayithi asinakukwazi. UAbheli wabonisa ukuba uyamthanda uThixo ngokunikela ngeyona nto ixabisekileyo awayenawo. (Gen. 4:3, 4) UNowa wabonisa ukuba uyabathanda abantu ngokubashumayeza kangangamashumi eminyaka engayeki, nangona babengammameli. (2 Pet. 2:5) KuAbraham, ukuthanda uThixo kwakubaluleke ngaphezu kweemvakalelo zakhe, kangangokuba xa wayalelwa ukuba anikele ngoIsake wayenza loo nto. (Yak. 2:21) Nathi sifuna ukuba nothando njengala madoda athembekileyo, nangona kungelula.
UMAHLUKO PHAKATHI KOKUBATHANDA NYHANI ABANTU NOKUZENZISA
5. Zeziphi iindlela esinokubonisa ngazo uthando lwenene?
5 IBhayibhile ithi uthando lwenene asiluboni “ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.” (1 Yoh. 3:18) Ngaba le nto ithetha ukuthi asinakumxelela umntu ukuba siyamthanda? Hayi! (1 Tes. 4:18) Kunoko, uthando lwethu alumele luphelele nje apha emlonyeni, ngokukodwa xa kukho umntu odinga ukuncedwa. Ngokomzekelo, ukuba umzalwana wethu akanampahla nakutya, masingapheleli nje ekumnqweneleleni ukuba azifumane. (Yak. 2:15, 16) Ngokufanayo, xa sithanda uYehova nommelwane asiyi kucela nje uThixo ukuba ‘akhuphe abasebenzi baye esivunweni,’ kodwa nathi siza kuyikhuthalela intsimi.—Mat. 9:38.
6, 7. (a) Kuthetha ntoni ukuba ‘nothando olungenaluhanahaniso’? (b) Ngoobani ababenothando lomgunyathi?
6 Umpostile uYohane wabhala wathi simele sithande “ngezenzo nangenyaniso.” Ngoko uthando lwethu “malungabi naluhanahaniso,” okanye singazenzisi. (Roma 12:9; 2 Kor. 6:6) Le nto ithetha ukuba asinako ukuba nothando lwenene xa sizenzisa okanye sizenza abantu esingengabo. Kaloku xa sinjalo, uthando lwethu lolomgunyathi.
7 Makhe sithethe ngabantu ababenothando lomgunyathi. Kumyezo waseEden, uSathana wenza ngathi ufuna kulungelwe uEva, kodwa wabe esenzela yena kwaye ehanahanisa. (Gen. 3:4, 5) Ngexesha likaDavide, uAhitofele wazenza ngathi ngumhlobo wakhe kodwa engenguye. Wamjikela xa ebona ukuba kukho into angayifumana. (2 Sam. 15:31) Banjalo ke nabawexuki kunye nabazalwana abathile kule mihla yethu abaxabanisayo emabandleni, ‘bathetha ngendlela egudileyo bekutyibela’ ukuze ucinge ukuba bayakuthanda, kanti bafuna kulungelwe bona.—Roma 16:17, 18.
8. Ngowuphi umbuzo esifanele sizibuze wona?
8 Ukwenza ngathi sinothando singenalo yinto eyenyanyekayo kuba senza umgunyathi wophawu lukaThixo. Ungabaqhatha abantu, kodwa awunakumqhatha uYehova. UYesu wathi abo bahanahanisayo baya ‘kohlwaywa ngokona kuqatha kakhulu.’ (Mat. 24:51) Thina bakhonzi bakaYehova asifuni kuba nolo thando luhanahanisayo. Ngoko masizibuze, ‘Xa ndisithi ndiyamthanda umntu, ngaba ndimthanda nyhani, okanye sukube ndijonge okuthile okanye ndiyamqhatha nje?’ Makhe sithethe ngezinto ezisithoba esinokuzenza ukuze uthando lwethu ‘lungabi naluhanahaniso.’
INDLELA YOKUTHANDA “NGEZENZO NANGENYANISO”
9. Uthando lwenene lusibangela senze ntoni?
9 Kuvuyele ukukhonza uYehova kwanokuba awubonwa mntu. Masikulungele ukunceda abazalwana “emfihlekweni,” okanye kude namehlo abantu, ukuba kunokwenzeka. (Funda uMateyu 6:1-4.) UAnaniyas noSafira abazange bayenze le nto. Babefuna abantu bazi ukuba banikele, ibe baxoka bathi banikele ngayo yonke imali, ngoko bohlwaywa ngenxa yokuhanahanisa. (IZe. 5:1-10) Alunjalo lona uthando lwenene, lusenza sikuvuyele ukunceda abazalwana bethu singafuni ukuwelwa ngabantu okanye ukunconywa. Ngokomzekelo, abazalwana abancedisa iQumrhu Elilawulayo ekulungeseleleni izinto eziqinisa ukholo lwethu abazichazi amagama, abazitsaleli amehlo okanye bahambe bethetha ngezinto abazenzileyo.
10. Sinokukhokela njani ekuboniseni imbeko ebantwini?
10 Makuqale wena ukuphatha abantu ngembeko. (Funda eyabaseRoma 12:10.) UYesu wasibonisa indlela yokubaphatha ngembeko abantu ngokwenza owona msebenzi uphantsi wokuhlamba iinyawo zabafundi bakhe. (Yoh. 13:3-5, 12-15) Kusenokufuneka siphucule ukuthobeka ukuze sibe nembeko kwabanye abantu ngale ndlela. Nabapostile abazange bayiqonde kakuhle le nto yayisenziwa nguYesu kwade kwasemva kokuba befumene umoya oyingcwele. (Yoh. 13:7) Singaba nembeko kwabanye abantu ngokuthi singacingi ukuba sibhetele kunabo ngenxa yemfundo, izinto esinazo, okanye amalungelo esinawo kwinkonzo kaYehova. (Roma 12:3) Ibe kunokuba sibamonele abantu xa benconywa, kufuneka sivuyisane nabo nokuba sicinga ukuba besimele sinconywe nathi ngaloo nto bayenzileyo.
11. Kutheni simele singabaqhathi abazalwana xa sibancoma?
11 Bancome kuba ubancoma nyhani abazalwana, ungabaqhathi. Kufuneka siwasebenzise amathuba okuncoma abazalwana xa evela, kuba loo nto ‘iyakha.’ (Efe. 4:29) Kodwa, kufuneka singabaqhathi. Asifanelanga sibaxelele into abafuna ukuyiva okanye singabanqandi abazalwana xa besenza into ephosakeleyo. (IMize. 29:5) Siyahanahanisa xa sincoma umntu size sithi xa engekho simgxeke. Umpostile uPawulos wayilumkela loo nto, ibe indlela awayebancoma ngayo abantu isibonisa eyona nto luyiyo uthando lwenene. Ngokomzekelo, wawancoma nyhani amaKristu aseKorinte ngendlela awayeqhuba kakuhle ngayo kwezinye izinto. (1 Kor. 11:2) Kodwa xa ayesenza izinto ezibheke ecaleni, wayewachazela kakuhle nangendlela ecacileyo.—1 Kor. 11:20-22.
12. Sinokubonisa njani ukuba sibathanda nyhani abantu xa sibenzela ububele?
12 Yiba nezinwe. UYehova usiyalela ukuba sibe nezinwe kubazalwana noodadewethu. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:17.) Kodwa loo nto simele siyenze kuba sibathanda, hayi kuba sincwase okuthile. Ngoko masizibuze: ‘Ngaba ndinobubele kuphela kubahlobo bam, kubazalwana abasetyenziswa yintlangano, okanye kubantu abaza kukwazi ukubuyisa izitya? Okanye ngaba ndikhe ndibenzele ububele nabazalwana endingabaziyo, okanye abangenanto banokundipha yona?’ (Luka 14:12-14) Masithi umzalwana udinga imali ngenxa yokuba engakhange ayonge kwangaphambili okanye akabulelanga ngobubele esimenzele bona. Xa kunjalo, kufuneka sisebenzise eli cebiso: “Bukanani ngaphandle kokumbombozela.” (1 Pet. 4:9) Ukuba siyalisebenzisa eli cebo, siya kukuvuyela ukupha abantu kuba sibathanda.—IZe. 20:35.
13. (a) Kunini apho kunzima ukunceda ababuthathaka? (b) Ziintoni esinokuzenza ukuze sibaxhase?
13 Baxhase ababuthathaka. Umyalelo oseBhayibhileni othi, “baxhaseni ababuthathaka, nizeke kade umsindo [okanye nibe nomonde] kubo bonke” unokusityhila ukuba sibathanda nyhani na abantu. (1 Tes. 5:14) Abaninzi abebenokholo olubuthathaka luye lomelele ukholo lwabo ethubeni, kodwa bakhona ekuza kufuneka sibe nomonde kubo, siqhubeke sibaxhasa. Sisenokubakhuthaza ngeZibhalo, sihambe nabo entsimini okanye siziphe ixesha lokubamamela. Ukongezelela, kunokuba sithi umzalwala okanye udade “womelele” okanye “ubuthathaka,” simele siyamkele into yokuba sonke sinezinto esiqhuba kakuhle kuzo, nesisilelayo kuzo. Nompostile uPawulos wayivuma into yokuba unazo izinto abuthathaka kuzo. (2 Kor. 12:9, 10) Ngoko sonke kufuneka sixhasane.
14. Sifanele sizincame kangakanani ukuze sidale uxolo nabazalwana bethu?
14 Dala uxolo. Simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sihlale ngoxolo nabazalwana, kwanokuba sivakalelwa kukuba siyachukelwa okanye siphathwa kakubi. (Funda eyabaseRoma 12:17, 18.) Ukucela uxolo kuyayilungisa ingxaki, kodwa kufuneka ulucele nyhani. Ngokomzekelo, kunokuba uthi, “Ndicela uxolo kuba uziva ngolo hlobo,” yivume into yokuba uye wafaka isandla kule ngxaki ngokuthi, “Ndicela uxolo kuba ndiye ndakuvisa kabuhlungu ngale nto ndiyithethileyo.” Uxolo lubaluleke nangakumbi emtshatweni. Umyeni nenkosikazi abafanele benze ngathi bayathandana phambi kwabantu, kanti abathethisani, bayathukana, okanye babethane xa bengekho phambi kwabo.
15. Sinokubonisa njani ukuba sixolela nyhani?
15 Xolela, ungabi nenzondo. Simele sibaxolele abantu abasicaphukisayo ngokuthi singabi nenqala. Xa ‘sinyamezelana ngothando, sikuzabalazela ngokunyamekileyo ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo,’ siza kubaxolela abo baye basona bengaqondanga. (Efe. 4:2, 3) Ukuze sibaxolele nyhani abantu, kufuneka siyeke ukusoloko sicinga ngezinto abasenze zona. (1 Kor. 13:4, 5) Ukuba siyabaqumbela okanye sibe nenqala, siza kuphela sele singaxabananga nabo kuphela, kodwa noYehova. (Mat. 6:14, 15) Kanti sinokubonisa ukuba sixolela nyhani nangokubathandazela abo basonayo.—Luka 6:27, 28.
16. Simele siwajonge njani amalungelo esiwafumene enkonzweni kaYehova?
16 Into oyifumanayo yincamele abanye abantu. Xa ufumene ilungelo kwinkonzo kaYehova, lijonge njengethuba lokubonisa ukuba ubathanda nyhani abantu ‘ngokufuna, kungekhona ingenelo yakho, kodwa eyomnye umntu.’ (1 Kor. 10:24) Ngokomzekelo, kwiindibano zethu, abalindi bangena kuqala. Kunokuba bajonge izabelo zabo njengethuba lokubekela bona neentsapho zabo ezona zitulo zibhetele, abaninzi kwaba bazalwana baye bazibekele izitulo ezingakhethekanga kwiindawo ababelwe kuzo. Ngokuncamela abanye abantu izitulo ngale ndlela, babonisa ukuba bayabathanda abazalwana, ibe abazicingeli bodwa. Ungawuxelisa njani umzekelo wabo?
17. Uza kwenza ntoni xa wenze isono esinzulu ukuba ubathanda nyhani abazalwana?
17 Zichaze uze uziyeke izono ozifihlileyo. Amanye amaKristu aye azifihle izono ezinzulu azenzileyo kuba engafuni ukuhlazeka okanye ukudanisa abantu. (IMize. 28:13) Kodwa umntu owenza loo nto akabathandi abazalwana, kuba le nto ayonzakalisi yena yedwa, kodwa yonzakalisa nabanye abantu. Kaloku inokubangela ukuba umoya kaThixo ungasebenzi ebandleni, ize iphelise noxolo. (Efe. 4:30) Ukuba ubathanda nyhani abazalwana, uza kuzixela kubadala xa wenze isono esinzulu ukuze bakuncede.—Yak. 5:14, 15.
18. Lubaluleke kangakani uthando lwenene?
18 Uthando lolona phawu lubalulekileyo. (1 Kor. 13:13) Sibonakala ngalo ukuba singabalandeli bakaYesu kwaye sixelisa uYehova onguMthombo wothando. (Efe. 5:1, 2) UPawulos wathi: “Ukuba andinalo uthando, ndiyinto engento.” (1 Kor. 13:2) Masiqhubeke sibonisa uthando, kungekhona ‘ngamazwi’ kuphela, kodwa ‘nangezenzo nenyaniso.’