Imibuzo Evela Kubafundi
Atheth’ ukuthini amazwi kaPawulos athi umhlolokazi umele abe “ngumfazi wendoda enye” ukuze akufanelekele ukuncedwa libandla lobuKristu?—1 Timoti 5:9.
Ekubeni umpostile uPawulos wayethetha ngomhlolokazi, amazwi athi “ongumfazi wendoda enye” amele abhekisele kwimeko yakhe ngaphambi kokuba abe ngumhlolokazi. Ngaba oku kuthetha ukuba lo mhlolokazi umele abe ngowayetshate kanye kuphela? Okanye ikho enye into esenokuba yayithethwa nguPawulos?a
Bambi baye bathi uPawulos wayethetha ngabahlolokazi ababetshate kanye kuphela. Yinyaniso ukuba kwiindawo ezininzi, umhlolokazi oye wahlala akatshata wayegqalwa njengonesidima esikhethekileyo. Noko ke, ukucinga ngolo hlobo kuyaphikisana namazwi kaPawulos akwenye incwadi yakhe. Ngokomzekelo, kumaKristu aseKorinte, watsho phandle ukuba nakuba evakalelwa kukuba umhlolokazi unokonwaba ngakumbi xa ehlala engatshatanga, “ukhululekile ukuba atshatiselwe kulowo amfunayo, kuphela eNkosini.” (1 Korinte 7:39, 40; Roma 7:2, 3) Ukongezelela kwincwadi yakhe eya kuTimoti, uPawulos wathi: “Ndinqwenela ukuba abahlolokazi abancinane batshate.” (1 Timoti 5:14) Ngoko, yayingajongwa kakubi into yokutshata komhlolokazi.
Atheth’ ukuthini ke amazwi kaPawulos kuTimoti? Amazwi athi “omfazi wendoda enye” avela kule ndinyana kuphela. Amazwi afana nala uPawulos uwasebenzise ngokuphindaphindiweyo kwiincwadi zakhe, esithi “indoda yamfazi mnye.” (1 Timoti 3:2, 12; Tito 1:6) UPawulos wasebenzisa la mazwi xa wayechaza iimfaneleko zabaveleli abangamaKristu nezicaka zolungiselelo. Eyona nto wayeyithetha apho kukuba, ukuze indoda ifanelekele ukuthwala iimbopheleleko ebandleni lobuKristu, xa itshatile imele ithembeke yaye inyaniseke kumfazi wayo ibe yengenakukhalazeleka ngokuziphatha.b Ekubeni kunjalo, kuyabonakala ukuba la mazwi akweyoku-1 kuTimoti 5:9 abhekisela kwinkalo efanayo: Ukuze umhlolokazi akufanelekele ukuncedwa libandla, wayemele abe ngozinikeleyo nonyanisekileyo othembekileyo kwindoda yakhe ngoxa yayisaphila angabi nabala ekuziphatheni. Ezinye izinto ezifunekayo ezichazwe nguPawulos zibhekisela kwakulo mhlolokazi.—1 Timoti 5:10.
[Imibhalo esemazantsi]
a Umkhwa wokuba umfazi abe namadoda amaninzi ngaxeshanye, wawungamkelekanga kulawulo lwamaGrike namaRoma, ixesha awayephila kulo lo mpostile. Ngoko, uPawulos akunakuba wayembhalela ngalo mkhwa uTimoti okanye ekhalimela nabani na owenzayo.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngalo mbandela, funda IMboniselo kaOktobha 15, 1996, iphepha 17, nenqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwinkupho kaSeptemba 1, 1981, iphepha 31.