Yisebenzise Kakuhle Imali Yakho
ABANTU badla ngokuthi iBhayibhile ithi: “Imali yingcambu yeento zonke ezimbi.” Kodwa iBhayibhile ithi: “Ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi.” (1 Timoti 6:10, iBhayibhile yesiXhosa) Eneneni abanye abantu bayayithanda imali yaye bachitha ixesha elininzi beqokelela ubutyebi. Abanye baba ngamakhoboka emali baze babe nemiphumo ebuhlungu. Kodwa ke, xa isetyenziswa kakuhle imali inokuba luncedo. IBhayibhile ithi “imali icombulula iingxaki ezininzi.”—INtshumayeli 10:19, Holy Bible—Easy-to-Read.
Nangona iBhayibhile ingeyiyo incwadi ecebisa ngemali, inecebiso elinokukunceda ukwazi ukuyisebenzisa kakuhle. La manyathelo mahlanu adla ngokunconyelwa ngabacebisi bemali, yaye afana nemigaqo eyabhalwa eBhayibhileni mandulo.
Yigcine. Ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba amaSirayeli amandulo ayefundiswa ukubaluleka kokugcina imali. Ayeyalelwe ukuba abeke ecaleni isishumi (okanye i-10 ekhulwini) nyaka ngamnye ukuze akwazi ukuya kwimibhiyozo. (Duteronomi 14:22-27) Ngokufanayo umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu okuqala ukuba agcine imali veki nganye ukuze kamva akwazi ukunikela ngayo aze ancede amanye amakholwa. (1 Korinte 16:1, 2) Inkoliso yabantu abacebisa ngemali bakhuthaza ukuyigcina. Ukugcina imali kubalulekile. Ukufumana nje kwakho umvuzo, gcina imali ethile ebhankini okanye kwenye indawo ekhuselekileyo. Oku kuza kukunceda ungalingeki ekuyisebenziseni.
Yenza uqingqo-mali. Le yeyona ndlela isebenzayo yokujonga nokulawula imali oyichithayo. Xa uqingqa imali uyayibona apho ingena khona, yaye unokuncedakala ukwazi ukuphumeza izinto ofuna ukuzenza ngemali. Yazi imali oyamkelayo, uze usebenzise imali engaphantsi kunaleyo uyamkelayo. Wazi umahluko phakathi kwezinto eziyimfuneko nezinto ozithandayo. Ngokuphathelele oku, ngobulumko uYesu wabongoza abaphulaphuli bakhe ukuba ‘babale indleko’ ngaphambi kokuba benze nantoni na. (Luka 14:28) IBhayibhile isikhuthaza ukuba sikuphephe ukwenza amatyala angeyomfuneko.—IMizekeliso 22:7.
Ceba. Cingisisa kakuhle ngezinto eziza kuba yimfuneko kwixesha elizayo. Ngokomzekelo, xa uceba ukuthenga indlu, kungakuhle ukuyithenga ngexabiso elisengqiqweni. Ngokufanayo, intloko-ntsapho inokubona kuyimfuneko ukuba ne-inshorensi yobomi, yempilo, yesiphene okanye eyenye, ukuze ikhusele intsapho yayo. Kwakhona xa ucinga ngekamva usenokucinga ngoko uza kukwenza xa uthabathe umhlala phantsi. IMizekeliso 21:5 isikhumbuza ukuba “amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.”
Funda. Funda ubuchule obuthile uze unyamekele impilo yakho neemvakalelo zakho. Ezi zinto ziya kukunceda. Zenzele umkhwa wokufunda. IBhayibhile iyabuxabisa “ubulumko bobuqili namandla okucinga,” yaye isibongoza ukuba sihlale sibuhlakulela.—IMizekeliso 3:21, 22; INtshumayeli 10:10.
Lungelelana. Imali mayibe nendawo yayo. Uhlolisiso luye lwabonisa ukuba abantu abanenkathalo ngabanye abantu ngaphezu kwemali bonwabile. Abanye bavumela ukunyoluka kubenze bangalungelelani. Njani? Emva kokuba bezifumene izinto ezibalulekileyo ebomini, basukelana nobutyebi. Kodwa ke, ngaphandle kokutya, impahla nendawo yokuhlala, yiyiphi enye into eyimfuneko emntwini? Akumangalisi ke ngoko ukuba umbhali weBhayibhile okhankanywe ekuqaleni kweli nqaku wabhala: “Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” (1 Timoti 6:8) Xa sihlakulela ukwaneliseka kusinceda singabi nothando ngemali size sibe neengxaki ezibangelwa lolo thando.
Enyanisweni, ukuthanda imali kuyingcambu yeento zonke ezimbi. Imali iya kukulawula ukuba uyayivumela. Kodwa ke, xa uyisebenzisa kakuhle, imali iya kukunceda ukwazi ukuba nezinto ezibalulekileyo ebomini, njengokuba nolwalamano olusondeleyo nentsapho yakho, nabahlobo noThixo. Sekunjalo, akunakwenzeka ukuba singayixhalabeli imali kweli hlabathi konke konke. Ngaba imali iya kuhlala ibangela ixhala? Liliphi ithemba esinalo ngokupheliswa kobuhlwempu? Inqaku lokugqibela kolu ngcelele liza kuyiphendula le mibuzo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Yazi ukuba wamkela malini, uze usebenzise imali engaphantsi kunaleyo uyamkelayo
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Funda umahluko phakathi kwezinto eziyimfuneko nezinto ozithandayo
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Ngaphandle kokutya, impahla nendawo yokuhlala, yiyiphi enye into eyimfuneko emntwini?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
FUNDISA ABANTWANA BAKHO BAYISEBENZISE KAKUHLE IMALI
Ekubeni bebaninzi abantu abanengxaki yokusebenzisa imali, iingcali zibongoza abazali ukuba bafundise abantwana babo ngemali—yaye bafanele baqalise besebancinane. Xa ubuza abantwana abaninzi ukuba imali ivela phi, unokubeva besithi, “kuTata” okanye “ebhankini.” Ukuba unokubafundisa abantwana bakho ngokubaluleka kwemali—indlela yokwazi umahluko phakathi kwezinto eziyimfuneko nezo bazithandayo, indlela yokugcina imali nendlela yokutyala imali—usenokubanceda baphephe ukuzifaka ematyaleni nasezingxakini zezoqoqosho. Nanga amacebiso ambalwa.
1. Yiba ngumzekelo omhle. Ngokuqhelekileyo abantwana baxelisa oko ukwenzayo kunoko ukuthethayo.
2. Misela umda kwindlela oza kuyisebenzisa ngayo imali. Thetha nabo ngemali eniza kuyisebenzisa. Funda ukuthi hayi, uze ubambelele kumazwi akho.
3. Baphe ithuba lokusebenzisa imali. Ukuba bafumana imali okanye bamkela imali kuba besebenza, bacebise. Wandule ke ubavumele bazenzele izigqibo ngayo.
4. Bafundise ukwabelana nabanye. Bakhuthaze abantwana bakho ukuba babelane nabanye baze bazukise uThixo ngokunikela rhoqo.