Ukuchukunyiswa ‘Zizinto Zobungangamela ZikaThixo’
“Sibeva bezithetha ngeelwimi zethu izinto zobungangamela zikaThixo.”—IZENZO 2:11.
1, 2. Yintoni emangalisayo eyenzeka eYerusalem ngePentekoste yowama-33 C.E.?
NGENYE intsasa ngasekupheleni kwentwasahlobo ngonyaka wama-33 C. E., kwenzeka into emangalisayo kwiqela lamadoda namabhinqa, abafundi bakaYesu Kristu ababehlanganisene kwikhaya elithile eYerusalem. “Ngequbuliso kwabakho ingxolo evela ezulwini enjengaleyo kanye yempepho ebhudla ngamandla, yaza yayizalisa indlu iphela ababehleli kuyo. Yaye kwabonakala kubo iilwimi ezingathi zezomlilo . . . , baza bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele, baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukileyo.”—IZenzo 2:2-4, 15.
2 Kwahlanganisana isihlwele esikhulu phambi kwendlu. Phakathi kwaso kwakukho amaYuda angazalelwanga apho, “abantu aboyik’ uThixo” ababeze kumsitho wePentekoste eYerusalem. Ngamnye kuso wamangaliswa kukuva abafundi bethetha ngeelwimi zabo “izinto zobungangamela zikaThixo.” Kwakunokwenzeka njani oko ekubeni bonke abo babethetha babengamaGalili?—IZenzo 2:5-8, 11.
3. Umpostile uPetros wadlulisela siphi isigidimi kwisihlwele esasihlanganisene ngePentekoste?
3 Omnye waloo maGalili yayingumpostile uPetros. Wachaza ukuba kwiiveki ezimbalwa ngaphambilana, uYesu Kristu wabulawa ngabantu abangengomalungisa. Noko ke, uThixo wamvusa uNyana wakhe kwelabafileyo. Emva koko, uYesu wabonakala kwinkoliso yabafundi bakhe, kuquka uPetros nabanye ngoku ababekho. Kwiintsuku ezilishumi nje ngaphambilana, uYesu wayenyukele ezulwini. Nguye lo wayethulule umoya oyingcwele kubafundi bakhe. Ngaba oku kwakunentsingiselo ethile kwabo babeze kumsitho wePentekoste? Ewe, kunjalo. Ukufa kukaYesu kwaba sisiseko sokuba baxolelwe izono zabo baze bamkele “isipho sesisa somoya oyingcwele” ukuba banokholo kuye. (IZenzo 2:22-24, 32, 33, 38) Benza ntoni abo babebukele xa beva “izinto zobungangamela zikaThixo”? Yaye le ngxelo inokusinceda njani sihlolisise indlela esimkhonza ngayo uYehova?
Bakhuthazwa Ukuba Bathabathe Inyathelo Elithile!
4. Sisiphi isiprofeto sikaYoweli esazaliseka ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E.?
4 Emva kokuba bemkele umoya oyingcwele, abafundi eYerusalem abazange baphozise maseko kodwa bashumayela iindaba ezilungileyo zosindiso kwabanye, beqala kweso sihlwele esasihlanganisene ngaloo ntsasa. Ukushumayela kwabo kwakuzalisekisa isiprofeto esimangalisayo, esasibhalwe kwiinkulungwane ezisibhozo ngaphambilana nguYoweli, unyana kaPetuweli esithi: “Ndithululele umoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama, yaye ngokuqinisekileyo baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu. Wona ke amadoda enu amadala, aya kuphupha amaphupha. Bona ke abafana benu, baya kubona imibono. Naphezu kwezicaka naphezu kwezicakakazi ngaloo mihla ndiya kuthulula umoya wam . . . ngaphambi kokufika kwemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko.”—Yoweli 1:1; 2:28, 29, 31; IZenzo 2:17, 18, 20.
5. AmaKristu enkulungwane yokuqala aprofeta ngayiphi ingqiqo? (Bona umbhalo osemazantsi.)
5 Ngaba oku kwakuthetha ukuba uThixo wayeya kumisela abaprofeti abaninzi, amadoda nabafazi, njengoDavide, uYoweli, uDebhora, aze abasebenzise ekuxeleni izinto ezingekenzeki? Akunjalo. ‘Oonyana neentombi, izicaka nezicakakazi’ ezingamaKristu zaziya kuprofeta ngengqiqo yokuba, ziphenjelelwa ngumoya kaYehova ukuze zivakalise “izinto zobungangamela” uYehova azenzileyo nasaya kuzenza. Ngoko ke beziya kuba ngabathetheli zOyena Uphakamileyo.a Noko ke, senza ntoni esi sihlwele?—Hebhere 1:1, 2.
6. Emva kokuba bephulaphule intetho kaPetros, abaninzi kweso sihlwele bakhuthazwa ukuba benze ntoni?
6 Emva kokuba esi sihlwele seva inkcazelo kaPetros, abaninzi kuso bakhuthazwa ukuba bathabathe amanyathelo. “Balamkela ngokusuk’ entliziyweni ilizwi lakhe” yaye “babhaptizwa, yaye ngaloo mini kongezelelwa imiphefumlo emalunga namawaka amathathu.” (IZenzo 2:41) NjengamaYuda okwemvelo namaguquka ebuYudeni, aba bantu babenolwazi olusisiseko ngeZibhalo. Oko, ndawonye nokholo koko babekuve kuPetros, kwaba sisiseko sokuba babhaptizwe “egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele.” (Mateyu 28:19) Emva kokubhaptizwa kwabo “baqhubeka bezinikela emfundisweni yabapostile.” Kwangaxeshanye, baqalisa ukuthetha ngokholo lwabo olutsha kwabanye. Eneneni, “imihla ngemihla babesiya rhoqo etempileni ngamxhelo mnye, . . . bemdumisa uThixo kwaye bekholeka ebantwini bonke.” Ngenxa yalo msebenzi wokushumayela, “uYehova waqhubeka ehlomela kubo mihla le abo basindiswayo.” (IZenzo 2:42, 46, 47) Kula mazwe babehlala kuwo aba bantu, kwaqalisa ukubakho amabandla amaKristu. Alithandabuzeki elokuba olu lwando lwalubangelwa ubuncinane, yinzondelelo yabo ekushumayeleni ‘iindaba ezilungileyo’ bakuba bebuyele emakhaya.—Kolose 1:23.
ILizwi LikaThixo Linamandla
7. (a) Yintoni etsalela abantu bazo zonke iintlanga kwintlangano kaYehova namhlanje? (b) Luluphi ulwando olunokubakho olubonayo kwintsimi yehlabathi lonke nasekuhlaleni? (Bona umbhalo osemazantsi.)
7 Kuthekani ngabo bafuna ukuba ngabakhonzi bakaThixo namhlanje? Nabo bafanele bafundisise iLizwi likaThixo ngenyameko. Njengoko besenjenjalo, bamazi ngakumbi uYehova njengoThixo “onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso.” (Eksodus 34:6; IZenzo 13:48) Bafunda ngelungiselelo likaYehova lobubele lentlawulelo kaYesu Kristu, igazi lakhe elaphalalayo elinokususa sonke isono. (1 Yohane 1:7) Kwakhona banombulelo ngokwazi ngenjongo kaThixo ‘yokuvusa amalungisa nabangengomalungisa.’ (IZenzo 24:15) Uthando lwabo ngoMthombo wezi “zinto zobungangamela” luyanda ezintliziyweni zabo, yaye bakhuthazwa ukuba bashumayele ezi nyaniso zixabisekileyo. Emva koko baba ngabakhonzi bakaThixo abazahluleleyo nababhaptiziweyo baze baqhubeke ‘besandisa ulwazi oluchanileyo ngoThixo.’b—Kolose 1:10b; 2 Korinte 5:14.
8-10. (a) Amava elinye ibhinqa elingumKristu abonisa njani ukuba iLizwi likaThixo “linamandla”? (b) La mava aye akufundisa ntoni ngoYehova nendlela abaphatha ngayo abakhonzi bakhe? (Eksodus 4:12)
8 Ulwazi abakhonzi bakaThixo abalufumanayo ngokufundisisa iBhayibhile asilolwazi nje. Ulwazi olunjalo luchukumisa iintliziyo zabo, luguqule iindlela abacinga ngayo luze lube yinxalenye yabo. (Hebhere 4:12) Ngokomzekelo, ibhinqa elithile elinguCamille laliqashwe njengomongikazi wabantu abalupheleyo. Omnye wabantu awayebasebenzela yayinguMartha, omnye wamaNgqina kaYehova. Ekubeni uMartha wayegula kakhulu ngengqondo, wayefuna ukusoloko ebekwe esweni. Kwakufuneka akhunjuzwe ukuba atye—kwanokuba akuginye ukutya kwakhe. Noko ke, kwakukho nto ithile eyayibethelelekile engqondweni kaMartha, njengoko siza kubona.
9 Ngenye imini, uMartha wabona uCamille elila ngenxa yeengxaki awayenazo. UMartha wamanga uCamille waza wamcela ukuba bafunde kunye iBhayibhile. Kodwa ngaba umntu okwimeko kaMartha wayenokuqhuba isifundo seBhayibhile? Ewe, wayenako! Nangona uMartha wayengakhumbuli kangako, wayengamlibalanga uThixo wakhe ozukileyo; yaye wayengazilibalanga neenyaniso ezixabisekileyo awayezifunde eBhayibhile. Ebudeni besifundo, uMartha wayemcela uCamille ukuba afunde isiqendu ngasinye, atyhile iZibhalo ezicatshuliweyo, afunde umbuzo osezantsi kwelo phepha, emva koko awuphendule. Oku kwaqhubeka kangangexesha elide, yaye phezu kwaso nje isibakala sokuba kwakungekho nto ingako awayenokuyenza uMartha, uCamille wenza inkqubela kulwazi lweBhayibhile. UMartha waqonda ukuba uCamille wayefanele anxulumane nabanye ababenomdla ekukhonzeni uThixo. Ecinga ngoko, wasinika isifundo sakhe ilokhwe nezihlangu, ukuze uCamille abe nento efanelekileyo yokunxiba xa wayesiya okokuqala kwiintlanganiso ezaziqhutywa kwiHolo yoBukumkani.
10 UCamille wachukumiseka ngumdla wothando, umzekelo nokholo olwabonakaliswa nguMartha. Waqonda ukuba oko uMartha wayezama ukumfundisa kona kusuka eBhayibhileni kwakubaluleke gqitha, ekubeni uMartha wayelibele phantse yonke into kodwa wayesakukhumbula oko wayekufunde kwiZibhalo. Kamva, xa uCamille waya kusebenza kwenye indawo, waqonda ukuba yayilixesha lokuba athabathe amanyathelo. Okokuqala nje esiya kwiHolo yoBukumkani, enxibe ilokhwe nezihlangu awayezinikwe nguMartha, wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. UCamille wenza inkqubela entle waza wabhaptizwa.
Ukukhuthazwa Ukuze Siphile Ngemigaqo KaYehova
11. Ngaphezu kokuba nenzondelelo ngomsebenzi wokushumayela, sinokubonakalisa njani ukuba sishukunyisiwe sisigidimi soBukumkani?
11 Namhlanje, kukho amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezintandathu ashumayele ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ ehlabathini lonke, njengoMartha yaye ngoku nanjengoCamille. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, achukumiseke gqitha “zizinto zobungangamela bukaThixo.” Ayaqonda ukuba athwaliswe igama likaYehova yaye uye wawathululela umoya wakhe. Ngenxa yoku, enza wonke umgudu ukuze ‘ahambe ngokumfaneleyo uYehova aze amkholise ngokupheleleyo,’ esebenzisa imigaqo yakhe kuzo zonke iinkalo zobomi bawo. Phakathi kwezinye izinto, oku kuquka ukuhlonela imigaqo kaThixo yokunxiba nokuzilungisa.—Kolose 1:10a; Tito 2:10.
12. Sisiphi isiluleko esingqalileyo esiphathelele isinxibo nokuzilungisa esisifumana kwingxelo yoku-1 kuTimoti 2:9, 10?
12 Ewe, uYehova uye wamisela imigaqo ngokuphathelele inkangeleko yethu. Umpostile uPawulos wachaza eminye imigaqo kaThixo ngokuphathelele oku. “Ndinqwenela ukuba abafazi bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu, kodwa ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo, oko kukuthi, ngemisebenzi elungileyo.”c Yintoni esiyifundayo kula mazwi?—1 Timoti 2:9, 10.
13. (a) Kuthetha ukuthini ‘ukuzihombisa ngesinxibo esilungiswe kakuhle’? (b) Kutheni sinokuthi imigaqo kaYehova isengqiqweni?
13 Amazwi kaPawulos abonisa ukuba amaKristu afanele “azihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle.” Akafanele anxibe nje ngokungandilisekanga. Phantse wonke umntu, kwanabo bangamahlwempu, basenokukwazi ukuyifikelela imigaqo enjalo ngokuqiniseka ukuba banxiba iimpahla ezifanelekileyo, ezicocekileyo nezindilisekileyo. Ngokomzekelo, nyaka ngamnye amaNgqina kwelinye ilizwe laseMzantsi Merika ahamba umgama omde ehlathini aze aphinde ahambe ixesha elide ngephenyane ukuze aye kwindibano yawo yesithili. Asinto ingaqhelekanga ukuba umntu awele emlanjeni okanye iimpahla zakhe zikrazuke ematyholweni ebudeni bolo hambo. Ngoko ke xa abo beze endibanweni befika kwindawo eza kuqhutyelwa kuyo indibano, ngokuqhelekileyo badla ngokungakhangeleki kakuhle. Ngoko ke badla ngokuchitha ixesha bethungela amaqhosha, belungisa iiziphu, behlamba yaye beayina iimpahla abaza kuzinxiba kwindibano. Bayasixabisa isimemo sokuza ukuze bondliwe kwitafile kaYehova, yaye bafuna ukunxiba ngokufanelekileyo.
14. (a) Kuthetha ukuthini ukunxiba “ngokuthozama nangengqondo ephilileyo”? (b) Kuquka ntoni ukunxiba ‘njengabantu abathi bahlonela uThixo’?
14 UPawulos wahlabela mgama echaza ukuba sifanele sinxibe “ngokuthozama nangengqondo ephilileyo.” Oku kuthetha ukuba inkangeleko yethu ayifanele ibe kukucel’ injezu, engaqhelekanga, evusa inkanuko, ebonisa umzimba okanye yesimbo sezi mini. Ukongezelela, sifanele sinxibe ngendlela ebonakalisa ‘ukuhlonela uThixo.’ Oku kusenza sicinge nzulu ngalo mbandela, akunjalo? Lo asingombandela nje wokunxiba ngokufanelekileyo xa sisiya kwiintlanganiso zebandla size singakhathali ngamanye amaxesha. Ngamaxesha onke inkangeleko yethu ifanele ibonise intlonelo, sikhumbula ukuba singamaKristu nabalungiseleli ngalo lonke ixesha. Ngokuzenzekelayo oku kuthetha ukuba iimpahla zethu zokusebenza nezesikolo zifanele umsebenzi esiza kuwenza. Sekunjalo, sifanele sinxibe ngokuthozama nangesidima. Ukuba sisoloko sinxiba ngendlela ebonisa ukuba sinokholo kuThixo, asisayi kuze sibe neentloni zokunikela ubungqina obungacwangciswanga kuba singanxibanga ngokufanelekileyo.—1 Petros 3:15.
“Musani Ukulithanda Ihlabathi”
15, 16. (a) Kutheni kubalulekile ukuba siphephe ukuxelisa ihlabathi kwimibandela yesinxibo nokuzilungisa? (1 Yohane 5:19) (b) Kutheni sifanele siziphephe izimbo zokunxiba nezokuzilungisa?
15 Isiluleko esikweyoku-1 kaYohane 2:15, 16 sikwanikela ulwalathiso kwindlela esikhetha ukunxiba nokuzilungisa ngayo. Sifunda oku: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye; kuba konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.”
16 Eso siluleko sifike ngexesha elifanelekileyo! Ngexesha ingcinezelo yoontanga ingamandla, asifanele sivumele ihlabathi lisixelele into emasiyinxibe. Uye wehla umgangatho wendlela yokunxiba nokuzilungisa kwiminyaka yakutshanje. Kwanemigaqo yokunxiba yabantu bezoshishino nabafundileyo ayisoloko inikela imilinganiselo enokuthenjwa koko kufanelekileyo kumaKristu. Oku kusisizathu esingakumbi sokuhlala sikuphaphele “ukumilisa okwale nkqubo yezinto” ukuba siza kuphila ngemilinganiselo kaThixo size ngaloo ndlela ‘siyihombise imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo, ezintweni zonke.’—Roma 12:2; Tito 2:10.
17. (a) Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona xa sithenga okanye sikhetha uhlobo oluthile lwempahla? (b) Kutheni iintloko-ntsapho zifanele zixhalabele indlela amalungu entsapho akhangeleka ngayo?
17 Ngaphambi kokuba uthenge uhlobo oluthile lwempahla, kububulumko ukuzibuza: ‘Kutheni ndisithanda nje esi sinxibo? Ngaba sinxitywa ngumntu owaziwayo—umntu endimthandayo? Ngaba sisinxibo esifana neseqela elithile leenjubaqa elikhuthaza umoya kavula-zibhuqe nowemvukelo?’ Kwakhona sifanele siyiqwalasele loo mpahla. Ukuba yilokhwe okanye isketi, kuthekani ngobude baso? Sithungwe njani? Ngaba le mpahla ibonisa ukuthozama, ifanelekile, inesidima okanye iyakubamba, ivusa inkanuko okanye ibonisa umoya wokungakhathali? Zibuze, ‘Ngaba ndiya kukhubekisa abathile ngokuyinxiba?’ (2 Korinte 6:3, 4) Kutheni sifanele sikuxhalabele oku? Kuba iBhayibhile ithi: “KwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe.” (Roma 15:3) Iintloko-ntsapho ezingamaKristu zimele ziyixhalabele indlela amalungu entsapho akhangeleka ngayo. Ngenxa yokuhlonela uThixo ozukileyo ezimkhonzayo, iintloko-ntsapho azifanele zibe madolw’ anzima ukunikela isiluleko esiqinileyo nesinothando xa kuyimfuneko.—Yakobi 3:13.
18. Yintoni ekwenza ufune ukunikela ingqalelo kwisinxibo nakwindlela ozilungisa ngayo?
18 Sithwele isigidimi esivela kuYehova, ondilisekileyo nongcwele. (Isaya 6:3) IBhayibhile isibongoza ukuba simxelise “njengabantwana abaziintanda.” (Efese 5:1) Isinxibo nokuzilungisa kwethu kusenokuzisa igama elihle okanye ugculelo kuBawo wethu wasezulwini. Ngokuqinisekileyo sifuna ukuyivuyisa intliziyo yakhe!—IMizekeliso 27:11.
19. Sizuza ntoni ngokwazisa abanye ‘ngezinto zobungangamela bukaThixo’?
19 Uvakalelwa njani ‘ngezinto zobungangamela bukaThixo’ oye wafunda ngazo? Eneneni, hayi indlela esiye sasikelelwa ngayo ngokufunda inyaniso! Kuba sinokholo kwigazi elaphalalayo likaYesu Kristu, izono zethu zixolelwe. (IZenzo 2:38) Ngenxa yoko, sithetha ngokukhululekileyo noThixo. Asikoyiki ukufa njengabo bangenathemba. Kunoko, uYesu uyasiqinisekisa ukuba ngenye imini ‘bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuliva ilizwi lakhe baze baphume.’ (Yohane 5:28, 29) UYehova uye ngobubele bakhe wasityhilela zonke ezi zinto. Ukongezelela, uye wathululela umoya wakhe phezu kwethu. Ngoko ke, ukuba nombulelo ngazo zonke ezi zipho zilungileyo kufanele kusishukumisele ukuba siyihlonele imigaqo yakhe ephakamileyo size simdumise ngenzondelelo, sivakalisa “izinto zobungangamela” kwabanye.
[Imibhalo esemazantsi]
a Xa uYehova wamisela uMoses noAron ukuba baye kuthethela abantu bakhe kuFaro, wathi kuMoses: “Ndikwenze uThixo kuFaro, yaye uAron umntakwenu woba ngumprofeti wakho.” (Eksodus 7:1) UAron wayengumprofeti, kungengangqiqo yokuba wayexela izinto ezingekenzeki, kodwa ngokuba ngumthetheli kaMoses, okanye umlomo wakhe.
b Kwizihlwele zabantu ababekho kumsitho waminyaka le weSidlo seNkosi Sangokuhlwa esasikho ngoMatshi 28, 2002, izigidi zabantu azikabi ngabo abakhonzi bakaYehova. Sithandazela ukuba abo banomdla kungekudala bakhuthazelwe ekubeni ngabavakalisi beendaba ezilungileyo.
c Nangona amazwi kaPawulos ayebhekiswa kumabhinqa angamaKristu, imigaqo efanayo isebenza kumadoda nakubantu abaselula abangamaKristu.
Unokuphendula Uthini?
• Ziziphi “izinto zobungangamela” abantu abaziva ngowePentekoste yowama-33 C.E., yaye benza ntoni?
• Umntu uba ngumfundi kaYesu Kristu njani, yaye kuquka ntoni ukuba ngumfundi wakhe?
• Kutheni kubalulekile ukuba sinikele ingqalelo kwisinxibo nakwindlela yethu yokuzilungisa?
• Ziziphi izinto esimele siziqwalasele xa siqinisekisa enoba impahla ethile ifanelekile?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UPetros wavakalisa ukuba uYesu wavuswa kwelabafileyo
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Ngaba inkangeleko yakho izisa uzuko kuThixo omnqulayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Abazali abangamaKristu bafanele bayixhalabele inkangeleko yamalungu entsapho