Imibuzo Evela Kubafundi
Ngokuphathelele umfazi ongumKristu, kwakutheni ukuze uPawulos athi: “Uya kugcinwa ekhuselekile ngokuzala abantwana”?—1 Timoti 2:15.
Yintoni etyhilwa ngumongo wale ndinyana ngokuphathelele oko kwakuthetha nguPawulos? Esalathiswa ngumoya oyingcwele wayenikela isiluleko sendima yomfazi ongumKristu ebandleni. Wabhala: “Ndinqwenela ukuba abafazi bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu, kodwa ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo, oko kukuthi, ngemisebenzi elungileyo.” (1 Timoti 2:9, 10) UPawulos wayebongoza oodade abangamaKristu ukuba bathozame, balungelelane xa bekhetha indlela yokuzilungisa, baze “bazihombise” ngemisebenzi elungileyo.
Kwakhona, uPawulos wachaza ilungiselelo lobuntloko ebandleni, wathi: “Andimvumeli umfazi ukuba afundise, okanye asebenzise igunya endodeni, kodwa makathi cwaka.” (1 Timoti 2:12; 1 Korinte 11:3) Wachaza isizathu seli lungiselelo ngokubonisa ukuba ngoxa uAdam engazange alahlekiswe nguSathana, uEva “wakhohliswa ngokupheleleyo waza wanxaxha.” Umfazi ongumKristu unokukhuseleka njani kwisono sikaEva? UPawulos uphendula athi: “Noko ke, uya kugcinwa ekhuselekile ngokuzala abantwana, ukuba nje baqhubeka elukholweni naseluthandweni benobungcwalisa nengqondo ephilileyo.” (1 Timoti 2:14, 15) Wayethetha ukuthini uPawulos ngala mazwi?
Kubonakala ukuba abanye abaguquleli bazama ukuthi, ukuze umfazi asindiswe ufanele abe nabantwana. Ngokomzekelo, iToday’s English Version ithi: “Umfazi uya kusindiswa ngokuzala.” Noko ke, le ndlela yokuguqulela amazwi kaPawulos ayichananga. IZibhalo ezininzi zibonisa ukuba ukuze ubani asindiswe, umele amazi uYehova, akholelwe kuYesu aze abe nokholo elubonakalisa ngemisebenzi. (Yohane 17:3; IZenzo 16:30, 31; Roma 10:10; Yakobi 2:26) Ukongezelela, uPawulos wayengathethi ukuba abafazi abakholwayo, baza kuzala ngokukhuselekileyo. Abafazi abathile baye bazala ngokukhuselekileyo ngoxa bengamakholwa okanye bengengawo. Kodwa okubuhlungu kukuba, bambi enoba bangamakholwa okanye abangawo, baye bafa ngoxa bezala.—Genesis 35:16-18.
Esinye isiluleko sikaPawulos esiphathelele abafazi esikwincwadi efanayo sisinceda siqonde intsingiselo yoko wayekuthetha. Walumkisa ngabahlolokazi abathile abaselula ‘ababehamba bebutha emizini; ewe, bengapheleli nje ekungenzini nto, kodwa behamba behleba, begxuphuleka kwimicimbi yabanye abantu, bethetha izinto abangafanele bazithethe.’ UPawulos wayenikela siphi isiluleko? Uhlabela mgama: “Ngoko ke ndinqwenela ukuba abahlolokazi abancinane batshate, bazale abantwana, banyamekele imizi yabo, ukuze abachasi bangabi nasizathu sakutshabhisa.”—1 Timoti 5:13, 14.
UPawulos ubalaselisa indima ebalulekileyo yabafazi entsatsheni. Xa umfazi exakeke yimisebenzi enjalo ‘njengokuzala abantwana nokunyamekela umzi’ aze aqhubeke “elukholweni naseluthandweni enobungcwalisa nengqondo ephilileyo,” akayi kutsaleleka kwihambo engafanelekanga. Uya kukhuseleka ngokomoya, okanye ‘agcinwe ekhuselekile.’ (1 Timoti 2:15) Ukwenjenjalo kuya kunceda abafazi abaselula baphephe imigibe kaSathana.
Amazwi kaPawulos aya kuTimoti asikhuthaza sonke, amadoda namabhinqa, ukuba sisebenzise ixesha lethu ngobulumko. ILizwi likaThixo likhuthaza onke amaKristu lisithi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko.”—Efese 5:15.