-
Abadala Abalusa UmhlambiUkwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
-
-
5 Kwincwadi yakhe yokuqala eyayisiya kuTimoti, nakwincwadi yakhe eyayisiya kuTito, umpostile uPawulos wachaza iimfaneleko zeZibhalo zabadala. Kweyoku-1 kuTimoti 3:1-7, sifunda la mazwi: “Ukuba umntu uzimisele ukuba ngumdala, unqwenela umsebenzi omhle. Umdala ufanele angakhalazeleki, abe nomfazi omnye, angabaxi xa esenza izinto, abe nengqondo ephilileyo, abe nocwangco, athande iindwendwe, akwazi ukufundisa, angabi lonxila, angabi ndlongondlongo, kodwa abe bhetyebhetye, angathandi ngxabano, angathandi mali, abe ngumntu oyikhokela kakuhle intsapho yakhe, abe nabantwana abathobelayo nabazimiseleyo (kuba, ukuba umntu wohlulwa kukukhokela intsapho yakhe, angakwazi njani ke ukuhoya ibandla likaThixo?), angabi ngumntu osanda kuguquka, kuba hleze akhukhumale likratshi aze afumane umgwebo ofanayo nokaMtyholi. Ngaphezu koko, nabantu abangakholwayo bafanele bathethe kakuhle ngaye, ukuze angahlazeki aze arhintyelwe nguMtyholi.”
-
-
Abadala Abalusa UmhlambiUkwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
-
-
7 Nangona ekuqaleni iimfaneleko zabadala ezichazwe kwiZibhalo zisenokuvakala ngathi zixhome kakhulu, asikho isizathu sokuba amadoda angamaKristu angafuni ukuwenza lo msebenzi. Xa abadala beneempawu ezintle zamaKristu, bakhuthaza ibandla ukuba nalo libe nazo. UPawulos wathi ezi ‘zipho zingabantu’ siziphiwe “ukuze kuqeqeshwe abo bangcwele, benze umsebenzi kaThixo, bakhe umzimba kaKristu, de sonke simanyane elukholweni nakulwazi oluchanileyo olungoNyana kaThixo, sikhule sibe kwizinga lomntu omdala, sikhule ngokupheleleyo njengoKristu.”—Efe. 4:8, 12, 13.
-