-
Abadala Abalusa UmhlambiUkwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
-
-
5 Kwincwadi yakhe yokuqala eyayisiya kuTimoti, nakwincwadi yakhe eyayisiya kuTito, umpostile uPawulos wachaza iimfaneleko zeZibhalo zabadala. Kweyoku-1 kuTimoti 3:1-7, sifunda la mazwi: “Ukuba umntu uzimisele ukuba ngumdala, unqwenela umsebenzi omhle. Umdala ufanele angakhalazeleki, abe nomfazi omnye, angabaxi xa esenza izinto, abe nengqondo ephilileyo, abe nocwangco, athande iindwendwe, akwazi ukufundisa, angabi lonxila, angabi ndlongondlongo, kodwa abe bhetyebhetye, angathandi ngxabano, angathandi mali, abe ngumntu oyikhokela kakuhle intsapho yakhe, abe nabantwana abathobelayo nabazimiseleyo (kuba, ukuba umntu wohlulwa kukukhokela intsapho yakhe, angakwazi njani ke ukuhoya ibandla likaThixo?), angabi ngumntu osanda kuguquka, kuba hleze akhukhumale likratshi aze afumane umgwebo ofanayo nokaMtyholi. Ngaphezu koko, nabantu abangakholwayo bafanele bathethe kakuhle ngaye, ukuze angahlazeki aze arhintyelwe nguMtyholi.”
-
-
Abadala Abalusa UmhlambiUkwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
-
-
8 Abadala ayingobantwana okanye abantu abasanda kuguquka. Kunoko ngabantu abanamava endlela yokuphila yamaKristu, abayazi kakuhle iBhayibhile, abayiqonda kakuhle, nabalithandayo ibandla. Banesibindi sokuthetha xa kukho into eyonakalayo, ngaloo ndlela bekhusela umhlambi kuye nabani na onokuwuxhaphaza. (Isa. 32:2) Bonke abantu ebandleni bamele babone ukuba abadala ngamadoda amthandayo uThixo nawukhathaleleyo umhlambi wakhe.
-