-
Kholosa NgoYehova Ngalo Lonke Ixesha!IMboniselo—2015 | Aprili 15
-
-
2 Kuthe kusenzima kunjalo, umpostile uPawulos wavalelwa entolongweni. Ekubeni wayengazange ancedwe ngabazalwana xa wayesengxakini ngaphambili, kusenokwenzeka ukuba wayecinga ukuba kuya kwenzeka esezolo. Kodwa ke waye wancedwa nguYehova esebenzisa iNkosi uYesu. Wathi: “INkosi yema kufuphi nam, yandomeleza.” UYesu wamnika amandla awayewadinga lo mpostile. UPawulos wada wathi ‘wayehlangulwe emlonyeni wengonyama.’—2 Timoti 4:16, 17.a (Funda umbhalo osemazantsi.)
3 UPawulos wakhumbula indlela uYehova awayemncede ngayo ngaphambili. Loo nto yamenza waqiniseka ukuba uYehova wayeya kumqinisa ukuze akwazi ukunyamezela imeko awayekuyo, kunye nezilingo ezaziza kuvela kwixesha elizayo. Wayeqiniseke nyhani ngaloo nto, kangangokuba wabhala esithi: “INkosi iya kundihlangula kuwo wonke umsebenzi ongendawo.” (2 Timoti 4:18) Wayeyibonile into yokuba kwanaxa abazalwana bakhe bengakwazi ukumnceda, wayenako ukuqamela ngoncedo lukaYehova noYesu. Wayengayithandabuzi nakancinane loo nto.
-
-
Kholosa NgoYehova Ngalo Lonke Ixesha!IMboniselo—2015 | Aprili 15
-
-
“EMLONYENI WENGONYAMA”
10-12. (a) Yintoni enokwenza kube nzima ukonga ilungu lentsapho eligulayo? (b) Bunokuba njani ubuhlobo bakho noYehova xa ukholosa ngaye ngamaxesha anzima? Zekelisa.
10 Kusenokwenzeka ukuba imeko yakho imbi kangangokuba, njengoPawulos, ufuna ukuhlangulwa “emlonyeni wengonyama.” (2 Timoti 4:17) Xa kunjalo, kokukhona kubalulekile ukuba ukholose ngoYehova. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba wonga ilungu lentsapho eligulayo. Uye wamcela uYehova ukuba akuncede wenze izigqibo ezifanelekileyo kwaye womelele.b (Funda umbhalo osemazantsi.) Ngoku kuza kuthi xibilili noko kuba usazi ukuba uYehova uyayibona kwaye uyayiqonda imeko yakho. Uza kukunceda unyamezele kwaye uthembeke kuye.—INdumiso 32:8.
Mthembe uYihlo osezulwini ukuba uza kukunika amandla ukuze umthobele ngokuthembeka
-
-
Kholosa NgoYehova Ngalo Lonke Ixesha!IMboniselo—2015 | Aprili 15
-
-
a Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayehlangulwe kwiingonyama eziphilayo okanye kwenye ingozi awayejongene nayo.
-