Bazali—Yibani Yimizekelo Emihle Kubantwana Benu
“OOGQIRHA bengqondo bamele baxhome kwiphulo labo eligqibe inkulungwane befuna eyona ndlela yokukhulisa abantwana kuba ayikho.” Latsho njalo iphephancwadi iTime ngencwadi yokukhulisa abantwana. Le ncwadi ithi oontanga ngabona baphembelela abantwana kunabazali babo.
Ayinakuphikwa tu into yokuba impembelelo yoontanga inamandla gqitha. (IMizekeliso 13:20; 1 Korinte 15:33) Umbhali wemihlathi kumaphephandaba uWilliam Brown wathi: “Oyena Thixo wabantwana, kukufuna ukukholisa abanye. . . . Akukho nto yoyikwa ngokwishumi elivisayo njengokwahluka koontanga.” Xa abazali besilela ukwenza ikhaya lifudumale, baze abantwana bazive besekhaya okanye bengachithi xesha laneleyo nabantwana babo—izinto esele zisisonka semihla ngemihla namhlanje kweli hlabathi linabantu abahlala bezizinxadanxada—oko kuvulela oontanga ithuba ukuba bafake impembelelo embi kubantwana babo.
Enye into kukuba, kule “mihla yokugqibela,” ilungiselelo lentsapho lihlaselwa ngamandla njengokuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba, abantu baya kuba ngabathandi bemali, beziyolo neziqu zabo. Ngaba kuyasimangalisa na ukubona abantwana “abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo”?—2 Timoti 3:1-3.
Igama elithi “umsa wemvelo,” elisetyenziswe eBhayibhileni lichaza uthando lwezizalwana. Olu thando liqhina lemvelo elenza abazali banyamekele abantwana babo baze abantwana bathande gqitha abazali babo. Kodwa xa abazali bengenawo lo msa wemvelo, abantwana baya kulufuna kwenye indawo ukhuthazo—ngokuqhelekileyo koontanga babo, baze baxelise imilinganiselo nesimo sengqondo sabo. Noko ke, le meko inokuphetshwa xa abazali besebenzisa imigaqo yeBhayibhile kwintsapho yabo.—IMizekeliso 3:5, 6.
Intsapho—Ilungiselelo LikaThixo
Emva kokumanya uAdam noEva njengendoda nomfazi, uThixo wathi kubo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba.” Yaba ke, iyaqalisa ukubakho intsapho—utata, umama nabantwana. (Genesis 1:28; 5:3, 4; Efese 3:14, 15) Esenzela ukunceda abantu bakwazi ukukhulisa abantwana babo, uYehova walungiselela iindlela ezithile zokwemvelo zokukhulisa abantwana. Noko ke, ngokwahlukileyo kwizilwanyana abantu kufuneka bafumane uncedo olungakumbi, ngoko uYehova walungiselela ukhokelo olubhaliweyo. Olo khokelo luqulethe ulwalathiso kwimibandela yokuziphatha neyokomoya nangendlela efanelekileyo yokuqeqesha abantwana.—IMizekeliso 4:1-4.
Ethetha nooyise ngokukhethekileyo, uThixo wathi: “La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho; uze uwabethelele kunyana wakho yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Duteronomi 6:6, 7; IMizekeliso 1:8, 9) Phawula ukuba abazali babemele baqale bawubeke kwezabo iintliziyo umthetho kaThixo. Kutheni kwakubalulekile nje oku? Kungenxa yokuba imfundiso enempembelelo ngokwenene kwabanye asikokuthetha nje ngomlomo kodwa yephuma entliziyweni. Abazali baya kufikelela iintliziyo zabantwana babo kuphela xa bebafundisa ngokusuka entliziyweni. Baya kuba yimizekelo emihle kubantwana babo, kuba abantwana bayakhawuleza ukubona uhanahaniso.—Roma 2:21.
Abazali abangamaKristu baxelelwa ukuba bafundise abantwana babo kwasebusaneni “ingqeqesho, ukuyala nokubaluleka ngokwaseNkosini.” (Efese 6:4, ngokweAmplified Bible; 2 Timoti 3:15) Ngaba inokwenzeka into yokuba bafundiswe kwasebusaneni? Ewe! Omnye umama wabhala wathi: “Maxa wambi thina bazali sibathatha lula abantwana bethu. Siyaweya amandla abo, ukanti ininzi into abanokuyenza. Thina njengabazali simele sisebenzise loo mandla abo.” Ewe, abantwana bayakuthanda ukufunda, ibe xa befundiswa ngabazali aboyika uThixo, nabo baya kufunda ukumthanda. Abo bantwana baya kuziva bekhuselekile ngenxa yemiqathango ababekelwe yona ngabazali. Ngoko ke, ukuze baphumelele koku abazali kufuneka bazabalazele ukuba ngamaqabane anothando kubantwana babo, banxibelelane nabo kakuhle babafundise ngomonde kodwa bangabi ngoovula zibhuqe, babenze bazive bekhululekile.a
Khusela Abantwana Bakho
Kwileta eyayibhalela abazali, enye inqununu yesikolo saseJamani yathi: “Sifuna ukunikhuthaza bazali ukuba nibonise umdla omkhulu kubantwana benu ningayekeli imbopheleleko yenu kumabonwakude okanye koontanga babo, ibe ngabo abenza umsebenzi wenu wokufundisa abantwana benu ngobomi.”
Enyanisweni, ukuyekela umntwana wakho kumabonwakude okanye koontanga, kukuvumela umoya wehlabathi ukuba uphembelele indlela akhula ngayo. (Efese 2:1, 2) Ekubeni umoya weli hlabathi usilwa nomoya kaThixo, njengomoya onamandla uthwala imbewu yeengcamango nokuzilawula ‘kwasemhlabeni, bobulwanyana, nobudemon’ uze uyihlwayele engqondweni nasentliziyweni yabo bangenamava okanye bazizidenge. (Yakobi 3:15) Ekugqibeleni, ezi ndlela zokucinga ziyingozi njengokhula ziyayonakalisa intliziyo. Esenza umzekeliso ngemiphumo yoko kuhlwayelwa entliziyweni uYesu wathi: “Umntu olungileyo uvelisa okulungileyo kubuncwane obulungileyo bentliziyo yakhe, kodwa umntu ongendawo uvelisa okungendawo kubuncwane bakhe obungendawo; kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Ngoko, iBhayibhile isibongoza ithi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—IMizekeliso 4:23.
Kakade ke, abantwana baya kuhlala bengabantwana, ibe abanye baneenkani yaye bangoobholel’ ecaleni. (Genesis 8:21) Yintoni ke enokwenziwa ngabazali? IBhayibhile ithi: “Ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe; intonga yengqeqesho iya kubushenxisela kude kuyo.” (IMizekeliso 22:15) Abanye bakujonga njengempatho-mbi ephelelwe lixesha oku. Eneneni, iBhayibhile iyalukhaba ugonyamelo nokuxhatshazwa kwalo naluphi na uhlobo. Nakuba maxa wambi, “intonga” ithetha ukohlwaya ngokoqobo, kodwa ibhekisela ekusebenziseni kwabazali igunya ngendlela engayekeleliyo kodwa enothando nefanelekileyo ekubeni bexhalabele intlalo-ntle yabantwana babo.—Hebhere 12:7-11.
Zihlaziye Kunye Nabantwana Bakho
Yinyaniso eyaziwayo ukuba ukuze abantwana bakhule kakuhle kufuneka badlale yaye bazihlaziye. Abazali abalumkileyo bawasebenzisa kakuhle loo mathuba ukuze bomeleze ulwalamano lwabo nabantwana babo ngokuzihlaziya nabo nanini na ithuba livuma. Ngoko ke, abazali abapheleli nje ekuncedeni abantwana babo bakhethe uhlobo lokuzonwabisa olufanelekileyo kodwa bababonisa nendlela abakuxabisa ngayo ukuba kunye nabo.
Omnye utata oliNgqina uthi wayesoloko edlala ibhola kunye nonyana wakhe xa evela emsebenzini. Unina yena uthi wayethanda ukudlala nabantwana bakhe imidlalo edlalelwa kwibhodi njengomlabalaba. Elinye ibhinqa likhumbula ukuba ekukhuleni kwalo lalithanda ukukhwela ibhayisekile nentsapho yakowalo. Bonke abo bantwana sele bengabantu abadala, kodwa basabathanda gqitha abazali babo—noYehova—ukuba abathanga kratya.
Enyanisweni, abazali ababaxelelayo baze babonise nangezenzo ukuba bayabathanda abantwana babo ibe bafuna ukuba kunye nabo babachukumisa ngendlela ehlala ihleli ubomi babo bonke. Ngokomzekelo, kwabo babephumelele kwenye iklasi yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi abaninzi bathi umnqweno wabo wokungenelela ubulungiseleli bexesha elizeleyo wabangelwa ngumzekelo nokhuthazo lwabazali babo. Elinjani lona ilifa kwabo bantwana, nentsikelelo efunyanwa ngabo bazali! Yinyaniso ukuba, abanakukwazi bonke abantwana ukungenelela ubulungiseleli bexesha elizeleyo bakuba badala, kodwa bonke baya kuzuza baze babahlonele abazali babo aboyika uThixo abaye bangabahlobo babo abasenyongweni nemizekelo emihle.—IMizekeliso 22:6; Efese 6:2, 3.
Abazali Abangenamaqabane Banokuphumelela
Abantwana abaninzi namhlanje bakhulela kumakhaya anomzali omnye. Nakuba ukukhulisa umntwana ngaphandle kweqabane kusenza kube nzima ngakumbi kumzali, kodwa unako ukuphumelela. Abazali abangenamaqabane banokukhuthazwa ngumzekelo oseBhayibhileni kaYunike, umKristu ongumYuda wenkulungwane yokuqala. Ekubeni indoda yakhe yayingakholwa, kuyabonakala ukuba uYunike wayengafumani ncedo lokomoya kuyo. Sekunjalo, waba ngumzekelo ekufundiseni uTimoti. Kuyabonakala ukuba impembelelo yakhe entle kuTimoti kwasebusaneni, naleyo kaLoyisi, uninakhulu kaTimoti, zaba namandla ngakumbi kunezo zimbi zoontanga bakaTimoti.—IZenzo 16:1, 2; 2 Timoti 1:5; 3:15.
Abaninzi abaselula namhlanje abakhuliswe ngabazali abangakholwayo okanye ngumzali omnye ongenaqabane baye baneempawu ezintle njengoTimoti oselula. Ngokomzekelo, uRyan, ngoku oneminyaka engama-22 ubudala nongumlungiseleli wexesha elizeleyo, wakhulela kwikhaya elinomzali omnye nomkhuluwa wakhe nodade wabo. Uyise wayeyindlamanzi waza washiya intsapho ngoxa yena wayeseneminyaka emine ubudala. URyan uthi: “Umama wayezimisele ukuba ekhaya siqhubeke sikhonza uYehova, ibe wabambelela kweso sigqibo.”
URyan wathi: “Ngokomzekelo, umama wayesoloko eqinisekisa ukuba siba nabahlobo abanempembelelo eyakhayo. Zange asivumele sinxulumane nabo iBhayibhile ibachaza njengonxulumano olubi, enoba abakhonzi okanye basebandleni. Wabethelela nembono efanelekileyo kuthi ngemfundo.” Nakuba unina kaRyan wayesoloko esisinxadanxada yaye ediniwe ngumsebenzi wempangelo, oko akuzange kumthintele ekuboniseni uthando kubantwana bakhe. URyan wathi: “Wayesoloko efuna ukuba nathi aze asincokolise. Wayengumfundisi onomonde kodwa engayekeleli, esenza konke okusemandleni akhe ukuqinisekisa ukuba siqhutywa rhoqo isifundo seBhayibhile sentsapho. Xa kufikelelwa kwimigaqo yeBhayibhile, wayengayazi le nto kuthiwa ‘kukulalanisa.’”
Xa ekhangela emva, uRyan uyaqonda ukuba oyena mntu waba nempembelelo enamandla kuye nakubantwana bakowabo, ngunina owayemthanda ngokwenene uThixo nabantwana bakhe. Ngoko nina bazali bangamaKristu—atshatileyo, abahlolo nabahlolokazi, anamaqabane nangenawo—musani ukudimazeka okanye nivumele iziphazamiso zomzuzwana njengoko nizabalazela ukufundisa abantwana benu. Maxa wambi, njengonyana wolahleko, abanye abantwana banokuyishiya inyaniso. Kodwa xa bebona indlela elinenkohliso nokungabi nanceba kwalo eli hlabathi, basenokubuya. Ewe, “ilungisa lihamba ngengqibelelo yalo. Banoyolo oonyana balo emva kwalo.”—IMizekeliso 20:7; 23:24, 25; Luka 15:11-24.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngezi ngongoma, funda iphepha 55-9 kwincwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 11]
Abazali BakaYesu Bakhethwa NguThixo
Xa wayethumela uNyana wakhe ukuba azalwe njengomntu, uYehova wabakhetha ngenyameko abo babeza kuba ngabazali bakaYesu. Okubangel’ umdla kukuba wakhetha abantu abaphantsi, isibini esithanda izinto zokomoya esingazange simfekethise uYesu kodwa samfundisa iLizwi likaThixo nokubaluleka kokusebenza nzima nokuthwala imbopheleleko. (IMizekeliso 29:21; IZililo 3:27) UYosefu wafundisa uYesu ukuchwela, ibe ngokuqinisekileyo uYosefu noMariya babecela uYesu, njengezibulo labo ukuba abancedise ekunyamekeleni abanye abantwana babo, ababebathandathu ubuncinane.—Marko 6:3.
Unokuba nombono wentsapho kaYosefu, ngexesha lePasika incedisana ilungiselela uhambo lwaminyaka le, lokuya eYerusalem—iikhilomitha ezingama-200 ukuya nokubuya zingekho izinto zokuhamba zanamhlanje. Ngokuqinisekileyo, intsapho yabantu abasithoba nangaphezulu kwakufuneka ilungelelaniswe kakuhle ukuze ihambe olo hambo lude kangako. (Luka 2:39, 41) Phezu kwazo nje ezo nzima, akukho mathandabuzo ukuba uYosefu noMariya babezixabisa ezo zihlandlo, mhlawumbi besebenzisa zona ukufundisa abantwana babo ngeziganeko zeBhayibhile ezadlulayo.
Ngoxa wayesakhula, uYesu “waqhubeka ezithobile” kubazali bakhe, ngalo lonke ixesha “esenza inkqubela ebulumkweni nasekukhuleni ngomzimba nasekukholekeni kuThixo nasebantwini.” (Luka 2:51, 52) Ewe, uYosefu noMariya bazingqina bekufanele ukuthwala loo mbopheleleko babeyinikwe nguYehova. Bangumzekelo omhle kubazali banamhlanje.—INdumiso 127:3.