ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zeencwadi Eziya KuTito, KuFilemon NakumaHebhere
KWITHUBA elithile emva kokuba ekhululwe okokuqala kwintolongo yaseRoma ngowama-61 C.E., umpostile uPawulos utyelela isiqithi saseKrete. Uthi akuphawula imeko yokomoya yamabandla alapho, ashiye uTito ukuba awomeleze. Kusenokwenzeka ukuba, kamva uPawulos uthi eseMakedoni abhalele uTito enye incwadi, ukuze amalathise aze amxhase kumsebenzi awenzayo.
Ngaphambilana, kanye ngaphambi kokuba akhululwe entolongweni ngowama-61 C.E., uPawulos wabhalela uFilemon, umzalwana ongumKristu ohlala eKolose. Le ncwadi isisibongozo nje sobuhlobo.
Malunga nowama-61 C.E., uPawulos wabhalela namakholwa angamaHebhere kwaYuda, apho wabonisa khona ukubaluleka kobuKristu kunenkqubo yamaYuda. Zontathu ezi ncwadi zinesiluleko esibalulekileyo kuthi.—Heb. 4:12.
HLALA UPHILILE NGOKOMOYA
Emva kokunikela ulwalathiso ngendlela ‘yokumisela amadoda amakhulu kwizixeko ngezixeko,’ uPawulos ucebisa uTito ukuba ‘aqhubeke ebohlwaya ngokuqatha [abangalawulekiyo], ukuze baphile elukholweni.’ Ubongoza bonke abakumabandla aseKrete ukuba ‘bazilumle kuko ukungabi nabuthixo baze baphile ngengqondo ephilileyo.’—Tito 1:5, 10-13; 2:12.
UPawulos uyaqhubeka enikela isiluleko ukuze ancede abazalwana baseKrete ukuba bahlale bephilile ngokomoya. Uyalela uTito ukuba ‘azicezele iimbuzwano zobudenge nokulwa ngoMthetho.’—Tito 3:9.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:15—Kunokwenzeka njani ukuba ‘zonke izinto zihlambuluke kubantu abahlambulukileyo,’ kodwa zingahlambuluki “kubantu abazenze inqambi nabangenalukholo”? Ukuze sikwazi ukuwuphendula lo mbuzo, sifanele siqonde oko kwakuthethwa nguPawulos xa wayesithi “zonke izinto.” Wayengathethi ngezinto ezigatywa ngokuthe ngqo liLizwi likaThixo elibhaliweyo, kodwa wayethetha ngezinto iZibhalo ezivumela ukuba mKristu ngamnye azenzele izigqibo kuzo ngokuvumelana nesazela sakhe. Kumntu ocinga ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo, ezo zinto zihlambulukile. Azihlambulukanga kumntu ocinga ngendlela egqwethekileyo nonesazela esidyobhekileyo.a
3:5—AmaKristu athanjisiweyo ‘asindiswa njani ngokuhlamba’ aze ‘enziwe matsha ngomoya oyingcwele’? ‘Asindiswa ngokuhlamba’ ngengqiqo yokuba uThixo uye wawahlamba okanye wawacoca ngedini lentlawulelo likaYesu. ‘Enziwe amatsha ngomoya oyingcwele’ kuba aye aba “sisidalwa esitsha” njengoonyana bakaThixo abazelwe ngomoya.—2 Kor. 5:17.
Oko Sikufundayo:
1:10-13; 2:15. Abaveleli abangamaKristu bamele bakhaliphe xa belungisa izinto eziphosakeleyo ezenziwa ebandleni.
2:3-5. Njengakwinkulungwane yokuqala, oodade abakhulileyo abangamaKristu kufuneka ‘baziphathe ngokuhlonel’ uThixo, banganyelisi, bangakhotyokiswa yiwayini eninzi, bafundise oko kulungileyo.’ Xa besenjenjalo, baya kukwazi ukubafundisa ngasese “abafazana” abasebandleni.
3:8, 14. Ukugcina ‘iingqondo zethu zikwimisebenzi emihle kuhle yaye kuyingenelo’ kuba kusinceda sibe neziqhamo enkonzweni kaThixo kuze kusigcine sahlukile kweli hlabathi lingendawo.
BONGOZA “NGOTHANDO”
UFilemon unconywa ngomzekelo wakhe omhle ‘wothando nokholo.’ Indlela awahlaziya ngayo amanye amaKristu iye yabangela ukuba uPawulos ‘avuye aze athuthuzeleke kakhulu.’—Filem. 4, 5, 7.
UPawulos umisela bonke abaveleli umzekelo omhle ngokuthi xa ecombulula umbandela ontununtunu ophathelele uOnesimo, angayaleli kodwa abongoze “ngothando.” Uthi kuFilemon: “Ndeyisekile yintobelo yakho, yaye ndikubhalela ndisazi ukuba uya kwenza kwanangaphezu kwesicelo sam.”—Filem. 8, 9, 21.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
10, 11, 18—Kwenzeka njani ukuba uOnesimo owayekade “engeloncedo” abe “luncedo”? UOnesimo wayelikhoboka elonqenayo elabaleka kumzi kaFilemon eKolose laya kutsho eRoma. Kusenokwenzeka ukuba, uOnesimo weba imali yenkosi yakhe ukuze ahlawule uhambo lwakhe oluziikhilomitha ezili-1 400. Eneneni, wayengeloncedo kuFilemon. Noko ke, uOnesimo lo wathi akufika eRoma wancedwa nguPawulos ukuba abe ngumKristu. Lathi lakuba ngumKristu, eli khoboka lalikade ‘lingeloncedo’ laba “luncedo.”
15, 16—Kwakutheni ukuze uPawulos angaceli ukuba uFilemon akhulule uOnesimo? UPawulos wayefuna ukunamathela ngokungqongqo kuthumo lwakhe ‘lokushumayela ubukumkani bukaThixo aze afundise ngezinto eziphathelele iNkosi uYesu Kristu.’ Ngenxa yoko, wakhetha ukumela kude angazifaki kwimiba yabantu, enjengaleyo iphathelele ubukhoboka.—IZe. 28:31.
Oko Sikufundayo:
2. UFilemon wavumela ukuba kuqhutywe iintlanganiso zamaKristu ekhayeni lakhe. Kulilungelo ukuqhutywa kwentlanganiso yenkonzo yasentsimini emakhayeni ethu.—Roma 16:5; Kol. 4:15.
4-7. Sifanele siwancome amanye amakholwa angumzekelo wokuba nokholo nothando.
15, 16. Asifanele sivumele iimeko ezinzima zisenze sixhalabe ngokungeyomfuneko. Imeko okuyo isenokuba neziqhamo ezihle, njengoko kwaba njalo kuOnesimo.
21. UPawulos wayelindele ukuba uFilemon amxolele uOnesimo. Nakuthi kulindeleke ukuba sibaxolele abazalwana xa besonile.—Mat. 6:14.
“MASIXHINELE EKUQOLENI”
Engqina ukuba ukholo kwidini likaYesu lubalulekile kunemisebenzi yoMthetho, uPawulos ubonisa ukubalasela koMseki wobuKristu, ububingeleli bakhe, idini lakhe nomnqophiso omtsha. (Heb. 3:1-3; 7:1-3, 22; 8:6; 9:11-14, 25, 26) Ngokuqinisekileyo ukwazi oku kumele ukuba kwawanceda amaKristu angamaHebhere ukuba ahlangabezane nokutshutshiswa ngamaYuda. UPawulos ubongoza la makholwa angamaHebhere ukuba ‘axhinele ekuqoleni.’—Heb. 6:1.
Lubaluleke kangakanani ukholo kumKristu? UPawulos ubhala athi: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle [uThixo].” Ukhuthaza amaHebhere ngelithi: “Masilubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu,” ngokholo.—Heb. 11:6; 12:1.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:14, 15—Ngaba isibakala sokuba uSathana ‘enamandla okubangela ukufa’ sithetha ukuba unokubulala nabani na afuna ukumbulala ngexesha afuna ngalo? Akunjalo. Noko ke, ukususela ekuqaleni kobungendawo bukaSathana e-Eden, ubuxoki bakhe babangela ukufa ngenxa yokuba uAdam wona waza wadlulisela isono nokufa ebantwini. (Roma 5:12) Ngaphezu koko, abo benza ukuthanda kukaSathana emhlabeni baye babatshutshisa abakhonzi bakaThixo de bababulala, njengoko benzayo kuYesu. Kodwa loo nto ayithethi kuthi uSathana unamandla angenamda okubulala nabani na afuna ukumbulala. Ukuba bekunjalo, ngekukudala wabatshayelayo abakhonzi bakaYehova. UYehova ubakhusela njengeqela abantu bakhe ibe akamvumeli uSathana ukuba abatshabalalise. Kwanokuba uThixo uvumela abanye bethu ukuba bahlaselwe nguSathana bafe, siqinisekile ukuba uThixo uya kuwulungisa nawuphi na umonakalo owenzekileyo kuthi.
4:9-11—‘Singena njani ekuphumleni kukaThixo’? Ekupheleni kweentsuku ezintandathu zokudala, uThixo waphumla kwimisebenzi yakhe yendalo, eqinisekile ukuba injongo yakhe ngomhlaba nangabantu iya kuzaliseka. (Gen. 1:28; 2:2, 3) ‘Singena kolo phumlo’ ngokuyeka imisebenzi yokuzingca size samkele ilungiselelo likaThixo lokusisindisa. Xa sisiba nokholo kuYehova size ngokuzithoba silandele uNyana wakhe kunokusukela iminqweno yokuzingca, siyahlaziyeka size sifumane iintsikelelo suku ngalunye.—Mat. 11:28-30.
9:16—Ngubani ‘umnqophisi ongumntu’ womnqophiso omtsha? UYehova unguMenzi womnqophiso omtsha, ngoxa uYesu ‘engumnqophisi ongumntu.’ UYesu nguMlamli waloo mnqophiso, yaye ngokufa walungiselela idini elalifuneka ukuze liwenze usebenze.—Luka 22:20; Heb. 9:15.
11:10, 13-16—Sisiphi “isixeko” uAbraham awayesilindele? Esi sixeko yayingesiso esokoqobo kodwa yayisesokomfuziselo. UAbraham wayelindele “iYerusalem yasezulwini,” ebunjwa nguKristu Yesu nabo aza kulawula nabo abali-144 000. Aba baza kulawula noYesu abakuzuko lwabo ezulwini kubhekiselwa kubo ‘njengesixeko esingcwele, iYerusalem Entsha.’ (Heb. 12:22; ISityhi. 14:1; 21:2) UAbraham wayekhangele phambili ekuphileni ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo.
12:2—Luluphi ‘uvuyo olwalubekwe phambi [kukaYesu]’ olwamenza “wasinyamezela isibonda sentuthumbo”? Yayiluvuyo lokubona oko kwakuza kufezwa bubulungiseleli bakhe—kuquka ukungcwaliswa kwegama likaYehova, ukuthethelelwa kolongamo lukaThixo nokukhululwa kwabantu ekufeni. UYesu wayekwajonge phambili kumvuzo wokulawula njengoKumkani nokuba nguMbingeleli Omkhulu ukuze kungenelwe abantu.
13:20—Kutheni kusithiwa umnqophiso omtsha ‘ungunaphakade’? Kungenxa yezi zizathu zithathu: (1) Akukho nto iya kuze ingene endaweni yawo, (2) iingenelo zawo ziya kuhlala zikho, yaye (3) ‘ezinye izimvu’ ziya kuhlala zingenelwa kulo mnqophiso mtsha nasemva kweArmagedon.—Yoh. 10:16.
Oko Sikufundayo:
5:14. Sifanele sikukhuthalele ukufunda iLizwi likaThixo, iBhayibhile size sikusebenzise oko sikufunda kulo. Leyo kuphela kwendlela ‘esinokuwaqeqesha ngayo amandla ethu okuqonda ukuze ahlule okulungileyo nokubi.’—1 Kor. 2:10.
6:17-19. Ukulisekela ngokuqinileyo ithemba esinalo kwisithembiso sikaThixo nakwisifungo awasenzayo kuya kusinceda singaphambuki kwindlela yenyaniso.
12:3, 4. Kunokuba ‘sidinwe size sityhafe emiphefumlweni yethu’ ngenxa yezilingo ezincinane okanye inkcaso, sifanele senze inkqubela esa ekuqoleni size siphucule indlela esizinyamezela ngayo izilingo. Sifanele sizimisele ukuxhathisa “kude kuphalale igazi,” oko kukuthi de sife.—Heb. 10:36-39.
12:13-15. Asifanele sivumele ‘ingcambu enetyhefu,’ okanye nabani na ebandleni ohlab’ amadlala indlela ekwenziwa ngayo izinto, ukuba asithintele ‘ekuzenzeleni umendo othe tye iinyawo zethu.’
12:26-28. ‘Izinto ezenziwe’ ngezandla ezingezizo ezikaThixo—inkqubo ekhoyo yezinto xa iyonke, “kwanezulu” elingendawo—ziya kugungqiswa zingabikho. Xa oko kusenzeka, kuya kusala kuphela “izinto ezingagungqiswanga,” oko kukuthi, uBukumkani nabo babuxhasayo. Kubaluleke ngokwenene ukuba sivakalise uBukumkani ngokuzimisela size siphile ngokuvisisana nemigaqo yabo.
13:7, 17. Ukwenza ngokuvisisana nesibongozo sokuthobela nokululamela abaveleli abasebandleni kuya kusinceda sibe nentsebenziswano.
[Umbhalo osemazantsi]