Bonakalisa “Ubulali Kubantu Bonke”
“Qhubeka ubakhumbuza . . . babe ngabanengqiqo, bebonisa ubulali kubantu bonke.”—TITO 3:1, 2.
1. Kutheni kusoloko kungekho lula ukubonakalisa ubulali?
UMPOSTILE uPawulos wabhala: “Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.” (1 Korinte 11:1) Bonke abakhonzi bakaThixo namhlanje benza umgudu wokuthobela esi sibongozo. Liyinyaniso elokuba, oku akuyondlwan’ iyanetha, kuba sawuzuz’ ilifa kubazali bethu bokuqala umnqweno wokuzingca nobuntu obungavisisaniyo nomzekelo kaKristu. (Roma 3:23; 7:21-25) Sekunjalo, xa kufikelelwa kwinkalo yokubonakalisa ubulali, sonke sinako ukwenjenjalo ukuba senza umgudu. Kodwa ukuthembela nje kumandla ethu akwanele. Yintoni engakumbi efunekayo?
2. Sinokububonakalisa njani “ubulali kubantu bonke.”
2 Ubulali bobuthixo buyinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele. Okukhona sivumela ukukhokelwa ngamandla kaThixo asebenzayo, kokukhona isiqhamo sawo siya kubonakala. Kungoko kuphela, esiya kukwazi ukubonakalisa ‘bonke ubulali’ kubantu bonke. (Tito 3:2) Makhe sihlolisise indlela esinokuwuxelisa ngayo umzekelo kaYesu size sibenze ‘bafumane ukuhlaziyeka’ abo banxulumana nathi.—Mateyu 11:29; Galati 5:22, 23.
Entsatsheni
3. Yiyiphi imeko yentsapho ebonakalisa umoya wehlabathi?
3 Enye indawo obubaluleke kuyo ubulali kusentsatsheni. IWorld Health Organization iqikelela ukuba ugonyamelo lwentsapho lwenza impilo yamabhinqa ibe sengozini gqitha xa kuthelekiswa neengozi zendlela kuquka nesifo seengcongconi. Ngokomzekelo, eLondon, eNgilani, ama-25 ekhulwini olwaphulo-mthetho olunogonyamelo oluxelwayo lwenzeka ekhaya. Amapolisa adla ngokudibana nabantu ababonisa indlela abavakalelwa ngayo “ngokumemeza nangokuthetha krwada.” Okubi nangakumbi kukuba, amanye amaqabane aye avumela “ubukrakra bolunya” buchaphazele ulwalamano lwawo. Konke oku kubonakalisa “umoya wehlabathi” yaye ukuziphatha okunjalo akwamkelekanga kwiintsapho zamaKristu.—Efese 4:31; 1 Korinte 2:12.
4. Ubulali bunokuba nayiphi impembelelo kwintsapho?
4 Ukuze sichase utyekelo lwehlabathi, sifanele sibe nomoya kaThixo. “Apho ukhoyo umoya kaYehova, kukho inkululeko.” (2 Korinte 3:17) Uthando, ububele, ukuzeyisa nokuzeka kade umsindo komeleza umanyano lwamadoda nabafazi abangafezekanga. (Efese 5:33) Umoya wobulali wenza kubekho ulonwabo ekhaya kuze kungabikho zingxabano nokusukuzana okuchitha iintsapho ezininzi. Into ubani ayithethayo ibalulekile, kodwa yindlela ayithetha ngayo ebonisa isimo sakhe sengqondo. Ukuchaza izinto ezisixhalabisayo nezisikhathazayo ngobulali kuphelisa ingxabano. UKumkani osisilumko uSolomon wabhala: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”—IMizekeliso 15:1.
5. Ubulali bunokuba luncedo njani kwikhaya elahluleleneyo ngonqulo?
5 Ubulali bubaluleke ngokukhethekileyo kwikhaya elahluleleneyo ngonqulo. Xa buhambisana nezenzo zobubele, bunokunceda abo bangenalutyekelo luhle batsaleleke kuYehova. UPetros waluleka abafazi abangamaKristu esithi: “Wathobeleni amadoda enu, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalithobeliyo ilizwi, azuzeke ngaphandle kwelizwi ngenxa yehambo yabafazi bawo, kuba eye angamangqina okuzibonela ehambo yenu enyulu ndawonye nentlonelo enzulu. Yaye ukuhomba kwenu makungabi kokokulukwa kwangaphandle kweenwele nokokufakwa kwezihombo zegolide okanye ukunxitywa kwezambatho zangaphezulu, kodwa makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo ofake isivatho esingenakonakala somoya ozolileyo nowobulali, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.”—1 Petros 3:1-4.
6. Ukubonakalisa ubulali kunokulomeleza njani ulwalamano phakathi kwabazali nabantwana?
6 Ulwalamano oluphakathi kwabazali nabantwana lunokuphazamiseka, ingakumbi xa uthando ngoYehova lungekho. Kodwa zonke iintsapho zamaKristu, zifanele zibonakalise ubulali. UPawulos waluleka oobawo esithi: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Xa ubulali bubonakaliswa entsatsheni, bomeleza ulwalamano olusondeleyo phakathi kwabazali nabantwana. UDean, omnye wabantwana abahlanu, ukhumbula oku ngoyise: “Utata wayenomoya wobulali. Andikhumbuli kwaphela ndiphikisana naye—kwanaxa ndandisekwishumi elivisayo. Wayesoloko enobulali gqitha, kwanaxa ecaphukile. Maxa wambi ngenjongo yokundohlwaya wayedla ngokuthi mandiye kuhlala egumbini lam okanye angandivumeli ndenze izinto endizithandayo, kodwa asizange sikhe sixambulisane. Ebengengotata nje kuphela. Kodwa ebekwangumhlobo wethu, yaye besingafuni ukumdanisa.” Ngokwenene ubulali buluncedo ekomelezeni ulwalamano phakathi kwabazali nabantwana.
Entsimini
7, 8. Kutheni kubalulekile ukubonakalisa ubulali entsimini?
7 Enye indawo ekubalulekileyo ukuba sibonakalise ubulali kusentsimini. Njengoko sishumayela kwabanye iindaba ezilungileyo zoBukumkani, sidibana nabantu abanobuntu obahlukahlukeneyo. Bambi basiphulaphula ngovuyo isigidimi sethemba esibaphathele sona. Abanye, ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo, basenokungasamkeli. Uphawu lobulali lusinceda kanye ngelo xesha ukuze sifeze umsebenzi wethu wokuba ngamangqina kwezona nxalenye zikude zomhlaba.—IZenzo 1:8; 2 Timoti 4:5.
8 Umpostile uPetros wabhala: “Ngcwalisani uKristu njengeNkosi ezintliziyweni zenu, nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:15) Ngenxa yokuba simgqala uKristu njengoyena Mzekelo wethu, senza umgudu wokubonakalisa ubulali kunye nentlonelo xa sishumayela kwabo bathetha ngqwabalala. Ukuziphatha ngale ndlela kudla ngokuba nemiphumo emihle.
9, 10. Balisa amava abonisa ukuxabiseka kokuba nobulali entsimini.
9 Xa umfazi wakhe wayesiya kuvula umnyango wegumbi abahlala kulo, uKeith akazange anikele ngqalelo ingako. Xa weva ukuba lo mntu ubatyeleleyo ngomnye wamaNgqina kaYehova, umfazi kaKeith ngomsindo wawatyhola amaNgqina ngokubaphatha ngenkohlakalo abantwana. Lo mzalwana wahlala ezolile. Ngobulali, wathi: “Ndibuhlungu kukuyiva indlela ovakalelwa ngayo. Ndicela ukukubonisa oko amaNgqina kaYehova akukholelwayo?” UKeith wayeyiphulaphule le ncoko yaye ngoku waya emnyango eye kugxotha lo mzalwana.
10 Kamva, esi sibini saqalisa ukuzisola kuba siye saluphatha ngqwabalala undwendwe lwaso. Sasichukunyiswe yindlela olubonakalise ngayo ubulali. Singalindelanga, kwiveki elandelayo lo mzalwana wabuya, yaye uKeith nomfazi wakhe bamvumela ukuba achaze ngokweZibhalo oko akukholelwayo. Kamva bathi: “Ngaphezu kweminyaka emibini eyalandelayo, sakuphulaphula oko amanye amaNgqina ayekuthetha.” Basamkela isifundo seBhayibhile, yaye ekugqibeleni bobabini babhaptizwa befuzisela ukuzahlulela kwabo kuYehova. Hayi indlela oku okwaba nomvuzo ngayo kwiNgqina lokuqala elatyelela uKeith nomfazi wakhe! Eli Ngqina ladibana nesi sibini kwiminyaka eliqela kamva laza lafumanisa ukuba ngoku ngumzalwana nodade wakhe wokomoya. Ubulali bunempumelelo.
11. Ubulali bunokwenza njani kube lula ukuba ubani amkele inyaniso yamaKristu?
11 Oko kwenzeka kuHarold xa wayelijoni kwamenza wanengqumbo waza wathandabuza enoba uThixo ukho. Ukuyenza ibe mbi nangakumbi le ngxaki yakhe, ingozi yemoto eyabangelwa ngumqhubi owayenxilile yamshiya uHarold engumlwelwe. Xa amaNgqina kaYehova atyelela ekhayeni lakhe, uHarold wawaxelela ukuba angaphinde awabone apho. Kodwa ngenye imini, iNgqina elinguBill lalizimisele ukutyelela umntu onomdla ohlala kumzi wesibini ukusuka kokaHarold. Ngempazamo, uBill wankqonkqoza kumnyango kaHarold. Xa uHarold, ehamba ngeentonga ezimbini, wavula umnyango, ngokukhawuleza uBill wacel’ uxolo esithi ebesiya kwelinye ikhaya elikufutshane. Wathini uHarold? UBill engazi, uHarold wayebone iindaba kumabonwakude ezingendlela amaNgqina awayesebenza ngayo ngomanyano ekwakheni iHolo yoBukumkani entsha ngexesha nje elifutshane. Emangaliswe kukubona abantu abaninzi kangako besebenza ngokumanyeneyo, wasitshintsha isimo sakhe sengqondo ngamaNgqina. Echukunyiswe yindlela uBill acele ngayo uxolo ngobubele nokubonakalisa kwakhe ubulali, uHarold wagqiba kwelokuba awamkele amaNgqina xa emtyelele. Wafundisisa iBhayibhile, wenza inkqubela waza wangumkhonzi kaYehova obhaptiziweyo.
Ebandleni
12. Yiyiphi imikhwa yehlabathi amalungu ebandla lamaKristu afanele ayixhathise?
12 Indawo yesithathu ekubalulekileyo ukuba sibonakalise ubulali kusebandleni lamaKristu. Kuyinto exhaphakileyo namhlanje ukugrwangxulana kwabantu. Iimpikiswano, ukuxambulisana neengxabano ziyinto eqhelekileyo phakathi kwabo babujonga ubomi ngendlela yehlabathi. Maxa wambi, imikhwa yehlabathi enjalo ingena ngokuthe ngcembe nakwibandla lamaKristu yaye iphumela kwiimbambano nokuxambulisana. Abazalwana abaneembopheleleko baye babe buhlungu xa kufuneka balungise ezi ngxaki. Sekunjalo, uthando ngoYehova nangabazalwana babo lubenza bazame ukuzuza abo banxaxhileyo.—Galati 5:25, 26.
13, 14. Unokuba yintoni umphumo ‘wokubayalela ngobulali abo bangenalutyekelo luhle’?
13 Kwinkulungwane yokuqala, uPawulos kunye neqabane lakhe uTimoti bajamelana neengxaki ezazibangelwa ngabanye ebandleni. UPawulos walumkisa uTimoti ukuba abalumkele abazalwana abafana nezitya “zenjongo engabekekanga.” UPawulos waqiqa ngelithi: “Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke, likufanelekele ukufundisa, linyamezela ububi, libayalela ngobulali abo bangenalutyekelo luhle.” Xa sihlala sinomoya wobulali kwanaxa sicatshukiswa, abo basiphikisayo badla ngokuphinda bakuhlolisise oko basigxeka ngako. Yaye, njengoko uPawulos esongezelela, uYehova “angabanika inguquko ekhokelela kulwazi oluchanileyo lwenyaniso.” (2 Timoti 2:20, 21, 24, 25) Phawula ukuba uPawulos unxulumanisa ukuthantamisa nokuzeyisa nokuba nobulali.
14 UPawulos wayephila ngoko wayekufundisa. Xa wayethetha ‘nabapostile abaziincamisa’ kwibandla laseKorinte, wababongoza aba bazalwana esithi: “Ke kaloku mna, Pawulos, ndiyanibongoza ngobulali nobubele bukaKristu, nakuba ndithobekile ngembonakalo phakathi kwenu, kanti xa ndingekho ndingokhaliphileyo kuni.” (2 Korinte 10:1; 11:5) Ngokwenene uPawulos wamxelisa uKristu. Phawula ukuba wababongoza aba bazalwana “ngobulali” bukaKristu. Ngaloo ndlela wakuphepha ukuba nesimo sengqondo sokuzikhukhumalisa nokuba nguzwilakhe. Ngokungathandabuzekiyo isibongozo sakhe sabachukumisa abo babeneentliziyo ezilungileyo ebandleni. Walungisa ulwalamano olwaluphazamisekile edal’ uxolo nomanyano ebandleni. Ngaba eli asilokhondo lihle sonke esinokuzabalazela ukulixelisa? Ngokukhethekileyo abadala bafanele baxelise umzekelo kaKristu nokaPawulos.
15. Kutheni kubalulekile ukuba nobulali xa sinikela isiluleko?
15 Imbopheleleko yokunceda abanye ayipheleliselwanga kuphela xa kungekho uxolo nomanyano ebandleni. Abazalwana bafuna ukukhokelwa ngothando, ngaphambi kokuba kubekho amagingxigingxi kulwalamano lwabo. UPawulos wabongoza esithi: “Bazalwana, ukuba umntu uqutyulwe sisiphoso, nina enineemfaneleko zokomoya zamani ukumlungisa umntu onjalo.” Kodwa njani? “Ngomoya wobulali, nizilumkela ukuba ningahendwa nani.” (Galati 6:1) Ukuhlala ‘sinomoya wobulali’ akusoloko kulula, ngokukhethekileyo ekubeni onke amaKristu, kuquka namadoda amiselweyo, etyekele kwimikhwa yesono. Sekunjalo, kukubonakalisa ubulali okuya kwenza kube lula kulowo unxaxhileyo ukwenza inguqulelo efunekayo.
16, 17. Yintoni enokunceda xa ubani engasamkeli lula isiluleko?
16 KwisiGrike santlandlolo, igama eliguqulelwe ngokuthi “ukulungisa” likwanokuthetha ukulungelelanisa amathambo aphukileyo, nto leyo ebangela intlungu engathethekiyo. Ugqirha olungelelanisa eli thambo laphukileyo uye athethe kakuhle ngeenzuzo zolu nyango. Ukuzola kwakhe kuphelisa uloyiko. Amazwi ambalwa ngaphambi kokuba oku kwenziwe ayanceda ukuthomalalisa iintlungu. Ngokufanayo, ukulungiswa ngokomoya kusenokuba buhlungu. Kodwa ubulali buya kukwenza kwamkeleke ngakumbi, ngaloo ndlela bulondoloze ulwalamano oluhle buze buvule ithuba lokuba lowo unxaxhileyo aguqule ikhondo lakhe. Kwanaxa isiluleko besingamkelwa ekuqaleni, ukubonakalisa ubulali kwalowo unikela uncedo kunokubangela lamkelwe icebiso lobulumko leZibhalo.—IMizekeliso 25:15.
17 Xa kuncedwa abanye baguqule ikhondo labo, kusoloko kukho ingozi yokuba isiluleko sisenokuthatyathwa njengokuhlab’ amadlala. Omnye umbhali uthi: “Xa siluleka abanye sisenokuba ngqongqo gqitha, ngoko ke kubaluleke kakhulu ukuba sithozame.” Ukuhlakulela ubulali obubangelwa kukuthobeka kuya kunceda umKristu onikela isiluleko ukuba ayiphephe le ngozi.
“Kubantu Bonke”
18, 19. (a) Kutheni amaKristu asenokukufumanisa kunzima ukubonakalisa ubulali xa esebenzisana namagosa karhulumente? (b) Yintoni enokunceda amaKristu abonakalise ubulali kwabasemagunyeni, yaye oko kunokuba nawuphi umphumo?
18 Enye inkalo abakufumanisa kunzima kuyo abaninzi ukubonakalisa ubulali kuxa besebenzisana namagosa karhulumente. Liyinyaniso elokuba, indlela abanye abasemagunyeni abazenza ngayo izinto ibonisa ubungqwabalala nokungabi naluvelwano. (INtshumayeli 4:1; 8:9) Noko ke, uthando lwethu ngoYehova luya kusinceda silithobele igunya lakhe njengelona liphakamileyo size siwanike intlonelo ewafaneleyo amagosa karhulumente. (Roma 13:1, 4; 1 Timoti 2:1, 2) Kwanaxa abo bakwizikhundla eziphakamileyo bezama ukusithintela ukuze singathethi esidlangalaleni ngendlela esimnqula ngayo uYehova, kuphela nje sikhangela iindlela ezisavulelekileyo zokunikela umbingelelo wethu wendumiso.—Hebhere 13:15.
19 Phantsi kwazo naziphi na iimeko asibheneli ekulweni. Sizabalazela ukuzenza izinto ngendlela esengqiqweni ngoxa singayi kulalanisa kwimigaqo yobulungisa. Ngale ndlela, abazalwana bethu bashumayela ngokuphumelelayo kumazwe angama-234 ehlabathini lonke. Sithobela isiluleko sikaPawulos ‘sokululamela size sithobele oorhulumente namagunya alawulayo, silungele wonke umsebenzi olungileyo, singathethi kakubi nangabani na, singabi ngabathanda ukulwa, sibe ngabanengqiqo, sibonisa ubulali kubantu bonke.’—Tito 3:1, 2.
20. Ziziphi iintsikelelo eziya kufunyanwa ngabo babonakalisa ubulali?
20 Bonke abo babonakalisa ubulali baya kusikelelwa kakhulu. UYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Kubazalwana bakaKristu abathanjiswe ngomoya, ukuhlala benobulali kubenza baqiniseke ngelungelo labo elivuyisayo lokulawula umhlaba oyinxalenye yoBukumkani. Ukanti “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu,’ siqhubeka sibonakalisa ubulali yaye sijonge phambili ekuphileni eParadesi apha emhlabeni. (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16; INdumiso 37:11) Ezi zizithembiso ezivuyisayo zexesha elizayo! Ngoko ke, masingaze sisityeshele isikhumbuzo uPawulos awasinika amaKristu ase-Efese esithi: “Mna, ke ngoko, endilibanjwa eNkosini, ndiyanibongoza ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo, ngokuthobeka okupheleleyo kwengqondo nobulali.”—Efese 4:1, 2.
Impinda
• Ziziphi iintsikelelo ezifumaneka ngokubonakalisa ubulali
• entsatsheni?
• entsimini?
• ebandleni?
• Bathenjiswa ntoni abo banomoya wobulali?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Ubulali bubaluleke ngokukhethekileyo kwikhaya elahluleleneyo ngonqulo
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Ubulali bomeleza ulwalamano lwentsapho
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Zithethelele ngobulali nangentlonelo enzulu
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ukuba nobulali kwalowo unikela isiluleko kunokumnceda lowo unxaxhayo