Uligosa Elithenjiweyo!
“Aningobenu.”—1 KOR. 6:19.
1. Yintoni ethi qatha ezingqondweni zabantu xa kuthethwa ngamakhoboka?
KWIMINYAKA emalunga nama-2 500, wakha wathi omnye umbhali wamabali ongumGrike: “Akakho umntu ozikhethelayo ukuba likhoboka.” Baninzi abantu namhlanje abaya kuvumelana naloo mazwi. Kuthi kwakubizwa igama elithi ‘amakhoboka,’ kuthi qatha abantu abacinezelweyo nabaphethwe kakubi, abangazifumaniyo iziqhamo zemisebenzi yabo, kodwa abatyebisa nje iinkosi zabo.
2, 3. (a) Yiyiphi imbopheleleko eyabelwe abakhonzi abathembekileyo okanye amakhoboka kaKristu? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa ephathelele amagosa?
2 UYesu wathi abafundi bakhe baya kuba ngabakhonzi abathobekileyo okanye amakhoboka. Obu ubukhoboka bamaKristu okwenyaniso, abuthobi sidima, bungacinezeli mntu kananjalo. La amakhoboka abekekile, athenjiwe yaye ayahlonelwa. Ngokomzekelo, khawucinge ngamazwi awathethwa nguYesu ngaphambi nje kokuba afe, ngokuphathelele elinye ‘ikhoboka.’ UKristu waxela kusengaphambili ukuba wayeya kwabela umsebenzi ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mat. 24:45-47.
3 Kwenye ingxelo efana nale, eli khoboka kuthiwa ‘ligosa.’ (Funda uLuka 12:42-44.) Uninzi lwamaKristu athembekileyo aphila ngoku akangawo amalungu odidi lwegosa elithembekileyo. Noko ke, iZibhalo zithi bonke abo bakhonza uThixo bangamagosa. Ziziphi iimbopheleleko abanazo? Zifanele zijongwe njani ezo mbopheleleko? Ukuze siphenduleke, makhe sihlolisise indima yamakhoboka mandulo.
INDIMA YAMAGOSA
4, 5. Amagosa amandulo ayenaziphi iimbopheleleko? Yenza imizekelo.
4 Mandulo, igosa lalidla ngokuba likhoboka elithenjiweyo elalidla ngokwabelwa ukuba lijongane nomzi okanye imicimbi yenkosi yalo. Loo nto ithetha ukuba, amagosa ayeba negunya elikhulu yaye ayelawula impahla, imali kwanabanye abakhonzi. Ngokomzekelo, uEliyezere wabelwa ukuba anyamekele impahla eyongezelelekileyo ka-Abraham. Kusenokwenzeka ukuba uAbraham wathuma yena eMesopotamiya ukuba aye kufunela unyana wakhe, uIsake umfazi. Yayisisabelo esikhulu nesibaluleke gqitha eso!—Gen. 13:2; 15:2; 24:2-4.
5 Indoda esisizukulwana sika-Abraham, uYosefu yayivelela umzi kaPotifare. (Gen. 39:1, 2) Ekuhambeni kwexesha, naye uYosefu waba negosa awalibeka laba ‘ngumphathi wendlu yakhe.’ Yaba leli gosa elaliququzela lisamkela abantakwabo abalishumi. Liyalelwa nguYosefu, laba nendima ebalulekileyo kwiqhinga eliphathelele indebe yesilivere ‘eyabiwayo.’ Lizicacele elokuba, amagosa ayethenjwe kakhulu.—Gen. 43:19-25; 44:1-12.
6. Abadala abangamaKristu bangamagosa ngaziphi iindlela ezahlukahlukeneyo?
6 Kwiinkulungwane emva koko, umpostile uPawulos wabhala wathi abaveleli abangamaKristu babeya kuba ‘ngamagosa kaThixo.’ (Tito 1:7) Njengoko bemiselwe ukuba baluse “umhlambi kaThixo,” abaveleli balathisa baze bakhokele amabandla. (1 Pet. 5:1, 2) Kakade ke, iimbopheleleko zabo ziyahluka. Ngokomzekelo, abadala abaninzi abangamaKristu namhlanje bakhonza ibandla elinye. Abaveleli abahambahambayo bakhonza amabandla amaninzi. Wona amalungu eKomiti Yesebe anyamekela amabandla akwilizwe lonke. Sekunjalo, kulindeleke ukuba bonke baziphumeze ngokunyaniseka iimbopheleleko zabo; bonke bamele ‘baphendule’ kuThixo.—Heb. 13:17.
7. Sazi njani ukuba onke amaKristu angamagosa?
7 Kuthekani ngamaKristu amaninzi angengabo abaveleli? Ebhalela amaKristu xa ewonke, umpostile uPetros wathi: “Njengoko ngamnye wenu wasamkelayo isiphiwo, lungiselelanani ngaso njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.” (1 Pet. 1:1; 4:10) Ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga, sonke uThixo usinike izipho, izinto eziphathekayo, nobuchule esinokunceda ngabo amanye amaKristu. Ngenxa yoko, bonke abo bakhonza uThixo bangamagosa yaye kuba bengamagosa babekekile, bathenjiwe yaye banikwe imbopheleleko.
SINGABAKATHIXO
8. Nguwuphi omnye umgaqo obalulekileyo esimele siwukhumbule?
8 Makhe sihlolisise imigaqo emithathu amaKristu afanele anikele ingqalelo kuyo njengamagosa. Okokuqala: Sonke singabakaThixo yaye simele siphendule kuye. UPawulos wathi: “Aningobenu, kuba nathengwa ngexabiso,” igazi ledini likaKristu. (1 Kor. 6:19, 20) Ekubeni singabakaYehova, sinembopheleleko yokuthobela imiyalelo yakhe engelulo uxanduva. (Roma 14:8; 1 Yoh. 5:3) Sikwangawo namakhoboka kaKristu. Kanye njengamagosa amandulo, sinenkululeko—kungekhona inkululeko yokwenza unothanda. Simele senze umsebenzi wethu kanye ngendlela esiyalelwe ngayo. Enoba sinawaphi na amalungelo enkonzo, sisengabakhonzi bakaThixo nabakaKristu.
9. UYesu uluzekelisa njani ulwalamano oluphakathi kwekhoboka nenkosi yalo?
9 UYesu usinceda siqonde ulwalamano oluphakathi kwekhoboka nenkosi yalo. Wakha wabalisela abafundi bakhe ngekhoboka elagodukayo emva kokusebenza imini yonke. Ngaba inkosi ithi: “Yiza apha kwaoko uze ungqendeve etafileni”? Ayitsho. Kodwa ithi: “Ndilungisele into ukuze ndifumane isidlo sam sangokuhlwa, yaye faka ifaskoti uze undilungiselele ndide ndigqibe ukudla nokusela, ze ke emva koko udle usele nawe.” UYesu wawuchaza njani lo mzekeliso? “Nani ke, xa nenze zonke izinto enizabelweyo, yithini, ‘Singamakhoboka angancedi nganto. Oko sikwenzileyo koko besifanele sikwenze.’”—Luka 17:7-10.
10. Yintoni ebonisa ukuba uYehova uyayixabisa imigudu esiyenzayo yokumkhonza?
10 Kakade ke, uYehova uyayixabisa imigudu esiyenzayo yokumkhonza. IBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Heb. 6:10) UYehova akaze afune ukuba senze izinto ezingaphaya kwamandla ethu. Ukongezelela, nantoni na afuna siyenze yenzelwe ukuba kungenelwe thina yaye ayikho ngaphezu kwamandla ethu. Sekunjalo, ngokuvisisana nomzekelo kaYesu, ikhoboka alizikholisi, ngokufuna ezalo izilangazelelo kuqala. Nantsi eyona ngongoma, xa sizahlulela kuThixo, sikhetha ukubeka izilangazelelo zakhe kuqala ebomini bethu. Ngaba akuvumelani noko?
OKO UYEHOVA AKUFUNA KUTHI SONKE
11, 12. Njengamagosa, luluphi uphawu esingamele silubonise, yaye yintoni esimele siyiphephe?
11 Nanku umgaqo wesibini: Sonke njengamagosa sinemilinganiselo efanayo esifanele siphile ngayo. Liyinyaniso elokuba, ezinye iimbopheleleko zinikwe abantu abambalwa kwibandla lamaKristu. Kodwa ke, zikho iimbopheleleko esinazo sonke. Ngokomzekelo, njengabafundi bakaKristu namaNgqina kaYehova simele sithandane. UYesu wathi amaKristu okwenyaniso aya kubonwa ngothando. (Yoh. 13:35) Noko ke, asimele siphelele ekuthandeni amanye amaKristu. Simele sibathande nabo bangengawo amaKristu. Sonke sinako ukuyenza loo nto.
12 Sikwamele siziphathe kakuhle. Siyakuphepha ukuziphatha kwakunye nendlela yokuphila egwetywayo liLizwi likaThixo. UPawulos wathi: “Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda, namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Kor. 6:9, 10) Kufuna umgudu ukuphila ngokwemilinganiselo kaThixo yobulungisa. Loo mgudu awuyonkcitha-xesha, kuba usinceda ngeendlela ezininzi, eziquka ukuba sempilweni entle, ukuphila kamnandi nabanye abantu kwakunye nokuba nolwalamano oluhle noThixo.—Funda uIsaya 48:17, 18.
13, 14. Yiyiphi imbopheleleko anayo onke amaKristu, yaye sifanele siyijonge njani?
13 Uz’ ukhumbule ukuba igosa lalinomsebenzi walo, kanye njengathi. Sinikwe esona sipho sixabisekileyo—ulwazi lwenyaniso. UThixo ulindele ukuba sabelane nabanye ngolo lwazi. (Mat. 28:19, 20) UPawulos wathi: “Makenjenjalo ke umntu ukusigqala njengabangaphantsi kukaKristu namagosa eemfihlelo ezingcwele zikaThixo.” (1 Kor. 4:1) UPawulos waqonda ukuba, ukuba ligosa kuthetha ukuziphatha ngokuthembeka ‘iimfihlelo ezingcwele’ nokuzixelela abanye ngokomyalelo weNkosi, uYesu Kristu.—1 Kor. 9:16.
14 Ngapha koko, siya kuba sinothando xa sifundisa abanye inyaniso. Kakade ke, iimeko zethu njengamaKristu azifani. Asinakusebenza ngendlela efanayo kubulungiseleli. UYehova uyakwazi oko. Eyona nto ibalulekileyo kukwenza konke esinako ukukwenza. Xa sisenjenjalo, sibonisa ukuba simthanda ngokungazenzisiyo uThixo nabamelwane bethu.
UKUBALULEKA KOKUTHEMBEKA
15-17. (a) Kutheni kubalulekile nje ukuba igosa lithembeke? (b) UYesu wayizekelisa njani imiphumo yokungathembeki?
15 Umgaqo wesithathu onxulumene nemibini esisele sithethe ngayo uthi: Simele sithembeke. Igosa linokuba neempawu ezininzi ezintle kwakunye nobuchule, kodwa ezo zinto azilithetheleli xa lingakhathali okanye lingathembekanga kwinkosi yalo. Ukuze sibe ngamagosa aphumelelayo kubalulekile ukuba sithembeke. Khumbula la mazwi kaPawulos: “Okufunekayo kumagosa kukuba ahlale ethembekile.”—1 Kor. 4:2.
16 Xa sithembekile, ngokuqinisekileyo siya kufumana umvuzo. UThixo akayi kukholiswa sithi ukuba asithembekanga. Lo mgaqo ubonakala kakuhle kumzekeliso kaYesu weetalente. Amakhoboka ‘awashishina’ ngokuthembeka ngemali yenkosi yawo, anconywa aza asikelelwa gqitha. Ikhoboka elingazange liyikhathalele imali elayinikwa yinkosi yalo kwathiwa ‘lingendawo,’ ‘lidangele,’ yaye ‘alincedi nganto.’ Italente elaliyinikiwe yathathwa laza lona laphoswa phandle.—Funda uMateyu 25:14-18, 23, 26, 28-30.
17 UYesu wakha wachaza oko kunokwenzeka xa singathembekanga. Wathi: “Kwaye kukho umntu othile osisityebi, owayenegosa, elathi lona lamangalelwa ngokuyichitha impahla yakhe. Ngoko walibiza waza wathi kulo, ‘Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawungenise ingxelo yobugosa bakho, kuba akunakuba sayilawula le ndlu.’” (Luka 16:1, 2) Ekubeni eli gosa ladyiwaza ngempahla yenkosi, lagxothwa. Sisifundo esibaluleke kakhulu esi kuthi! Ngokuqinisekileyo asifuni kukwenza ngokungathembeki oko kulindeleke kuthi.
NGABA KUBUBULUMKO UKUZITHELEKISA NABANYE?
18. Kutheni singafanele sizithelekise nabanye?
18 Ngamnye kuthi umele azibuze, ‘Ndikujonga njani ukuba ligosa kwam?’ Ukuzithelekisa nabanye kunokubangela iingxaki. IBhayibhile isiluleka ngelithi: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.” (Gal. 6:4) Kunokuba sizithelekise nabanye, sifanele sinikele ingqalelo koko sinokukwazi ukukwenza. Oku akusayi kuphelela ekusikhuseleni ukuba singakhukhumali likratshi kodwa kuya kusikhusela nasekudimazekeni. Xa sizihlola, simele siqonde ukuba iimeko ziyatshintsha. Mhlawumbi ngenxa yempilo enkenenkene, ukwaluphala, okanye ukuba neembopheleleko ezingakumbi, sisenokungakwazi ukwenza izinto ebesikade sikwazi ukuzenza ngaphambili. Kwelinye icala, sinokukwazi ukwenza izinto ezingakumbi kunezo besizenza ngaphambili. Ukuba kunjalo, makhe sizame ukuba nochatha kwinkonzo esiyinikelayo.
19. Ukuba asikawafumani amalungelo athile, kutheni singamele sidimazeke?
19 Enye into esimele sicinge ngayo ziimbopheleleko esinazo nezo sisafuna ukuba nazo. Ngokomzekelo, umzalwana unokunqwenela ukuba ngumdala okanye anqwenele ukunikela iintetho ezindibanweni. Kubalulekile ukuwasebenzela loo malungelo, kodwa asimele sidimazeke ukuba asiwafumani ngexesha esiwalindele ngalo. Ngezizathu esingenakuziqonda ngokukhawuleza, kusenokuthatha ixesha ngaphambi kokuba sifumane amanye amalungelo. Khumbula ukuba, kwakubonakala ngathi uMoses ukulungele ukukhupha amaSirayeli eYiputa, kodwa kwafuneka alinde iminyaka engama-40 ngaphambi kokwenjenjalo. Oko kwamnika ithuba elaneleyo lokuba ahlakulele iimpawu ezaziza kumnceda akwazi ukukhokela uhlanga oluneenkani nolunemvukelo.—IZe. 7:22-25, 30-34.
20. Sinokufunda ntoni kwizinto ezenzeka kuYonatan?
20 Maxa wambi sisenokungawafumani kwaphela amalungelo athile. Kwenzeka loo nto kuYonatan. Wayezalwa nguSawule yaye wayenokuba ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli. Noko ke, uThixo wakhetha uDavide owayengaphantsi kakhulu kuye ngeminyaka, ukuba abe ngukumkani. Wathini uYonatan kwakuba njalo? Wayamkela loo nto waza wamxhasa uDavide nakuba oko kwakubeka ubomi bakhe esichengeni. Wathi kuDavide: “Wena kanye uya kuba ngukumkani phezu koSirayeli, mna ke ndiya kuba ngowesibini kuwe.” (1 Sam. 23:17) Kusinceda entwenini oku? UYonatan wayamkela le meko, yaye ngokungafaniyo noyise, akazange ammonele uDavide. Kunokuba simonele abanye ngenxa yezabelo abazinikiweyo, sonke simele sinikele ingqalelo ekuphumezeni iimbopheleleko esisele sinazo. Sinokuqiniseka ukuba kwihlabathi elitsha, uYehova uya kunika bonke abakhonzi bakhe izinto ezintle abazinqwenelayo.
21. Simele siligqale njani ilungelo esilinikiweyo lokuba ngamagosa?
21 Masikhumbule ukuba njengamagosa athenjiweyo, asingomakhoboka acinezelweyo naphethwe kakubi. Ngokwahlukileyo, sinikwe iimbopheleleko ezibekekileyo, njengokwenza umsebenzi ongasoze uphinde wenziwe wokuvakaliswa kweendaba ezilungileyo kule mihla yokugqibela yale nkqubo yezinto. Yaye usinike inkululeko ngendlela esinokuziphumeza ngayo iimbopheleleko asabele zona. Ngoko masibe ngamakhoboka athembekileyo. Ngamana singalixabisa ilungelo esinalo lokukhonza uMongami wendalo iphela.