Imibuzo Evela Kubafundi
Yintoni ebangela ukuba “izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga” zize ‘kwindlu’ yonqulo lokwenyaniso?—Hagayi 2:7.
Esebenzisa umprofeti uHagayi uYehova wathi: “Ndiya kuzinyikimisa zonke iintlanga, zize izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga zingene; yaye ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu.” (Hagayi 2:7) Ngaba ukunyikimiswa ‘kwazo zonke iintlanga’ kubangela ukuba “izinto ezinqwenelekayo” zeentlanga—abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo—zamkele unqulo lokwenyaniso? Akunjalo.
Makhe sihlolisise into enyikimisa iintlanga kwanemiphumo yokunyikimiswa kwazo. IBhayibhile ithi ‘iintlanga zenza uqhushululu namaqela eentlanga aqhubeka edumzela into engento.’ (INdumiso 2:1) ‘Into engento’ eziqhubeka ‘zidumzela’ okanye zicamngca ngayo, kukuqhubeka nolongamo lwazo ngaphandle kokuphazanyiswa. Ayikho into ezigungqisa ukodlula nantoni na ecel’ umngeni ulawulo lwazo.
Into eye yazicel’ umngeni ngumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani bukaThixo owenziwa ngamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke. Phofu ke, uBukumkani bukaThixo obungoMesiya “buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zabantu].” (Daniyeli 2:44) Isigidimi somgwebo esisishumayelayo siyazinyikimisa iintlanga. (Isaya 61:2) Ziya zinyikima ngakumbi njengoko umsebenzi wokushumayela uhambela phambili. Kufuzisela ntoni ukunyikima okwaxelwa kuHagayi 2:7?
KuHagayi 2:6, sifunda oku: “Kuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Kukanye nje—lithutyana—ndiwanyikimise amazulu nomhlaba nolwandle nomhlaba owomileyo.’” Ecaphula kule ndinyana, umpostile uPawulos wabhala: “Uye wathembisa, esithi: ‘Ndiza kuphinda ndiqungaqunge kungekuphela nje umhlaba kodwa kwanezulu.’ Ke ibinzana elithi ‘Ndiza kuphinda’ libonisa ukushenxiswa kwezinto ezigungqisiweyo njengezinto ezenziweyo, ukuze izinto ezingagungqiswanga [uBukumkani] zihlale.” (Hebhere 12:26, 27) Ewe, yonke le nkqubo ikhoyo yezinto iza kutshatyalaliswa, ivulel’ indlela ihlabathi elitsha likaThixo.
Abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abaziswa kukunyikima kweentlanga kunqulo lokwenyaniso. Into ebatsalela kuYehova nakunqulo lwakhe ikwayile inyikimisa iintlanga, ukushunyayelwa koBukumkani bukaThixo okwenziwa ehlabathini lonke. Ukubhengezwa ‘kwesigidimi esichulumancisayo seendaba ezilungileyo’ kutsalela abantu abanotyekelo olufanelekileyo kunqulo loThixo oyinyaniso.—ISityhilelo 14:6, 7.
Isigidimi soBukumkani sithetha ngomgwebo nosindiso. (Isaya 61:1, 2) Imiphumo yokushunyayelwa kwaso ehlabathini lonke intlumbini: sinyikimisa iintlanga yaye sizisa izinto ezinqwenelekayo zeentlanga kuzuko lukaYehova.