-
Ngaba Ungenile Ekuphumleni KukaThixo?IMboniselo—2011 | Julayi 15
-
-
“Ilizwi LikaThixo Liphilile”
20. Sinokuyisebenzisa ngaziphi iindlela incwadi yamaHebhere 4:12? (Bona umbhalo osemazantsi.)
20 Xa uPawulos wathi “ilizwi likaThixo liphilile,” wayengabhekiseli ngokungqalileyo kwiLizwi likaThixo elibhaliweyo, iBhayibhile.c Umongo wale ndinyana ubonisa ukuba wayebhekisela kwilizwi likaThixo lesithembiso. UPawulos wayeveza ingongoma yokuba uThixo akenzi isithembiso aze angasizalisekisi. UYehova wakuqinisekisa oku ngomprofeti uIsaya, esithi: ‘Ilizwi lam aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa liya kukuphumelelisa ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.’ (Isa. 55:11) Ngenxa yoko, akukho mfuneko yokuba siphelelwe ngumonde xa izinto zingahambi ngokukhawuleza ngendlela esifuna ngayo. UYehova ‘usasebenza’ ukuze azalisekise injongo yakhe.—Yoh. 5:17.
21. EyamaHebhere 4:12 inokuwakhuthaza njani amalungu ‘esihlwele esikhulu’ athembekileyo nakhulileyo?
21 Amalungu ‘esihlwele esikhulu’ athembekileyo nakhulileyo aye akhonza uYehova kangangamashumi eminyaka. (ISityhi. 7:9) Amaninzi kuwo akazange ayicinga into yokuba angaze oluphale ekule nkqubo yezinto. Sekunjalo, ayiwadimazi loo nto. (INdu. 92:14) Ayaqonda ukuba ilizwi likaThixo lesithembiso liyaphila, yaye uYehova usebenzela ekulizalisekiseni. Ekubeni injongo kaThixo iyeyona nto ibalulekileyo kuye, siyamvuyisa xa nathi siyixabisa. Ebudeni bolu suku lwesixhenxe, uYehova ebephumle, eqinisekile ukuba injongo yakhe iza kuzaliseka, nokuba abantu bakhe njengeqela baya kuyixhasa. Kuthekani ngawe? Ngaba wena sele ungenile ekuphumleni kukaThixo?
-
-
Ngaba Ungenile Ekuphumleni KukaThixo?IMboniselo—2011 | Julayi 15
-
-
c Namhlanje, uThixo uthetha nathi ngeLizwi lakhe elibhaliweyo, elinamandla okutshintsha ubomi bethu. Ngenxa yoko, kufanelekile ukuba amazwi kaPawulos akweyamaHebhere 4:12 abhekiselwe eBhayibhileni.
-