Indlela UYesu Kristu Anokusinceda Ngayo
YAYINTLE gqitha into eyenziwa nguYesu Kristu ukuze ancede abantu xa wayesemhlabeni. Yayintle kangangokuba, emva kokubalisa iziganeko ezininzi zobomi bukaYesu, omnye owazibonela ngamehlo akhe wathi: “Kukho, enyanisweni, nezinye izinto ezininzi uYesu awazenzayo, ezo, ukuba bezikhe zabhalwa ngokweenkcukacha ezipheleleyo, ndiba, ihlabathi ngokwalo belingenakuyiqulatha imisongo ebinokubhalwa.” (Yohane 21:25) Ekubeni zizininzi kangaka izinto ezenziwa nguYesu emhlabeni, sisenokubuza: ‘Unokusinceda njani ke xa esezulwini? Ngaba ngoku sinako ukungenelwa kwimfesane enofefe kaYesu?’
Impendulo yale mibuzo iyachulumancisa kwaye iyaqinisekisa. IBhayibhile isixelela ukuba uKristu wangena “ezulwini ngokwalo, ukuze ngoku abonakale phambi kukaThixo ngenkqu ngenxa yethu.” (Hebhere 9:24) Wasenzela ntoni? Umpostile uPawulos uyachaza: “[UKristu] wangena, kungekhona ngegazi leebhokhwe nelamathole eenkomo aziinkunzi, kodwa ngelakhe igazi, kwaba kanye kwindawo engcwele [“izulu ngokwalo”] waza wasizuzela intlangulo engunaphakade.”—Hebhere 9:12; 1 Yohane 2:2.
Ezinjani ukuba mnandi iindaba! Kunokuba kuwuphelise umsebenzi omhle uYesu awayewenzela abantu, ukunyukela kwakhe ezulwini kwamenza wakwazi ukulwenzela okungakumbi uluntu. Oko kungenxa yokuba uThixo, ngobubele bakhe obungasifanelanga, wamisela uYesu ukuba akhonze ‘njengesicaka sikawonke-wonke’—umbingeleli omkhulu—“ngasekunene kwetrone yobuNgangamsha emazulwini.”—Hebhere 8:1, 2.
“Isicaka Sikawonke-wonke”
Ngoko uYesu wayeza kuba sisicaka sikawonke-wonke soluntu ezulwini. Wayeza kwenza umsebenzi ofana nalowo wawusenziwa ngumbingeleli omkhulu wakwaSirayeli esenzela abanquli bakaThixo kumaxesha amandulo. Nguwuphi loo msebenzi? UPawulos uyacacisa: “Wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba anikele izipho nemibingelelo; ngoko ke kube yimfuneko ukuba naye lo [uYesu Kristu onyukele ezulwini] abe nokuthile akunikelayo.”—Hebhere 8:3.
UYesu wayenokuthile awayeza kukunikela okwakungaphezulu lee kokwakunikelwa ngumbingeleli omkhulu wamandulo. “Ukuba igazi leebhokhwe neleenkunzi zeenkomo” lalinokubangela ukuba uSirayeli abe nomlinganiselo othile wokucoceka kokomoya, laliya “kuba nako ngakumbi kangakanani na ke lona igazi likaKristu . . . ukuhlambulula izazela zethu kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo?”—Hebhere 9:13, 14.
Kwakhona uYesu usisicaka sikawonke-wonke esibalaseleyo, kuba unikwe ukungafi. KuSirayeli wamandulo “ababingeleli abaninzi babemiselwa ngokulandelelana kuba babesifa baze bangabi nako ukuqhubeka bengababingeleli.” Kodwa kuthekani ngoYesu? UPawulos uyabhala: “Uhlala kububingeleli bakhe engenawo nawaphi na amalandela. Ngenxa yoko uyakwazi kwanokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo ngaye, ngenxa yokuba usoloko ephila ukuze ababongozele.” (Hebhere 7:23-25; Roma 6:9) Ewe, kwesokunene sikaThixo ezulwini, sinesicaka sikawonke-wonke ‘esisoloko siphila ukuze sisibongozele.’ Khawucinge nje ngoko kuthethwa koko ngoku!
Xa uYesu wayesemhlabeni, abantu babethontelana kuye beze kucela uncedo, kwaye maxa wambi babehamba imigama emide ukuze bafumane uncedo lwakhe. (Mateyu 4:24, 25) Ezulwini, uYesu usoloko efikeleleka kubantu bazo zonke iintlanga. Ehleli phezulu ezulwini, usoloko efumaneka njengesicaka sikawonke-wonke.
UYesu Uluhlobo Olunjani Lombingeleli Omkhulu?
Indlela iingxelo zeencwadi zeVangeli ezimchaza ngayo uYesu Kristu isenza singathandabuzi ukuba uluncedo yaye unemfesane enofefe. Hayi indlela awayezincama ngayo! Zingaphezu kwesinye izihlandlo awaphazanyiswa ngazo esafuna ukuphumla ngasese yena nabafundi bakhe. Kunokuba azive ehluthwe ixesha elixabisekileyo lokuba noxolo nenzolo, ‘wabasizela’ abantu ababefuna uncedo lwakhe. Kwanaxa uYesu wayediniwe, elambile yaye enxaniwe, ‘wabamkela ngobubele’ waza wakulungela ukuyeka noko kutya ukuze ancede aboni abanyanisekileyo.—Marko 6:31-34; Luka 9:11-17; Yohane 4:4-6, 31-34.
Eqhutywa lusizi, uYesu wathabatha amanyathelo aluncedo ukuze anelise iintswelo zabantu zasemzimbeni, zeemvakalelo nezokomoya. (Mateyu 9:35-38; Marko 6:35-44) Ngaphezu koko, wabafundisa ukuze bafumana isiqabu nentuthuzelo ehlala ihleli. (Yohane 4:7-30, 39-42) Ngokomzekelo, khawubone indlela esinamandla ngayo isimemo sakhe esithi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.”—Mateyu 11:28, 29.
UYesu wayebathanda gqitha abantu kangangokuba ekugqibeleni wada wanikela ngobomi bakhe ngenxa yoluntu olunesono. (Roma 5:6-8) Ngokuphathelele oku umpostile uPawulos waqiqa ngelithi: ‘UYehova uThixo akambandeza uNyana wakhe kodwa wamnikela ngenxa yethu sonke, akayi kuthi na kaloku ngobubele asinike zonke ezinye izinto kwandawonye naye? . . . UKristu Yesu ngulowo wafayo, ewe, enyanisweni lowo wavuswayo kwabafileyo, okwisandla sasekunene sikaThixo, nosibongozelayo.’—Roma 8:32-34.
Umbingeleli Omkhulu Onovelwano
Xa wayengumntu, uYesu walamba, wanxanwa, wadinwa, wanxunguphala, weva iintlungu waza wafa. Uxinezeleko kunye neengcinezelo awazinyamezelayo zamxhobisela indlela ekhetheke gqitha yokukhonza njengoMbingeleli Omkhulu kuluntu olubandezelekileyo. UPawulos wabhala: “[UYesu] wayebophelelekile ukuba abe ‘njengabazalwana’ bakhe kwiinkalo zonke, ukuze abe nokuba ngumbingeleli omkhulu onenceba nothembekileyo kwizinto eziphathelele uThixo, ukuze anikele umbingelelo wokucamagushela izono zabantu. Kuba ekubeni yena ngokwakhe wabandezeleka ngokuvavanywa, unako ukubanceda abo bavavanywayo.”—Hebhere 2:17, 18; 13:8.
UYesu wabonisa ukuba uyakufanelekela yaye ukulungele ukunceda abantu basondele kuThixo. Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba kufuneka acenge uThixo ongqwabalala nongenanceba nongakulungelanga ukuxolela? Akunjalo konke konke, kuba iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba ‘uYehova, ulungile yaye ukulungele ukuxolela.’ Kwakhona ithi: “Ukuba siyazivuma izono zethu, uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa.” (INdumiso 86:5; 1 Yohane 1:9) Enyanisweni, amazwi nezenzo zokuthantamisa zikaYesu zibonisa imfesane, inceba kunye nothando analo uYise.—Yohane 5:19; 8:28; 14:9, 10.
UYesu ubazisela njani isiqabu aboni abaguqukayo? Ngokubanceda bafumane uvuyo nolwaneliseko kwimigudu abayenzayo yokukholisa uThixo. Xa wayebhalela amanye amaKristu athanjisiweyo, uPawulos wayishwankathela le meko ngala mazwi: “Ekubeni, ke ngoko, sinombingeleli omkhulu kakhulu odlule kuwo amazulu, uYesu uNyana kaThixo, masibambelele kuvumo lwethu ngaye. Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono. Ngoko ke, masisondele sinenkululeko yokuthetha kwitrone yobubele obungasifanelanga, ukuze sizuze inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.”—Hebhere 4:14-16.
‘Uncedo Ngexesha Elifanelekileyo’
Noko ke, sinokwenza ntoni xa sijamelene neengxaki esivakalelwa ukuba zingaphaya kwamandla ethu—impilo enkenenkene, umthwalo oqobayo wokuziva sinetyala, ukonganyelwa kukudimazeka nokudandatheka? Sinokusebenzisa ilungiselelo uYesu ngokwakhe awayesayama ngalo rhoqo—ilungelo elixabisekileyo lomthandazo. Ngokomzekelo, ngobusuku bangaphambi kokuba anikele ngobomi bakhe, “kwaba kukhona ethandaza ngenyameko; kwaza ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.” (Luka 22:44) Ewe, uYesu uyazi ukuba kunjani na ukuthandaza ngokuzinikela kuThixo. “Wanikela izikhungo kwanezibongozo kuLowo wayekwazi ukumsindisa ekufeni, esitsho ngezikhalo ezinamandla neenyembezi, yaye waviwa ngokukholekileyo ngenxa yoloyiko lwakhe lobuthixo.”—Hebhere 5:7.
UYesu uyazi ukuba baziva njani na abantu xa beye ‘beviwa ngokukholekileyo’ baza bomelezwa. (Luka 22:43) Ngaphezu koko, wathembisa esithi: “Ukuba nicela nantoni na kuBawo uya kuninika yona egameni lam. . . . Celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliswe.” (Yohane 16:23, 24) Ngenxa yoko, sinako ukucela kuThixo sinentembelo yokuba uza kuvumela uNyana wakhe ukuba asebenzise igunya analo kunye nexabiso ledini lakhe lentlawulelo ukuze asincede.—Mateyu 28:18.
Sinokuqiniseka ukuba kwisigxina sakhe sasezulwini, uYesu uya kunikela uncedo olufanelekileyo ngexesha elifanelekileyo. Ngokomzekelo, ukuba siye senza isono esizisola ngokunyaniseka ngaso, sinokuthuthuzelwa sisiqinisekiso sokuba “sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa.” (1 Yohane 2:1, 2) UMncedi noMthuthuzeli wethu osezulwini uya kusibongozela ukuze imithandazo yethu esiyenza egameni lakhe nangokuvisisana neZibhalo iphendulwe.—Yohane 14:13, 14; 1 Yohane 5:14, 15.
Ukuluxabisa Uncedo LukaKristu
Kubandakanyeke okungakumbi kunokucela kuThixo ngoNyana wakhe. Ngexabiso ledini lakhe lentlawulelo, “ngokusithenga uKristu” waba, ngokungathi kunjalo, ‘ngumnini owaluthengayo’ uhlanga lwabantu. (Galati 3:13; 4:5; 2 Petros 2:1) Sinokumbulela uKristu ngako konke asenzela kona ngokuvuma ukuba singabakhe yaye sisabele ngovuyo kwisimemo sakhe esithi: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo imihla ngemihla aze aqhubeke endilandela.” (Luka 9:23) ‘Ukuzincama’ akupheleli nje ekuvumeni ngomlomo ukuba singabakhe. Ngapha koko, uKristu “wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo.” (2 Korinte 5:14, 15) Ngoko ke, ukuba noxabiso ngentlawulelo kuya kuyichaphazela kakhulu indlela esizijonga ngayo izinto, usukelo lwethu kunye nendlela esiphila ngayo. Ityala likanaphakade esimtyala lona “uKristu Yesu, owazinikela ngenxa yethu,” lifanele lisishukumisele ekubeni sifunde okungakumbi ngaye nangoYise onothando, uYehova uThixo. Kwakhona sifanele sizabalazele ukukhula elukholweni, siphile ngemilinganiselo kaThixo eyingenelo, yaye ‘sizondelele imisebenzi emihle.’—Tito 2:13, 14; Yohane 17:3.
Ibandla lamaKristu liyindlela esifumana ngayo ukutya kokomoya okufike ngexesha elililo, ukhuthazo kunye nolwalathiso. (Mateyu 24:45-47; Hebhere 10:21-25) Ngokomzekelo, ukuba nabani na uyagula ngokomoya, “makabizele kuye amadoda amakhulu ebandla.” UYakobi wongezelela ngesi siqinisekiso: “Yaye umthandazo wokholo uya kumphilisa lowo ungaphilanga, uYehova amvuse. Kanjalo, ukuba uye wenza izono, uya kuxolelwa.”—Yakobi 5:13-15.
Ngokomzekelo: Enye indoda etsala isigwebo sentolongo eMzantsi Afrika yabhalela umdala webandla imchazela indlela eyayiwaxabisa ngayo “onke amaNgqina kaYehova aqhubeka esenza umsebenzi omhle owaqaliswa nguYesu Kristu wokunceda abantu bazabalazele ukungena kuBukumkani bukaThixo.” Emva koko yabhala: “Ndikuvuyele gqitha ukufumana ileta yakho. Ukukuxhalabela kwakho ukucanyagushelwa kwam kundichukumise ngeyona ndlela. Oko kundinika isizathu esingakumbi sokuqalisa ukuthobela umyalelo kaYehova uThixo wokuba ndiguquke. Kangangeminyaka engama-27 bendikhubeka yaye ndilahleka kubumnyama besono, ukuqhatha, ulwalamano olungekho mthethweni, imikhwa yokuziphatha okubi nakwiinkonzo ezingaqondakaliyo. Emva kokuba ndidibene namaNgqina kaYehova, ndiyeva ukuba ndide ndayifumana indlela—indlela echanileyo! Ekuphela kwento endinokuyenza kukuhamba ngayo.”
Uncedo Olungakumbi Kwixesha Elizayo
Iimeko eziwohlokayo zehlabathi zibubungqina obucacileyo bokuba siphila kwixesha elibalulekileyo elingaphambi kokuqhambuka ‘kwembandezelo enkulu.’ Sithethanje, isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga, izizwe, izizwana neelwimi ‘sihlamba imiwunduzo yaso siyenza mhlophe egazini leMvana.’ (ISityhilelo 7:9, 13, 14; 2 Timoti 3:1-5) Ngokuba nokholo kwidini lentlawulelo likaYesu, izono zaso ziyaxolelwa yaye siyancedwa ukuze sibe nolwalamano olusondeleyo noThixo—ewe sibe ngabahlobo bakhe.—Yakobi 2:23.
IMvana, uYesu Kristu, “iya kubalusa [abo basinde kwimbandezelo enkulu], ibakhokelele emithonjeni yamanzi obomi. Yaye uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.” (ISityhilelo 7:17) Uya kwandula ke uKristu awuphumeze umsebenzi wakhe njengoMbingeleli Omkhulu. Uya kunceda bonke abahlobo bakaThixo ukuba bangenelwe ngokupheleleyo “emithonjeni yamanzi obomi”—ngokomoya, emzimbeni, engqondweni nakwiimvakalelo. Oko kwaqaliswa nguYesu ngowama-33 C.E. noko aye waqhubeka ekwenza esezulwini ukususela ngoko kuya kwenziwa kugqibelele.
Ngoko ke, ungaze uyeke ukubonakalisa uxabiso olunzulu ngako konke uThixo noKristu abakwenzileyo—nabasakwenzayo—ngenxa yethu. Umpostile uPawulos wabongoza: “Hlalani ninemihlali eNkosini. . . . Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:4, 6, 7.
Ikho indlela enentsingiselo onokumxabisa ngayo uYesu Kristu, uMncedi wethu ezulwini. Emva kokutshona kwelanga ngoLwesithathu, Aprili 19, 2000, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aza kuhlanganisana ukuze aqhube iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. (Luka 22:19) Elo iza kuba lithuba lokuba ukhulise uxabiso lwakho ngedini lentlawulelo likaKristu. Umenywa ngokufudumeleyo ukuba ubekho uze uzivele indlela onokungenelwa ngayo ngonaphakade kwilungiselelo elihle likaThixo losindiso elenziwe ngoKristu. Nceda ubuze amaNgqina kaYehova asekuhlaleni ukuze wazi ixesha kunye nendawo eza kuqhutywa kuyo le ntlanganiso ekhethekileyo.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UYesu uyazi ukuba kunjani na ukuthandaza ngokunzulu kuThixo
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
UKristu uza kusinceda sihlangabezane neengxaki ezingaphaya kwamandla ethu
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UKristu uyasinceda esebenzisa abadala abanothando