Ingxelo Yehlabathi Lonke
IAsia NoMbindi-Mpuma
AMAZWE 47
ABEMI 3 930 343 401
ABAVAKALISI 591 750
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 477 609
EJapan
Xa uMiho wayesele eza kubeleka, kwaba nzima ukuba aye entsimini. Efuna ukuqhubeka nenkonzo yobuvulindlela, wacela kumveleli wenkonzo iiadresi zamakhaya ekunzima ukufikelela kuwo, njengeendawo ekunzima ukungena kuzo ngenxa yokhuseleko oluluqilima. Wamnika iiadresi ezimalunga nekhulu. Wafowunela abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Ekuqaleni, kwakungekho mntu unomdla wokumphulaphula kangangokuba ngemizuzu engama-30 wayesele egqibile. Emva koko, wayesithi akugqiba ukufowuna alandelise ngeeleta. Nantoni na awayeyiva isenzeka ngoxa ethetha efowunini, njengomntwana okhalayo, wayeyenza isizathu sokubhalela loo mntu ileta emfutshane. Xa ethelekelela ukuba loo mntu sele eyifumene ileta, wayemfowunela aze ancokole naye ngeengenelo zokusebenzisa ezo Zibhalo zichazwe eleteni ebomini bakhe. Ngesinye isihlandlo, omnye umama akazange afune ukuthetha efowunini, kodwa uMiho wambhalela ileta. Xa uMiho ephinda emfowunela, wathetha nentombazana yakhe esesesikolweni, yaye yayiyifundile ileta eyayivela kuMiho. UMiho wayishumayeza waza wayithembisa ukuba uza kuyibhalela ileta eneZibhalo ezicebisa ngendlela yokuphila esikolweni. Wacela nokuphinda ayifowunele. Xa ephinda efowuna kwaphendula unina emxelela ukuba intombi yakhe ibineengxaki esikolweni yaye incedwe koko yayikuxelelwe nguMiho. Emva kwethuba elithile uMiho ebafowunela yaye ebabhalela iileta, umama nentombi yakhe baqalisa ukufunda.
ENepal
Omnye utitshala ogama linguPrem, wayesele enexesha efuna inyaniso. Wafunda iBhayibhile yaye esiya kwicawa ekufuphi nesikolo afundisa kuso. Noko ke, wayengade azifumane iimpendulo zemibuzo awayenayo yaye wayecatshukiswa kukuba umfundisi wayesoloko ecela iminikelo. Wathandaza kuThixo, ecela ukuba amalathise icawa aza kufundiswa inyaniso kuyo. Wafudukela kwenye indawo esiya kufundisa kwesinye isikolo, apho wafika wabuza indawo enecawa kubamelwane. Kwisakhiwo awayehlala kuso kwakukho umfana wesikolo omama wakhe owakha waya kwiHolo yoBukumkani izihlandlo ezimbalwa. Loo mfana wamalathisa apho ikhoyo iHolo. Ngaloo mini intetho yesidlangalala yayithetha ngoBukumkani bukaThixo, umbandela awayefuna ukuwazi ngokukhethekileyo uPrem. Kwenziwa amalungiselelo okuba aqhutyelwe isifundo. Evuyiswa kukuba efumene iimpendulo zemibuzo awayenayo, ngoku yena nentsapho yakhe baya rhoqo ezintlanganisweni. Baye bathumela ileta ecaweni yabo echaza ukuba bayarhoxa kuba bafuna ukuba ngamaNgqina kaYehova.
ETaiwan
Abafundi besikolo samabanga aphantsi bacelwa ukuba babhale isincoko kukhuphiswano lwaminyaka le lokubhala. Umxholo wesi sincoko wawusithi, “Eyona Ncwadi Ndiyithandayo.” UWeizhen oneminyaka elishumi ubudala wabhala esithi eyona ncwadi ayithandayo yiBhayibhile. Ngaphandle kokuthetha ngokuchana kwesiprofeto seBhayibhile nokhokelo lokwenene lweLizwi likaThixo, wathi iBhayibhile iphendule imibuzo ebenayo ebingenakuphendulwa kakuhle ngootitshala okanye ngabantwana afunda nabo. Wabhala wenjenje, “Utitshala wethu wasixelela ukuba ookhokho bethu babevela kwiinkawu. Ndacinga: ‘Ukuba abantu babevela kwiinkawu, ngaba asifanele sizihlonele size sizibulele ngokuphuma entliziyweni? Kutheni sizivalela kwiintsimbi ezikwimizi yogcino-zilwanyana? Ngaba loo nto ayibangeli ukuba sibe netyala lokwenza okubi?’ Kodwa iBhayibhile iphendula ngokucacileyo: Asiveli kwiinkawu. Kunoko, ookhokho bethu badalwa ngokomfanekiso kaThixo ngothuli lomhlaba.” Xa equkumbela isincoko sakhe wenjenje: “Kumaxesha amandulo kwakusithiwa, ‘Ukufunda incwadi kufana nokufumana ubuncwane.’ Kweyam imbono, iBhayibhile ixabiseke ngakumbi kunegolide. Lilonke, le yeyona ncwadi ndiyithandayo.” Isincoko sakhe saphumelela emagqabini sisodlula nezo zabafundi abakumabanga aphakathi, nangona esekwibanga lesine. Xa ebalisa la mava akhe, ucaphula amaHebhere 4:12 aze athi, “Lonke uzuko ndilusa kuYehova uThixo.”
EMongolia
Xa uBolortsetseg, udade owayesandul’ ukubhaptizwa waseMongolia weva ukuba isalamane sakhe sifile yaye umfazi waso ubuhlungu ngokwenene, wamthumelela zonke iimpapasho zethu zesiMongolia. Loo mhlolokazi ogama linguEvsanaa, wazifunda zonke ngobusuku obunye. Ngosuku olulandelayo, wafowunela uBolortsetseg emcela ukuba afike ngokukhawuleza. UBolortsetseg wahamba nomnye udade yaye bafika uEvsanaa enoludwe lwemibuzo awayefuna bayiphendule. Waziphulaphula ngomdla ezo mpendulo zaziphuma eBhayibhileni. Emva kwengxubusho ende, aba dade bamxelela ukuba uya kungenelwa ngakumbi xa bexubusha umbandela omnye ngexesha ngokucokisekileyo. Bacela ukumqhubela isifundo seBhayibhile. UEvsanaa wavuma ukuqhutyelwa isifundo kathathu ngeveki. Kwisithuba esingangenyanga, wayesele eziphosele kude zonke izithixo awayenazo yaye esiya ezintlanganisweni. Kwiinyanga ezimbini emva kokuba engumvakalisi, wayefuna ukuba nguvulindlela ongumncedani kodwa waxelelwa ukuba kufuneka aqale abhaptizwe ngaphambi kokuba abe nguvulindlela. Oko akuzange kumphelise mandla kuba uzimisele ukusebenza iiyure ezingama-50 ngenyanga entsimini yaye ukhangele phambili ekubhaptizweni endibanweni.
EKazakhstan
Kwisixeko saseRudny omnye uvulindlela wadibana nomfana ogama linguNikolay owaba nomdla wokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Noko ke, kwakukho ingxaki. Ikhaya likaNikolay lalikwilali ethe qelele, yaye wayengafane eze kutyelela izalamane zakhe eRudny. Umzalwana wacela ukumtyelela kwilali yakowabo, kodwa uNikolay wamxelela ukuba ilali yakowabo ikude kakhulu, ikumgama oziikhilomitha ezingama-200 yaye kunzima ukuya kuyo.
Noko ke, lo mzalwana wabhala iadresi yakhe waza wamthembisa ukuba baza kuphinda babonane. Wenza amalungiselelo okuya kuloo lali waza wacela omnye umzalwana kunye noodade ababini abakwibandla lasekuhlaleni ukuba bamkhaphe. Kwiiveki ezimbini kamva, bakhwela uloliwe. Xa befika kwisikhululo esikufuphi, bafumanisa ukuba kusafuneka behambe iikhilomitha ezili-18 ukuya kufika kwilali yakuloNikolay yaye kwakungekho sithuthi sikawonke-wonke esihamba apho. Kwakuza kufuneka bahambe ngezikaTshiwo. Kwakungelula kuba kwakusebusika yaye kubhudla umoya obandayo. Bengekahambi mgama ungako, kwamisa itrekta eyayithwele itanki lobisi. Umqhubi wathi mabangene kwelo tanki! Aba bavakalisi bacinga ukuba lo mfo uyaqhula, de bafumanisa ukuba elo tanki alinabisi yaye lomile, batsho phakathi. Nangona lalibanda elo tanki, basinda kumoya owawubhudla kabuhlungu. Umqhubi wabaxelela ukuba ukusuka apho wayeza kubashiya khona kwakuza kufuneka bahambe umgama oziikhilomitha ezisixhenxe ngeenyawo. Bahamba omnye umgama oziikhilomitha ezisixhenxe ngeenyawo kangangeeyure ezimbini de baya kufika kwilali yakuloNikolay.
UNikolay nomfazi wakhe uValya bothuswa kukufika kwabazalwana noodade emzini wabo yaye bavuya ngokwenene. Babalungiselela izinto ezifudumezayo kwanokutya. Emva koko kwaxutyushwa iBhayibhile. Abazalwana baseRudny babuyela apho emva kweeveki ezimbini. Omnye umzalwana onguvulindlela ukhumbula oku: “UNikolay waya kusihlangabeza kwisikhululo sikaloliwe. Uninzi lwabantu baloo lali lwalufuna ukuthetha nabo bantu ‘babekhe bafika bekhwele kwitanki lobisi,’ ngoko uNikolay wenza ucwangciso lokuba sidibane nabo bonke abanomdla. Bonke abo babebhaliwe bafika ngexesha ababexelelwe ngalo baza bavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.” Ekugqibeleni, phantse zonke izifundo zeBhayibhile ezazikuloo lali zenza inkqubela ngokomoya. Kwiminyaka emibini kamva, uNikolay noValya babhaptizwa. Sithetha nje oonyana babo ababini ngabavakalisi abangabhaptizwanga, yaye kutshanje uNikolay uye wamiselwa njengomdala kweli qela likwanti.
EGeorgia
Oovulindlela bebeshumayela kwimimandla eneentaba yaseGeorgia. Oodade ababini abangoovulindlela bahamba iikhilomitha ezisibhozo besiya kwilali esemagqagaleni esekupheleni kwendlela ephinyela intaba baza baqalisa ukushumayela kwindlu ngendlu. Kungekudala, omnye waba dade, uKetevan, wamiswa ngomnye wamadoda asele ekhulile kuloo lali, waza wamnyanzela ukuba achaze isizathu sokuba ashumayele nakuba engengomOthodoki. Wazama ukumcacisela, kodwa wayengafuni nokuva. Wamngqula phantsi waza wagalela ngentonga. Abantu abaninzi babebukele, yaye oko kwaba ngundaba-mlonyeni elalini. Kamva, uKetevan waphinda waya kushumayela kuloo lali. Wabonwa lelinye ibhinqa elalichasa ngaphambili laza lathi: “Uphinde wabuya emva kokuba ubethwe kangaka! Indlela okhaliphe ngayo iyandimangalisa! Ndicela siye emzini wam ukuze undixelele okungakumbi.” Laphulaphula, laza emva koko lacela uKetevan ukuba aye kulishumayeza nanini na enexesha.
IAfrika
AMAZWE 57
ABEMI 802 232 357
ABAVAKALISI 1 043 396
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 1 903 665
ERwanda
Kwiminyaka ethile eyadlulayo abantu ababehamba ngendlela bachola incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Bayisa kumdala wecawa yabo yamaProtestanti. Wayifunda ngomdla le ncwadi waza wakhangela amaNgqina yaye aqalisa isifundo seBhayibhile kunye naye. Ulwazi lwakhe ngenyaniso yeBhayibhile lwanda, ngoko wayeka ukuhamba icawa waza wabhaptizwa. Kwangaxeshanye, wayeshumayela ngenzondelelo kumalungu ecawa awayefudula ehamba kuyo, yaye abangama-25 kuwo bayeka ukuhamba icawa baza baba ngamaNgqina kaYehova. Nendoda eyangena ezihlangwini zakhe ecaweni yaqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina yaza nayo yayeka ukuhamba icawa. Ngoku iyaya kwiintlanganiso zamaKristu yaye sele ivakalise umnqweno wayo wokuba ngumvakalisi. Inkosikazi yayo isandul’ ukubhaptizwa kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye. Kuyamangalisa ukucinga ukuba konke oku kwabangelwa kukucholwa kwencwadi endleleni!
ECôte d’Ivoire
Xa lalisendleleni eya kwinkonzo yasentsimini kwisixeko esilikomkhulu saseAbidjan, elinye iNgqina eliselula eligama linguBerenger, ladibana nelinye ibhinqa elithengisa isonka. Eli bhinqa lawisa iifranc ezingama-5 000 (ii-R75) lingaqondanga. Xa kanye uBerenger echola le mali ukuze ayinike umniniyo, kwathi gqi elinye ibhinqa laza lakhwaza lisithi, “Zis’ apha loo mali; yeyam!” Noko ke, xa uBerenger elibuza ukuba yimalini, lasuka lanomsindo laza lathi gwiqi lahamba. Emva koko uBerenger waleqa eliya bhinqa yayiwe kulo le mali. Wamangaliswa kukuba likhanyele ukuba lilahlekelwe yimali, yaye latsho lisithi, “Ufuna ukundikhuthuza.” Noko ke, lathi lakuphawula ukunyaniseka kukaBerenger lakhangela laza lafumanisa ukuba eneneni lilahlekelwe ziifranc ezingama-5 000, imali yezonka ezingama-50.
UBerenger uthi: “Ndalinika imali yalo ndaza ndalixelela ukuba isizathu sokuba ndilinike, kungenxa yokuba uThixo wam, uYehova ufundisa abakhonzi bakhe ukuba banyaniseke. Landibulela laza lathi: ‘Ukuba bonke abantu bebeziphethe njengamaNgqina kaYehova, bonke abantu bebeya kuba ngabahlobo. Ndiyaqala ngqa ukubona umntwana owenza le nto uyenzayo.’ Ndalinika iphecana yaye landithembisa ukuba ukususela ngoko liza kuwaphulaphula amaNgqina kaYehova. Ngaloo mini, ndandineefranc ezingama-50 (iisenti ezingama-75) kuphela. Kodwa ndavuyiswa kukuba ndenze oko kufanelekileyo.”
IDemocratic Republic of Congo
UEugene ongumdala, ungumcoci nonogada kwishishini leedayimani. Uthi: “Ngenye ingokuhlwa kwafika enye indoda kwivenkile yedayimani ize kuthengisa iidayimani ezixabisa ii-$22 000 zaseUnited States (ii-R165 000). Noko ke, ingxowa eyayifake kuyo ezi dayimani yawa epokothweni yayo ingayiboni. Yabhuduzela ikhangela yonk’ indawo kodwa ayayibona. Ngosuku olulandelayo, umphathi wayo nesekela lakhe behla benyuka bekhangela le ngxowa kodwa babuya nemband’ esikhova. Ndathi xa nditshayela ngaphandle phambi komnyango wevenkile ndathi ntla ngengxowa enedayimani! Ndayichola ndabaleka ndayisa kumphathi, indoda yaseBelgium. Akazange akholelwe. Ndamxelela ukuba ndiliNgqina likaYehova yaye ndiyamhlonela uThixo wam. Echukunyiswe kukunyaniseka kwam, umnini-dayimani wathi, ‘Andiyikholelwa le nto!’
“Omnye wabo ndisebenza nabo wathi, ‘Eugene, ulihlambile igama lethu sonke!’
“Ndaphendula ndathi: ‘Enkosi! NguYehova ofanele azukiswe kuba nguye ondifundise ukunyaniseka.’”
EAngola
Xa wayetyelele komnye ummandla wasezilalini, uJoão, ongumvangeli wasemazweni nokhonza njengomveleli wesiphaluka wayefuna ukubonisa abazalwana balapho nabantu abanomdla i-DVD ethi Noah Walked With God—David Trusted in God. Lo mzalwana weza negenerator, iiloudspeaker ezimbini, ipetroli nekhompyutha yakhe eyilaptop. Kwilali yokuqala, wahlala kwindlu encinane eyakhiwe ngodaka yaye wenza amalungiselelo okuba uza kubonisa abazalwana i-DVD ebusuku. Uthi: “Ndothuswa kukuba kufike abantu abangama-38 beze nezitulo, amatye, iikani zobisi nezinye izinto ababeza kuhlala kuzo. Akuzange kwanele nesiqingatha sabo bantu kuloo ndlu, ngoko kwafuneka siyibukele sihleli ngaphandle. Kubusuku obabuthe qhakra ziinkwenkwezi, ndabeka ikhompyutha phezu kwezitena zodaka yaye abaninzi kwabo babezile babehleli phezu kwamalaphu anemizobo yaseAfrika.” Iindaba zasasazeka ngokukhawuleza kuloo mmandla yaye abaninzi babesiza kwezo lali wayetyelele kuzo uJoão. Uthi: “Xa iphela i-DVD abantu babengafuni ukuhamba. Abaninzi babesithi bayaqala ukonwaba ngolo hlobo ebomini babo yaye bavakalisa umbulelo ongazenzisiyo kuYehova ngeli lungiselelo lokomoya.” Kwiiveki ezintathu zotyelelo lukaJoão ezilalini, bali-1 568 abantu ababukela le DVD!
EGhana
UVida waseAccra othengisa ukutya, wayemathidala ukusa imifuno kwiofisi yesebe yaseGhana. Ngoba? Umfundisi wecawa yakhe wamxelela ukuba amaNgqina abathiyile abantu abangengomaNgqina. Ngoko, xa uVida wayeqala ukuzisa ukutya kule ofisi, wothuka xa abo basebenza ekhitshini bemncumela yaye bembulela ngokuzisa kwakhe oko kutya. Kwiiveki ezilandelayo, waqhelana nabasebenzi bokuzithandela abakwiofisi yesebe, wathi xa ebona ububele babo waqonda ukuba umfundisi wakhe ubemxokisa.
Efuna ukwazi okungakumbi, uVida wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile nakuba wayengakwazi ukufunda. Kwisithuba seenyanga ezintandathu, uVida wafunda ukulesa iBhayibhile yakhe yaye ubhaptizwe kwindibano yesithili edluleyo. Nangona egculelwa ngamalungu entsapho yakhe nabantu awayefudula enxulumana nabo, uVida uncede umzala wakhe ukuba abe ngumvakalisi ongabhaptizwanga.
ESudan
Xa omnye udade wayekubulungiseleli bendlu ngendlu wafika kumantombazana amabini awamamkela ngomdla. Okubangel’ umdla kukuba, la mantombazana ayengafuni ukuba lo dade awancedise ukutyhila iBhayibhile yawo. Kwathi kanti, axelelwe ngumfundisi ukuba xa umntu evumela amaNgqina kaYehova abambe iBhayibhile yakhe, iyatshintsha into ebhalwe kuyo ivumelane neemfundiso zamaNgqina. La mantombazana ayengafuni nokuxhawula isandla salo dade. Noko ke akuba ewufumene umbhalo, into awayeyifunda yayivumelana noko kuthethwa ngulo dade. Ephawula ukuba umfundisi ubexoka, agqiba kwelokuba afundisise iBhayibhile. Othukile lo mfundisi, wawathembisa ukuba uza kuwanika imali yokuthenga ukutya—xa enokuyeka ukufundisisa iBhayibhile. Athini ukuphendula? “Asifuni kuzalisa izisu zethu ngokutya. Kubhetele sihluthiswe lilizwi likaThixo.” Ngoku la mantombazana ayaya kwiintlanganiso zebandla.
E-Ethiopia
Nangona umfazi wayo wayesel’ eneminyaka elishumi eliNgqina, indoda egama linguAwoke yayingenamdla kangako enyanisweni. Sekunjalo, xa yayiyokwenza izifundo ezithile ezithabatha iinyanga ezimbini komnye ummandla, yagqiba kwelokuba ikhangele amaNgqina. Xa ifika yalathiswa kwiofisi ekwakukho udade osebenza kuyo. Lo dade wayesoloko ethandazela ukuba kufike umzalwana oza kuncedisa kwelo bandla. Xa exelelwa ukuba kukho indoda ibikhangela amaNgqina kaYehova, wacinga ngomthandazo wakhe. Wathi xa ebona uAwoke onxibe kakuhle nozilungise ngendlela efanelekileyo, wafikelela kwisigqibo sokuba uphendulwe umthandazo wakhe. Ngovuyo olukhulu waya kuAwoke waza wambulisa ngobubele. Ngenxa yendlela awayevuya ngayo lo dade, uAwoke akazange afune kumdanisa acacise ukuba ungubani kwanaxa wayemazisa kwabanye abazalwana. Ngalo lonke elo xesha wayelapho wayesiya kwiintlanganiso. Xa kufika ixesha lokuba ahambe kuba ezigqibile izifundo ebeye kuzenza, wamenywa ngoodade ukuba aze kutya isidlo sasemini kunye nabo yaye bamcela ukuba athandazele ukutya. Wakhumbula indlela inkosikazi yakhe eyayithandaza ngayo xa kuza kutyiwa, ithwele entloko, ize ibulele egameni likaYesu. Ngoko wathandaza kakuhle kwatyiwa kwagqitywa. Echukunyiswe bububele awabenzelwayo, uAwoke wagqiba kwelokuba abe ngumzalwana wokwenene. Ekufikeni kwakhe ekhaya, waqalisa ukufundisisa yaye usandul’ ukubhaptizwa kwindibano edluleyo. Inkosikazi yakhe ivuya ngendlela engathethekiyo, yena uAwoke ukhangele phambili ukuya kubalisa amava akhe kwelo bandla wayetyelele kulo.
IYurophu
AMAZWE 46
ABEMI 730 776 667
ABAVAKALISI 1 506 019
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 744 319
EUkraine
Omnye umntu wasekuhlaleni owayeligcisa kwezombane waya kulungisa imitha yombane eHolweni yoBukumkani. Le ndoda yayilinxila elaziwayo elalini. Yathi xa ilungisa imitha yombane yabona umxholo wonyaka othi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yak. 4:8) Yakhe yema, yaza yabuza omnye umzalwana isithi: “Ngaba ngokwenene umntu unokusondela kuThixo? Ngaba aboni banokusondela kuThixo?” Lo mzalwana wayiphendula ngeBhayibhile waza wayimemela ezintlanganisweni. NgeCawa, le ndoda yagqiba kwelokuba iye kwiintlanganiso ezikwenye ilali, kuba yayingafuni ukubonwa ngabamelwane isiya kwiHolo yoBukumkani. Noko ke, kwathi kanti umzalwana oza kunikela intetho yesidlangalala kwelo bandla ngumdala ohlala kwilali yakowayo. Yathi yakumbona, yazama ukumzimela. Kodwa lo mdala wayibona waza wayamkela ngokufudumeleyo. Ngoko yagqiba kwelokuba iye kwiintlanganiso eziqhutyelwa kwilali yayo. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile, yaza yabhaptizwa emva kwesithuba esingangonyaka.
Ngelo xesha, umfazi wale ndoda wayesebenza kude nekhaya, yaye wayengakholelwa ukuba umyeni wakhe akasaseli yaye uliNgqina likaYehova. Wafuna ukuzibonela ngawakhe, ngoko wagoduka. Wayevuya kuba umyeni wakhe engaselonxila yaye enyamekela abantwana babo, kodwa wayengayithandi into yokuba liNgqina likaYehova kwakhe. Noko ke, ngenye imini le ndoda yathi kumfazi wayo, “Ndicela siye eHolweni yoBukumkani sonke njengentsapho.” Wavuma. Waqhutyelwa isifundo seBhayibhile, yaye kungabanga thuba lide wabhaptizwa kunye neentombi zabo ezintathu. Ngoko, indinyana enye yeBhayibhile yanceda abantu basondela kuThixo.
EGrisi
Kwindlela ahamba kuyo rhoqo xa esiya emsebenzini, omnye umzalwana waphawula ukuba kukho ibhinqa elisoloko lisiya kungena kwigumbi elincinane lecawa. Ezo cawa zakhiwe kufuphi neendlela eGrisi, zidla ngokuba kwindawo ebinengozi ekufe abantu kuyo. Ukuze ancede eli bhinqa, lo mzalwana wabhala isiqwengana seleta eneZibhalo ezithuthuzelayo ezithetha ngemeko yabafi nethemba lovuko. Emva kokuba ebhale igama nenombolo yefowuni yakhe kweso siqwengana, wasiqhusheka ngaphakathi kuloo cawa. Ngosuku olulandelayo, eli bhinqa lamfowunela limchazela indlela elinomdla ngayo kwiindaba ezilungileyo. Sithetha nje lityelelwa rhoqo ngeendaba ezilungileyo.
ENorway
Abanye oodade abathandathu baphuma entsimini baya ekhefi. Babethetha ngentetho yesidlangalala eyayimnandi ngokwenene ebinikelwa kwiHolo yoBukumkani kwiintsuku ezimbini ezidluleyo. Le ntetho yayithetha ngethemba lovuko. Emva kwethuba elithile, ibhinqa elalibaphulaphule leza kwitafile yabo. Lacela ukuhlala nabo kuba linomdla kulo mbandela bathetha ngawo. Labaxelela ukuba lisandul’ ukufelwa ngabazali balo. Kwancokolwa ngezinto ezikhuthazayo. Oodade bacela inombolo yalo yefowuni, yaye kamva omnye wabo walityelela waza waqalisa isifundo seBhayibhile.
ELithuania
Udade oselula okwinkonzo yexesha elizeleyo ogama linguOlga, waqalisa ukuqhubela ibhinqa elingumRashiya isifundo seBhayibhile emi emnyango. Kwenye yeengxubusho ababeqale ngazo, eli bhinqa lacela uOlga ukuba alicacisele ngebinzana eliseBhayibhileni elithi ‘imihla yokugqibela.’ (2 Tim. 3:1) UOlga walithembisa ukuba uza kuphinda abuye aze kulicacisela. Yada yaphela inyanga engalifumani ekhaya. Nangona wayengavulelwa xa enkqonkqoza, uOlga waphawula ukuba kukho umntu omkrobe kumngxunyana osecangweni. UOlga uthi: “Ndandingafuni ukucinga ukuba eli bhinqa alisafuni siqhubeke nengxubusho yeBhayibhile. Ndandizixelela ukuba mhlawumbi ngomnye umntu lo usemva kocango. Ndagqiba kwelokuba ndilibhalele ileta ndilixelele ngombandela ochaphazela lona. Kwiintsuku ezintathu kamva, ndabuyela ekhayeni lalo. Hayi indlela endavuya ngayo xa lindivulela umnyango! Lalichukumiseke ngokwenene yileta endayibhalayo nendlela endandinomdla ngayo kulo.”
Lambulela uOlga lisithi: “Ileta yakho ndiyifunde izihlandlo ezininzi yaye ndiyive yonke into obuyithetha.” Ngenxa yoko, isifundo sayeka ukuqhutyelwa emnyango, saqhutyelwa endlwini kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Ngoku, sihlandlo ngasinye uOlga eze kuqhuba isifundo, eli bhinqa limamkela ngezandla ezishushu.
ESwitzerland
EGeneva, isixeko esihlala iintlanga ezahlukeneyo, udade ogama linguMarie wathetha nebhinqa lakuMbindi Mpuma. UMarie wakwazi ukuthetha nalo kuba wayefunda isiArabhu. Walixelela ukuba ukholelwa kokuphela koThixo oyinyaniso. Eli bhinqa lamgona laza lamphuza, lisithi uMarie uthethe nalo lidakumbile yaye lithandaza. Lathi ngosuku olulandelayo libuyela kwilizwe lalo lomthonyama. UMarie walifundela iBhayibhile kweyoku-1 kaPetros 3:7 waza walixelela ukuba uThixo uwahlonela ngokwenene amabhinqa. Emva koko walixelela ukuba uYehova ufuna ukuba amadoda abahlonele abafazi bawo. Limangalisiwe, eli bhinqa labuza: “Wena, uyingelosi okanye ungumntu? Ndibuhlungu kuba umyeni wam akayenzi le nto ithethwa sesi sibhalo. Ndisoloko ndithandaza ndicela uThixo ukuba andincede. Ngoku wena undifundela kanye isibhalo esithetha ngaloo nto.” Lacela ukuba uMarie alibhalele eso sibhalo ephepheni. Lathi liza kuhamba nalo, lifike libonise intsapho yalo, lize liyibalisele ngale nto imnandi kangaka bebencokola ngayo. UMarie wayekhathazwa kukuba eli bhinqa laliza kuhamba, kodwa bathi baza kuhlala beqhagamshelana.
ENetherlands
Isixeko saseRotterdam sinezibuko elilelona likhulu ehlabathini. Umthwalo ofikayo uthuthwa ngeelori ukuya kumazwe e-European Union okanye angaphaya kwayo. Ngoko, iilori ziyathontelana ukudlula kweli lizwe. Omnye woohola abakhulu bendlela abasinge kwilizwe elikufuphi iJamani unendawo enkulu ekudlula kuyo iilori ezimalunga ne-1 500 ngeyure. Ekubeni abaqhubi abaninzi bephumla apho okwexeshana, abazalwana bethu bashumayela kwezo lori, bathethe nabaqhubi abavela eYurophu, kuMbindi Mpuma naphantse kuzo zonke iiriphabliki zelalisakuba yiSoviet. Aba baqhubi bakunandipha ngokwenene ukufunda amaphephancwadi ethu. Kunyaka ophelileyo, abazalwana bashumayela kule ndawo izihlandlo ezingama-82 baza bahambisa amaphephancwadi angaphezu kwe-10 000 ngeelwimi ezingama-35.
Amazwe AseMerika
AMAZWE 56
ABEMI 883 782 291
ABAVAKALISI 3 256 287
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 3 111 358
EPeru
UJorge ukhonza njengovulindlela othe ngxi yaye umsebenzi wakhe wokuziphilisa kukwenza imizobo. Wanikela ubungqina kuHubert okwangumzobi naye, yaye wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Nangona wayechaswa ngokukrakra yintsapho yakowabo, abahlobo nabamelwane, uHubert wafunda incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade wayigqiba ngeenyanga nje ezintandathu. Xa ethandaza wayecela uYehova ukuba ancede intsapho yakowabo ifunde inyaniso. Wavuya kakhulu xa umkhuluwa wakhe uJhon weza kuphulaphula xa efundelwa waza waqalisa nokuya kwiintlanganiso. Kwiveki elandelayo, uCesar ongusibali kaJhon weza kuphulaphula xa kuqhutywa isifundo. Nangona yayichasa ekuqaleni, nenkosikazi kaCesar yaqalisa ukufunda. Kamva, uReynaldo owayefunda kwisikolo esinye noHubert wafuna ukuqhutyelwa isifundo. Ngenxa yenkcaso ekrakra kwanyanzeleka ukuba afundele ekhayeni likaHubert. Kungekudala emva koko, uMilton umninawa kaHubert waqalisa ukufundelwa. Emva kwesifundo sokuqala, uMilton wanikela ubungqina kwabanye awayefunda nabo esikolweni, uDarwin noChristian yaye nabo baqalisa ukufunda nokuya ezintlanganisweni. Bakhona nabanye abakhuluwa bakaHubert ababini, uRonald noMartin. URonald weza noludwe olude lwemibuzo yeBhayibhile xa wayeze kuphulaphula kwisifundo esiqhutyelwa uHubert, ngoko uJorge wamxelela ukuba xa enokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile imibuzo yakhe inokuphenduleka yonke. Wavuma. Emva koko noMartin waqalisa ukuqhutyelwa isifundo kunye neentombi zakhe ezimbini. UHubert noJhon babhaptizwe kwiNdibano YeSithili ‘Yokusondela Kwentlangulo!’ Ngenxa yomntu omnye ekwanikelwa ubungqina kuye, ingxelo ibonisa ukuba, ukuza kuthi ga ngoku bali-18 abantu abaye bafunda ngoYehova.
EBrazil
UPaulo uhlala kwifama ekumntla weli lizwe. Wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile kuba nje efuna ukukholisa ibhinqa awayehlalisana nalo elalifundelwa, awathi kamva walitshata. Abelusi abasebenza kule fama basukela ingwe eyayibulala iinkomo, baza bayibulala. Ngenjongo yokuzifumanela imali, bafowunela umnini-fama besithi bafuna imali yokuqesha umzingeli oqeqeshiweyo wezingwe. UPaulo wahambisana neli qhinga naye echaza into efanayo kumqeshi wakhe. Noko ke, ngenxa yoko uPaulo wayekufunde eBhayibhileni, wadliwa sisazela. Nangona wayeyiqonda into yokuba unokuphulukana nomsebenzi wakhe yaye amadoda asebenza nawo anokuba nomsindo ngenxa yoku, wafowunela umphathi wakhe waza wamxelela inyani. Kamva uPaulo wenyuselwa wenziwa umphathi wefama ngenxa yokunyaniseka kwakhe. UPaulo nenkosikazi yakhe bangabavakalisi ababhaptiziweyo beendaba ezilungileyo ngoku. Kuyavuyisa ukubona le ndoda inyanisekileyo iqhuba itrekta yayo isiya kwiHolo yoBukumkani ikhwelise inkosikazi yayo nabantwana babo ababini!
EMexico
Xa wayekwintlanganiso yabazali esikolweni awayefunda kuso amantombazana akhe amabini aselula, uMaría onguvulindlela othe ngxi onenzondelelo, waphawula ukuba ootitshala bakhathazekile ngenxa yomoya wemvukelo nokuziphatha okubi kwabanye abantwana besikolo. Omnye utitshala wathi: “Bazali, sicela nincedisane nathi sikhusele aba bantwana kubunjubaqa. Thethani nabantwana benu. Bathengeleni iincwadi abanokuzifunda. Bancedeni kuba banemibuzo emininzi. Musani ukulinda bade bafumane iimpendulo koontanga babo.” Kamva, uMaría wabuza inqununu ngendlela aziphethe ngayo amantombazana akhe yaye waxelelwa ukuba aziphethe kakuhle. Emva koko wacebisa ukuba incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo inokubanceda abantwana. Inqununu yaphulaphula ngenyameko yaza yacela uMaría ukuba ayiphathele le ncwadi. Xa uMaría esiza nayo ngosuku olulandelayo, inqununu yayityhila-tyhila yaza yacela ukuba eze nenye aze kuyinika ingcali ngokusebenza ngengqondo eyayisebenza kweso sikolo. Emva kokuyifunda, le ngcali yacebisa ukuba oko kuqulethwe yile ncwadi kube yinxalenye yezifundo zesikolo. Inqununu yaodola iincwadi ezili-12 zootitshala, nezingama-50 ezaziza kubekwa kwithala leencwadi zesikolo.
EUruguay
Ngenye imini ngaphambi kokuthi qheke kokusa, enye indoda yayisuka kwilizwe laseArgentina igoduka isiya eUruguay. Xa iza kukhwela isikhitshane esicanda kwiRío de la Plata, kweza enye intwazana yaza yayinika uVukani! kaJanuwari 2006 onomxholo othi “Lisiphathele Ntoni Ikamva?” Le ntwazana yayinobubele yaye le ndoda yalithabatha eli phephancwadi. Xa befika eMontevideo, abakhweli basiwa kwisikhululo esikhulu sebhasi. Lo mfo wothuswa kukuphinda adibane nelinye iNgqina, ibhinqa elisele likhulile elihamba ngentonga. Lamnika inkupho efana naleya ubeyinikwe yilaa ntwazana, yaye wayithabatha. Esandul’ ukufika nje ekhaya ngaloo ngokuhlwa, kwankqonkqozwa emnyango. Yayilelinye iNgqina likaYehova. Emva kokuphulaphula intshumayelo emfutshane, wanikwa iphephancwadi elifanayo—okwesihlandlo sesithathu ngolo suku! Xa eli Ngqina limchazela ngelungiselelo lokunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke, wathi uyakwazi oko waza wangena endlwini waya kuthabatha imali. Xa ebuya, weza ephethe namaphephancwadi amabini awayewanikwe ngolo suku. Ebhekisela kumbuzo othi “Lisiphathele Ntoni Ikamva?” wancuma waza wathi: “Into endiqiniseke ngayo kukuba: Uya kuhlala udibana namaNgqina kaYehova!”
EPuerto Rico
Omnye udade wayetyelele intombi yakhe yaye ngoxa wayelapho kwathi dyulukudu amasela amabini, elinye liphethe umpu. Afuna imali ngenkani kodwa athi la mabhinqa akuchaza ukuba akanayo, elinye isela lagqogqa endlwini labe elinye liwalathe ngompu. La mabhinqa athandaza kuYehova. Eli sela labuza, “Nenza ntoni?” Achaza ukuba angamaNgqina kaYehova yaye athandaza kuThixo wawo, uYehova. Ngoxa aba dade babeshumayela kwisela eliphethe umpu, elinye labuya lisithi lifumene ikhadi le-ATM. Bangena bonke emotweni kamama benjenjeya ukuya ebhankini. Aba dade baqhubeka beshumayela kula masela ngentlonelo. Lo mama wacela isela elaliphethe umpu ukuba liwususe yaye wothuka xa livuma ukwenjenjalo, latsho lisithi liyayithanda indlela azole ngayo. Lo mama wachaza ukuba unonyana olingana nabo yaye unyana wakhe unekamva eliqaqambileyo. Wawabongoza la masela ukuba aphile ngokuvisisana nemithetho kaYehova ukuze nawo akwazi ukuba nekamva elihle. Bahamba baya kufika ebhankini bonke yaza intombi yalo mama yakhupha imali. La masela abashiya kwindledlana encinane aba dade aza abakhulula ukuba bahambe. Elinye isela lalifuna ukubabophelela kodwa isela elaliphethe umpu alizange livume. Laxelela aba dade ukuba bakhuselwe ngumntu onamandla kakhulu. Ngaphambi koko, la masela ayeqhekeze kweminye imizi eselumelwaneni, abophelela abaninimzi aza ababetha.
IOceania
AMAZWE 30
ABEMI 35 914 649
ABAVAKALISI 94 323
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 49 667
EPapua New Guinea
UTom, owayefudula elijoni, wayelwazi usizi olubangelwa yimfazwe. Xa wayencokola namaNgqina kwilali yakowabo, wachukunyiswa sisithembiso seBhayibhile sehlabathi elingenazimfazwe. UTom wafunda iBhayibhile waza wenza inkqubela ngokomoya, kodwa ukholo lwakhe lwavavanywa xa wayefuna ukuya eSikhumbuzweni. Utata kaTom wayefudula engumfundisi kwicawa iUnited, yaye ngesi sihlandlo uTom wayengunobhala waloo cawa yayikufuphi neHolo yoBukumkani. Njengoko uTom wayengena kwiHolo yoBukumkani, wayebona amalungu ecawa—abahlobo bakhe abasondeleyo, abo wayefudula esebenza nabo, kwanomfundisi wecawa—owamthi ntsho ngamehlo. Wayefuna ukuwazimela, kodwa wacinga: ‘Ndiza kuzimela ntoni? Ngoku lixesha lokuba wonke umntu azi ukuba ndiza kuba liNgqina likaYehova.’ Emva kweholide yePasika, waya kumfundisi wecawa waza wambuza oku, “Undibonile ndingena eHolweni yoBukumkani?”
Lo mfundisi wathi, “Ewe, ndikubonile,” emva koko bobabini bahleka.
UTom wathi: “Mhlobo wam, bendisoloko ndicinga ukuba ivenkile yokutyela endala yeyona ihamba phambili ngokutya kwayo, kodwa ndifumanise ukuba oko kutya kunetyhefu. Ngoko ndiye ndafumana enye ivenkile yokutyela enokutya okunesondlo. Ndakuba ndifumene oko kutya, ndinokubuyela njani kulaa venkile yokutyela indala?”
Umfundisi wayifumana ingongoma waza wathi, “Tom, ungaxeleli mntu, nam ndimfunda rhoqo uVukani!” UTom warhoxa ecaweni yaye phezu kwazo nje izilingo awazifumanayo waba ngumkhonzi kaYehova ozahluleleyo.
KwiiSolomon Islands
NgoFebruwari 18, 2006, abavakalisi abangama-58 baphumelela kwiSikolo sokuqala seNtetho Yezandla YaseOstreliya esasiququzelelwa yiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova. Ukususela ngelo xesha, ngabantu abangevayo abalishumi abaye bavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile yaye bayaya ezintlanganisweni zebandla. Omnye waba nguMoses. Ummelwane wakhe uthi “ungumntu okhawuleza abe lugcwabevu ngumsindo—indoda enentloko eqinileyo.” Noko ke, xa isalamane sakhe esiliNgqina, esasiyile kwisikolo sentetho yezandla sacela ukumqhubela isifundo, wavuma. Kwisithuba esingangenyanga kamva, waya eHolweni yoBukumkani isihlandlo sokuqala, enxibe xazalala, eneenwele ezinde nentshebe ende edlakadlaka. Wachukunyiswa yindlela awamkelwa ngayo kunye nenyaniso awayifundayo. Wamangaliswa yinto awayifunda eBhayibhileni yokuba umntu onikela ingqalelo kwimpahla nakwindlela azilungisa ngayo uzukisa uThixo. Kwiveki elandelayo, xa wayefika kwiHolo yoBukumkani, abazalwana babengamazi. Wayechebe iinwele, esuse iintshebe yaye enxibe ngendlela efanelekileyo. Nobuntu bakhe babutshintshile. Ummelwane wakhe wathi: “Ucocekile ngoku, yaye usoloko encumile.” UMoses uqhubela phambili ngokomoya yaye unceda abanye abangevayo ukuba bazi iindaba ezilungileyo.
ETahiti
Isiqithana esikwanti saseMakemo, esikumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-600 ukusuka eTahiti, sinabemi abangama-720 kuphela. Elinye ibhinqa eligama linguRavahere ladibana nenyaniso ngoxa lalihlala nezalamane zalo eTahiti. Xa libuyela eMakemo, laqhutyelwa isifundo seBhayibhile, okokuqala ngembalelwano, emva koko ngefax, yaye kamva laqhutyelwa ngefowuni. Phezu kwayo nje ingcinezelo awayeyifumana kwintsapho yakhe eyayifuna ukuba angayeki ukuba ngumMormon, uRavahere wabhalisa umtshato wakhe ngokusemthethweni yaye wenza nezinye iinguqu ukuze aphile ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova. Ekugqibeleni, xa wayeye kwibandla laseTahiti, uRavahere wamiselwa njengomvakalisi ongabhaptizwanga. Rhoqo emva kweeveki ezimbini wayefumana iileta ezimkhuthazayo ezivela kubavakalisi belo bandla.
NgoJuni 2006, uRavahere watyelelwa ngumveleli wesiphaluka nomfazi wakhe. Lo mveleli wanikela ingxelo yokuba rhoqo ngeempela-veki ushumayela kwindlu ngendlu. Uzenzele imaphu yendawo aza kushumayela kuyo yaye uqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi. Ubeka amaphephancwadi ethu kufuphi nendawo athengisa kuyo. Uqhuba nesifundo sencwadi, ekubakho kuso nomyeni wakhe.
EFiji
Veki nganye uMatthew, umvangeli wasemazweni oqeqeshwe eGiliyadi nongumdala, uqhubela abafundi abane basekholeji abafundela ubutitshala isifundo seBhayibhile. Kule kholeji, abefundisi beecawa ezahlukahlukeneyo babeshumayeza amalungu eecawa zabo rhoqo ngamarhatya. Injongo yeli lungiselelo kukunceda abaphathi besikolo, abazama ukuphelisa ukuziphatha okubi okugqugqisileyo kule kholeji.
Ngolunye urhatya, uMatthew wabona igquba labafundi evenkileni yokutyela—abamalunga nama-250—behleli ngokuzola, bephethe iiBhayibhile, iincwadi nezinto zokubhala. Babelinde umfundisi weyona mvaba iphambili owayeza kubaqhubela inkonzo. Wathi akungafiki umfundisi kwacelwa uMatthew ukuba eze kuthetha naba bafundi. Ekubeni kwakudla ngokuculwa kuze emva koko kushunyayelwe ngesihogo somlilo, uMatthew washumayela ngento eyahluke ngokupheleleyo, esebenzisa iZibhalo. Umxholo waloo ntshumayelo ingacwangciswanga kaMatthew wawukhuthaza abafundi ukuba bakhumbule uMdali wabo ngoxa beselula. Emva koko, bonke abafundi beza kumxhawula bebonisa indlela abayithande ngayo intshumayelo yakhe. Ngoku ukhangele phambili ekubuyeleni kwabo baye banomdla ukususela ngelo xesha.
EOstreliya
Ngoxa babeshumayela kwindlu ngendlu, oodade ababini bangena kwindlu yebhinqa elalilele ngandletyana-nye. Labaxelela ukuba linomhlaza onganyangekiyo yaye lifaka izinto eliza kuzihambisa ezibhokisini ukuze abantu bangaxakekiswa zizinto zalo xa lifile. Eli bhinqa labaxelela ukuba alinazo izalamane nezihlobo, liyinkom’ edla yodwa. Longezelela ngelithi liye lahlangabezana nezinto ezingathandekiyo kwiicawa ebelisiya kuzo yaye livakalelwa kukuba uThixo ulilahlile. Kamva, xa omnye waba dade wayeliphathele iintyantyambo wafika lingekho ekhaya, waza wazishiya emnyango kunye nesiqwengana seleta. Ngaloo mva kwemini eli bhinqa lafowuna limbulela ngokungazenzisiyo lo dade ngobubele bakhe. Lathi liyaqala ukwenzelwa ububele obunje nokufumana iintyatyambo, laza laxolisa ngokuba udade efike lingekho ekhaya. Xa bebuya aba dade, bafika libalindele. Balinika incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile baza benza amalungiselelo esifundo seBhayibhile.
[Umfanekiso okwiphepha 43]
UMiho
[Umfanekiso okwiphepha 47]
Safika sikhwele kwitanki lobisi
[Umfanekiso okwiphepha 47]
UKetevan
[Umfanekiso okwiphepha 48]
Abanye babo babefudula behamba icawa
[Umfanekiso okwiphepha 55]
UOlga
[Umfanekiso okwiphepha 55]
UMarie
[Umfanekiso okwiphepha 57]
UHubert, uJorge, noJhon
[Umfanekiso okwiphepha 58]
UPaulo nentsapho yakhe
[Umfanekiso okwiphepha 63]
URavahere kwindawo athengisa kuyo eMakemo
[Umfanekiso okwiphepha 63]
UMatthew