“Khangela! Lo NguThixo Wethu”
Inkcazelo exutyushwa kula manqaku mabini afundisiswayo isekelwe kwincwadi ethi Sondela KuYehova, ekhululwe kwiindibano zesithili eziqhutywe ehlabathini lonke ebudeni bowama-2002/03.—Bona inqaku elithi “Iye Yanelisa Umnqweno Wentliziyo Yam,” kwiphepha 20.
“Khangela! Lo nguThixo wethu. Besithembele kuye, ibe uya kusisindisa. Lo nguYehova.”—ISAYA 25:9.
1, 2. (a) UYehova wambiza njani usolusapho uAbraham, yaye oku kusenokusenza sizibuze wuphi umbuzo? (b) IBhayibhile isiqinisekisa njani ukuba singakwazi ukuba ngabahlobo bakaThixo?
“UMHLOBO wam.” Leyo yindlela uYehova, uMdali wezulu nomhlaba, awambiza ngayo usolusapho uAbraham. (Isaya 41:8) Khawufan’ ucinge—umntu abe ngumhlobo weNkosi enguMongami wendalo iphela! Usenokuzibuza uthi, ‘Ngaba nam ndingakwazi ukusondela ngolo hlobo kuThixo?’
2 IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba singakwazi ukuba ngabahlobo bakaThixo. UAbraham wafumana obo buhlobo ngenxa yokuba “wakholwa kuYehova.” (Yakobi 2:23) Nanamhlanje, uYehova ‘usondelelene nabo bathe tye.’ (IMizekeliso 3:32) KuYakobi 4:8 iBhayibhile isibongoza isithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” Ngokucacileyo, ukuba sithabatha amanyathelo okusondela kuYehova, naye uya kusondela kuthi. Kodwa ngaba la mazwi aphefumlelweyo athetha ukuba thina—bantu banesono nabangafezekanga—sithabatha inyathelo lokuqala? Ngokuqinisekileyo akunjalo. Ekuphela kwento esenza sikwazi ukusondelelana noYehova kukuba, uThixo wethu oluthando uye wathabatha amanyathelo amabini abalulekileyo.—INdumiso 25:14.
3. Ngawaphi amanyathelo amabini aye wawathabatha uYehova ukuze sikwazi ukwakha ubuhlobo kunye naye?
3 Okokuqala, uYehova wenza ilungiselelo lokuba uYesu “anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Elo dini lentlawulelo lenza sikwazi ukusondela kuThixo. IBhayibhile ithi: “Thina ke, sinalo uthando, kuba wasithanda kuqala.” (1 Yohane 4:19) Ngoko, ekubeni uThixo “wasithanda kuqala,” ubeke isiseko sokuba sikwazi ukwakha ubuhlobo kunye naye. Okwesibini, uYehova uye wasichazela ngaye. Ukuze nabuphi na ubuhlobo buqine, kufuneka umazi ngokwenene umhlobo wakho, uthande uze uxabise iimpawu abalasele ngazo. Kuyafana ke nangoYehova. Ukuba ebenguThixo ofihlakeleyo nongaziwayo, besingenakuze sisondele kuye. Kodwa, kunokuba azifihle kuthi, uYehova ufuna simazi. (Isaya 45:19) ELizwini lakhe iBhayibhile, uzichaza ngendlela esinokuyiqonda—nto leyo ebubungqina bokuba akaneli nje ukusithanda, kodwa ufuna simazi size simthande njengoBawo wethu wasezulwini.
4. Siya kuvakalelwa njani ngoYehova njengoko sizazi ngakumbi iimpawu zakhe?
4 Ngaba wakha wambona umntwana omncinane esalathisa abahlobo bakhe uyise aze ngovuyo nangamabhongo athi, “Nank’ utata”? Abanquli bakaThixo banezizathu ezininzi zokuvakalelwa ngendlela efanayo ngoYehova. IBhayibhile isixelela kwangaphambili ngexesha laxa abantu abathembekileyo beya kudanduluka bathi: “Khangela! Lo nguThixo wethu.” (Isaya 25:8, 9) Okukhona siziqonda ngakumbi iimpawu zikaYehova, kokukhona siya kuvakalelwa kukuba sinoyena Bawo ubalaseleyo noyena Mhlobo usenyongweni kunabo bonke. Ewe, ukuqonda iimpawu zikaYehova kusinika izizathu ezininzi zokusondela kuye. Ngoko makhe sihlolisise indlela iBhayibhile ezichaza ngayo iimpawu ezibalaseleyo zikaYehova—amandla, okusesikweni, ubulumko nothando. Kweli nqaku, siza kuxubusha ezintathu kwezi mpawu.
“Uphakamile Ngamandla”
5. Kutheni kufanelekile nje ukuba ibe nguYehova kuphela obizwa ngokuba ‘nguSomandla,’ yaye uwasebenzisa njani amandla akhe agqithiseleyo?
5 UYehova “uphakamile ngamandla.” (Yobhi 37:23) UYeremiya 10:6 uthi: “Akukho namnye unjengawe, Yehova. Umkhulu, negama lakho likhulu ngamandla.” Ngokungafaniyo nezinye izidalwa, uYehova unamandla angasikelwanga mda. Ngenxa yoko, nguye kuphela obizwa ngokuba ‘nguSomandla.’ (ISityhilelo 15:3) La mandla akhe agqithiseleyo, uYehova uwasebenzisela ukudala, ukutshabalalisa, ukukhusela nokuhlaziya. Khawuqwalasele nje imizekelo emibini—amandla akhe okudala nawokukhusela.
6, 7. Linamandla kangakanani ilanga, yaye libubungqina bayiphi inyaniso ebalulekileyo?
6 Xa umi phandle ngemini ezolileyo yehlobo, yintoni oyivayo eluswini lwakho? Bubushushu belanga. Enyanisweni, bubekho ngenxa yamandla kaYehova okudala. Linamandla kangakanani ilanga? Embindini walo, lineqondo lobushushu elimalunga nezigidi ezili-15 ngokukaCelsius. Ukuba ubunokuthabatha embindini welanga isuntswana elilingana nentloko kanotaka uze ulibeke apha emhlabeni, ubungenakukwazi ukumelana nobushushu balo ukuba ubunokuma kumgama weekhilomitha ezili-140! Mzuzwana ngamnye, ilanga likhupha amandla alingana nawokuqhushumba kwamakhulu ezigidi zeebhombu zenyukliya. Ukanti, umhlaba ulijikeleza kumgama kanye ofanelekileyo elo ziko lobushushu obugqithiseleyo. Ukuba belisondele kakhulu, amanzi asemhlabeni ebeya kutsha aphele; ukuba belithe qelele kakhulu, onke amanzi ebeya kuba ngumkhenkce. Naluphi na utshintsho kulo mgama beluya kwenza ukuba kungabikho nto iphilayo kwesi sijikelezi-langa.
7 Abantu abaninzi abacingi nokucinga ngokubaluleka kwelanga, nangona ubomi babo buxhomekeke kulo. Ngoko, abafundi nto kulo. INdumiso 74:16 ithi ngoYehova: “Nguwe owalungiselela isikhanyiso, kwanelanga.” Ewe, ilanga lizukisa uYehova, “uMenzi wezulu nomhlaba.” (INdumiso 146:6) Sekunjalo, liyenye nje yezinto ezininzi zendalo ezisifundisa ngamandla amakhulu kaYehova. Okukhona sifunda ngamandla kaYehova okudala, kokukhona sikhwankqiswa ngakumbi.
8, 9. (a) Nguwuphi umzekelo ochukumisayo osibonisa ukuzimisela kukaYehova ukukhusela nokunyamekela abanquli bakhe? (b) Umalusi wamaxesha okubhalwa kweBhayibhile wayezinyamekela njani izimvu zakhe, yaye oku kusifundisa ntoni ngoMalusi wethu Omkhulu?
8 Kwakhona uYehova usebenzisa amandla akhe amakhulu ukuze akhusele aze anyamekele abakhonzi bakhe. IBhayibhile isebenzisa imizekeliso ecacileyo nechukumisayo xa ichaza indlela uYehova athembisa ukusikhusela ngayo. Ngokomzekelo, phawula oko kuthethwa kuIsaya 40:11. Apho uYehova uzifanisa nomalusi aze abantu bakhe abafanise nezimvu. Sifunda oku: ‘Njengomalusi uya kuwalusa umhlambi wakhe. Ngengalo yakhe uya kuqokelela ndawonye amatakane; uya kuwathwala ngesifuba sakhe. Ezo zanyisayo uya kuzikhaphela ngenyameko.’ Ngaba unawo umfanekiso-ngqondweni woko kuchazwa kuloo ndinyana?
9 Zimbalwa izilwanyana ezizizisulu njengezimvu. Umalusi wamaxesha okubhalwa kweBhayibhile wayemele azikhusele ngenkalipho izimvu zakhe ekuqwengweni ziingcuka, iibhere neengonyama. (1 Samuweli 17:34-36; Yohane 10:10-13) Kodwa kwakubakho amaxesha axa ukukhusela izimvu kwakufuna ukuthantamisa. Ngokomzekelo, xa imvu yayizalela kude nesibaya, umalusi wayeza kulikhusela njani elo takane lisandul’ ukuzalwa nelingakwazi kuzinceda? Wayelithwala, mhlawumbi kangangeentsuku, ‘esifubeni sakhe’—kumphetho owawukwisambatho sakhe sangaphezulu. Kodwa ke, itakane lalifika njani esifubeni somalusi? Lalinokusondela kumalusi, lide lizikhuhle emlenzeni wakhe. Noko ke, ngumalusi owayemele agobe, aliphakamise elo takane, aze alifake kwindawo ekhuselekileyo esifubeni sakhe. Enjani yona indlela oku okukubonisa ngayo ukuzimisela koMalusi wethu Omkhulu ukukhusela nokunyamekela abakhonzi bakhe!
10. UYehova usikhusela njani namhlanje, yaye kutheni loo nkuselo ibaluleke ngokukhethekileyo?
10 UYehova akaphelelanga nje ekusithembiseni inkuselo. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, wabonisa ngeendlela ezingummangaliso ukuba uyakwazi “ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.” (2 Petros 2:9) Kuthekani namhlanje? Siyazi ukuba akawasebenzisi amandla akhe ukuze asikhusele kuzo zonke iintlekele. Noko ke, ikho indlela ebaluleke ngakumbi asikhusela ngayo—usikhusela ngokomoya. UThixo wethu onothando uyasikhusela ekwenzakaleni ngokomoya, ngokusixhobisa ngoko sikufunayo ukuze sinyamezele izilingo nokuze sikhusele ulwalamano lwethu kunye naye. Ngokomzekelo, uLuka 11:13 uthi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” Loo moya unamandla unokusenza sikwazi ukumelana naso nasiphi na isilingo okanye ingxaki esisenokujamelana nayo. (2 Korinte 4:7) Leyo yindlela uYehova abulondoloza ngayo ubomi bethu, kungekhona nje kangangeminyaka embalwa, kodwa ngonaphakade. Ngenxa yelo themba, sisenokukugqala nakuphi na ukubandezeleka esijamelana nako kule nkqubo ‘njengokomzuzwana nokuncinane.’ (2 Korinte 4:17) Ngaba asiziva sitsalelekile kuThixo, owasebenzisa ngothando ngolo hlobo amandla akhe ukuze kungenelwe thina?
“UYehova Ngumthandi Wokusesikweni”
11, 12. (a) Kutheni ukuba sesikweni kukaYehova kusisondeza kuye? (b) Sisiphi isigqibo awafikelela kuso uDavide ngokuphathelele ukuba sesikweni kukaYehova, yaye anokusithuthuzela njani la mazwi aphefumlelweyo?
11 UYehova wenza oko kulungileyo nokufanelekileyo, ngokungaguquguqukiyo nangokungakhethi buso. Ukuba sesikweni kukaThixo, akulophawu olungqongqo olusidedisela kude kuye, kodwa luphawu oluthandekayo olusisondezayo kuye. IBhayibhile iyichaza ngokucacileyo indlela oluthandeka ngayo olu phawu. Ngoko, makhe sihlolisise iindlela ezintathu uYehova akubonisa ngazo ukuba sesikweni kwakhe.
12 Okokuqala, ukuba sesikweni kukaYehova kumshukumisela ukuba athembeke aze anyaniseke kubakhonzi bakhe. Umdumisi uDavide wazibonela ngokwakhe olu phawu lokuba sesikweni kukaYehova. Ngokusuka kumava akhe obuqu nangokuhlolisisa kwakhe izenzo zikaThixo, sisiphi isigqibo awafikelela kuso uDavide? Wathi: “UYehova ngumthandi wokusesikweni, yaye akayi kubashiya abanyanisekileyo bakhe. Ngokuqinisekileyo baya kulindwa ukusa kwixesha elingenammiselo.” (INdumiso 37:28) Hayi indlela asithuthuzela ngayo loo mazwi! UThixo wethu akasayi kuze nanini na abashiye abo banyanisekileyo kuye. Ngoko sinokuba nentembelo yokuba usondele kuthi yaye usinyamekela ngothando. Ukuba sesikweni kwakhe kusenza siqiniseke ngoku!—IMizekeliso 2:7, 8.
13. Ukubakhathalela kukaYehova abo baxhwalekileyo kubonakala njani eMthethweni awawunika uSirayeli?
13 Okwesibini, ukuba sesikweni kukaThixo kumenza aziphaphele iintswelo zabo babandezelekileyo. Ukubakhathalela kukaYehova abo baxhwalekileyo kubonakala kuMthetho awawunika uSirayeli. Ngokomzekelo, uMthetho wenza amalungiselelo okuqinisekisa ukuba iinkedama nabahlolokazi bayanyanyekelwa. (Duteronomi 24:17-21) Ekuqonda ukutsala nzima kwezo ntsapho, uYehova waba nguMgwebi noMkhuseli wazo othantamisayo. (Duteronomi 10:17, 18) Wawalumkisa amaSirayeli ngokuthi ukuba ayexhaphaza abafazi nabantwana abangenakuzinceda, wayeza kusiva isikhalo sabo. Wathi: ‘Ngokwenene uya kuvutha umsindo wam,’ njengoko kubhalwe kwiEksodus 22:22-24. Nangona umsindo ungelulo olunye lweempawu ezibalaseleyo zikaThixo, uvutha ngumsindo wobulungisa xa kutyeshelwa ngabom okusesikweni, ingakumbi xa kuxhatshazwa abo bangenakuzinceda.—INdumiso 103:6.
14. Bubuphi ubungqina obuphawuleka ngokwenene bokungabi namkhethe kukaYehova?
14 Okwesithathu, kwiDuteronomi 10:17, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba uYehova ‘akakhethi buso yaye akamkeli sinyobo.’ Ngokungafaniyo nabantu abaninzi abasemagunyeni, uYehova akaphenjelelwa bubutyebi bezinto eziphathekayo okanye imbonakalo yangaphandle. Akanalo kwaphela ucalucalulo okanye umkhethe. Ubungqina obuphawuleka ngokwenene bokungabi namkhethe kwakhe bobokuba: Ithuba lokuba ngabanquli bakhe bokwenyaniso, abanethemba lobomi obungenasiphelo, akalivulelanga nje abambalwa abakhethekileyo. Kunoko, IZenzo 10:34, 35 zithi: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” Eli themba livulekele wonk’ ubani kungakhathaliseki isigxina akuso, ibala lolusu lwakhe, okanye ilizwe ahlala kulo. Ngaba leyo asiyondlela ibalaseleyo yokubonakaliswa kokusesikweni kokwenene? Eneneni, ukukuqonda ngakumbi ukuba sesikweni kukaYehova kusenza sisondele kuye!
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
15. Buyintoni ubulumko, yaye uYehova ububonisa njani?
15 Umpostile uPawulos wadanduluka wathi, njengoko kubhalwe kwabaseRoma 11:33: “Hayi ubunzulu . . . bobulumko nobolwazi lukaThixo!” Ewe, kuyakhwankqisa ukuhlolisisa iinkalo ezahlukahlukeneyo zobulumko obukhulu bukaYehova. Noko ke, singaluchaza njani olu phawu? Ubulumko bukukusetyenziswa kolwazi nokuqonda. Ngenxa yobuninzi bolwazi lwakhe nobunzulu bokuqonda kwakhe, uYehova usoloko esenza ezona zigqibo zichanileyo, aze aziphumeze ngeyona ndlela ibalaseleyo.
16, 17. Indalo kaYehova ibungqina njani ubulumko bakhe obukhulu? Yenza umzekelo.
16 Bubuphi obunye bobungqina bobulumko obukhulu bukaYehova? INdumiso 104:24 ithi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Uzele umhlaba yimveliso yakho.” Enyanisweni, okukhona sifunda ngezinto azenzileyo uYehova, kokukhona sikhwankqiswa bubulumko bakhe. Kaloku, izazinzulu zifunde lukhulu ngokuhlolisisa kwazo indalo kaYehova! Kangangokuba kukho icandelo lobugcisa, elibizwa ngokuba yibiomimetics, eliphanda ngeendlela zokulinganisa indalo.
17 Ngokomzekelo, usenokuba wakha wamangaliswa bubuhle bendlu yesigcawu. Yakhiwa ngendlela emangalisa ngokwenene. Imisonto yayo ebonakala ibuthathaka yomelele kunentsimbi, yaye yomelele kunemicu yokwenza ivesti yokuthintela iimbumbulu zingangeni emzimbeni. Kuthetha ukuthini kanye kanye oku? Khawuyithelekelele indlu yesigcawu ikhuliswa ide ilingane nomnatha wokuloba. Loo ndlu yesigcawu ibiya komelela kangangokuba ibinokukwazi ukuyithintela ingagqithi inqwelo-moya ebhabhayo ekhwelise abantu! Ewe, uYehova uzenze zonke ezo zinto “ngobulumko.”
18. Bubonakala njani ubulumko bukaYehova ekusebenziseni kwakhe abantu ukubhala iLizwi lakhe iBhayibhile?
18 Obona bungqina bubalaseleyo bobulumko bukaYehova bunokufunyanwa eLizwini lakhe iBhayibhile. Ngokwenene isiluleko sobulumko esikuyo sisibonisa eyona ndlela ilungileyo yokuphila. (Isaya 48:17) Kodwa ubulumko bukaYehova obungenakuthelekiswa nanto bubonakala nakwindlela eyabhalwa ngayo iBhayibhile. Njani? Ngobulumko, uYehova wakhetha ukusebenzisa abantu ukubhala iLizwi lakhe. Ukuba wayesebenzise iingelosi ukubhala iLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile, ngaba beliya kuba nomtsalane ngendlela efanayo? Enyanisweni, iingelosi beziya kumchaza uYehova ngokwembono yazo ephakamileyo zize zichaze nokuzinikela kwazo kuye. Kodwa ngaba ngokwenene besiya kukwazi ukuziqonda iingcamango zezidalwa zomoya ezigqibeleleyo, ezinolwazi, amava namandla angaphezulu lee kunawethu?—Hebhere 2:6, 7.
19. Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba ukusetyenziswa kwababhali abangabantu kuyenza ibe nomtsalane kakhulu iBhayibhile?
19 Ukusetyenziswa kwababhali abangabantu kuyenza iBhayibhile ibe nomtsalane kakhulu. Ababhali bayo babengabantu abaneemvakalelo njengathi. Njengoko babengafezekanga, bajamelana nezilingo neengcinezelo ezifanayo nezethu. Kwezinye iimeko, babebhala ngeemvakalelo nangeengcinezelo zabo. (2 Korinte 12:7-10) Ngoko babhala amazwi awayengenakuvakaliswa yingelosi. Ngokomzekelo, cinga nje ngamazwi kaDavide akwiNdumiso 51. Umbhalo osemantla ubonisa ukuba uDavide wayibhala le ndumiso emva kokuba enze isono esinzulu. Waphalaza imbilini yakhe, evakalisa intlungu yakhe yaye ebongoza uThixo ukuba amxolele. Indinyana 2 neyesi-3 zithi: “Ndihlambe ngokucokisekileyo kwisiphoso sam, undihlambulule nakwisono sam. Kuba ukunxaxha kwam ndiyakwazi, nesono sam siphambi kwam rhoqo.” Phawula indinyana 5: “Khangela! Ngenimba ndazalelwa esiphosweni, yaye uma wandikhawulela esonweni.” Indinyana 17 yongezelela ngokuthi: “Imibingelelo kuThixo ngumoya owaphukileyo; intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.” Ngaba akuchukunyiswa yintlungu yalo mbhali? Ngubani ngaphandle komntu ongafezekanga obenokuvakalisa imbilini yakhe ngendlela echukumisa ngolo hlobo?
20, 21. (a) Kutheni kunokuthiwa iBhayibhile iqulethe ubulumko bukaYehova, nangona kusetyenziswe ababhali abangabantu? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
20 Ngokusebenzisa kwakhe ababhali abangabantu abangafezekanga, uYehova usinike kanye oko sikufunayo—ingxelo ‘ephefumlelwe nguThixo’ kodwa ekumgangatho wabantu. (2 Timoti 3:16) Ewe, abo babhali babesalathiswa ngumoya oyingcwele. Ngoko babhala ubulumko bukaYehova, kungekhona obabo. Obo bulumko bunokuthenjwa ngokupheleleyo. Bungaphezulu lee kunobethu ubulumko, kangangokuba ngothando uThixo usibongoza esithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Ukuba siyalithobela elo cebiso lobulumko, siya kusondela ngakumbi kuThixo wethu onobulumko bonke.
21 Olona phawu lukaYehova luthandekayo nolubalasele kunazo zonke luthando. Indlela uYehova alubonise ngayo uthando iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Usakhumbula?
• Ngawaphi amanyathelo awathabathileyo uYehova ukuze sikwazi ukwakha ubuhlobo kunye naye?
• Yiyiphi eminye imizekelo yamandla kaYehova okudala neyamandla akhe okukhusela?
• UYehova ukubonisa njani ukuba sesikweni kwakhe?
• Bubonakala njani ubulumko bukaYehova kwindalo yakhe naseBhayibhileni?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UYehova uzinyamekela ngothando izimvu Zakhe, njengomalusi othwele itakane esifubeni sakhe
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ubulumko bukaYehova bubonakala kwindlela eyabhalwa ngayo iBhayibhile