Yazi Indlela Yokuphendula
EMINYE imibuzo injengeengqimba zomkhenkce ezindanda emanzini. Eyona nxalenye ibalulekileyo yile ungayiboniyo. Umbandela obuzwayo udla ngokubaluleka ngaphezu kombuzo ngokwawo.
Kwanaxa lowo ubuzayo efuna impendulo, ukwazi kwakho indlela ofanele uphendule ngayo kusenokubandakanya ukuqonda ukuba umele uphendule uye kuma phi, kwaye uqonde necala omele uwuvele kulo loo mbandela. (Yoh. 16:12) Kwezinye iimeko, njengoko uYesu wabonisayo kubapostile bakhe, umntu usenokubuza efuna inkcazelo angafanelanga kuyifumana okanye engayi kuba yingenelo kuye.—IZe. 1:6, 7.
IZibhalo ziyasiluleka: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” (Kol. 4:6) Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba siphendule, simele singaneli kuqwalasela oko siza kukuthetha kodwa kwanendlela esiza kukuthetha ngayo.
Qonda Imbono Yaloo Mntu Ubuzayo
AbaSadusi bazama ukurhintyela uYesu ngombuzo ophathelele uvuko owawubuza ngomfazi owayetshate kasixhenxe. Noko ke, uYesu wayesazi ukuba enyanisweni babengakholelwa kuvuko. Ngoko umbuzo wabo wawuphendula ngendlela eyalungisa nembono etenxileyo eyayingunozala waloo mbuzo. Esebenzisa ingqiqo echuliweyo nengxelo yeZibhalo eqhelekileyo, uYesu wababonisa into ababengazange bayicinge ngaphambili—ubungqina obucacileyo bokuba uThixo uza kubavusa ngokwenene abafi. Impendulo yakhe yabamangalisa abachasi bakhe kangangokuba boyika ukuphinda bambuze omnye umbuzo.—Luka 20:27-40.
Ukuze wazi indlela ofanele uphendule ngayo, nawe umele uziqonde iimbono kunye nezinto ezixhalabisa abo bakubuzayo. Ngokomzekelo, umntu ofunda naye esikolweni okanye osebenza naye unokukubuza isizathu sokuba ungabhiyozeli iKrismesi. Kutheni ekubuza nje? Ngaba unaso isizathu, okanye ngaba ukubuza nje kuba efuna ukuqonda enoba uvumelekile ukuba uzonwabise? Ukuze ufumane impendulo, kusenokufuneka ubuze isizathu sokuba akubuze loo mbuzo. Emva koko mphendule ngendlela efanelekileyo. Usenokusebenzisa elo thuba ukuze umbonise indlela ukulandela ulwalathiso lweBhayibhile okusikhusela ngayo kwiinkalo zale holide eziye zabangela unxunguphalo zaza zaba luxanduva ebantwini.
Masithi uceliwe ukuba uthethe ngamaNgqina kaYehova kwiqela labafundi. Emva kwentetho yakho, basenokukubuza imibuzo. Ukuba loo mibuzo ibonakala inyanisekile kwaye ingqalile, kusenokuba kuhle ukuyiphendula ngendlela elula nengqalileyo. Ukuba loo mibuzo ibonisa intiyo yabantu basekuhlaleni, kunokuba kuhle ukutshayelela iimpendulo zakho ngamagqabaza amafutshane angoonobangela beembono ezixhaphakileyo eziphathelele loo mibandela, nesizathu sokuba amaNgqina kaYehova akhethe ukuvumela iBhayibhile imisele imilinganiselo yawo. Kudla ngokuba yingenelo ukugqala loo mibuzo njengezinto ezixhalabisayo, kungekhona ukufun’ undikho—kwanokuba loo mntu ubuza efun’ undikho. Ngoko ke, impendulo yakho ikunika ithuba lokuphangalalisa imbono yabo bakuphulaphuleyo, lokubanika inkcazelo echanileyo, nelokucacisa ukuba iimfundiso zethu zisekelwe kwiziphi iZibhalo.
Uya kusabela njani ukuba umqeshi wakho akavumi kukunika ixesha lokuya endibanweni? Okokuqala, jonga izinto ngendlela azijonga ngayo. Ngaba ukumchazela ukuba ukulungele ukusebenza ixesha elongeziweyo ngenye imini kuya kunceda? Ukuba uyamcacisela ukuba imfundiso enikelwa ezindibanweni isinceda ukuba sibe ngabasebenzi abanyanisekileyo, nabanokuthenjwa, ngaba akuyi kunceda oko? Ukuba uyambonisa ukuba uzixhalabele izilangazelelo zakhe, mhlawumbi naye uya kuziqwalasela kakuhle izinto abonayo ukuba zibalulekile ebomini bakho. Kodwa kuthekani ukuba ufuna ukuba unganyaniseki? Ukumchazela kakuhle ukuba akuvumi uze ulandelise ngengcamango esuka kwiZibhalo kuya kumbonisa ukuma kwakho. Kodwa ngaba akuyi kuphumeza lukhulu xa uqala ngokuqiqa naye umchazela ukuba umntu okulungeleyo ukuxoka okanye ukuba ngenxa yakhe, unokuxoka nakuye okanye ambele?
Kwelinye icala, mhlawumbi ungumfundi ongafuni kwenza izinto ezithile ezingquzulana nezibhalo esikolweni. Khumbula, kusenokwenzeka ukuba umfundisi-ntsapho akaziboni ngendlela ozibona ngayo izinto, yaye unembopheleleko yokuqeqesha iklasi. Ucelomngeni ojamelene nalo (1) kukuziqonda izinto ezimxhalabisayo, (2) kukuchaza ukuma kwakho ngentlonelo, kunye (3) nokukumela ngokuqinileyo oko waziyo ukuba kuya kumkholisa uYehova. Ukuze ufumane eyona miphumo mihle, kusenokufuneka okungakumbi kunokunikela impendulo elula nengqalileyo echaza oko ukukholelwayo. (IMize. 15:28) Ukuba uselula, ngokuqinisekileyo utata okanye umama wakho uya kukunceda ulungiselele oko uza kukuthetha.
Maxa wambi, kusenokufuneka uphikise izityholo ozityatyekwa ngumntu onegunya. Ipolisa, igosa laseburhulumenteni, okanye ijaji isenokufuna uphendule imibuzo ephathelele ukuthotyelwa komthetho othile, ubundilele bakho njengomKristu, okanye isimo sengqondo sakho ngokuphathelele imibhiyozo yokuthand’ izwe. Ufanele uphendule njani? IBhayibhile iyacebisa: “Ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Pet. 3:15) Kwakhona, zibuze isizathu sokuba le mibandela imxhalabise, uze umbonise ngentlonelo ukuba uyayiqonda loo nkxalabo. Wenze ntoni ke emva koko? Umpostile uPawulos wabhekisela kwimigaqo ekhusela amalungelo yomthetho wamaRoma, ngoko nawe unokusebenzisa imigaqo yomthetho ekhusela ilungelo lakho esebenza kwimeko yakho. (IZe. 22:25-29) Mhlawumbi izibakala ezingokuma kwamaKristu okuqala nokwamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke ziya kuyenza iphangalale imbono yelo gosa. Okanye unokulibonisa indlela ukuthotyelwa kwegunya likaThixo okushukumisela abantu ukuba bayithobele ngakumbi ngayo imithetho efanelekileyo yabantu. (Roma 13:1-14) Xa sele wenze loo ntshayelelo, ukuchaza izizathu zeZibhalo zokuma kwakho kunokwamkelwa kakuhle.
Indlela Loo Mntu Ubuzayo Azijonga Ngayo IZibhalo
Xa usenza isigqibo ngendlela yokuphendula, kusenokufuneka ucinge nangendlela loo mntu ubuzayo azijonga ngayo iZibhalo Ezingcwele. UYesu wakwenza oko xa wayephendula imibuzo yabaSadusi ephathelele uvuko. Akuqonda ukuba babesamkela iincwadi zikaMoses kuphela, uYesu waqiqa nabo ngengxelo efumaneka kwiPentatiki, etshayelela amagqabaza akhe ngokuthi: “Kodwa into yokuba abafileyo bayavuswa kwanoMoses wayityhila.” (Luka 20:37) Nawe unokukufumanisa kuyingenelo ukucaphula iinxalenye zeBhayibhile azamkelayo naziqhelileyo umphulaphuli wakho.
Kuthekani ukuba umphulaphuli wakho akayigqali njengegunya iBhayibhile? Phawula oko kwathethwa ngumpostile uPawulos kwintetho awayenza eAreyopago, ebhalwe kwiZenzo 17:22-31. Wachaza iinyaniso zeZibhalo engakhange acaphule ngokungqalileyo eBhayibhileni. Xa kuyimfuneko, nawe unokwenjenjalo. Kwezinye iindawo kusenokufuneka ube neengxubusho eziliqela nomntu ngaphambi kokuba ubhekisele ngokungqalileyo eBhayibhileni. Xa utshayelela iBhayibhile, uya kuba uyatyapha ukuba uqala ngokumchazela isizathu sokuba ifanelwe kukuqwalaselwa, kunokuba umchazele nje ukuba iliLizwi likaThixo. Noko ke, injongo yakho ifanele ibe kukunikela ubungqina obucacileyo ngenjongo kaThixo uze, ethubeni, uvumele umphulaphuli wakho ukuba azibonele oko iBhayibhile ikutshoyo. IBhayibhile inamandla okweyisela angaphezulu lee kuyo nayiphi na into esinokuyithetha thina.—Heb. 4:12.
“Asoloko Ekholekile”
Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba abakhonzi kaYehova, abakholekileyo nabo, bachazwe njengabantetho ‘isoloko ikholekile, inongwe ngetyuwa’! (Kol. 4:6; Eks. 34:6) Oku kuthetha ukuba sifanele sithethe ngobubele, kwanaxa kubonakala kungafanelekanga. Intetho yethu ifanele ivakale kamnandi, ingabi rhabaxa okanye sidlabhuke nje.
Abantu abaninzi baphantsi kwengcinezelo enkulu, kwaye mihla le bachanabeka kwizithuko. Xa sibatyelela abantu abanjalo, basenokuthetha rhabaxa. Sifanele sisabele njani? IBhayibhile ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.” Impendulo enjalo inokumenza athambe nomntu obenembono echaseneyo neyethu. (IMize. 15:1; 25:15) Kubantu abajamelana noburhabaxa mihla le, ukuziphatha kunye nokuthetha ngendlela ebonisa ububele kunokuba nomtsalane kangangokuba bade baziphulaphule iindaba ezilungileyo esibaphathela zona.
Asinamdla wakuphikisana nabo bangayihloneliyo inyaniso. Kunoko, sinqwenela ukuqiqa ngeZibhalo nabantu abaya kusivumela ukuba senjenjalo. Kungakhathaliseki ukuba yiyiphi na imeko esijamelana nayo, siyakhumbula ukuba sifanele siphendule ngobubele nangolweyiseko ukuba amadinga axabisekileyo kaThixo anokuthenjwa.—1 Tes. 1:5.
Izigqibo Zobuqu Nezinto Ezifuna Isazela Sikabani
Xa umfundi weBhayibhile okanye elinye ikholwa likubuza oko lifanele likwenze kwimeko ethile, ufanele uphendule njani? Usenokuba uyayazi into obuya kuyenza wena. Kodwa ke umntu ngamnye umele athwale imbopheleleko yokuzenzela izigqibo zakhe ebomini. (Gal. 6:5) Umpostile uPawulos wachaza ukuba wayekhuthaza “intobelo ngokholo” kubantu awayebashumayeza. (Roma 16:26) Lowo ngumzekelo omhle esimele siwulandele. Umntu owenza izigqibo kuba nje efuna ukukholisa loo mntu umfundisa iBhayibhile okanye omnye umntu, ukhonza abantu, akaphili ngokholo. (Gal. 1:10) Ngoko impendulo emfutshane nengqalileyo isenokungamncedi lowo ubuzayo.
Ngoko unokumphendula njani ngendlela evisisana nolwalathiso lweBhayibhile? Unokutsalela ingqalelo kwimigaqo efanelekileyo yeBhayibhile nemizekelo equkwe kwingxelo yeBhayibhile. Kwezinye iimeko, unokumbonisa indlela yokwenza uphando ukuze azifumanele imigaqo nemizekelo ngokwakhe. Unokude uyixubushe loo migaqo nokubaluleka kwemizekelo kodwa ungayichazi indlela engena ngayo kwimeko yakhe. Mbuze loo mntu ukuba uyayibona na into enokumnceda enze isigqibo esifanelekileyo. Mkhuthaze ukuba asebenzise loo migaqo naloo mizekelo ukuze abone elona khondo liya kumkholisa uYehova. Ngokwenjenjalo uyamnceda ukuze ‘amandla akhe okuqonda awaqeqeshele ukwahlula okulungileyo nokubi.’—Heb. 5:14.
Ukugqabaza Kwiintlanganiso Zebandla
Iintlanganiso zebandla lamaKristu zidla ngokusinika amathuba okuluvakalisa ekuhleni ukholo lwethu. Enye indlela esikwenza ngayo oku kukuphendula xa kubuzwa imibuzo. Sifanele siphendule njani? Umnqweno wethu umele ube kukudumisa, okanye ukuthetha kakuhle ngoYehova. Wenza loo nto kanye umdumisi uDavide xa ‘wayephakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo.’ (INdu. 26:12) Kwakhona sifanele sigqabaze ngendlela ewakhuthazayo amanye amakholwa, ewavuselela “eluthandweni nasemisebenzini emihle,” njengoko umpostile uPawulos wabongozayo. (Heb. 10:23-25) Ukuzifundisisa kusengaphambili izifundo kunokusinceda sikuphumeze oku.
Xa kufuneka uphendule, yenza amagqabaza alula, acacileyo namafutshane. Ungagubungeli sonke isiqendu; chaza ingongoma ibe nye nje kuphela. Ukuba uchaza inxalenye yempendulo, nabanye baya kutsho bafumane ithuba lokunikela amagqabaza awongezelelekileyo. Kuyingenelo ngokukhethekileyo ukubalaselisa izibhalo eziboniswe kuloo mbandela. Xa usenjenjalo, zabalazela ukutsalela ingqalelo kwinxalenye yaloo ndinyana esebenza kwingongoma ekuxutyushwa ngayo. Funda ukugqabaza ngawakho amazwi kunokuba ufunde esiqendwini. Mus’ ukuphazamiseka xa impendulo yakho ungayibekanga kakuhle. Oko kudla ngokwenzeka kuye wonk’ ubani ogqabazayo.
Kucacile ukuba ukwazi indlela esifanele siphendule ngayo kubandakanya okungaphezulu kunokwazi nje impendulo. Kufuna ukuqonda. Kodwa hayi indlela owaneliseka ngayo xa uphendula ngokusuka entliziyweni kwaye uchukumisa iintliziyo zabanye!—IMize. 15:23.